Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 18

Khuthazanani Kwiintlanganiso

Khuthazanani Kwiintlanganiso

‘Masicingelane, sikhuthazane.’—HEB. 10:24, 25.

INGOMA 88 Ndazise Iindlela Zakho

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Kutheni siphendula kwiintlanganiso?

 KUTHENI sisiya kwiintlanganiso? Esona sizathu sibalulekileyo kukuba sifuna ukudumisa uYehova. (INdu. 26:12; 111:1) Esinye kukuze sikhuthazane kula maxesha anzima. (1 Tes. 5:11) Xa siphendula kwiintlanganiso sizenza zombini ezi zinto.

2. Sinokuphendula nini kwiintlanganiso?

2 Qho ngeveki siyawafumana amathuba okuphendula kwiintlanganiso. Ngokomzekelo, sinokuphendula kwiSifundo SeMboniselo esiba naso ngeempelaveki. Kanti kwiintlanganiso zaphakathi evekini sinokuphendula kuBuncwane, kwiSifundo SeBhayibhile Sebandla nakwezinye iintetho ezinemibuzo neempendulo.

3. Ziintoni ezinokwenza kube nzima ukuphendula? Anokusinceda njani amaHebhere 10:24, 25?

3 Sonke sifuna ukudumisa uYehova nokukhuthaza abazalwana noodade. Kodwa sisenokuba neengxaki xa kufuneka siphendule kwiintlanganiso: Sinokoyika okanye sikufune nyhani ukuphendula kodwa ngamanye amaxesha singakhonjwa. Yintoni enokusinceda? Impendulo siyifumana kwileta umpostile uPawulos awayibhalela amaKristu angamaHebhere. Xa wayethetha ngendlela ekubaluleke ngayo ukuya kwiintlanganiso wathi simele sizimisele ‘ukukhuthazana.’ (Funda amaHebhere 10:24, 25.) Ukuba ihlala isezingqondweni zethu into yokuba sinokubakhuthaza abanye nangeempendulo ezilula, asizukoyika kakhulu ukuphendula. Ukuba asikhonjwa qho sinokuvuyiswa kukuba nabanye belifumana ithuba lokuphendula.—1 Pet. 3:8.

4. Ziintoni ezintathu esiza kuthetha ngazo kweli nqaku?

4 Kweli nqaku siza kuqala sithethe ngokuba sinokukhuthazana njani kwibandla elincinci elinabantu abambalwa abaphendulayo. Emva koko siza kuthetha ngendlela esinokukhuthazana ngayo kwibandla elikhulu elinabantu abaninzi abaphakamisa izandla. Okokugqibela siza kuthetha ngento esinokuyenza ukuze iimpendulo zethu zibakhuthaze abanye.

KWIBANDLA ELINCINCI KHUTHAZANAN

5. Sinokukhuthazana njani kwibandla elinabantu abambalwa?

5 Kwibandla elincinci okanye kwiqela, bambalwa abantu abaphakamisa izandla. Ngamanye amaxesha umqhubi kusenokufuneka akhe alinde de kubekho umntu ophakamisayo. Iintlanganiso zisenokutsala de zikruqule; ayikhuthazi ke loo nto. Yintoni onokuyenza? Siphakamise qho isandla. Loo nto inokukhuthaza nabanye ukuba baphendule.

6-7. Unokwenza ntoni ukuze ungoyiki kakhulu ukuphendula?

6 Uza kuthini ukuba uthi xa ucinga ngokuphendula woyike? Baninzi abantu abafana nawe. Ukuze ukwazi ukukhuthaza abazalwana noodade, khangela izinto ezinokukunceda ungoyiki kakhulu. Unokuyenza njani loo nto?

7 Kungakunceda ukufunda amacebiso akumanqaku eeMboniselo zeminyaka edlulileyo. b Ngokomzekelo, lungiselela kakuhle. (IMize. 21:5) Xa uyiqonda kakuhle into ekuthethwa ngayo awuzukoyika kakhulu ukuphendula. Nantsi eny’ into, impendulo yakho mayibe mfutshane. (IMize. 15:23; 17:27) Impendulo emfutshane iza kukwenza ungoyiki kakhulu. Abazalwana noodade banokuyiqonda lula impendulo emfutshane, mhlawumbi enesivakalisi esinye okanye ezibini, kunempendulo ende ethetha ngezinto ezininzi. Xa uphendula ngamazwi akho nempendulo yakho imfutshane, ubonisa ukuba ulungiselele kakuhle futhi uyiqonda kakuhle nento ekuthethwa ngayo.

8. Uziva njani uYehova xa esibona sizama ukuphendula?

8 Uza kuthini ukuba nasemva kokuba uzenzile ezi zinto zicetyisiweyo usoyika ukuphendula kabini nangaphezulu? Qiniseka ukuba uYehova uza kuvuya xa ekubona uzama ukwenza loo nto unokukwazi ukuyenza. (Luka 21:1-4) Akalindelanga ukuba wenze into engapha kwamandla akho. (Fil. 4:5) Zama ukujonga ukuba yintoni onokukwazi ukuyenza, uzimisele ukuyenza, uze ucele uYehova akwenze uzole. Mhlawumbi ekuqaleni unokuzimisela ukuphendula kube kanye, nempendulo yakho ibe mfutshane.

KWIBANDLA ELIKHULU KHUTHAZANANI

9. Yintoni enokwenza kube nzima ukuphendula kumabandla amakhulu?

9 Ukuba ibandla okulo linabavakalisi abaninzi, ingxaki isenokwahluka kweyebandla elincinci. Mhlawumbi awude ukhonjwe kuba baninzi abavakalisi abaphakamisayo. Ngokomzekelo, uDanielle uyakuthanda ukuphendula kwiintlanganiso. c Kuye ukuphendula yenye yeendlela amkhonza ngazo uYehova, yindlela abakhuthaza ngayo abanye naluqinisa ngayo olwakhe ukholo kwizinto ezifundiswa yiBhayibhile. Kodwa wafudukela kwibandla elikhulu. Apho wayengakhonjwa kakhulu, ngamanye amaxesha zazide ziphele iintlanganiso engakhange akhonjwe. Uthi: “Yayindikhathaza nyhani ke loo nto, yayiba ngathi ikhona le nto indiphosileyo. Xa isoloko isenzeka ude uzibuze ukuba ayenziwa ngabom na.”

10. Yintoni onokuyenza ukuze ukwazi ukuphendula kwiintlanganiso?

10 Ngaba nawe wakhe waziva njengoDanielle? Loo nto inokukwenza utyhafe, uvele uzithulele umamele iimpendulo zabanye abazalwana noodade. Kodwa umele ungayeki ukuphakamisa. Yintoni ke onokuyenza? Usenokulungiselela iimpendulo eziliqela ukuze xa ungakhonjwanga ekuqaleni kwesifundo ube nawo namanye amathuba okuphendula. Xa ulungiselela iSifundo SeMboniselo, zama ukujonga ukuba isiqendu ngasinye sidibana njani nomxholo wenqaku. Loo nto iza kwenza kube lula ukufumana iimpendulo ezikhuthazayo. Enye into onokuyenza kukulungiselela iimpendulo zeziqendu ezithetha ngeemfundiso zeBhayibhile ekungekho lula ukuzicacisa. (1 Kor. 2:10) Ngoba? Kaloku basenokuba mbalwa abantu abaphakamisayo kwezo ziqendu. Yintoni onokuyenza ukuba kudlula iintlanganiso ezininzi ungakhonjwa tu nasemva kokuba wenze ezi zinto zicetyiswe apha? Unokuya kumqhubi ngaphambi kokuba iqale intlanganiso, umchazele ukuba ngowuphi umbuzo obungathanda ukuwuphendula.

11. Sikhuthazwa ukuba masenze ntoni kumaFilipi 2:4?

11 Funda amaFilipi 2:4. Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba akhuthaze amaKristu ukuba abacingele abanye. Singayenza njani le nto kwiintlanganiso? Ngokukhumbula ukuba nabanye bayafuna ukuphendula njengathi.

Njengokuba ubanika ithuba lokuthetha abantu oncokola nabo, banike ithuba lokuphendula nabantu abakwiintlanganiso (Jonga isiqendu 12)

12. Sinokubakhuthaza njani abanye kwiintlanganiso? (Jonga nomfanekiso.)

12 Yicinge kanje le nto. Xa uncokola nabahlobo bakho, uye ufune ibe nguwe wedwa othethayo? Hayi. Nabo uyafuna bathethe. Ngendlela efanayo, kwiintlanganiso sifuna wonke umntu afumane ithuba lokuphendula. Enye yeendlela esinokubakhuthaza ngazo abazalwana noodade kukubanika ithuba lokuthetha ngokholo lwabo. (1 Kor. 10:24) Makhe sibone indlela esinokuyenza ngayo le nto.

13. Yintoni esinokuyenza ukuze wonke umntu akwazi ukuphendula kwiintlanganiso?

13 Enye into esinokuyenza kukuzenza zibe mfutshane iimpendulo zethu ukuze sinike nabanye ithuba lokuphendula. Abadala nabanye abavakalisi ekudala bengamaKristu banokuyenza le nto ukuze nabanye bafunde kubo. Nokuba impendulo yakho imfutshane, kulumkele ukuthetha ngezinto ezininzi. Ukuba uzithatha zonke iimpendulo ezikwisiqendu, abanye abazukwazi ukuphendula. Ngokomzekelo, kwesi siqendu sicetyiswa ngezi zinto zimbini: iimpendulo zethu mazibe mfutshane, silumkele ukuthetha ngezinto ezininzi. Ukuba ukhonjwa kuqala kwesi siqendu, kutheni ungathathi ibe nye kwezi zinto?

Kunini apho sisenokukhetha ukungaphakamisi kwiintlanganiso? (Jonga isiqendu 14) f

14. Yintoni enokusinceda sigqibe ukuba siphakamise kangaphi? (Jonga nomfanekiso.)

14 Cinga kakuhle xa usenza isigqibo sokuba uza kuphakamisa kangaphi. Ukuba siphakamisa qho, umqhubi usenokuziva enyanzelekile ukuba akhombe thina nangona kukho abanye abangekaphenduli. Le nto isenokubatyhafisa abanye, bangabi saphakamisa.—INtshu. 3:7.

15. (a) Yintoni esingamele siyenze xa singakhonjwa? (b) Abaqhubi banokubonisa njani ukuba bacingela wonke umntu? (Jonga ibhokisi ethi “ Xa Ungumqhubi.”)

15 Xa bebaninzi abantu abaphakamisileyo sisenokungakwazi ukuphendula kangangokuba besifuna. Ngamanye amaxesha umqhubi usenokungasikhombi tu. Iyatyhafisa ke loo nto, kodwa mayingasicaphukisi.—INtshu. 7:9.

16. Sinokubakhuthaza njani abo baye baphendula?

16 Ukuba awukwazi ukuphendula kangangokuba ufuna, kutheni ungazimameli kakuhle iimpendulo zabanye uze ubancome xa kuphela iintlanganiso? Kaloku ukubancoma abazalwana noodade kunokubakhuthaza ngendlela ebiza kubakhuthaza ngayo impendulo obuyilungiselele. (IMize. 10:21) Ukuncoma abanye yenye yeendlela esinokukhuthazana ngazo.

EZINYE IINDLELA ZOKUKHUTHAZANA

17. (a) Abazali banokubanceda njani abantwana balungiselele iimpendulo ezibafaneleyo? (b) Ngokutsho kwale vidiyo, zeziphi izinto eziyi-4 umntu anokuzenza xa elungiselela impendulo? (Jonga nombhalo osemazantsi.)

17 Yeyiphi enye indlela esinokukhuthazana ngayo kwiintlanganiso? Ukuba ungumzali, nceda abantwana bakho balungiselele iimpendulo ezibafaneleyo. (Mat. 21:16) Ngamanye amaxesha isifundo sisenokuthetha ngezinto zabantu abadala ezinjengeengxaki zomtshato okanye indlela yokuziphatha, kodwa sinokuba khona isiqendu anokuphendula kuso umntwana. Nceda abantwana bakho baqonde isizathu sokuba bengazukusoloko bekhonjwa xa bephakamisile. Xa ubacacisele, abazukutyhafa xa bengakhonjwa, kukhonjwa abanye.—1 Tim. 6:18. d

18. Sinokukulumkela njani ukuzitsalela amehlo xa siphendula? (IMizekeliso 27:2)

18 Sonke singakwazi ukulungiselela iimpendulo eziza kuzukisa uYehova zize zikhuthaze abazalwana noodade. (IMize. 25:11) Nangona kusenokufuneka sithethe ngezinto eziye zenzeka kuthi, simele sikulumkele ukuthetha kakhulu ngeziqu zethu. (Funda iMizekeliso 27:2; 2 Kor. 10:18) Eyona nto sifuna ukuyenza kukuthetha kakhulu ngoYehova, iLizwi lakhe nabantu bakhe. (ISityhi. 4:11) Akukho rongo ukubalisa izinto eziye zenzeka kuthi, ukuba umbuzo ufuna senze loo nto. Unjalo ke nomnye umbuzo wesiqendu esilandelayo.

19. (a) Yintoni eza kwenzeka xa sicingela wonke umntu okwiintlanganiso? (Roma 1:11, 12) (b) Yintoni oyithandayo wena ngokuphendula kwiintlanganiso?

19 Akubekwanga mithetho yendlela esimele siphendule ngayo, kodwa eyona nto siyicetyiswayo kukuba sizimisele ukukhuthazana. Le nto isenokufuna siphendule kaninzana kunokuba sisenza, okanye saneliswe ngamathuba esiwafumanayo okuphendula, sivuye naxa abanye bewafumana. Xa sibacingela abanye abakwiintlanganiso, sonke ‘sinokukhuthazana.’—Funda amaRoma 1:11, 12.

INGOMA 93 Sikelela Ukudibana Kwethu

a Xa siphendula kwiintlanganiso siyakhuthazana. Kodwa abanye bayoyika ukuphendula. Kanti abanye bayakuthanda ukuphendula, bade barhalele ukukhonjwa qho. Kodwa singabonisa njani ukuba siyacingelana ukuze sonke sikhuthazeke? Yintoni esinokuyenza ukuze iimpendulo zethu zikhuthaze abazalwana noodade ukuba bathandane baze benze izinto ezilungileyo? Eli nqaku liza kuphendula loo mibuzo.

b Ukuze ufumane amanye amacebiso, jonga iMboniselo kaJanuwari 2019, iphe. 8-13 nekaSeptemba 1, 2003, iphe. 19-22.

c Eli gama litshintshiwe.

e Jonga iMboniselo kaJulayi 15, 2013, iphe. 32 nekaSeptemba 1, 2003, iphe. 21-22.

f INGCACISO YOMFANEKISO: Kwibandla elikhulu umzalwana obesele ephendule unika nabanye ithuba lokuphendula.