Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 15

Singafunda Ntoni Kwimimangaliso Eyayisenziwa NguYesu?

Singafunda Ntoni Kwimimangaliso Eyayisenziwa NguYesu?

“Walihamba lonke ilizwe esenza izinto ezilungileyo kwaye ephilisa.”​—IZE. 10:38.

INGOMA 13 UKristu, Umzekelo Wethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Khawuchaze into eyayisenzeka xa uYesu wenza ummangaliso wakhe wokuqala.

 KHAWUCINGE ngale nto yenzeka ngasekupheleni kuka-29 C.E. xa uYesu wayeqalisa ukwenza umsebenzi wakhe. Yena, umama wakhe uMariya nabanye abafundi bakhe bamenywe emtshatweni eKana, ilali ekumantla edolophu yakuloYesu iNazarete. UMariya ngumhlobo wezi ntsapho zitshatisayo futhi uyancedisa ekuhoyeni iindwendwe. Lithi lisaqhuba itheko, kuphele iwayini, into enokuyihlazisa kakhulu le ntsapho nabatshati. b Mhlawumbi abantu abakhoyo baninzi kakhulu kunenani ebelilindelwe. UMariya ukhawuleza aye kunyana wakhe uYesu athi: “Iwayini iyaphela.” (Yoh. 2:1-3) Yintoni uYesu ayenzayo? Wenza ummangaliso, utshintsha amanzi abe ‘yiwayini yodidi.’—Yoh. 2:9, 10.

2-3. (a) Yeyiphi imimangaliso awayenzayo uYesu? (b) Kunokusinceda njani ukufunda ngale mimangaliso?

2 Mininzi imimangaliso uYesu awayenzayo xa wayelapha emhlabeni. c Ngamandla akhe angummangaliso wanceda abantu abaninzi kakhulu. Ngokomzekelo, kwimimangaliso emibini awayenzayo, kowokuqala wondla amadoda ayi-5 000, kowesibini wondla ayi-4 000, kusenokwenzeka ukuba bebonke abantu awabondlayo babeyi-27 000 xa kudityaniswa abafazi nabantwana. (Mat. 14:15-21; 15:32-38) Ngelo xesha, waphilisa nabantu abaninzi ababegula. (Mat. 14:14; 15:30, 31) Khawube nombono wendlela ezazithe manga ngayo ezo zihlwele zabantu, ezaphiliswa nezondliwa nguYesu!

3 Ininzi into esinokuyifunda kwimimangaliso eyayisenziwa nguYesu. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto eziqinisa ukholo esinokuzifunda kuyo. Emva koko, siza kubona ukuba singayilinganisa njani indlela awayethobeke nawayenovelwano ngayo xa wayesenza le mimangaliso.

IZINTO ESINOKUZIFUNDA NGOYEHOVA NOYESU

4. Imimangaliso eyayisenziwa nguYesu isifundisa izinto eziqinis’ ukholo kubani?

4 Imimangaliso eyenziwa nguYesu isifundisa izinto eziqinisa ukholo lwethu kuye nakuTata wakhe. Kaloku nguYehova owayemnika amandla okwenza imimangaliso. IZenzo 10:38 zithi: “UThixo wamkhetha [uYesu] ngomoya oyingcwele wamnika namandla, yaye walihamba lonke ilizwe esenza izinto ezilungileyo kwaye ephilisa bonke abantu ababecinezelwe nguMtyholi, kuba uThixo wayenaye.” Nantsi enye into emasingayilibali, kuzo zonke izinto awayezithetha nawayezenza uYesu ezifana nemimangaliso awayenzayo, wayelinganisa indlela acinga naziva ngayo uTata wakhe. (Yoh. 14:9) Makhe sithethe ngezinto ezintathu esinokuzifunda kwimimangaliso eyayisenziwa nguYesu.

5. Kwakutheni ukuze uYesu enze imimangaliso? (Mateyu 20:30-34)

5 Eyokuqala, uYesu noTata wakhe basithanda kakhulu. Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wabonisa indlela abathanda ngayo abantu ngokusebenzisa amandla akhe okwenza imimangaliso ukuze ancede abantu ababesezintlungwini. Ngeny’ imini wacengwa ngamadoda amabini awayengaboni ukuba awancede. (Funda uMateyu 20:30-34.) Phawula ukuba uYesu ‘waba nosizi’ waza wawaphilisa. Igama elisetyenzisiweyo apha elithi ‘usizi’ lithetha ukumvela umntu ngokusuka entliziyweni. Olo velwano olwalubonisa indlela awayebathanda ngayo abantu, lwamenza wondla abalambileyo waphilisa nendoda eyayineqhenqe. (Mat. 15:32; Marko 1:41) Ngoko singaqiniseka ukuba uYehova, uThixo ‘onobubele’ noNyana wakhe basithanda kakhulu futhi abathandi ukusibona sisezintlungwini. (Luka 1:78; 1 Pet. 5:7) Bafuna nyhani ukuziphelisa zonke iingxaki esinazo.

6. UThixo umnike amandla okwenza ntoni uYesu?

6 Eyesibini, uThixo unike uYesu amandla okulungisa zonke iingxaki abanazo abantu. Xa wayesenza imimangaliso wayebonisa ukuba unawo amandla okulungisa zonke iingxaki ebesingenakukwazi ukuzilungisa ngokwethu. Ngokomzekelo, unamandla okusikhulula kwisono esisenza sibe neengxaki ezifana nokugula nokufa. (Mat. 9:1-6; Roma 5:12, 18, 19) Imimangaliso awayeyenza ibonisa ukuba angakwazi ukuphilisa zonke iintlobo zezigulo nokuvusa abantu abaswelekileyo. (Mat. 4:23; Yoh. 11:43, 44) Unawo namandla okuphelisa isaqhwithi nokukhulula abantu kwiidemon. (Marko 4:37-39; Luka 8:2) Kuyathuthuzela ukwazi ukuba uYehova unike unyana wakhe amandla okwenza zonke ezi zinto!

7-8. (a) Imimangaliso eyayisenziwa nguYesu isenza siqiniseke ngantoni? (b) Ngowuphi ummangaliso ofuna nyhani ukuwubona usenzeka kwihlabathi elitsha?

7 Eyesithathu, simele siqiniseke ukuba izinto ekuthenjiswe ukuba ziza kwenzeka kuBukumkani BukaThixo, ziza kwenzeka nyhani. Imimangaliso uYesu awayeyenza xa wayelapha emhlabeni isibonisa into aza kuyenza emhlabeni wonke xa enguKumkani woBukumkani BukaThixo. Khawucinge ngezinto esiza kuzibona xa elawula. Siza kuphila qete, kuba uza kube esuse zonke iziphene kunye nezifo abantu abanazo. (Isa. 33:24; 35:5, 6; ISityhi. 21:3, 4) Soze siphinde silambe okanye sibesezintlungwini ezibangelwe ziintlekele zemvelo. (Isa. 25:6; Marko 4:41) Siza kukuvuyela kakhulu ukwamkela abantu bethu esibathandayo xa bevuka ‘emangcwabeni.’ (Yoh. 5:28, 29) Ngowuphi ummangaliso ofuna nyhani ukuwubona usenzeka kwihlabathi elitsha?

8 Xa wayesenza imimangaliso, uYesu wabonisa iimpawu esifanele sizame ukuba nazo nathi, ukuthobeka nokubacingela abantu. Makhe sijonge imizekelo emibini, siqale ngento eyenzeka kumtshato owawuseKana.

UYESU USIFUNDISA UKUTHOBEKA

9. Yintoni awayenzayo uYesu emtshatweni? (Yohane 2:6-10)

9 Funda uYohane 2:6-10. Xa kwaphela iwayini emtshatweni, ngaba uYesu wayenyanzelekile ukuba enze nantoni na? Wayenganyanzelekanga. Kwakungekho siprofeto esasisithi uMesiya wayeza kwenza iwayini ngendlela engummangaliso. Kodwa khawucinge indlela obuza kuziva ngayo xa kuphela into eselwayo emtshatweni wakho. Kusenokwenzeka ukuba uYesu wayicingela intsapho eyayitshatisa, ngokukodwa umyeni nomtshakazi, engafuni nokuba bahlazeke. Ngoko, njengokuba bekutshiwo ekuqaleni kweli nqaku, wenza ummangaliso. Wajika amanzi amalunga neelitha eziyi-390 ayiwayini yodidi. Mhlawumbi wayenza yaninzi ukuze kubekho eshiyekayo okanye eza kuthengiswa ukuze loo mali incede abatshati. Inoba zatsho zehla izibilini kwabo bantu babetshata.

Linganisa uYesu ungaqhayisi ngezinto ozenzileyo (Jonga isiqendu 10-11) e

10. Zeziphi ezinye izinto ezibalulekileyo ekuthethwa ngazo kuYohane 2? (Jonga nomfanekiso.)

10 Khawucinge ngezinye izinto ezibalulekileyo ekuthethwa ngazo kweli bali likuYohane isahluko 2. Uvile ukuba uYesu zange ayigcwalise ngokwakhe imiphanda yamanzi eyenziwe ngamatye? Kunokuba azibizele amehlo, waxelela izicaka ukuba ziyigcwalise. (Ivesi 6, 7) Emva kokuba ejike loo manzi aba yiwayini, zange ayise ngokwakhe kumphathi wetheko. Waxelela izicaka ukuba zise enye kuye. (Ivesi 8) Ngokuqinisekileyo zange agalele iwayini aze ame phambi kweendwendwe aqhayise esithi, ‘Khanive iwayini endigqibokuyenza!’

11. Sifunda ntoni kummangaliso kaYesu?

11 Yintoni esinokuyifunda kummangaliso kaYesu wokujika amanzi abe yiwayini? Sifundiswa ukuthobeka. UYesu zange aqhayise ngokwenza lo mmamngaliso, phofu zange azingomb’ isifuba ngayo nantoni na awayeyenza. Kodwa wayesoloko ethobekile futhi esisa lonke uzuko kuTata wakhe. (Yoh. 5:19, 30; 8:28) Ukuba sithobeke njengoYesu asizukuqhayisa ngayo nantoni na esiyenzayo. Nokuba senza ntoni kwinkonzo esiyinikela kuYehova, masingaqhayisi, kodwa masiqhayise ngoThixo esinenyhweba yokumkhonza. (Yer. 9:23, 24) Masimnike lonke uzuko kuba lumfanele. Ekugqibeleni, akukho nto sinokukwazi ukuyenza ngaphandle kokuncedwa nguYehova.—1 Kor. 1:26-31.

12. Yintoni enye into esinokuyenza ukuze silinganise uYesu owayethobekile? Yenza umzekelo.

12 Nantsi enye indlela esinokuthobeka ngayo njengoYesu. Khawucinge ngale nto: Masithi umdala uchitha ixesha lakhe elininzi enceda umzalwana osemtsha osisicaka solungiselelo ukuba alungiselele intetho yesidlangalala yakhe yokuqala. Ngenxa yaloo nto lo mzalwana osemtsha uyinikela kamnandi intetho yakhe ebandleni. Emva kweentlanganiso kuza umntu kulo mdala, athi: ‘Umzalwana uZibani-bani uyinikele kamnandi intetho yakhe, awutsho’? Ngaba lo mdala uza- kuthi: ‘Unyanisile, kodwa yheyi, ndichithe ixesha elininzi ndimnceda’? Okanye umele athobeke athi: ‘Unyanisile, uyinikele kamnandi nyhani’? Xa sithobekile asifuni ukuzukiswa ngezinto esizenzayo. Sivuyiswa kukwazi ukuba uYehova uyazibona futhi uyazixabisa izinto esizenzayo. (Thelekisa uMateyu 6:2-4; Heb. 13:16) Ngokuqinisekileyo siyamvuyisa xasithobeke njengoYesu.—1 Pet. 5:6.

UYESU USIFUNDISA UKUBAVELA ABANTU

13. Ubona ntoni uYesu xa esondela kwidolophu yaseNayin? Wenza ntoni? (Luka 7:11-15)

13 Funda uLuka 7:11-15. Makhe sicinge ngale nto yenzeka ngo-31 C.E. UYesu wayesiya eNayin, idolophu yaseGalili ekufutshane neShunem, apho umprofeti uElisha wayevuse unyana welinye ibhinqa, malunga neminyaka eyi-900 ngaphambi koko. (2 Kum. 4:32-37) Xa wayesondela egeyithini wabona abantu ababesiya emangcwabeni bephuma kuloo dolophu. Eyona nto eyayiyenza ibe mbi nakakhulu le nto kukuba kwakungcwatywa umntwana womhlolokazi owayekuphela kwakhe. Kodwa lo mama osentlungwini akekho yedwa, ukunye nabanye abantu abasuka kuloo dolophu. UYesu wabamisa endleleni abo bantu, wamenzela into emangalisayo lo mama osentlungwini, wavusa unyana wakhe! Lo ngummangaliso wokuqala kwemithathu yokuvusa kukaYesu abantu ekuthethwa ngayo kwiincwadi zeVangeli.

Linganisa uYesu ngokubavela abantu abasentlungwini (Jonga isiqendu 14-16)

14. Zeziphi izinto ezibalulekileyo esizifumana kwibali elikuLuka isahluko 7? (Jonga nomfanekiso.)

14 Khawucinge ngezinto ezibalulekileyo ezikwibali elikuLuka isahluko 7. Uqaphele ukuba uYesu ‘wabona’ umama osentlungwini waza ‘waba nosizi’? (Ivesi 13) Mhlawumbi wathi akumbona elila, ehamba phambi kwesidumbu sonyana wakhe, wamsizela. Zange aphelele nje ekubeni nosizi, kodwa wabonisa ukuba uyavelana naye. Wathetha naye ngelizwi elithuthuzelayo wathi: “Sukukhala.” Emva koko zange alinde acele uncedo, wamnceda. Wavusa unyana wakhe waza wathi “makamthathe.”—IVesi 14, 15.

15. Yintoni esiyifundayo kummangaliso kaYesu?

15 Yintoni esiyifundayo kummangaliso kaYesu wokuvusa unyana womhlolokazi? Sifunda ukuba simele sibavele abantu abasentlungwini. Siyavuma ukuba thina asifani noYesu, asinakukwazi ukuvusa abantu abaswelekileyo. Kodwa nathi sinokukwazi ukubavela abantu njengaye, ukuba sizama ukujonga izinto abadinga uncedo kuzo. Ngoko sinokubonisa ukuba siyabavela ngokuthetha nangokwenza izinto eziza kubathuthuzela nokuba abasicelanga. d (IMize. 17:17; 2 Kor. 1:3, 4; 1 Pet. 3:8) Nokuba zincinci kangakanani ezo zinto, zinokwenza umahluko omkhulu.

16. Umfanekiso usifundisa ntoni ngento eyenzeka kumama owayesand’ ukuswelekelwa ngumntwana?

16 Khawuve le nto yenzekayo. Kwiminyaka edlulileyo, xa kwakuculwa kwii ntlanganiso omnye udade wabona umama owayekhala. Le ngoma yayithetha ngovuko, wabe lomama esand’ uswelekelwa yintombazana yakhe. Lo dade wayeyazi loo nto ngoko waya kuye, wamgona waza wacula naye. Ekuhambeni kwexesha, lo mama wathi: “Ndabathanda kakhulu abazalwana noodade.” Zange azisole tu ngokuya kwiintlanganiso. Wathi, “Silufumana pha eHolweni yoBukumkani uncedo.” Masiqiniseke ukuba uYehova uyazibona futhi uyazixabisa izinto ezincinci esizenzayo ezibonisa ukuba siyabavela abantu abasentlungwini, ‘abatyumkileyo emoyeni.’—INdu. 34:18.

ZENZELE UCWANGCISO LOKUFUNDA IZINTO EZIQINISA UKHOLO

17. Ufunde ntoni kweli nqaku?

17 Amabali akwiincwadi zeVangeli athetha ngemimangaliso eyayisenziwa nguYesu anokusikhuthaza kakhulu. Asifundisa ukuba uYehova noYesu basithanda kakhulu, uYesu unamandla okuzilungisa zonke iingxaki esinazo nokuba sinokuzithemba izinto esithenjiswe ukuba siza kuzenzelwa xa kulawula uBukumkani bukaThixo obuza kufika kungekudala. Xa siwafunda la mabali, sinokucinga ngezinto esinokuzenza ukuze sibe neempawu ezifana nezikaYesu. Kutheni ungazenzeli ucwangciso lokufunda ngeminye imimangaliso eyenziwa nguYesu, okanye nifunde ngayo kuNqulo Lwentsapho? Jonga ukuba ikufundisa ntoni uze uncokole nabanye ngezo zinto uzifundileyo. Xa usenza loo nto zininzi izinto ezikhuthazayo onokuzincokola nabantu.—Roma 1:11, 12.

18. Yintoni esiza kuthetha ngayo kwinqaku lale veki izayo?

18 Mithathu imimangaliso yokuvusa abantu abaswelekileyo eyenziwa nguYesu ekuthethwa ngayo eBhayibhileni. Owesithathu nowokugqibela wawenza xa wayesele eza kuwugqiba umsebenzi wakhe emhlabeni. Lo wawahlukile kweminye kuba wavusa umhlobo wakhe owayeneentsuku ezine eswelekile. Yintoni esinokuyifunda kuwo? Sinokwenza ntoni ukuze luqine ukholo lwethu kwithemba lovuko? Inqaku lale veki izayo liza kuyiphendula lemibuzo.

INGOMA 20 Usinike Unyana Wakho Ekuphela Kwakhe

a Waphelisa isaqhwithi, waphilisa abantu abagulayo, wavusa nabaswelekileyo. Kumnandi nyhani ukufunda ngale mimangaliso yayisenziwa nguYesu. Zange ibhalelwe nje ukusonwabisa, yabhalelwa ukuba sifunde kuyo. Ukufunda ngeminye yayo kuza kusinceda siqinise ukholo kuYehova noYesu, sibone nokuba zeziphi iimpawu esimele sibe nazo.

b Omnye umphengululi weBhayibhile uthi: “Kumazwe ekuthethwa ngawo eBhayibhileni abantu babecinga ukuba ngumsebenzi ongcwele ukubuka iindwendwe. Ngoko umntu omeme abantu kwakufuneka aqiniseke ukuba upheka ukutya okuninzi. Ukuze umntu abe uzibuke kakuhle iindwendwe kwakufuneka iziselo zibe zininzi, nokutya kudlal’ abantwana.”

c Iincwadi ZeVangeli zithetha ngemimangaliso engaphezu kweyi-30 eyenziwa nguYesu. Xa iBhayibhile ithetha ngeminye emininzi awayenzayo, ayiyahlukanisi kodwa iyayidibanisa. Ngeny’ imini “bonke abantu besixeko” beza kuye waza “waphilisa abaninzi ababegula.”—Marko 1:32-34.

d Ukuze ufumane amacebiso ento onokuyithetha okanye onokuyenza xa uthuthuzela umntu osentlungwini, jonga inqaku elithi “Thuthuzela Abantu Abasentlungwini, NjengoYesukwiMboniselo kaNovemba 1 2010.

e INGCACISO YOMFANEKISO: UYesu ujonge umyeni, umtshakazi neendwendwe zabo besela iwayini yodidi.