INQAKU ELIFUNDWAYO 19
Sinokulomeleza Njani Ukholo Lwethu Kwihlabathi Elitsha Esilithenjiswe NguYehova?
“[UYehova] akayenzi na into ayithethileyo?”—NUM. 23:19.
INGOMA 142 Masibambelele Nkqi Kwithemba Lethu
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a
1-2. Okwangoku sisalinde ihlabathi elitsha, yintoni esimele siyenze?
SITHI enkosi kuYehova ngokusithembisa ukuba uza kuphelisa eli hlabathi, azise ihlabathi elitsha. (2 Pet. 3:13) Asazi ukuba iza kwenzeka nini loo nto, kodwa izinto ezenzekayo zibonisa ukuba sekukufutshane ukuba lifike.—Mat. 24:32-34, 36; IZe. 1:7.
2 Okwangoku, nokuba sinexesha elingakanani sikhonza uYehova, kufuneka siluqinise ukholo lwethu kweli themba. Kutheni? Kaloku nokuba umntu unokholo oluqinileyo, lunokuphela. Nompostile uPawulos wathi ukuphelelwa lukholo ‘sisono esisirhintyela lula.’ (Heb. 12:1) Ukuze lungapheli, kufuneka sihlale sicinga ngezinto ezibonisa ukuba ihlabathi elitsha liza kubakho nyhani.—Heb. 11:1.
3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?
3 Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezintathu ekufuneka sizenze ukuze siqinise ukholo lwethu kwihlabathi elitsha esilithenjiswe nguYehova: (1) ukucingisisa ngedini likaYesu, (2) ukucinga ngamandla kaYehova, (3) nokwenza izinto ezisisondeza kuye. Emva koko, siza kuthetha ngendlela enokuluqinisa ngayo nolwethu ukholo into eyathethwa nguYehova kuHabhakuki. Kodwa makhe siqale sithethe ngeengxaki ekusenokwenzeka ukuba sinazo ngoku, ezifuna siqinise ukholo lwethu kwihlabathi elitsha esilithenjisiweyo.
IZINTO EZIFUNA UKHOLO OLOMELELEYO
4. Zeziphi izigqibo ezifuna sibe nokholo olomeleleyo?
4 Yonk’ imihla siye senze izigqibo ezifuna sibe nokholo olomeleleyo. Ngokomzekelo, kufuneka senze izigqibo ngabantu esiza kuvana nabo, ngendlela esiza kuzonwabisa ngayo, ngemfundo, ngomtshato, ngabantwana nangempangelo. Into eza kusinceda kukuzibuza le mibuzo, ‘Ngaba izigqibo endizenzayo zibonisa ukuba ndiqinisekile ukuba eli hlabathi liyadlula, sekuza kufika elitsha likaThixo? Okanye zifana nezabantu abacinga ukuba ukufa sisiphelo sayo yonke into?’ (Mat. 6:19, 20; Luka 12:16-21) Ukuba siyaluqinisa ukholo esinalo lokuba ihlabathi elitsha seliza kufika, siza kwenza ezona zigqibo zifanelekileyo.
5-6. Kutheni kufuneka luqine ukholo lwethu xa sineengxaki? Yenza umzekelo.
5 Sisenokuba nazo ke neengxaki ezifuna luqine ukholo lwethu. Sisenokuphathwa kakubi, sigule kakhulu okanye sibe nezinye iingxaki ezinokusenza sityhafe. Ekuqaleni, sisenokukwazi ukuzinyamezela. Kodwa ukuba azide ziphele, njengokuba zidla ngokuba njalo nezinye iingxaki, kuza kufuneka ukholo lwethu luqine ukuze sikwazi ukuzinyamezela, size siqhubeke sikhonza uYehova sivuya.—Roma 12:12; 1 Pet. 1:6, 7.
6 Xa sijongene nengxaki, kusenokuba ngathi ihlabathi elitsha likaYehova soze lifike. Ngaba loo nto ithetha ukuba siphelelwe lukholo? Isenokungathethi loo nto. Nanku umzekelo: Xa ingqele iqhaqhazelisa amazinyo ebusika, kuba ngathi soze lifike ihlobo. Likhe lingafiki ke? Nathi ke, xa sityhafiswe kakhulu ziingxaki, sisenokubona ngathi ihlabathi elitsha soze lifike. Kodwa ukuba ukholo lwethu luqinile, siyazi ukuba uThixo uza kuzenza izinto asithembise zona. (INdu. 94:3, 14, 15; Heb. 6:17-19) Xa siqiniseke ngolo hlobo, ukukhonza uYehova kuza kuhlala kuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu.
7. Yintoni esimele siyilumkele?
7 Enye into efuna sibe nokholo oluqinileyo ngumsebenzi wokushumayela. Abantu abaninzi esishumayela kubo bacinga ukuba ‘iindaba ezilungileyo’ ezithetha ngehlabathi elitsha likaThixo, ziyintsom’ emini. (Mat. 24:14; Hez. 33:32) Masilumkele ukufana nabo, siyithandabuze into esiyifundiswa nguYehova. Ukuze ingenzeki loo nto, masihlale siluqinisa ukholo lwethu. Ngoku masithethe ngeendlela ezintathu esinokuluqinisa ngazo.
CINGISISA NGEDINI LIKAYESU
8-9. Ukucingisisa ngedini likaYesu kungaluqinisa njani ukholo lwethu?
8 Enye indlela esinokuluqinisa ngayo ukholo lwethu kukucingisisa ngedini likaYesu. Eli dini, lisenza siqiniseke ukuba izinto esizithenjiswa nguThixo ziza kwenzeka. Xa sicinga ngesizathu sokuba lenziwe, nendlela enkulu ngayo into ekwafuneka uYehova ayincame, sitsho siqiniseke ukuba iza kwenzeka into asithembisa yona yokuba siza kuphila ngonaphakade kwihlabathi elibhetele. Kutheni sisitsho?
9 Inkulu kangakanani into ekwafuneka uYehova ayincame? Wathumela izibulo lakhe, oyena mhlobo wakhe amthanda kakhulu ukuba azokuzalwa emhlabeni, abe ngumntu ongenasono. Xa wayelapha, uYesu wanyamezela zonke izinto ezibuhlungu. Emva koko, waphathwa kakubi waza wafa kabuhlungu. Likhulu nyhani ixabiso elabhatalwa nguYehova! UThixo wethu osithandayo wayengasoze avume ukuba uNyana wakhe aphathwe kabuhlungu aze afe, ukuze nje siphile ubomi obubhetele obuza kuphinda buphele. (Yoh. 3:16; 1 Pet. 1:18, 19) Ekubeni uYehova ebhatele ixabiso elikhulu kangaka, uza kuqiniseka ukuba siyabufumana ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha.
CINGA NGAMANDLA KAYEHOVA
10. AmaEfese 3:20 abonisa ukuba zinjani izinto akwaziyo ukuzenza uYehova?
10 Into yesibini eza kuqinisa ukholo lwethu kukucinga ngamandla kaYehova. Unamandla okuzenza zonke izinto asithembise zona. Abantu abaninzi bacinga ukuba soze yenzeke into yokuba siphile ngonaphakade kwihlabathi elitsha. Kodwa uYehova usoloko esithembisa izinto abangasoze bakwazi ukuzenza abantu. Kaloku yena nguThixo uSomandla. (Yobhi 42:2; Marko 10:27) Ngoko ayisothusi into yokuba esithembisa izinto ezibonakala zingenakwenzeka.—Funda amaEfese 3:20.
11. Khawusixelele ngento uYehova awayithembisayo, eyayibonakala ngathi ayinakwenzeka. (Jonga ibhokisi ethi “ Ezinye Izithembiso Ezazibonakala Zingenakwenzeka, Zenzeka.”)
11 Cinga ngezinye izinto uYehova awazithembisayo, ezazibonakala ngathi azinakwenzeka. Waxelela uAbraham noSara ababebadala ukuba baza kuba nonyana. (Gen. 17:15-17) Waphinda waxelela uAbraham ukuba inzala yakhe yayiza kunikwa ilizwe lakwaKanan. Xa kwaqengqeleka iminyaka amaSirayeli engamakhoboka eYiputa, loo nto yayisenokubonakala ingenakwenzeka, kodwa yenzeka. Kanti emva kweminyaka emininzi, uYehova waxelela uElizabhete owayesele emdala ukuba uza kuba nomntwana. Waxelela noMariya owayengazange walala nandoda ukuba uza kuzala uNyana Wakhe. Kwakuza kutsho kwenzeke into uYehova awayithembisa kudala kwigadi yase-Eden!—Gen. 3:15.
12. UYoshuwa 23:14 noIsaya 55:10, 11 usifundisa ntoni ngamandla kaYehova?
12 Xa sicinga ngezinto uYehova awazithembisayo nendlela awazenza ngayo, sitsho siqonde ukuba unamandla kakhulu. (Funda uYoshuwa 23:14; Isaya 55:10, 11.) Ngoko luyaqina ukholo lwethu kwihlabathi elitsha asithembise lona. Loo nto isenza sikwazi ukunceda nabanye baqonde ukuba ihlabathi elitsha esilithenjisiweyo ayilophupha. UYehova ngokwakhe wathi xa wayethetha ngamazulu amatsha nomhlaba omtsha: “La mazwi athembekile yaye ayinyaniso.”—ISityhi. 21:1, 5.
YENZA IZINTO EZIKUSONDEZA KUYEHOVA
13. Iintlanganiso zinokuluqinisa njani ukholo lwethu? Cacisa.
13 Indlela yesithathu esinokuluqinisa ngayo ukholo lwethu kukwenza izinto ezisisondeza kuYehova. Ngokomzekelo, cinga ngendlela ezisinceda ngayo iintlanganiso. UAnna, ekuqengqeleke iminyaka esenza imisebenzi eyahlukeneyo yenkonzo yexesha elizeleyo, uthi: “Iintlanganiso zilwenza luhlale luqinile ukholo lwam. Nokuba umzalwana oseqongeni akasosithethi esiphum’ izandla, okanye akukho nto intsha ayifundisayo, kusoloko kukho into endinceda ndiyiqonde bhetele iBhayibhile, lutsho luqine ukholo lwam.” b Naxa simamele iimpendulo zabazalwana noodade luyaqina ukholo lwethu.—Roma 1:11, 12; 10:17.
14. Ukushumayela kuluqinisa njani ukholo lwethu?
14 Luyaqina ukholo lwethu naxa sishumayela. (Heb. 10:23) UBarbara oneminyaka engaphezu kweyi-70 ekhonza uYehova uthi: “Ukushumayela bekusoloko kuluqinisa ukholo lwam. Xa ndithetha nabantu ngezinto ezintle esizithenjiswe nguYehova luya luqina.”
15. Ukufundisisa kuluqinisa njani ukholo lwethu? (Jonga nemifanekiso.)
15 Enye into elwenza luqine ukholo lwethu kukufundisisa. USusan uthi kuyamnceda ukuzenzela ucwangciso lokufunda. Uthi: “NgeCawa, ndiye ndifunde inqaku leMboniselo leveki elandelayo. NgoMvulo nangoLwesibini, ndiye ndilungiselele intlanganiso yaphakathi evekini. Ngezinye iintsuku ndiye ndifundisise.” Into elwenza luqine ukholo lukaSusan kukulandela ucwangciso lwakhe lokufundisisa. UIrene okhonze iminyaka kwikomkhulu lehlabathi, uthi ukufunda iziprofeto zeBhayibhile kuyaluqinisa ukholo lwakhe. Uthi: “Kuyamangalisa ukubona ukuba iziprofeto zikaYehova zenzeka kanye ngendlela athe ziza kwenzeka ngayo.” c
‘IZA KUFIKA NGOKUQINISEKILEYO’
16. Kutheni isebenza nakuthi into uYehova awayiqinisekisa uHabhakuki? (Hebhere 10:36, 37)
16 Kukho abakhonzi bakaYehova ekudala belinde ukuba lide lipheliswe eli hlabathi. Abanye abantu bacinga ukuba bekufanele ukuba kudala yenzeka loo nto. UYehova wayilungisa loo nto xa wathi kumprofeti uHabhakuki: “Kuba umbono uza kwenzeka ngexesha lawo, yaye ixesha lokwenzeka kwawo liyakhawuleza, ibe uza kwenzeka. Nokuba ubonakala ulibazisa, hlala uwulindele! Kuba uza kwenzeka ngokuqinisekileyo. Awuzukufika emva kwexesha!” (Hab. 2:3) Ngaba uThixo wayeqinisekisa uHabhakuki qha, okanye into awayithethayo iyasebenza nakuthi? Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba ayisebenzise nakumaKristu alindele ihlabathi elitsha. (Funda amaHebhere 10:36, 37.) Sinokuqiniseka ukuba nokuba kubonakala ngathi imini uYehova athembise ukuba uza kusisindisa ngayo ayide ifike, ‘iza kufika ngokuqinisekileyo. Ayizukufika emva kwexesha!’
17. Omnye udade wayenza njani into uYehova awayixelela uHabhakuki?
17 Kangangeminyaka, abakhonzi bakaYehova abaninzi baye bayenza into awayixelela uHabhakuki, esithi: “Hlala uwulindele.” Ngokomzekelo, uLouise owaqala ukukhonza uYehova ngo-1939 uthi: “Ngelo xesha ndandicinga ukuba iArmagedon iza kufika ndingekagqibi namabanga aphakamileyo. Zange ifike. Kuyo yonke le minyaka kuye kwandinceda ukufunda amabali endiwabiza ngokuba ‘ngamabali okulinda.’ La ngamabali kaNowa, uAbraham, uYosefu nabanye ekwafuneka balinde ixesha elide ngaphambi kokuba bafumane izinto ababezithenjiswe nguYehova. Mna nabanye siye sancedwa kukuhlala silindile ukuze siqiniseke ukuba ihlabathi elitsha selikufutshane.” Nabanye ekudala bekhonza uYehova bayavumelana noLouise!
18. Ukubukela indalo kunokuluqinisa njani ukholo lwethu kwihlabathi elitsha elizayo?
18 Yinyaniso kona ukuba ihlabathi elitsha alikabikho. Kodwa cinga ngezinto ezikhoyo ngoku, iinkwenkwezi, imithi, izilwanyana nabantu. Akukho mntu unokuthandabuza ukuba zikhona zonke ezi zinto nangona zazikhe azabikho. Zikhona ngenxa yokuba uYehova wazidala. (Gen. 1:1, 26, 27) UThixo wethu uphinde wasithembisa ukuba uza kudala ihlabathi elitsha. Uza kuyenza ke loo nto. Kwihlabathi elitsha, abantu baza kuphila ngonaphakade, bengaguli. Masiqiniseke ukuba ngexesha elibekwe nguThixo ihlabathi elitsha liza kuba khona.—Isa. 65:17; ISityhi. 21:3, 4.
19. Ziintoni onokuzenza ukuze uqinise ukholo lwakho?
19 Okwangoku, yenza yonke into onokukwazi ukuyenza ukuze uqinise ukholo lwakho. Hlala unombulelo ngedini likaYesu. Cinga ngamandla kaYehova. Yenza izinto ezikusondeza kuye. Ukuba uyazenza ezi zinto, uza kuba ngomnye ‘wabantu abaye bazifumana izinto abazithenjisiweyo kuba benokholo nomonde.’—Heb. 6:11, 12; Roma 5:5.
INGOMA 139 Zibone Ukwihlabathi Elitsha
a Abantu abaninzi abayikholelwa into esiyithenjiswa eBhayibhileni yokuba kuza kubakho ihlabathi elitsha. Bacinga ukuba yintsomi njee leyo. Kodwa thina siqinisekile ukuba uYehova uza kuzenza zonke izinto asithembise zona. Sekunjalo, ukuze sihlale siqinisekile masingayeki ukuluqinisa ukholo lwethu. Singayenza njani loo nto? Eli nqaku liza kusixelela.
b Amanye amagama atshintshiwe.
c Amanye amanqaku athetha ngeziprofeto zeBhayibhile unokuwafumana kwiSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova, kumxholo othi “Isiprofeto.” Ngokomzekelo, jonga inqaku leMboniselo kaJanuwari 1, 2008 elithi “Oko UYehova Akuxela Kwangaphambili Kuyazaliseka.”