Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 17

UYehova Uza Kukunceda Xa Uqutyulwa Ziingxaki

UYehova Uza Kukunceda Xa Uqutyulwa Ziingxaki

“Zininzi iingxaki zelungisa, kodwa uYehova ulisindisa kuzo zonke.”—INDU. 34:19.

INGOMA 44 Umthandazo Womntu Othobekileyo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Yintoni esiqiniseke ngayo?

 THINA bantu bakaYehova siyazi ukuba uyasithanda futhi ufuna siphile obona bomi bumnandi. (Roma 8:35-39) Siqinisekile ukuba xa sisebenzisa imigaqo yeBhayibhile iza kusoloko isinceda. (Isa. 48:17, 18) Kodwa siza kuthini xa sivele saqutyulwa ziingxaki?

2. Zeziphi iingxaki esisenokuba nazo? Zinokusenza sizibuze eyiphi imibuzo?

2 Bonke abakhonzi bakaYehova baneengxaki. Ngokomzekelo, sisenokuphoxwa yinto eyenziwe ngumntu esizalana naye. Sisenokugula kakhulu size singakwazi ukumsebenzela njengakuqala uYehova. Sisenokuba neengxaki ezibangelwe yintlekele yemvelo, okanye siphathwe kakubi ngenxa yezinto esizikholelwayo. Xa sineengxaki ezifana nezi sisenokuzibuza: ‘Kutheni kusenzeka le nto kum? Ikhona into erongo endiyenzileyo? Ngaba le nto ibonisa ukuba uYehova undilahlile?’ Wena, wawukhe waziva ngale ndlela? Ukuba kunjalo, ungatyhafi. Kwakukhe kwanjalo nakwabanye abakhonzi abaninzi bakaYehova ababethembekile.—INdu. 22:1, 2; Hab. 1:2, 3.

3. Yintoni esiyifundayo kwiNdumiso 34:19?

3 Funda iNdumiso 34:19. Kule ndumiso sifunda izinto ezimbini ezibalulekileyo: (1) Abantu abangamalungisa baba nazo iingxaki. (2) UYehova uyasisindisa kuzo. Usisindisa njani? Enye indlela kukusinceda siyamkele into yokuba bunje ubomi kweli hlabathi. Nangona uYehova esithembisa ukuba siza kuvuya xa simkhonza, akathi asizukuba nazo iingxaki ngoku. (Isa. 66:14) Usikhuthaza ukuba sicinge ngexesha elizayo apho siza kube siphila obu bomi afuna sibuphile, ubomi obungunaphakade. (2 Kor. 4:16-18) Okwangoku usinceda singayeki ukumkhonza.—IZili. 3:22-24.

4. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

4 Ngoku makhe sibone ukuba sinokufunda ntoni kubakhonzi bakaYehova ababethembekile ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile nabale mihla. Njengokuba siza kubona, iingxaki zinokuthi gqi singalindelanga. Kodwa xa sithembele ngoYehova soze asiyekele. (INdu. 55:22) Njengoko sifunda ngaba bantu, khawuzibuze: ‘Ukuba ibindim bendiza kuthini? Izinto eziye zenzeka kubo zindinceda njani ndiye ndimthemba uYehova? Ziintoni endizifunda kubo endinokuzisebenzisa ebomini bam?’

NGAMAXESHA OKUBHALWA KWEBHAYIBHILE

Kwiminyaka eyi-20 uYakobi emsebenzela nzima umalume wakhe owayenamaqhinga, uLabhan, wasikelelwa nguYehova (Jonga isiqendu 5)

5. Zeziphi iingxaki awaba nazo uYakobi ngenxa kaLabhan? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

5 Ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile abakhonzi bakaYehova babequtyulwa ziingxaki. Cinga ngezinto ezenzeka kuYakobi. Utata wakhe wathi makaye kuthatha umfazi kwiintombi zikaLabhan, isihlobo sabo esasingumkhonzi kaThixo, waza wamenza waqiniseka ukuba uYehova uza kumsikelela. (Gen. 28:1-4) UYakobi wammamela utata wakhe. Wemka kwaKanan esiya kuLabhan owayeneentombi ezimbini, uLeya noRakeli. Waphandlwa yencinci, uRakeli, waza wavuma nokumlobola ngokusebenzela utata wakhe iminyaka eyi-7. (Gen. 29:18) Kodwa zange kwenzeke le nto wayeyifuna. ULabhan wamqhatha wamtshatisa nentombi yakhe endala, uLeya. Emva kweveki wavuma ukuba angamtshata uRakeli, kodwa kwakuza kufuneka asebenze eminye iminyaka eyi-7. (Gen. 29:25-27) Naxa kwakufuneka amnike imfuyo ababevumelene ngayo, wamqhatha. Lilonke, uYakobi waxhatshazwa iminyaka eyi-20.—Gen. 31:41, 42.

6. Zeziphi ezinye iingxaki awazinyamezelayo uYakobi?

6 Zikhona nezinye iingxaki awazinyamezelayo uYakobi. Wayenosapho olukhulu, kodwa oonyana bakhe babemane bexabana. Bade bathengisa nobhuti wabo uYosefu ukuba ayokuba likhoboka. Abanye ababini, uSimeyon noLevi, baluhlaza usapho bangcolisa negama likaYehova. Waphinda waswelekelwa ngumfazi wakhe uRakeli xa wayezala unyana wabo wesibini. Xa wayesele elixhego, kwabakho indlala eyenza kwanyanzeleka ukuba aye kuhlala eYiputa.—Gen. 34:30; 35:16-19; 37:28; 45:9-11, 28.

7. UYehova wambonisa njani uYakobi ukuba uyamthanda?

7 Nangona kwakusenzeka zonke ezi zinto, uYakobi zange ayeke ukuba nokholo kuYehova nakwizinto awayemthembise zona. Ngenxa yaloo nto, uYehova wambonisa ukuba uyamthanda. Ngokomzekelo, nangona waqhathwa nguLabhan, uYehova wamsikelela, wamenza wasisityebi. Cinga indlela amele ukuba wavuya ngayo xa ephinda ebona uYosefu, unyana wakhe awayecinga ukuba wasweleka. UYakobi wayemthanda kakhulu uYehova, ngoko wakwazi ukunyamezela iingxaki awayenazo. (Gen. 30:43; 32:9, 10; 46:28-30) Nathi, ukuba sihlala simthanda uYehova, siza kukwazi ukunyamezela xa kusithi gqi iingxaki esingazilindelanga.

8. Yintoni awayefuna ukuyenza uKumkani uDavide?

8 UKumkani uDavide zange akwazi ukuzenza zonke izinto awayezimisele ukuzenzela uYehova. Ngokomzekelo, wayefuna nyhani ukumakhela itempile uThixo wakhe. Wade wayixelela nomprofeti uNatan loo nto. UNatan wathi: “Yenze yonke into esentliziyweni yakho, kuba uThixo wokwenene unawe.” (1 Kron. 17:1, 2) Inoba kwamkhuthaza nyhani uDavide ukuva loo nto. Mhlawumbi waqala ngoko nangoko ukulungiselela lo msebenzi mkhulu wokwakha.

9. Wathini uDavide emva kokuva iindaba ezingemnandanga?

9 Kungabanga xesha lide, umprofeti kaYehova wabuya neendaba ezingemnandanga. “Kwangobo busuku,” uYehova waxelela uNatan ukuba ayingoDavide owayeza kumakhela itempile, kodwa ngomnye woonyana bakhe. (1 Kron. 17:3, 4, 11, 12) Wathini uDavide akuyiva loo nto? Wayitshintsha into awayezimisele ukuyenza. Wazimisela ukuqokelela imali nezinto zokwakha awayeza kuzidinga unyana wakhe uSolomon.—1 Kron. 29:1-5.

10. UYehova wamsikelela njani uDavide?

10 Emva nje kokuba uYehova ethe kuDavide akazukuyakha ngokwakhe itempile, wenza isivumelwano naye. Wamthembisa ukuba omnye kwinzala yakhe wayeza kulawula ngonaphakade. (2 Sam. 7:16) Khawucinge indlela aza kuvuya ngayo uDavide kwihlabathi elitsha xa esiva ukuba kulawula uYesu oyinzala yakhe, futhi uza kuLawula Iminyaka Eliwaka. Eli bali lisinceda sibone ukuba nokuba asikwazi ukwenza izinto ebesizimisele ukumenzela zona uYehova, unokusisikelela ngeendlela ebesingazilindelanga.

11. Ngexesha labapostile, xa uBukumkani obabulindelwe ngamaKristu babungade bufike, asikelelwa njani nguYehova? (IZenzo 6:7)

11 AmaKristu exesha labapostile aba neengxaki awayengazilindelanga. Ngokomzekelo, ayekhangele phambili kuBukumkani BukaThixo, kodwa ayengazi ukuba buza kufika nini. (IZe. 1:6, 7) Enza ntoni? Axakeka ngumsebenzi wokushumayela. Njengoko zazisiya zisanda iindawo awayeshumayela kuzo, ayeyibona indlela uYehova awanceda ngayo.—Funda iZenzo 6:7.

12. Ngexesha labapostile enza ntoni amaKristu xa kwakukho indlala?

12 Kwakha kwabakho indlala enkulu “emhlabeni wonke.” (IZe. 11:28) NamaKristu exesha labapostile zange asinde kuyo. Khawucinge indlela eyawenza asokola ngayo le ndlala. Ngokuqinisekileyo iintloko-ntsapho zazinexhala lokuba ziza kuzondla ngantoni iintsapho zazo. Babeza kuthini bona abantu abasebatsha ababezimisele ukushumayela kakhulu? Ngaba babezibuza ukuba bamele bayilinde idlule na loo ndlala? La maKristu akwazi ukuzitshintsha izinto awayezimisele ukuzenza nangona iimeko zazingasafani. Aqhubeka eshumayela ngazo zonke iindlela awayenokukwazi ngazo, aphisa nangezinto awayenazo kumaKristu akwaYuda.—IZe. 11:29, 30.

13. Asikelelwa njani amaKristu xa kwakukho indlala?

13 Asikelelwa njani amaKristu xa kwakukho indlala? Lawo afumana izinto awayezidinga abona ukuba uYehova uyawanceda. (Mat. 6:31-33) Inoba abathanda nyhani abazalwana noodade ababewanceda. Nalawo ayenikela okanye encedisa ngezinye iindlela, inoba kwawavuyisa nyhani ukupha. (IZe. 20:35) UYehova wawasikelela onke la maKristu ayezama ukuqhelana neemeko akuzo.

14. Yintoni eyenzeka kuBharnabhas nompostile uPawulos? Yabanceda njani abanye abantu loo nto? (IZenzo 14:21, 22)

14 Ngexesha labapostile amaKristu ayesoloko etshutshiswa, ngamanye amaxesha engalindelanga. Cinga ngento eyenzeka kuBharnabhas nompostile uPawulos xa babeshumayela eListra. Ukufika kwabo apho, abantu babenobubele futhi bebamamela. Ekuhambeni kwexesha, abantu ababengabafuni ‘babantyontyela abo bantu,’ kangangokuba abanye babo babetha uPawulos ngamatye, bamshiya becinga ukuba uswelekile. (IZe. 14:19) Kodwa uPawulos noBharnabhas baya kushumayela kwenye indawo. Kwenzeka ntoni? “Banceda abantu abaninzi bangabafundi.” Izinto ababezithetha nababezenza zawomeleza amanye amaKristu. (Funda iZenzo 14:21, 22.) Into eyanceda amaninzi kuwo kukuba uBharnabhas noPawulos zange bayeke ukushumayela ngoxa babephethwe kakubi. Ukuba asiyeki ukwenza umsebenzi esiwuthunywe nguYehova, uza kusisikelela.

KULE MIHLA

15. Ufunda ntoni kuMzalwan’ uA. H. Macmillan?

15 Ngaphambi ko-1914 kwakukho izinto ababelindele ukuba zenzeke abantu bakaYehova. Ngokomzekelo, khawucinge ngoMzalwan’ uA. H. Macmillan. Njengabaninzi ababephila ngelo xesha, wayecinga ukuba uza kukhawuleza aye ezulwini. Kwintetho awayinikela ngoSeptemba 1914 wathi: “Mhlawumbi le yintetho yesidlangalala yokugqibela endiyinikelayo.” Kodwa yayingekabi yeyokugqibela. Ekuhambeni kwexesha wathi: “Mhlawumbi bambi kuthi babengxame gqitha ngokucinga ukuba sasiza kuya ezulwini ngoko nangoko.” Waphinda wathi: “Into esasifanele siyenze kukuxakeka kwinkonzo yeNkosi.” UMzalwan’ uMacmillan wahlala exakekile. Wayekukhuthalele ukushumayela. Wakhuthaza abazalwana abaninzi ababevalelwe kuba bengafuni ukuba ngamajoni. Naxa wayesele emdala wayekukhuthalele ukuya kwiintlanganiso. Kwamnceda njani ukuhlala exakeke ngumsebenzi kaYehova ngoxa wayelinde ukuya ezulwini? Ngo-1966 xa wayesele eza kusweleka wathi: “Ukholo lwam luye lwahlala luqinile.” Simele simlinganise lo mzalwana, ngokukodwa xa iingxaki esizinyamezeleyo zingade ziphele.—Heb. 13:7.

16. Yeyiphi ingxaki awaba nayo uHerbert Jennings nomfazi wakhe? (Yakobi 4:14)

16 Abantu bakaYehova abaninzi bagula zizinto abebengazilindelanga. Ngokomzekelo, kwibali lakhe lobomi uMzalwan’ uHerbert Jennings b uchaza indlela yena nomfazi wakhe ababonwabe ngayo xa babengabathunywa bevangeli eGhana. Ekuhambeni kwexesha oogqirha bathi uphazamisekile engqondweni, nendlela aziva ngayo ayiqhelekanga. Ecaphula kumazwi akuYakobi 4:14, xa wayethetha ngemeko awayekuyo wathi “lingomso esingazange sicinge ngalo.” (Mfunde.) Wathi: “Sayamkela imeko esasikuyo, saza salungiselela ukuyishiya iGhana nabahlobo bethu abaninzi esasibathanda kakhulu.” UYehova wamnceda nomfazi wakhe baqhubeka bemkhonza bethembekile nangona babenaloo ngxaki.

17. Ibali likaMzalwan’ uJennings liye lawanceda njani amanye amaKristu?

17 Izinto ezathethwa nguMzalwan’ uJennings kwibali lakhe lobomi zabanceda kakhulu abanye. Omnye udade wathi: “Andizange ndakhe ndachukumiseka kangaka njengaxa ndandifunda eli nqaku. . . . Ukufunda ngendlela uMzalwan’ uJennings aye wasiyeka ngayo isabelo sakhe ukuze anyamekele impilo yakhe kwandinceda ndajonga imeko yam ngendlela elungeleleneyo.” Kanti omnye umzalwana yena uthi: “Kuye kwafuneka ndiyeke ukuba ngumdala, ilungelo ebendilinandipha kangangeminyaka elishumi, ngenxa yesigulo sengqondo. Ndandiziva ndisilele kangangokuba kwakundidandathekisa ukufunda amabali obomi. . . . Kodwa inzondelelo kaMzalwan’ uJennings yandikhuthaza.” Le nto isikhumbuza ukuba xa sinyamezele iingxaki ebesingazilindelanga, singabakhuthaza abanye. Naxa izinto zingahambi ngendlela ebesifuna ngayo, abantu bangabona kuthi ukuba nabo bangakwazi ukuba nokholo nokunyamezela.—1 Pet. 5:9.

Xa simthembile uYehova, iingxaki esinazo zinokusenza sisondele kakhulu kuye (Jonga isiqendu 18)

18. Kule mifanekiso ufunda ntoni kwinto eyenzeka kumhlolokazi waseNigeria?

18 Abantu bakaYehova abaninzi khange basinde kwiingxaki ezifana nekhorona. Ngokomzekelo, omnye umhlolokazi waseNigeria wayephelelwa kukutya nayimali. Ngenye intsasa intombi yakhe yambuza ukuba baza kutya ntoni emva kokuba bepheke ikomityi yokugqibela yerayisi ababenayo. Wayixelela ukuba abanamali, kuphelile nokutya, kodwa mabafane nomhlolokazi waseTsarefathi, bapheke loo rayisi emva koko bajonge kuYehova. (1 Kum. 17:8-16) Bathi bengekacingi nokuba baza kutya ntoni emini, abazalwana babaphathela ipasile eyayinokutya okwakuza kubaqhuba iiveki ezingaphezu kwezimbini. Lo dade wathi khange ayicinge into yokuba uYehova ebemmamele ngoku ebethetha nentombi yakhe. Xa simthembile uYehova, iingxaki ezinokusifikela singalindelanga zinokusenza sisondele kakhulu kuye.—1 Pet. 5:6, 7.

19. Yintoni awayinyamezelayo uAleksey Yershov?

19 Kule minyaka idlulileyo abazalwana noodade baye baphathwa kakubi ngendlela abebengayilindelanga. Khawuve into eyenzeka kuMzalwan’ uAleksey Yershov ohlala eRashiya. Lo mzalwana wabhaptizwa ngo-1994. Ngelo xesha amaNgqina aseRashiya ayemkhonza ekhululekile uYehova. Kodwa kwiminyaka eyalandelayo yaphela yonke loo nto. Ngo-2020 ikhaya likaMzalwan’ uYershov lagqogqwa, kwathathwa izinto ezininzi awayenazo. Emva kweenyanga, urhulumente wammangalela. Eyona nto yayenza yambi nakakhulu le nto kukuba wayemangalelwa ngenxa yeevidiyo ezarekhodwa ngumntu ekwadlula unyaka ezenza ngathi unomdla wokufundelwa iBhayibhile.

20. Yintoni eyenze uMzalwan’ uYershov wasondela kakhulu kuYehova?

20 Ngaba ukuphathwa kakubi kukaMzalwan’ uYershov kuze nento entle? Ewe. Uye wasondela kakhulu kuYehova. Uthi: “Mna nomfazi wam sithandaza kakhulu kunakuqala. Ndiyabona ukuba bendingasoze ndikwazi ukunyamezela ukuba bendingancedwa nguYehova. Ukufundisisa kundinceda ndiyeke ukutyhafa. Ndicingisisa ngabakhonzi bakaYehova bakudala ababethembekile. Maninzi amabali aseBhayibhileni abonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuhlala uzolile uze uthembe uYehova.”

21. Sifunde ntoni kweli nqaku?

21 Sifunde ntoni kweli nqaku? Kweli hlabathi ubomi butshintsha singalindelanga. Sekunjalo, uYehova usoloko ebanceda abakhonzi bakhe xa bemthembile. Kunjengokuba umbhalo othathwe kuwo umxholo weli nqaku usitsho, “Zininzi iingxaki zelungisa, kodwa uYehova ulisindisa kuzo zonke.” (INdu. 34:19) Ngoko masingahlali sicinga ngeengxaki esinazo, kodwa masiqhubeke sicinga ngamandla kaYehova asincedayo. Xa sisenza loo nto sinokuthetha into eyathethwa ngumpostile uPawulos, esithi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.”—Fil. 4:13.

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

a Nangona ngamanye amaxesha siye siqutyulwe ziingxaki, sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kubanceda abakhonzi bakhe abathembekileyo. Wayebanceda njani kudala? Usinceda njani thina namhlanje? Ukufunda ngabantu bexesha lokubhalwa kweBhayibhile nabale mihla kuza kusenza siqiniseke ukuba xa sithembele ngoYehova uza kusinceda.

b Jonga IMboniselo kaDisemba 1, 2000, iphe. 24-28.