Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 16

“Umntakwenu Uza Kuvuka”!

“Umntakwenu Uza Kuvuka”!

“UYesu wathi [kuMarta]: ‘Umntakwenu uza kuvuka.’”—YOH. 11:23.

INGOMA 151 Baza Kubizwa

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Yintoni eyathethwa ngomnye umfanyana ebonisa ukuba unalo ithemba lovuko?

 UMFANYANA ekuthiwa nguMatthew ugula sisifo esenze kwafuneka atyandwe kaninzi. Ngenye imini wayebukele iBroadcasting nabantu bakowabo. Wayeneminyaka eyi-7 qha ngelo xesha. Xa yayiza kuphela kwadlala ividiyo yomculo eyayibonisa abantu ababesamkela abantu abavusiweyo. b Ukuphela kwayo, uMatthew wabamba abazali bakhe bobabini ngezandla, wathi: “Niyabona ke mama notata? Nokuba ndingasweleka, ndiza kuvuswa. Ningakhathazeki kakhulu.” Khawuyicinge indlela abamele ukuba bavuya ngayo abo bazali xa bebona ukuba ithemba lovuko aliyontsomi njee kunyana wabo?

2-3. Kutheni kusinceda ukucinga ngethemba lovuko?

2 Kuyasinceda ukumana sicinga ngethemba lovuko eliseBhayibhileni. (Yoh. 5:28, 29) Kutheni sisitsho? Kaloku singazibona sesigulela ukufa okanye siswelekelwe ngumntu esimthandayo singalindelanga. (INtshu. 9:11; Yak. 4:13, 14) Ithemba esinalo lovuko lingasinceda sinyamezele. (1 Tes. 4:13) IZibhalo ziyasiqinisekisa ukuba uTata wethu wasezulwini usazi kakuhle futhi usithanda nyhani. (Luka 12:7) Kaloku yicinge kanje le nto: Ukuze uYehova uThixo akwazi ukusivusa singaba bantu besingabo, singazilibalanga nezinto ebesizazi, kufuneka asazi kakuhle. Usithanda kakhulu kangangokuba usinike ithuba lokuphila ngonaphakade! Nokuba singasweleka, uza kusivusa!

3 Kweli nqaku, siza kuqala sithethe ngezinto ezisenza siqiniseke ukuba abantu abaswelekileyo baza kuvuswa. Emva koko siza kuthetha ngebali eliseBhayibhileni eliqinisa ukholo, nathathwe kulo amazwi omxholo weli nqaku, athi: “Umntakwenu uza kuvuka.” (Yoh. 11:23) Ekugqibeleni, siza kufunda ngezinto esinokuzenza ukuze ithemba lovuko lingabi yontsomi kuthi.

KUTHENI SINOKUQINISEKA NGETHEMBA LOVUKO?

4. Yintoni omele uqiniseke ngayo ukuze umthembe umntu othi uza kukwenzela into? Yenza umzekelo.

4 Ukuze uyithembe into umntu athe uza kukwenzela yona, kufuneka uqiniseke ukuba uyafuna futhi unamandla okuyenza. Ngokomzekelo, masithi indlu yakho imoshwe sisaqhwithi. Umhlobo wakho uthi kuwe, ‘Ndiza kukunceda uphinde uyakhe le ndlu.’ Akakuqhathi; nawe uqinisekile ukuba uyafuna ukukunceda. Uyazi ukuba uza kukunceda kuba ulichule ekwakheni, unazo nezixhobo zokuwenza loo msebenzi. Ngoko uyamthemba. Yena uThixo uyamthemba xa esithi uza kubavusa abantu? Ngaba ufuna nyhani futhi unamandla okuyenza loo nto?

5-6. Kutheni siqinisekile ukuba uYehova uyafuna ukuvusa abantu abaswelekileyo?

5 Ngaba uYehova uyafuna ukuvusa abantu abaswelekileyo? Siqinisekile ukuba uyafuna. Waphefumlela ababhali beBhayibhile ukuba babhale ngesithembiso sakhe sokuvusa abantu. (Isa. 26:19; Hos. 13:14; ISityhi. 20:11-13) UYehova usoloko eyenza into ayithembisileyo. (Yosh. 23:14) Ukufuna nyhani ukubenza baphinde baphile abantu abaswelekileyo. Kutheni sisitsho?

6 Khawucinge ngento eyathethwa nguYobhi. Wayeqinisekile ukuba nokuba angasweleka uThixo wayeza kufuna nyhani ukuphinda ambone ephila. (Yobhi 14:14, 15) UYehova usaziva ngaloo ndlela ngabo bonke abakhonzi bakhe abaye basweleka. Ukufuna nyhani ukubavusa besempilweni futhi bonwabile. Kuza kwenzeka ntoni kwiibhiliyon zabantu ezasweleka zingekayazi inyaniso ngoYehova? UThixo wethu onothando uyafuna ukuzivusa nazo. (IZe. 24:15) Ufuna nabo bantu bakwazi ukuba ngabahlobo bakhe, batsho baphile emhlabeni ngonaphakade. (Yoh. 3:16) Izicacele ke into yokuba uYehova uyafuna ukuvusa abantu abaswelekileyo.

7-8. Kutheni siqinisekile ukuba uYehova unawo amandla okuvusa abantu abaswelekileyo?

7 Ngaba uYehova unawo amandla okuvusa abantu abaswelekileyo? Ngokuqinisekileyo! Kaloku ‘unguSomandla.’ (ISityhi. 1:8) Ngoko amandla anawo anokwenza oyise noluphi na utshaba, nkqu nokufa. (1 Kor. 15:26) Kusithuthuzela nyhani ukuyazi loo nto. Cinga ngento eyenzeka kudade onguEmma Arnold. NgeMfazwe Yehlabathi II, yena nabantu bakowabo baba neengxaki ezazifuna babonise ukuba luqine kangakanani ukholo lwabo. Xa wayethuthuzela intombi yakhe emva kokuba abantu ababathandayo besweleke kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi, wathi: “Ukuba abantu bebesweleka baze bangaphinde bavuke, loo nto ibiza kuthetha ukuba ukufa kunamandla kunoThixo, andithi?” Ngokuqinisekileyo akukho nto inamandla ngaphezu koYehova! UThixo uSomandla owasidalayo angakwazi ukubenza baphile abantu abaswelekileyo.

8 Esinye isizathu esisenza siqiniseke ukuba uYehova angakwazi ukubavusa abantu abaswelekileyo kukuba akalibali tu. Zonke iinkwenkwezi uzibiza ngamagama azo. (Isa. 40:26) Enye into, uyabazi abantu abaye basweleka. (Yobhi 14:13; Luka 20:37, 38) Kulula kuye ukukhumbula nezona zinto zincinci ngabantu aza kubavusa. Ukhumbula indlela ababebonakala ngayo, iimpawu ababenazo, izinto ezabehlelayo nezinto ababezazi.

9. Kutheni uqinisekile ukuba uYehova uza kubavusa abantu abaswelekileyo?

9 Asithandabuzi ukuba uYehova uza kuyenza into asithembise yona yokuvusa abantu abaswelekileyo, kuba siyazi ukuba uyafuna futhi unamandla okuyenza loo nto. Nasi esinye isizathu esenza siyikholelwe le nto: UYehova akazukuqala ukuvusa abantu. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, wanika uYesu namanye amadoda awayethembekile amandla okuvusa abantu abaswelekileyo. Ngoku makhe sithethe ngelinye ibali lomntu owavuswa nguYesu, elikuYohane isahluko 11.

UYESU USWELEKELWA NGUMHLOBO WAKHE AMTHANDAYO

10. Kwenzeka ntoni xa uYesu eshumayela phesheya kweYordan? Wenza ntoni yena? (Yohane 11:1-3)

10 Funda uYohane 11:1-3. Khawube nombono wento eyenzeka eBhethani ngasekupheleni kuka-32 C.E. Kule lali kuhlala abahlobo bakaYesu abathandayo, uLazaro noosisi bakhe ababini, uMariya noMarta. (Luka 10:38-42) ULazaro uqalisa ukugula, ngoko oosisi bakhe bakhathazekile. Bathumela umntu ukuba aye kuxelela uYesu. Ngelo xesha, uYesu uphesheya kweYordan, apho umntu osuka eBhethani anokuhamba iintsuku ezimalunga nezimbini xa esiya khona. (Yoh. 10:40) Okubuhlungu kukuba, xa kanye loo mntu efika kuYesu, uLazaro uyasweleka. Nangona uYesu esazi ukuba umhlobo wakhe usand’ ukusweleka, uhlala iintsuku ezimbini apho ngaphambi kokuba aye eBhethani. Ufika eBhethani sele eneentsuku ezine eswelekile. UYesu uzimisele ukwenza into eza kuvuyisa abahlobo bakhe ize izukise uThixo.—Yoh. 11:4, 6, 11, 17.

11. Eli bali lisifundisa ntoni ngokuba ngumhlobo wokwenene?

11 Eli bali lisifundisa ukuba kuthetha ukuthini ukuba ngumhlobo wokwenene. Kaloku kumyalezo uMariya noMarta abawuthumela kuYesu, zange bamcele ukuba eze eBhethani. Bamxelela nje ukuba umhlobo wakhe amthanda kakhulu uyagula. (Yoh. 11:3) UYesu wayenokumvusa ephesheya kweYordan uLazaro. Kodwa wakhetha ukuya kuba kunye nabahlobo bakhe, uMariya noMarta eBhethani. Unaye umhlobo onokukunceda ungamcelanga? Umhlobo onjalo unokumthemba ukuba uza kukunceda “ngamaxesha anzima.” (IMize. 17:17) Masifane noYesu, sibe ngabahlobo abanjalo kwabanye! Ngoku masibuyele kweli bali likuYohane, sibone enye into eyenzekayo.

12. UYesu umthembisa ntoni uMarta? Kutheni uMarta enokuqiniseka ngaloo nto? (Yohane 11:23-26)

12 Funda uYohane 11:23-26. UMarta uyeva ukuba uYesu sele eza kufika eBhethani. Ukhawuleza aye kuye aze athi: “Nkosi, ukuba ubulapha umntakwethu ngengafanga.” (Yoh. 11:21) Unyanisile, uYesu ebenokumphilisa uLazaro. Kodwa ufuna ukwenza into emangalisa ngaphezu kwaleyo. Uthi: “Umntakwenu uza kuvuka.” Uxelela uMarta nesinye isizathu sokumenza aqiniseke ukuba uza kumvusa ubhuti wakhe, esithi: “Ndim uvuko nobomi.” Kaloku uThixo umnikile amandla okuvusa abantu abaswelekileyo. Ngaphambi koku, uvuse intombazana ebisand’ ukusweleka. Kanti ngeny’ imini uvuse omnye umfana ekusenokwenzeka ukuba ebesweleke kwangaloo mini. (Luka 7:11-15; 8:49-55) Uza kukwazi ukuvusa umntu oneentsuku ezine eswelekile, nonomzimba oqalise ukubola?

“LAZARO, PHUMA!”

UYesu wabavela nyhani abahlobo bakhe ababeswelekelwe (Jonga isiqendu 13-14)

13. UYohane 11:32-35 uthi wenza ntoni uYesu xa ebona uMariya nabanye abantu bekhala? (Jonga nomfanekiso.)

13 Funda uYohane 11:32-35. Khawube nombono wento eyenzekayo emva koko. Nomnye usisi kaLazaro, uMariya, uya kuYesu. Uthetha kwalaa nto ibikhe yathethwa ngusisi wakhe. Uthi: “Nkosi, ukuba ubulapha, umntakwethu ngengafanga.” Yena nabanye abantu abakunye naye babuhlungu kakhulu. UYesu ubabona belila, naye abe buhlungu kakhulu. Ziyehla iinyembezi kuba usizela abahlobo bakhe. Uyayiqonda indlela okubuhlungu ngayo ukuswelekelwa ngumntu omthandayo. Ngokuqinisekileyo uzimisele ukuyisusa into ebenza bakhale!

14. Into eyenziwa nguYesu xa uMariya wayelila isifundisa ntoni ngoYehova?

14 Into eyenziwa nguYesu xa ebona uMariya ekhala isifundisa ukuba uYehova nguThixo obavelayo abantu. Kutheni sisitsho? Kwinqaku elidlulileyo, sifunde ukuba uYesu uyilinganisa kakuhle indlela acinga naziva ngayo uTata wakhe. (Yoh. 12:45) Ngoko xa sisiva ukuba waba buhlungu de wakhala xa wayebona abahlobo bakhe bekhala, siyazi ukuba noYehova uba buhlungu xa esibona sikhala. (INdu. 56:8) Loo nto ayikwenzi umthande kakhulu lo Thixo usivelayo?

UYesu wabonisa ukuba unamandla okubavusa abantu abaswelekileyo (Jonga isiqendu 15-16)

15. KuYohane 11:41-44 kuthiwa kwenzeka ntoni engcwabeni likaLazaro? (Jonga nomfanekiso.)

15 Funda uYohane 11:41-44. Ukufika kukaYesu kwingcwaba likaLazaro, ucela ukuba kususwe ilitye elivalwe ngalo. UMarta akavumi, uthi umzimba kaLazaro umele ukuba uyanuka ngoku. UYesu uthi: “Bendingatshongo na kuwe ukuba uza kulubona uzuko lukaThixo ukuba uyakholwa?” (Yoh. 11:39, 40) UYesu ujonga phezulu aze athandaze phambi kwabantu. Ufuna kuzukiswe uYehova ngayo yonke into eza kwenzeka. Emva koko ukhwaza kakhulu, athi: “Lazaro, phuma!” ULazaro uyaphuma engcwabeni. UYesu wenza into abebecinga ukuba soze yenzeke abantu.—Jonga inqaku elithi “Ngaba Ubusazi? Kwakutheni ukuze uYesu athabathe iintsuku ezine ngaphambi kokuba afike kwingcwaba likaLazaro?” kwiMboniselo kaJanuwari 1, 2008.

16. Ibali elikuYohane 11 liluqinisa njani ukholo esinalo kwithemba lovuko?

16 Ibali elikuYohane isahluko 11 liqinisa ukholo esinalo kwithemba lovuko. Njani? Usayikhumbula into uYesu awayithembisa uMarta? Wathi: “Umntakwenu uza kuvuka.” (Yoh. 11:23) UYesu uyafana notata wakhe, uyafuna futhi unamandla okubavusa abantu abaswelekileyo. Iinyembezi zakhe zazibonisa ukuba ufuna nyhani ukuphelisa ukufa neentlungu ezenziwa kuko. Xa uLazaro wayephuma engcwabeni, waphinda wabonisa ukuba unamandla okuvusa abantu abaswelekileyo. Cinga nangento uYesu awayikhumbuza uMarta, esithi: “Bendingatshongo na kuwe ukuba uza kulubona uzuko lukaThixo ukuba uyakholwa?” (Yoh. 11:40) Sinezizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba uThixo uza kuyenza into ayithembisileyo yokuvusa abantu abaswelekileyo. Kodwa ziintoni esinokuzenza ukuze siqiniseke kakhulu ngeli themba?

IZINTO EZINOKUSENZA SIQINISEKE KAKHULU NGETHEMBA LOVUKO

17. Yintoni esimele sicinge ngayo xa sifunda amabali ovuko aseBhayibhileni?

17 Funda amabali athetha ngokuvuswa kwabantu uze ucingisise ngawo. IBhayibhile ithetha ngabantu abayi-8 abavuswayo, baphinda baphila apha emhlabeni. c Wafundisise kakuhle onke la mabali, ukhumbule nokuba aba yayingengobantu basentsomini, yayingamadoda, abafazi nabantwana bokwenene. Jonga ukuba ziintoni onokuzifunda kuwo. Cinga ngendlela ibali ngalinye elibonisa ngayo ukuba uThixo uyafuna futhi unamandla okuvusa abantu abaswelekileyo. Olona vuko lubalulekileyo omele ucinge ngalo lolukaYesu. Khumbula ukuba uYesu wabonwa ngabantu abaninzi emva kokuba evusiwe, nokuba uvuko lwakhe lolona lusenza sibe nokholo kuvuko.—1 Kor. 15:3-6, 20-22.

18. Yintoni onokuyenza ukuze zikuncede iingoma zethu ezithetha ngethemba lovuko? (Jonga nombhalo osemazantsi.)

18 Mamela ‘iingoma zokudumisa’ ezithetha ngovuko. d (Efe. 5:19) Ezi ngoma zilwenza lube yinto yokwenene uvuko kuthi, ziyaluqinisa nokholo lwethu kulo. Zimamele, uziprekthize nize nithethe ngamazwi azo kunqulo lentsapho. Wazi ngentloko, uwafake entliziyweni ukuze aqinise ukholo lwakho. Xa kusenzeka into ebeka ubomi bakho engozini okanye uswelekelwa ngumntu omthandayo, umoya kaThixo uza kukukhumbuza ezi ngoma zitsho zikuthuthuzele zize zikomeleze.

19. Yintoni esinokuba nombono wayo? (Jonga ibhokisi ethi “ Ziintoni Onokubabuza Zona?”)

19 Zenzele umfanekiso engqondweni yakho. UYehova usenze sakwazi ukuzibona sikwihlabathi elitsha. Omnye udade uthi: “Ndiye ndachitha ixesha elininzi ndinombono wam ndikwihlabathi elitsha kangangokuba kude kube ngathi ndiva ivumba leentyatyambo ezidubulayo eParadesi.” Unombono wakho udibana namadoda nabafazi ababenokholo ekuthethwa ngabo eBhayibhileni? Ngubani okufuna ngamandla ukumbona? Yeyiphi imibuzo oza kumbuza yona? Phinda uzibone ukunye nabantu obathandayo abavusiweyo. Cinga ngamazwi okuqala oza kuwathetha xa udibana nabo, indlela oza kubagona ngayo noza kuvuya ngayo xa ubabona.

20. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

20 Simbulela kakhulu uYehova ngokusithembisa ngovuko! Siqinisekile ukuba luza kubakho kuba uYehova uyafuna futhi unamandla okuvusa abantu. Masizimisele ukuhlala siluqinisa ukholo lwethu kweli themba. Xa sisenza loo nto siza kumthanda kakhulu uThixo osithembisa athi, ‘Abantu obathandayo baza kuvuka!’

INGOMA 147 Sithenjiswe Ubomi Obungunaphakade

a Ukuba uswelekelwe ngumntu omthandayo, ngokuqinisekileyo ithemba lovuko liyakuthuthuzela. Kodwa uza kubacacisela njani abanye ukuba kutheni uqinisekile ngeli themba? Yintoni onokuyenza ukuze ukholelwe nyhani ukuba aliyontsomi njee? Eli nqaku libhalelwe ukusinceda sonke siqinise ukholo lwethu kwithemba lovuko.

b Le yividiyo yengoma ethi Seyikufuphi Nyhani eyayikwiBroadcasting kaNovemba 2016.

c Jonga ibhokisi ethi “Abantu Abasibhozo Abavuswayo Ekuthethwe Ngabo EBhayibhilenikwiMboniselo ka-Agasti 1 2015, iphe. 4.

d Jonga ezi ngoma kwiculo elithi ‘Culela UYehova Ngovuyo’:Zibone Ukwihlabathi Elitsha” (Ingoma 139), “Hlala Ujonge Emvuzweni!” (Ingoma 144), nethi “Baza Kubizwa” (Ingoma 151). Jonga nezi ngoma zeBroadcasting ku-jw.org/xh: “Seyikufuphi Nyhani,” “Kwihlabathi Elitsha,” nethi “Zibone.”