Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IZINTO ONOKUPHANDA NGAZO

Abantu Abafuna Ukuvuyisa UYehova Benza Izigqibo Ezibonisa Ukuba Balumkile

Abantu Abafuna Ukuvuyisa UYehova Benza Izigqibo Ezibonisa Ukuba Balumkile

Funda iGenesis 25:​29-34 ukuze ubone ukuba ngaba uEsawu noYakobi benza izigqibo ezibonisa ukuba balumkile na.

Funda nezinye izinto ekuthethwa ngazo kweli bali. Kwaqala kwenzeka ntoni? (Gen. 25:​20-28) Yintoni eyenzekayo ekugqibeleni?​—Gen. 27:​1-46.

Phanda nangezinye izinto. Ngaloo mihla yintoni eyayifanele yenziwe ngunyana olizibulo, iyintoni awayeza kuyifumana?​—Gen. 18:​18, 19; w10 5/1 13.

  • Ukuze umntu abe ngukhokho kaMesiya, ngaba kwakufuneka abe lizibulo? (w17.12 14-15)

Cinga ngezinto ozifundileyo uze uzenze. Kwakutheni ukuze izinto ezifunyanwa lizibulo zibaluleke kuYakobi kunakuEsawu? (Heb. 12:​16, 17; w03 10/15 28-29) UYehova waziva njani ngaba nyana babini? Kwakutheni? (Mal. 1:​2, 3) UEsawu ngewayenze ntoni ukuze akwazi ukwenza izigqibo ezibhetele?

  • Zibuze: ‘Ndingabonisa njani ukuba ukukhonza uYehova yeyona nto ibalulekileyo kum xa ndicinga ngendlela endiza kulisebenzisa ngayo ixesha lam evekini, ndize ndiqiniseke ukuba ndiba nalo elokwenza unqulo lwentsapho?’