Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 14

INGOMA 56 Yenze Eyakho Inyaniso

‘Sebenzela Ekubeni Uqole’

‘Sebenzela Ekubeni Uqole’

“Masisebenzele ekubeni siqole [sikhule ngokupheleleyo].”​—HEB. 6:1.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Siza kuva ukuba wenza njani umKristu oqolileyo ukuze acinge aze enze izinto ngendlela uYehova afuna ngayo.

1. Yintoni ayifunayo uYehova kuthi?

 ENYE yezona zinto zibavuyisa kakhulu abantu abatshatileyo kukuzalwa komntwana wabo. Nangona beluthanda olo sana lwabo, abafuni luhlale lulusana. Phofu, banganexhala kakhulu ukuba lungangakhuli. Ngendlela efanayo ke, noYehova uyavuya xa siqala ukufunda ngaye. Kodwa akafuni siphelele apho. (1 Kor. 3:1) Ufuna sibe ngamaKristu ‘akhule ngokupheleleyo.’​—1 Kor. 14:20.

2. Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?

2 Kuthetha ukuthini ukuba ngumKristu okhule ngokupheleleyo? Sinokuba ngawo njani amaKristu aqolileyo? Ukutya okuqinileyo kusinceda njani sikhule? Kutheni sifanele sikulumkele ukuzithemba kakhulu? Yonke le mibuzo iza kuphendulwa kweli nqaku.

UNJANI UMKRISTU OQOLILEYO?

3. Yintoni ekufuneka ayenze umKristu ukuze akhule ngokupheleleyo?

3 EBhayibhileni, igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukukhula ngokupheleleyo’ linokuthetha ukuba ‘nokholo olomeleleyo,’ “ukungenzi mpazamo” okanye “ukuphelela.” a (1 Kor. 2:6) Ngoko ukuze sibe ngamaKristu aqolileyo okanye akhule ngokupheleleyo, kufuneka siye simthanda uYehova, njengokuba umntwana esiya ekhula de abe ngumntu omdala. Nokuba sesingawo, ziza kuhlala zikhona izinto ekufuneka sisebenzele ukuzenza bhetele ukuze siye simthanda uYehova. (1 Tim. 4:15) Sonke, nokuba sibancinci ngeminyaka, singakwazi ukuba ngamaKristu akhule ngokupheleleyo. Kodwa ubonakala njani umKristu onjalo?

4. Unokumchaza njani umKristu okhule ngokupheleleyo?

4 UmKristu okhule ngokupheleleyo akakhethi ukuba yeyiphi imiyalelo kaYehova afuna ukuyithobela, kodwa uyithobela yonke. Ewe kona uza kuzenza iimpazamo kuba unesono. Sekunjalo, indlela aphila ngayo ibonisa ukuba ucinga aze enze izinto ngokuvisisana nemithetho kaThixo. Unxibe ubuntu obutsha futhi usoloko ezama ukucinga njengoYehova. (Efe. 4:​22-24) Ekubeni eye wazifundisa ukwenza izigqibo esebenzisa imithetho nemigaqo kaYehova, akadingi mithetho emininzi emxelela into amakayenze. Xa egqibe ekubeni uza kwenza into, uzama ngandlela zonke ukuyenza.​—1 Kor. 9:​26, 27.

5. Ziintoni ezinokwenzeka kumKristu ongakhulanga ngokupheleleyo? (Efese 4:​14, 15)

5 Kwelinye icala, umKristu ongakhulanga ngokupheleleyo unokulahlekiswa lula ‘ngabantu abaqhatha abanye ngamaqhinga.’ Unokukholelwa izinto ezingeyonyani ezisasazwa ngabantu kwiTV, irediyo nakwiiwebhsayithi zokuncokola okanye alahlekiswe ngabawexuki. b (Funda amaEfese 4:​14, 15.) Usenokubamonela abanye, axabane nabo, akhathazwe zizinto ezingenamsebenzi okanye anikezele xa elingwa.​—1 Kor. 3:3.

6. Umntu uba nguye njani umKristu okhule ngokupheleleyo? Yenza umzekelo. (Jonga nomfanekiso.)

6 Njengokuba sesivile, iZibhalo zifanisa indlela umntu aya emthanda ngayo uYehova nendlela akhula ngayo umntwana de abe ngumntu omdala. Zininzi izinto angazaziyo umntwana, ngoko udinga ukuncedwa ngumntu omdala. Ngokomzekelo, xa intombazana encinci iwela indlela, kusenokufuneka umama wayo ayibambe ngesandla. Njengoko isiya ikhula, lo mama unokuyiyeka iziwelele, kodwa ayikhumbuze ukuba ngaphambi kokuba iwele kufuneka ijonge ukuba akukho moto izayo na. Xa sele indala iyakwazi ukuzilumkela iimoto xa iwela, ingakhange ikhunjuzwe. Abantwana abancinci badinga ukuncedwa ngabantu abadala ukuze baphephe iingozi. NamaKristu angakhulanga ngokupheleleyo ayakudinga ukusoloko encedwa ngamaKristu akhule ngokupheleleyo, ukuze aphephe iingozi ezinokuwayekisa ukuba ngabahlobo bakaYehova, akwazi nokwenza izigqibo ezifanelekileyo. Kodwa xa wona amaKristu akhule ngokupheleleyo eza kwenza isigqibo, aye acinge ngemigaqo yeBhayibhile ukuze abone ukuba uYehova ucinga ntoni, aze enze loo nto iza kumvuyisa.

UmKristu ongakhulanga ngokupheleleyo kufuneka afunde ukusebenzisa imigaqo eseBhayibhileni ukuze enze izigqibo ezifanelekileyo (Jonga isiqendu 6)


7. Ngaba amaKristu akhule ngokupheleleyo ayaludinga uncedo lwabanye?

7 Ngaba le nto ithetha ukuba umKristu okhule ngokupheleleyo akadingi ncedo? Ayithethi loo nto. NamaKristu akhule ngokupheleleyo kukhe kufuneke alucele uncedo. Kodwa yena umKristu ongakhulanga ngokupheleleyo unokulindela abanye ukuba bamxelele into amakayenze okanye bamenzele izigqibo. Kanti yena okhule ngokupheleleyo uye afunde kubulumko babanye nakwizinto ezenzeke kubo, ngoxa eqonda ukuba uYehova ulindele ukuba ‘athwale owakhe umthwalo.’​—Gal. 6:5.

8. Ziintoni ahluke ngazo amaKristu akhule ngokupheleleyo?

8 Njengokuba imizimba yabantu abadala ingafani, neempawu anazo amaKristu akhule ngokupheleleyo azifani. Ngokomzekelo, amanye asenokulumka kakhulu aze amanye abe nesibindi sengonyama. Amanye asenokuba nobubele kakhulu, kanti amanye asenokubavela kakhulu abantu. Nantsi enye into: Xa amaKristu amabini akhule ngokupheleleyo ejongene nemeko efanayo, asenokwenza izigqibo ezingafaniyo kodwa zibe zivumelana nemigaqo yeBhayibhile. Le nto idla ngokwenzeka xa kufuneka asebenzise isazela. Ngoko awagwebani xa izigqibo zawo zingafani. Eyona nto ibalulekileyo kuwo kukuba ahlale emanyene.​—Roma 14:10; 1 Kor. 1:10.

SINOKUBA NGAWO NJANI AMAKRISTU AQOLILEYO?

9. Ngaba iyazenzekela into yokuba umntu abe ngumKristu okhule ngokupheleleyo? Cacisa.

9 Iyazenzekela into yokuba umntwana akhule ade abe ngumntu omdala, kodwa ayizenzekeli into yokuba umntu abe ngumKristu okhule ngokupheleleyo. Ngokomzekelo, abazalwana noodade baseKorinte bazamkela iindaba ezilungileyo, babhaptizwa, bafumana umoya oyingcwele, bancedwa nazizinto ababezifundiswa ngumpostile uPawulos. (IZe. 18:​8-11) Sekunjalo, abaninzi kubo babengekakhuli ngokupheleleyo nasemva kweminyaka bebhaptiziwe. (1 Kor. 3:2) Sinokuqiniseka njani ukuba le nto ayenzeki kuthi?

10. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sibe ngamaKristu akhule ngokupheleleyo? (Yuda 20)

10 Ukuze sibe ngamaKristu akhule ngokupheleleyo kufuneka siqale sikufune nyhani ukuba ngawo. Abantu ‘abathanda ukungabi namava,’ nabafuna ukuhlala benjalo, soze babe ngamaKristu akhule ngokupheleleyo. (IMize. 1:22) Asifuni ukufana nabo bathi sebekhule ngokupheleleyo ngeminyaka kodwa baqhubeke befuna ukuzenzelwa ngabazali babo izigqibo. Sifuna ibe sithi abaqinisekayo ukuba ubuhlobo bethu noYehova buyaqina. (Funda uYuda 20.) Ukuba usasebenzela ukuba ngumKristu okhule ngokupheleleyo, cela uYehova akwenze ube “nomnqweno namandla okwenza izinto azithandayo.”​—Fil. 2:13.

11. UYehova usinceda njani sibe ngamaKristu akhule ngokupheleleyo? (Efese 4:​11-13)

11 UYehova akalindelanga ukuba sizibonele into emasiyenze ukuze sibe ngamaKristu akhule ngokupheleleyo. Abazalwana abasalusayo nabasifundisayo emabandleni bakulungele ukusinceda siqinise ubuhlobo bethu naye, size “sikhule ngokupheleleyo njengoKristu.” (Funda amaEfese 4:​11-13.) UYehova ukwasinika umoya wakhe oyingcwele ukuze usincede ‘sicinge njengoKristu.’ (1 Kor. 2:​14-16) Enye into awayenzayo uThixo kukuphefumlela abantu ukuba babhale iincwadi ezine zevangeli, ukuze asibonise indlela uYesu awayecinga nawayethetha ngayo, nendlela awayezenza ngayo izinto xa wayelapha emhlabeni. Xa ulinganisa indlela uYesu awayecinga nawayezenza ngayo izinto, unokude ube nguye umKristu okhule ngokupheleleyo.

KUSINCEDA NJANI UKUTYA OKUQINILEYO?

12. Ziintoni ‘iimfundiso zokuqala ezingoKristu’?

12 Ukuze sibe ngamaKristu akhule ngokupheleleyo, simele sigqithe “kwiimfundiso zokuqala ezingoKristu.” Ezinye zezo mfundiso zithetha ngokuguquka, ngokholo, ngokubhaptizwa nangovuko. (Heb. 6:​1, 2) Ezi zizinto zokuqala aye akholelwe kuzo onke amaKristu. Yiloo nto umpostile uPetros wathetha ngezi zinto xa wayeshumayela ebantwini ngePentekoste. (IZe. 2:​32-35, 38) Ukuze sibe ngabafundi bakaKristu simele sizamkele ezi mfundiso. Ngokomzekelo, uPawulos wabonisa ukuba umntu ongayikholelwayo imfundiso yovuko akanakuba ngumlandeli kaKristu. (1 Kor. 15:​12-14) Kodwa masingacingi ukuba kwanele ukwazi ezi mfundiso zodwa.

13. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze kusincede ukutya okuqinileyo ekuthethwa ngako kumaHebhere 5:14? (Jonga nomfanekiso.)

13 Ukutya okuqinileyo akufani neemfundiso zokuqala kuba kona akuphelelanga nje kwimithetho kaYehova, kunayo nemigaqo esinceda siyiqonde indlela acinga ngayo. Ukuze kusincede, kufuneka silifunde iLizwi LikaThixo, sicingisise ngalo size sizenze izinto esizifunda kulo. Loo nto isenza sikwazi ukwenza izigqibo eziza kuvuyisa uYehova. c​—Funda amaHebhere 5:14.

Ukutya okuqinileyo kusifundisa ukwenza izigqibo ezivuyisa uYehova (Jonga isiqendu 13) d


14. UPawulos wawanceda njani amaKristu aseKorinte ukuze akhule ngokupheleleyo?

14 Kuba nzima kumaKristu angakhulanga ngokupheleleyo xa kufuneka enze izigqibo esebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Ukuba akukho mthetho useBhayibhileni, amanye asenokucinga ukuba anokwenza nantoni na ayifunayo. Amanye asenokufuna kubekwe umthetho, ngoxa kungekho mfuneko yaloo nto. Ngokomzekelo, kubonakala ngathi amaKristu aseKorinte ayefuna uPawulos awabekele umthetho owawuza kuwanceda abone ukuba amele akutye na ukutya okunikelwe kwizithixo. Endaweni yokuwaxelela into amawayenze, wawabonisa ukuba umntu ngamnye ‘unelungelo lokukhetha’ ukwenza loo nto ivunyelwa sisazela sakhe. Wawanceda acinga ngemigaqo eyayiza kuwanceda enze izigqibo ezaziza kuwashiya engatyiwa sisazela, nezaziza kubenza bangakhubeki abanye. (1 Kor. 8:​4, 7-9) Ngaloo ndlela, wayewanceda abe ngamaKristu akhule ngokupheleleyo, akwaziyo ukusebenzisa amandla awo okucinga, endaweni yokufuna ukwenzelwa izigqibo okanye ukuxhomekeka kwimithetho.

15. UPawulos wawanceda njani amaKristu angamaHebhere ukuze akhule ngokupheleleyo?

15 Sifunda into ebalulekileyo kwileta uPawulos awayibhalela amaKristu angamaHebhere. Amanye ayengakhulanga ngokupheleleyo; ‘ayesafanelwe lubisi, hayi ukutya okuqinileyo’ okuqinisa ukholo. (Heb. 5:12) Zange azifunde aze azamkele izinto awayezifundiswa nguYehova emabandleni. (IMize. 4:18) Ngokomzekelo, amaKristu amaninzi angamaYuda ayesakhuthaza ukuba kuthotyelwe uMthetho kaMoses, nangona kwakusekudlule iminyaka emalunga neyi-30 uphelisiwe ngenxa yedini likaKristu. (Roma 10:4; Tito 1:10) Noko iminyaka eyi-30 yayilixesha elaneleyo lokuba aqonde ukuba kwakungasekho mfuneko yokuwuthobela uMthetho owabhalwa ngoMoses. Nabani na oyifundileyo incwadi uPawulos awaphefumlelwa ukuba ayibhalele amaKristu angamaHebhere, unokuyivuma into yokuba inokutya okuqinileyo okanye iimfundiso ezinzulu eziqinisa ukholo. Izinto ezazibhalwe kuyo zawanceda abona ukuba indlela entsha awayemele akhonzwe ngayo uYehova yayibhetele kakhulu. Zaziwenza abe naso nesibindi sokungayeki ukushumayela nangona amaYuda ayengayifuni loo nto.​—Heb. 10:​19-23.

KULUMKELE UKUZITHEMBA KAKHULU

16. Emva kokuba sisebenze nzima ukuze sibe ngamaKristu akhule ngokupheleleyo, yintoni enye ekufuneka siyenze?

16 Simele sisebenze nzima ukuze sibe ngamaKristu akhule ngokupheleleyo nokuze sihlale singawo. Ukuze yenzeke loo nto, kufuneka silumkele ukuzithemba kakhulu. (1 Kor. 10:12) Simele ‘sihlale sizihlola’ ukuba siqhubeka sikhula na.​—2 Kor. 13:5.

17. Ileta uPawulos awayibhalela amaKristu aseKolose ibonisa njani ukuba simele sihlale siqolile?

17 Kwileta awayibhalela amaKristu aseKolose, uPawulos waphinda wayiveza indlela ekubaluleke ngayo ukuba sihlale sikhule ngokupheleleyo. Nangona ayekhule ngokupheleleyo, uPawulos wathi amele alumkele ukulahlekiswa yindlela abacinga ngayo abantu behlabathi. (Kol. 2:​6-10) NoEpafra, ekubonakala ngathi wayewazi kakuhle la maKristu waqhubeka ewathandazela ukuba ‘ekugqibeleni ame eqinile.’ (Kol. 4:12) Yintoni esinokuyifunda thina? UPawulos noEpafra babesazi ukuba ukuze sihlale sikhulile sidinga ukuncedwa nguThixo, kodwa nathi simele sisebenzele ukuya simthanda. Babefuna ukuba kuzo zonke iingxaki adibana nazo amaKristu aseKolose, ahlale eqolile okanye ekhule ngokupheleleyo.

18. Yintoni enokwenzeka kumKristu okhule ngokupheleleyo? (Jonga nomfanekiso.)

18 UPawulos walumkisa amaKristu angamaHebhere esithi uThixo unokuyeka ngonaphakade ukumthanda nomKristu okhule ngokupheleleyo. UmKristu usenokuba nenkani, angafuni tu ukuguquka ukuze axolelwe nguThixo. Kwakungekho kubi kangako noko ke kumaKristu angamaHebhere. (Heb. 6:​4-9) Kule mihla, amanye amaKristu aye aphole okanye akhutshelwe ngaphandle, kodwa ekuhambeni kwexesha azithobe aze aguquke. Loo nto ibonisa ukuba awafani nabantu awayethetha ngabo uPawulos esithi uThixo unokuyeka ngonaphakade ukubathanda. Kodwa xa bebuyela kuYehova, bayayidinga indlela alungiselele ukuba bancedwe ngayo. (Hez. 34:​15, 16) Abadala banokucela iNgqina elinokholo olomeleleyo libancede baphinde babe ngabahlobo bakaYehova.

UYehova ulungiselele iindlela zokunceda abantu abafuna ukuphinda babe ngabahlobo bakhe (Jonga isiqendu 18)


19. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

19 Ukuba usebenzela ukuba ngumKristu oqolileyo okanye okhule ngokupheleleyo, unokude ube nguye. Qhubeka ufunda iinyaniso ezinzulu eziseBhayibhileni, uze uye ucinga njengoYehova. Ukuba sele uqolile, yenza yonke into onokukwazi ukuyenza ukuze uhlale unjalo ngoku nangonaphakade.

KHAWUTSHO

  • Kuthetha ukuthini ukuba ngumKristu oqolileyo?

  • Sinokuba ngawo njani amaKristu aqolileyo?

  • Kutheni sifanele sikulumkele ukuzithemba kakhulu?

INGOMA 65 Qhubela Phambili!

a Nangona kwiZibhalo ZesiHebhere lingekho igama elithi “oqolileyo” nelithi “ongaqolanga,” ziyathetha ngento ethethwa ngala magama. Ngokomzekelo, incwadi yeMizekeliso isibonisa umahluko okhoyo phakathi komfana ongenamava nalowo usisilumko noqondayo.​—IMize. 1:​4, 5.

b Jonga inqaku elithi “Zilumkele Izinto Ezingeyonyani” kwindawo ethi “Imixholo Engakumbi” ku-jw.org/xh nakuJW Library.

c Jonga inqaku elikule Mboniselo elithi “Phanda.”

d INGCACISO YOMFANEKISO: Umzalwana usebenzisa imigaqo ayifunde kwiLizwi LikaThixo xa ekhetha indlela yokuzonwabisa.