Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 17

INGOMA 111 Izizathu Zokuvuya Kwethu

Ungaze Uyeke Ukukhonza UYehova Ukunye Nabantu Bakhe

Ungaze Uyeke Ukukhonza UYehova Ukunye Nabantu Bakhe

“Yonwabani nize niyivuyele ngonaphakade le nto ndiyidalayo.”​—ISA. 65:18.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela okusinceda ngayo ukukhonza uYehova sikunye nabantu bakhe, nangendlela esinokubakhuthaza ngayo abanye abantu ukuba bamkhonze.

1. Bahlelisene njani abantu abakwintlangano kaThixo? Yintoni abazimisele ukuyenza?

 NAMHLANJE kukho abantu abakhonza uYehova kunye nabaxakeke kukwenza izinto ezilungileyo. Bakwintlangano kaThixo eneemiliyon zabantu abahleli ngoxolo nabamanyeneyo. Aba bantu bazimisele ukungayeki ukukhonza uYehova. Bafuna nabantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka babe ngabahlobo bakaYehova baze bahlalisane ngoxolo.

2. Yintoni emangalisayo ngentlangano kaThixo?

2 UYehova wenze into emangalisayo. Wenze kwakho abantu abahlelisene ngoxolo nomanyano kweli hlabathi likaSathana libi neliyingozi, ekukho abantu abacaphukelanayo kulo. (1 Yoh. 5:19; ISityhi. 12:12) UThixo wethu osithandayo uyayibona indlela elibakhathaza ngayo abantu bakhe eli hlabathi libi. Ngoko ubenza bazive bekhuselekile ukuze bahlale bemkhonza bevuya. Xa lithetha ngentlangano abakuyo aba bantu, iLizwi lakhe lithi ‘yindawo yokubalekela’ ekhuselekileyo ‘negadi enkcenkceshelwa ngokwaneleyo.’ (Isa. 4:6; 58:11) UYehova uyabasikelela abantu abakuyo. Yiloo nto bonwabile futhi bekhuselekile kule mihla yokugqibela kunzima ukuphila kuyo.​—Isa. 54:14; 2 Tim. 3:1.

3. Yenzeka njani okokuqala into ekwakuprofetwe ngayo kuIsaya isahluko 65?

3 Esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova wayichaza indlela ababeza kuphila ngayo abantu ababeza kuba kwintlangano yakhe. Le nto wayichaza kuIsaya isahluko 65, yaza yenzeka okokuqala ngo-537 B.C.E. Ngaloo nyaka, amaYuda awayeguqukile akhululwa ekuthinjweni ngamaBhabhiloni aza abuyela kwilizwe lawo. UYehova wabasikelela abantu bakhe, waza wabanceda baphinda basenza sihle isixeko saseYerusalem esasibhodlokile, netempile eyayikuso yaphinda yayeyona ndawo ababemkhonza kuyo ngendlela ayifunayo.​—Isa. 51:11; Zek. 8:3.

4. Senzeka njani namhlanje isiprofeto esikuIsaya isahluko 65?

4 Isiprofeto sikaIsaya saqalisa ukwenzeka okwesibini ngo-1919, xa abakhonzi bakaYehova bale mihla bakhululekayo ekuthinjweni yiBhabhiloni Enkulu. Emva koko abantu bakaThixo baya besanda emhlabeni wonke. Abavakalisi boBukumkani abakhutheleyo bamisela amabandla amaninzi, babonisa neempawu amele abe nazo amaKristu. Amadoda namabhinqa awayendlongondlongo futhi eziphethe kakubi, ‘anxiba ubuntu obutsha, obenziwa baba butsha ngokokuthanda kukaThixo.’ (Efe. 4:24) Kodwa iintsikelelo ezininzi ezachazwa nguIsaya ziza kwenzeka ngokoqobo kwihlabathi elitsha elizayo. Nangoku, ukuba kwintlangano kaThixo kusinceda ngeendlela ezininzi. Makhe sive ukuba kusenza sizive njani, futhi kutheni singamele siyishiye.

BAZIVA NJANI ABAKHONZI BAKAYEHOVA?

5. Zeziphi izinto ezithenjiswe kuIsaya 65:13 esizifumana kuba sikhonza uThixo?

5 Bondlekile futhi bahlaziyekile. Isiprofeto sikaIsaya sabonisa umahluko omkhulu phakathi kwendlela abaphila ngayo abantu abakhonza uYehova nabantu abangamkhonziyo. (Funda uIsaya 65:13.) UYehova ubanika yonke into abayidingayo abakhonzi bakhe ukuze bahlale bengabahlobo bakhe. Usinika umoya wakhe oyingcwele, iLizwi lakhe, nokutya okuqinis’ ukholo ukuze ‘sitye, sisele size sivuye.’ (Thelekisa iSityhilelo 22:17.) Bahluke kakhulu ke kuthi abo bangamkhonziyo uThixo, kuba ‘bayalamba, banxanwe baze bahlazeke.’ Kaloku bona abamazi.​—Amosi 8:11.

6. UYoweli 2:​21-24 uzichaza njani izinto eziqinis’ ukholo esizinikwa nguThixo? Zisinceda njani?

6 Xa wayethetha ngezinto ezifana nokutya okuziinkozo, iwayini neoli yomnquma, umprofeti uYoweli wayebonisa ukuba uYehova ubanika intabalala yezinto abazidingayo abantu bakhe nokutya okuqinis’ ukholo. (Yow. 2:​21-24) Ngokomzekelo, usinike iBhayibhile, iincwadi ezithetha ngayo, iwebhsayithi yethu, iintlanganiso, neendibano ezincinci nezinkulu. Zisinceda yonke imihla ezi zinto, yiloo nto sondlekile futhi sihlaziyekile.

7. Ziintoni ezisenza ‘sonwabe ezintliziyweni’? (Isa. 65:14)

7 Bonwabile. Abantu bakaThixo ‘banokukhwaza bevuya’ kuba bayazixabisa izinto abenzele zona. (Funda uIsaya 65:14.) Iinyaniso ezikhuthazayo, izithembiso ezithuthuzelayo ezikwiLizwi LikaThixo nethemba esinalo ngenxa yedini likaYesu, zisenza ‘sonwabe ezintliziyweni.’ Sonwaba nyhani xa sincokola nabazalwana noodade ngezi zinto.​—INdu. 34:8; 133:​1-3.

8. Zeziphi iimpawu ezimbini ezihamba phambili kubakhonzi bakaThixo?

8 Ezona mpawu zihamba phambili kubakhonzi bakaThixo luthando nomanyano. Olu manyano lusenza sibe nombono wendlela ekuza kuphilwa ngayo kwihlabathi elitsha, apho abakhonzi bakaYehova beza kube bethandana kakhulu futhi ‘bemanyene’ ngaphezu kokuba benjalo namhlanje. (Kol. 3:14) Omnye udade ubalisa into awayibonayo kubantu bakaYehova xa wayeqala ukudibana nabo. Uthi: “Ndandingazi ukuba kuthetha ukuthini ukonwaba, kuba zange ndonwaba nakwintsapho yam. Ndaqala ukubona abantu abathandana nyhani ngamaNgqina KaYehova.” Nabani na ofuna ukonwaba nyhani makeze kwintlangano kaThixo. Nokuba ihlabathi licinga ntoni ngabantu bakaYehova, banegama elihle okanye badume kakuhle kuYehova nakubo bonke abakhonzi bakhe.​—Isa. 65:15.

9. UIsaya 65:​16, 17 uthembisa ukuba kuza kwenzeka ntoni kwiingxaki zethu?

9 Bazolile. UIsaya 65:14 uthi abantu abakhetha ukungamkhonzi uThixo ‘bayakhala ngenxa yentliziyo ebuhlungu, batsho ngesikhalo ngenxa yokutyumka emoyeni.’ Kodwa kuza kwenzeka ntoni kwizinto eziye zabenza buhlungu abantu bakaThixo? Ekugqibeleni ezo zinto ziza kulityalwa, “ziza kufihlwa emehlweni” kaThixo. (Funda uIsaya 65:​16, 17.) UYehova uza kuziphelisa iingxaki zethu, size ekuhambeni kwexesha siyilibale indlela ezazisikhathaza ngayo.

10. Kutheni kukwenza umbulele uYehova ukuba kunye nabazalwana noodade kwiintlanganiso? (Jonga nomfanekiso.)

10 Nangoku, ukuba kwiintlanganiso kusenza sizole, silibale nangeengxaki zeli hlabathi likhohlakeleyo. Sinceda nabazalwana noodade bazole xa sibonisa iimpawu zesiqhamo somoya ezinjengothando, uvuyo, uxolo, ububele nokululama. (Gal. 5:​22, 23) Siyibulela nyhani into yokuba sikwintlangano kaThixo. Abo bakuyo baza kuyibona isenzeka ngokupheleleyo into esiyithenjiswe nguThixo yokuba uza kudala ‘amazulu amatsha nomhlaba omtsha.’

Kumnandi ukuba kwintsapho kaYehova (Jonga isiqendu 10) b


11. Ngokutsho kukaIsaya 65:​18, 19, kumele kusenze sizive njani ukuba kwintlangano kaThixo?

11 Banombulelo futhi bayavuya. UIsaya uphinda achaze isizathu sokuba kumele ‘kusonwabise kuze kusivuyise’ ukuba kwintlangano kaThixo. Kaloku nguYehova oyenze yakhona. (Funda uIsaya 65:​18, 19.) Yiloo nto esebenzisa thina ukuba sincede abantu bashiye iintlangano zeli hlabathi ezingabafundisi inyaniso ngaye, size sibancede beze kwintlangano yakhe. Ziyasivuyisa izinto ezenzeka kuthi kuba sisazi inyaniso, zisenza sifune ukuxelela nabanye ngazo.​—Yer. 31:12.

12. Izinto esizithenjiswa kuIsaya 65:​20-24 zikwenza uzive njani? Kutheni zikwenza uzive ngaloo ndlela?

12 Liyasivuyisa ithemba esinalo thina bakhonzi bakaThixo, futhi siyambulela ngalo. Khawucinge nje ngazo zonke izinto esiza kuzibona nesiza kuzenza kwihlabathi elitsha likaThixo! Nantsi into esiyithenjiswa yiBhayibhile: “Soze kuphide kubekho sana luza kufa luneentsuku nje ezimbalwa luzelwe. Kungasoze kubekho nandoda ifa ingayiphilanga yonke imihla yayo” ‘Siza kwakha izindlu, sihlale kuzo, sityale amasimi eediliya, sitye iziqhamo zawo.’ Soze ‘sibulalekele into engekhoyo’ kuba siza kube ‘sisikelelwe nguYehova.’ Usithembisa ukuba siza kukhuseleka sonwabe, siyazi nento esiyiphilelayo. ‘Siza kuthi singekambizi,’ abe sele eyazi into esiyidingayo, aze ‘anelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.’​—Isa. 65:​20-24; INdu. 145:16.

13. UIsaya 65:25 uyichaza njani indlela abatshintsha ngayo abantu xa beqala ukukhonza uYehova?

13 Baseluxolweni futhi bakhuselekile. Umoya kaThixo uncede abantu abaninzi ababekade beneempawu ezifana nezezilwanyana batshintsha ubomi babo. (Funda uIsaya 65:25.) Baye basebenza nzima ukuze bayeke ukuba neempawu ezingathandekiyo. (Roma 12:2; Efe. 4:​22-24) Sekunjalo, abantu bakaThixo abazongelosi, ngoko baza kuqhubeka bezenza iimpazamo. Kodwa uYehova udibanise “zonke iintlobo zabantu,” abamthandayo nabathandanayo. Ngenxa yaloo nto baseluxolweni futhi bamanyene. (Tito 2:11) NguThixo uSomandla yedwa ke okwaziyo ukuyenza into emangalisa ngolo hlobo.

14. Yaba yinyani njani into ethethwa kuIsaya 65:25 komnye umzalwana?

14 Inokwenzeka nyhani into yokuba abantu batshintshe ubuntu babo? Nanku umzekelo. Omnye umfana wathi efika kwiminyaka eyi-20 wabe sele engena ephuma ejele ngenxa yokuba wayeziphethe kakubi kakhulu futhi endlongondlongo. Wayevalelwa ngenxa yokuba iimoto, ukugqekeza nangenxa yezinye izinto ezimbi kakhulu awayezenza. Wayengawonqeni ke nomlo. Xa wayeqala ukuva inyaniso eseBhayibhileni nokuya kwiintlanganiso zamaNgqina KaYehova, waqiniseka ukuba uyifumene eyona nto amele ayiphilele, ukukhonza uYehova ekunye nabantu bakhe. Emva kokuba ebhaptiziwe, wayedla ngokucinga ngendlela eyenzeke ngayo kuye into ethethwa kuIsaya 65:25. Wayeka ukuba ngumntu ondlongondlongo njengengonyama, waba ngumntu ozole njengetakane legusha.

15. Kutheni sifuna ukunceda nabanye babe kwintsapho kaYehova? Sinokubanceda njani?

15 UIsaya 65:13 uqala ngamazwi athi: “Ithi iNkosi enguMongami uYehova.” Aze uvesi 25 agqibele ngamazwi athi: “Utsho uYehova.” Izinto azithethileyo zihlala zisenzeka. (Isa. 55:​10, 11) Khona ngoku, uYehova sele enayo intsapho yabantu abamkhonzayo, abahlukileyo kweli hlabathi. Aba bantu bahlelisene ngoxolo kwaye baziva bekhuselekile kweli hlabathi likhohlakeleyo. (INdu. 72:7) Le nto isenza sifune ukunceda abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ukuze nabo babe kwintsapho kaYehova. Ukuba kubalulekile kuthi ukwenza abafundi, singakwazi ukubanceda.​—Mat. 28:​19, 20.

NCEDA ABANYE BAFUNE UKUKHONZA UYEHOVA

16. Yintoni eyenza abantu bafune ukukhonza uYehova?

16 Ngamnye kuthi unento ebalulekileyo anokuyenza ukuze ancede abantu babe nomdla wokukhonza uYehova. Ukuze siyenze loo nto, kufuneka simlinganise. Akabarhuqi ngenkani abantu, abafake kwintlangano yakhe. ‘Ubatsalela’ kuye kakuhle. (Yoh. 6:44; Yer. 31:3) Abantu abanyanisekileyo abafunda ngothando lukaYehova nangezinye iimpawu zakhe ezintle, baye batsaleleke kuye. Indlela esiziphethe ngayo neempawu zethu ezintle zinokubanceda njani abanye bafune ukukhonza uYehova?

17. Yintoni esinokuyenza ukuze abantu bafune ukukhonza uYehova bekunye nabantu bakhe?

17 Enye into enokwenza abantu bafune ukukhonza uYehova bekunye nabantu bakhe kuxa bebona ukuba siyabathanda abazalwana noodade futhi sinobubele kubo. Xa abantu beqala ukuya kwiintlanganiso, sifuna bathethe into eyayinokuthethwa nguye nawuphi na umntu ongakholwayo owayenokuya kwiintlanganiso eKorinte. Wayenokuthi: “Nyhani, uThixo uphakathi kwenu.” (1 Kor. 14:​24, 25; Zek. 8:23) Ngoko simele singayeki ukuthobela umyalelo othi “Hlalisanani ngoxolo.”​—1 Tes. 5:13.

18. Yintoni esenokwenza abantu babe nomdla wokungena kwintlangano kaThixo?

18 Kufuneka sihlale sizama ukujonga abazalwana noodade ngendlela uYehova abajonga ngayo. Loo nto siyenza ngokucinga ngeempawu zabo ezintle, siziyeke iimpazamo abazenzayo, kuba ekugqibeleni baza kuyeka ukuzenza. Ukuba kukho umntu esingavani naye, loo nto sinokuyilungisa ngothando ukuba sihlala ‘sinobubele omnye komnye, sinovelwano, sixolelana ngokusuk’ entliziyweni.’ (Efe. 4:32) Ngoko abantu abathanda ukuphathwa ngaloo ndlela, baza kuba nomdla wokuba kwintlangano kaThixo. a

UNGAYEKI UKUMKHONZA UYEHOVA

19. (a) Njengoko kubonisiwe kwibhokisi ethi “ Bayeka Ukukhonza UYehova, Baphinda Babuya,” baye bathini abantu abaye baphinda bakhonza uYehova? (b) Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza? (Jonga nomfanekiso.)

19 Simbulela nyhani uYehova ngokusivumela simkhonze. Ngoku, ukumkhonza kumnandi ngaphezu kokuba kwakunjalo ngaphambili, nabakhonzi bakhe baninzi kunakuqala. Masihlale simbulela uYehova ngokuba kwintlangano yakhe. Nabani na ofuna ukuhlaziyeka, ukonwaba, ukuzola nokukhuseleka, makaze kuyo, angaze ayishiye. Kodwa simele silumke kakhulu kuba uSathana wenza yonke into anokukwazi ukuyenza ukuze asenze siyeke ukukhonza uYehova. (1 Pet. 5:8; ISityhi. 12:9) Masingamvumeli. Ngoko masisebenze nzima ukuze bungapheli ubuhle, ukucoceka noxolo kule ntlangano kaThixo.

Abantu abangayishiyiyo intlangano kaYehova baza kukuvuyela ukuphila kwiparadesi ezayo (Jonga isiqendu 19)


KHAWUTSHO

  • Bahlelisene njani abantu abakwintlangano kaThixo?

  • Kusenza sizive njani ukukhonza uYehova?

  • Sinokubanceda njani abanye bafune ukukhonza uYehova?

INGOMA 144 Hlala Ujonge Emvuzweni!

a Bukela ividiyo eku-jw.org/xh ethi Baphi Ngoku? UAlena Žitníková: Indlela Elenzeka Ngayo Iphupha Lam, uze ubone indlela okwamnceda ngayo omnye udade ukuba kwintlangano kaThixo.

b INGCACISO YOMFANEKISO: Omnye umzalwana uzikhethile ngoxa abanye abeze kwiintlanganiso bencokola.