Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 16

INGOMA 64 Masincedise Ekuvuneni Sivuya

Ungonwaba Kakhulu Entsimini

Ungonwaba Kakhulu Entsimini

“Mkhonzeni nivuya uYehova.”​—INDU. 100:2.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Eli nqaku lithetha ngezinto esinokuzenza ukuze sonwabe kakhulu entsimini.

1. Abanye abavakalisi baziva njani xa kufuneka bathethe nabantu entsimini? (Jonga nomfanekiso.)

 INTO esenza sishumayele thina bantu bakaYehova kukuba siyamthanda uTata wethu wasezulwini, sifuna nokunceda abantu bamazi. Abavakalisi abaninzi bakonwabela nyhani ukushumayela. Kodwa akukho njalo kwabanye. Ngoba? Kaloku abanye baneentloni futhi bacinga ukuba abakwazi ukufundisa kakuhle. Abanye bayoyika ukuya emizini yabantu bengatshongo ukuba bayeza. Abanye basenokoyika ukungamkelwa. Kanti abanye bafundiswe ukuba bangabacaphukisi abanye abantu. Aba bazalwana noodade bamthanda kakhulu uYehova, kodwa kuba nzima xa kufuneka bashumayele kubantu abangabaziyo. Sekunjalo, bashumayela qho, kuba bayayiqonda indlela obaluleke ngayo lo msebenzi. Inoba bamvuyisa nyhani uYehova!

Uyakuthanda ukushumayela? (Jonga isiqendu 1)


2. Ukuba ukhe ungonwabi entsimini, kutheni umele ungatyhafi?

2 Ngaba ngamanye amaxesha ukhe ungonwabi entsimini ngenxa yezi zinto zichazwe ngasentla? Ukuba uthi ewe, mayingakutyhafisi loo nto. Ukungazithembi kwakho kunokubonisa ukuba ungumntu othobekileyo, ongafuni ukuzitsalela amehlo nongathandiyo ukuphikisana nabantu. Kaloku akakho umntu ofuna ukucaphukisa abanye, ngokukodwa xa ezama ukubanceda. UTata wakho osezulwini uyiqonda kakuhle indlela oziva ngayo futhi uyafuna ukukunceda. (Isa. 41:13) Eli nqaku, liza kuthetha ngezinto ezintlanu eziza kukunceda uyeke ukuziva ngale ndlela, uze wonwabe entsimini.

YOMELEZWA LILIZWI LIKATHIXO

3. Wancedwa yintoni uYeremiya ukuze akwazi ukushumayela kubantu awayethunywe kubo?

3 Kwakudala, xa abakhonzi bakaThixo babemele benze umsebenzi ongekho lula, babesomelezwa ngumyalezo wakhe. Ngokomzekelo, umprofeti uYeremiya wayesoyika ukwenza umsebenzi wokushumayela awayewuthunywe nguYehova. Wathi: “Andikwazi kuthetha, kuba ndiyinkwenkwe nje.” (Yer. 1:6) Wancedwa yintoni ukuze abe nesibindi? Wancedwa yinto awayixelelwa nguThixo. UYeremiya wathi: ‘Yaba ngathi ngumlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni am. Ndadinwa kukuyigcina ngaphakathi.’ (Yer. 20:​8, 9) Ngoxa kwakungekho lula ukushumayela kubantu awayethunywe kubo uYeremiya, umyalezo awayewuthunyiwe wamenza wanesibindi.

4. Kwenzeka ntoni xa sifunda iLizwi LikaThixo size sicingisise ngalo? (Kolose 1:​9, 10)

4 AmaKristu omelezwa ngumyalezo okwiLizwi LikaThixo. Xa wayebhalela amaKristu aseKolose, umpostile uPawulos wathi ukuba nolwazi oluchanileyo kwakuza kuwanceda aqhubeke ‘evelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi omhle awenzayo,’ atsho ‘enze izinto ngendlela uYehova afuna ngayo.’ (Funda Kolose 1:​9, 10.) Omnye umsebenzi omhle kukushumayela iindaba ezilungileyo. Ngoko xa sifunda iLizwi LikaThixo size sicingisise ngento esiyifundayo, ukholo lwethu luyaqina, itsho icace nendlela ekubaluleke ngayo ukushumayela ngoBukumkani.

5. Ukuze lisincede nyhani iLizwi LikaThixo, yintoni ekufuneka siyenze?

5 Ukuze lisincede nyhani iLizwi LikaThixo, masingangxami xa silifunda naxa sicingisisa ngezinto esizifunde kulo. Ukuba ufunda iSibhalo ongasiqondiyo ukuba sithetha ukuthini, sukusifunda nje udlule. Phanda ngaso kwiWatch Tower Publications Index okanye kwiSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova, ukuze ubone ukuba sicaciswe njani. Ukuba awuyifundeli nje ukuyigqiba iBhayibhile, uza kuya uqiniseka ukuba iLizwi LikaThixo liyinyaniso. (1 Tes. 5:21) Loo nto iza kukwenza ukuvuyele kakhulu ukuxelela abanye izinto ozifundileyo.

LUNGISELELA KAKUHLE XA UYOKUSHUMAYELA

6. Kutheni simele silungiselele kakuhle xa sizayoshumayela?

6 Ukuba ulungiselela kakuhle ngaphambi kokuba uyokushumayela, awuzukuba nexhala kakhulu xa uncokola nabantu. Ngaphambi kokuba uYesu athume abafundi bakhe ukuba baye kushumayela, wabanceda balungiselela. (Luka 10:​1-11) Ngenxa yokusebenzisa izinto ababezifundiswa nguYesu, baye benza izinto ezininzi ezintle, yaza loo nto yabavuyisa kakhulu.​—Luka 10:17.

7. Ziintoni esinokuzenza xa silungiselela ukuyoshumayela? (Jonga nomfanekiso.)

7 Ziintoni esinokuzenza xa silungiselela ukuyoshumayela? Simele sicinge ngendlela esinokubafundisa ngayo inyaniso abantu, sisebenzisa amazwi ethu. Kungasinceda nokucinga ngezinto ezimbini okanye ezintathu abanokuzithetha abantu esishumayela kubo, sicinge nendlela esinokubaphendula ngayo. Xa sithetha nabo sinokuzama ukuzola, ukuncuma nokuba nobubele.

Lungiselela kakuhle xa uza kuya entsimini (Jonga isiqendu 7)


8. AmaKristu afana njani nezitya zodongwe ekuthethwa ngazo kumzekelo kaPawulos?

8 Umpostile uPawulos wazekelisa into esiyenzayo kumsebenzi wokushumayela esithi: “Obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe.” (2 Kor. 4:7) Buyintoni obu butyebi? Ngumsebenzi osindisa ubomi wokushumayela ngoBukumkani. (2 Kor. 4:1) Ziyintoni zona izitya zodongwe? Zimela abakhonzi bakaThixo, abaxelela abantu iindaba ezilungileyo. Ngexesha likaPawulos, abantu abathengisayo babezihambisa ngezitya zodongwe izinto ezixabisekileyo, ezifana nokutya, iwayini nemali. Ngendlela efanayo, uYehova usiphathise umyalezo oxabisekileyo oziindaba ezilungileyo. Uza kusinceda sibe namandla esiwadingayo ukuze singayeki ukushumayela.

THANDAZELA UKUBA NESIBINDI

9. Yintoni esimele siyenze ukuze siyeke ukoyika abantu? (Jonga nomfanekiso.)

9 Ngamanye amaxesha sisenokoyika abantu. Yintoni enokusinceda? Cinga ngomthandazo abawenzayo abapostile xa kwakusithiwa mabangashumayeli. Kunokuba boyike, bacela uYehova ukuba abancede ‘bahlale belithetha ngesibindi ilizwi lakhe.’ UYehova wawuphendula ngokukhawuleza loo mthandazo. (IZe. 4:​18, 29, 31) Ukuba kukhe kube nzima kuthi ukushumayela ngenxa yokoyika abantu, nathi simele sicele uYehova asincede. Masimcele asincede sibathande kakhulu abantu, ukuze singoyiki ukubaxelela iindaba ezilungileyo.

Thandazela ukuba nesibindi (Jonga isiqendu 9)


10. UYehova usinceda njani ukuze sibe ngamaNgqina akhe? (Isaya 43:​10-12)

10 UYehova ukhethe thina ukuba sibe ngamaNgqina akhe futhi uthembisa ukuba uza kusinceda sibe nesibindi. (Funda uIsaya 43:​10-12.) Nazi iindlela ezine asinceda ngazo. Eyokuqala kukuba uYesu uba kunye nathi qho xa sishumayela iindaba ezilungileyo. (Mat. 28:​18-20) Eyesibini, uYehova usebenzisa iingelosi ukuze zisincede. (ISityhi. 14:6) Eyesithathu, uYehova usinike umoya wakhe oyingcwele ukuze usincede sikhumbule izinto esizifundileyo. (Yoh. 14:​25, 26) Eyesine, uYehova usinike abazalwana noodade esiza kusebenza nabo. Sinayo yonke into esiyidingayo ukuze sibe nesibindi size singayeki ukushumayela, kuba sincedwa nguYehova nangabazalwana noodade abasithandayo.

KULUNGELE UKUTSHINTSHA, UNGATYHAFI

11. Yintoni onokuyenza ukuze ufumane abantu abaninzi xa ushumayela? (Jonga nomfanekiso.)

11 Ngaba uyatyhafa xa abantu abaninzi bengekho emakhaya? Mhlawumbi unokuzibuza: ‘Baphi ngoku abantu abahlala kwindawo endishumayela kuyo?’ (IZe. 16:13) ‘Basemsebenzini okanye baye kuthenga?’ Ukuba kunjalo, mhlawumbi ungabafumana xa usiya kushumayela esitratweni. Umzalwana onguJoshua uthi, “Ndiye ndafumana amathuba okushumayela kwiindawo ezineevenkile nezinye iindawo ezinabantu abaninzi.” Yena nenkosikazi yakhe, uBridget, baye bafumana abantu abaninzi xa beshumayela ngorhatya okanye ngeeCawa emva kwemini.​—Efe. 5:​15, 16.

Watshintshe amaxesha neendawo oshumayela kuzo (Jonga isiqendu 11)


12. Yintoni esinokuyenza ukuze sibone ukuba ziintoni abazikholelwayo abantu okanye ezibaxhalabisayo?

12 Ukuba abantu oshumayela kubo abanamdla kangako, zama ukubona ukuba ziintoni abazikholelwayo okanye ezibaxhalabisayo. Xa uJoshua noBridget befika emntwini baye basebenzise umbuzo osekuqaleni kwiphecana. Ngokomzekelo, xa bekhethe ukusebenzisa iphecana elithi Uyijonga Njani IBhayibhile? baye bathi: “Abanye abantu bakholelwa ukuba yincwadi evela kuThixo, kanti abanye abayikholelwa kangako loo nto. Wena ucinga ukuba ivela kubani?” Le nto idla ngokubanceda bakwazi ukuncokola naloo mntu.

13. Kutheni simele singakhathazeki xa bengasimameli abantu esishumayela kubo? (IMizekeliso 27:11)

13 Nokuba abantu abasimameli, siyenzile thina into ebesizimisele ukuyenza. Kutheni sisitsho? Kaloku sishumayele, kuba yiloo nto efunwa nguYehova noNyana wakhe. (IZe. 10:42) Nokuba asifumani bantu okanye umyalezo wethu awumanyelwa, sivuyiswa kukwazi ukuba siyamvuyisa uTata wethu osezulwini.​—Funda iMizekeliso 27:11.

14. Kutheni simele sivuye xa omnye umvakalisi efumene umntu onomdla entsimini?

14 Enye into enokusivuyisa kuxa omnye umvakalisi efumene umntu onomdla entsimini. IMboniselo yakhe yafanisa umsebenzi wethu nokukhangela umntwana olahlekileyo. Uye akhangelwe ngabantu abaninzi, kuqinisekwe ukuba akukho ndawo ishiywayo xa ekhangelwa. Xa efunyanwa, akuvuyi loo mntu umfumeneyo kuphela, kuvuya wonke umntu. Ngokufanayo ke, umsebenzi wokwenza abafundi wenziwa ngabo bonke abazalwana noodade ebandleni. Bonke baye baqiniseke ukuba akukho ndawo bayishiyayo xa beshumayela. Xa kukho umntu oqalisa ukuhamba iintlanganiso, kuvuya wonk’ umntu.

HLALA UCINGA NGENDLELA OMTHANDA NGAYO UYEHOVA NABANTU

15. Ukuyenza into ethethwa kuMateyu 22:​37-39, kunokusinceda njani sivuye entsimini? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

15 Into enokusinceda siwuvuyele kakhulu umsebenzi wokushumayela kukucinga ngendlela esimthanda ngayo uYehova nabantu. (Funda uMateyu 22:​37-39.) Cinga ngendlela avuya ngayo uYehova xa esibona siwenza nendlela abaza kuvuya ngayo abantu xa beqalisa ukufunda iBhayibhile! Khumbula nokuba abantu abasimamelayo baze bakhonze uYehova baza kusinda.​—Yoh. 6:40; 1 Tim. 4:16.

Ukuhlala sicinga ngendlela esimthanda ngayo uYehova nabantu kuza kusinceda sikonwabele kakhulu ukushumayela (Jonga isiqendu 15)


16. Yintoni enokusinceda sikonwabele ukushumayela xa singakwazi ukuphuma emakhayeni ethu? Yenza imizekelo.

16 Ngaba kukho into ekwenza ungakwazi ukuphuma ekhayeni lakho? Ukuba kunjalo, hlala ucinga ngendlela onokubonisa ngayo ukuba uyamthanda uYehova nabantu. Ngexesha lekhorona, uSamuel noDania babengakwazi ukuphuma ekhayeni labo. Ngalo lonke elo xesha lalinzima, babehlala beshumayela ngefowuni, bebhala iileta, beqhuba nezifundo zeBhayibhile ngoZoom. USamuel wayeshumayela kubantu awayedibana nabo ekliniki xa eyokunyangwa umhlaza. Uthi: “Xa sijongene neengxaki sisenokuba nexhala, sidinwe, kufuneke sibonise nokuba lomelele kangakanani ukholo lwethu. Kufuneka sikuvuyele ukukhonza uYehova.” Kwathi kusenjalo, uDania wawa, kwanyanzeleka ukuba ahlale esebhedini iinyanga eziyi-3. Emva koko, kangangeenyanga eziyi-6 kwafuneka ahambe ngesitulo sabantu abangakwazi kuhamba. Uthi: “Ndazama ukwenza yonke into endikwaziyo ukuyenza. Ndashumayela kunesi owayezokundibona nakubantu ababendiphathela izinto ekhaya. Ndaphinda ndancokola efowunini nelinye ibhinqa elalisebenza kwindawo ethengisa izinto zokunyanga.” USamuel noDania babengakwazi ukusebenza ngendlela ababefuna ngayo, kodwa bavuyiswa kukuba babesenza konke ababenokukwazi ukukwenza.

17. Yintoni onokuyenza ukuze akuncede nyhani amacebiso akweli nqaku?

17 Izinto esizicetyiswe kweli nqaku zisebenza kakuhle xa sizenza zonke. Nganye ifana nento oyidingayo xa uza kupheka ukutya. Ukuba uzidibanisa kakuhle zonke izinto xa upheka, oko kutya kuza kutsho kube mnandi. Nathi xa sizenza zonke izinto esizicetyiswe kweli nqaku, siza kukwazi ukumelana nezinto ezenza kungabi mnandi ukushumayela, sitsho sikonwabele.

EZI ZINTO ZINOKUKUNCEDA NJANI UKONWABELE UKUBA SENTSIMINI?

  • Ukuzipha ixesha lokulungiselela kakuhle

  • Ukuthandazela ukuba nesibindi

  • Ukuhlala ucinga ngendlela omthanda ngayo uYehova nabantu

INGOMA 80 ‘Ziboneleni Nizivele Ukuba UYehova Ulungile’