Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 15

INGOMA 124 Namathela KuYehova

Yithembe Kakhulu Intlangano KaYehova

Yithembe Kakhulu Intlangano KaYehova

“Bakhumbuleni abo bakhokelayo phakathi kwenu, abaye balithetha ilizwi likaThixo kuni.”HEB. 13:7.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngento ekufuneka siyenze ukuze sihlale siyithemba intlangano kaYehova.

1. Ngexesha labapostile, babelungelelaniswe njani abantu bakaYehova?

 XA UYEHOVA enika abantu bakhe umsebenzi, ulindele ukuba bawenze ngocwangco. (1 Kor. 14:33) Ngokomzekelo, ufuna kushunyayelwe iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke. (Mat. 24:14) UYehova ukhethe uYesu ukuba ibe nguye obonisa abakhonzi bakhe indlela omawenziwe ngayo lo msebenzi. UYesu uye waqiniseka ukuba wenziwa ngocwangco. Ngexesha labapostile, xa kwamiselwa amabandla kwiindawo ezahlukahlukeneyo, kwakhethwa nabadala ababeza kukhokela. (IZe. 14:23) EYerusalem, iqumrhu labadala ekwakukho kulo abapostile namadoda amakhulu lalisenza izigqibo ekwakulindeleke ukuba zithotyelwe kuwo onke amabandla. (IZe. 15:2; 16:4) Ngenxa yokuba abazalwana noodade babezithobela ezo zigqibo, “amabandla aqhubeka esiba nokholo olomeleleyo yaye esanda.”—IZe. 16:5.

2. Ukususela ngo-1919, uYehova wenze ntoni ukuze akhokele abantu bakhe aze abanike ukutya okuqinis’ ukholo?

2 Nanamhlanje uYehova usabalungelelanisa abantu bakhe. Ukususela ngo-1919, uYesu uye wasebenzisa amadoda ambalwa athanjisiweyo ukuba akhokele kumsebenzi wokushumayela aze anike abalandeli bakhe ukutya okuqinis’ ukholo. a (Luka 12:42) Kucacile ukuba uYehova uyawusikelela umsebenzi owenziwa ngala madoda.—Isa. 60:22; 65:13, 14.

3-4. (a) Khawenze umzekelo obonisa ukuba kuyasinceda ukwenza izinto ngendlela elungeleleneyo. (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Ukuba besingazenzi ngendlela elungeleleneyo izinto, besingazukwazi ukuwenza umsebenzi asithume wona uYesu. (Mat. 28:19, 20) Ngokomzekelo, masithi amabandla ebengawabelwa umhlaba ekufuneka ashumayele kuwo, wonk’ umntu ebeshumayela apho afuna ukushumayela khona. Eminye imihlaba ibiza kushunyayelwa qho ngabavakalisi abahlukahlukeneyo, ngoxa eminye bekungazukuyiwa kwaukuyiwa kuyo. Zikhona ezinye izinto ozicingayo okusinceda kuzo ukulungelelana?

4 Njengokuba uYesu wayebalungelelanisa abalandeli bakhe xa wayelapha emhlabeni, nangoku usayenza loo nto kubantu bakaThixo. Kweli nqaku siza kufunda ngendlela awayeyenza ngayo le nto, sibone nokuba intlangano esikuyo imlinganisa njani. Siza kuthetha nangendlela esinokubonisa ngayo ukuba siyayithemba intlangano kaYehova.

INTLANGANO ESIKUYO ILINGANISA UYESU

5. Yeyiphi enye indlela intlangano emlinganisa ngayo uYesu? (Yohane 8:28)

5 UYesu wayifunda kuTata wakhe osezulwini into amakayenze namakayithethe. Intlangano kaYehova iyamlinganisa kuba isebenzisa iLizwi LikaThixo xa isifundisa indlela esimele siziphathe ngayo naxa isiyalela. (Funda uYohane 8:28; 2 Tim. 3:16, 17) Isoloko isikhumbuza ukuba silifunde iLizwi LikaThixo size sizenze izinto esizifunda kulo. Kusinceda njani ukwenza loo nto?

6. Yeyiphi enye indlela ebalulekileyo okusinceda ngayo ukufunda iBhayibhile?

6 Kusinceda kakhulu ukufunda iBhayibhile sisebenzisa iincwadi zethu. Ngokomzekelo, siye sikwazi ukuthelekisa imiyalelo esiyifumana entlanganweni nezinto esizifundiswa yiBhayibhile. Xa sibona ukuba loo miyalelo isuka kwiZibhalo, siye siyithembe kakhulu intlangano kaYehova.—Roma 12:2.

7. Wayeshumayela ngantoni uYesu? Imlinganisa njani intlangano kaYehova?

7 UYesu wayeshumayela “iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani BukaThixo.” (Luka 4:43, 44) Wayalela nabafundi bakhe ukuba bashumayele ngoBukumkani. (Luka 9:1, 2; 10:8, 9) Namhlanje bonke abantu abakwintlangano kaYehova bashumayela ngomyalezo woBukumkani, nokuba ingakanani imisebenzi abayenzayo kuyo okanye bahlala phi.

8. Yeyiphi inyhweba esinayo?

8 Sinenyhweba yokuxelela abantu ngoBukumkani BukaThixo! Kaloku ayinguye wonke umntu ofumana loo nyhweba. Ngokomzekelo, xa uYesu wayelapha emhlabeni, zange avume ukuba iidemon zithethe ngaye. (Luka 4:41) Kule mihla, ukuze umntu ashumayele namaNgqina, umele aphile ngendlela evuyisa uYehova. Indlela esibonisa ngayo ukuba siyayivuyela inyhweba esinayo yokushumayela kukuxelela abantu ngoBukumkani nokuba kunini, nokuba siphi. NjengoYesu, sizimisele ukutyala nokunkcenkceshela imbewu yenyaniso yoBukumkani kwiintliziyo zabantu.—Mat. 13:3, 23; 1 Kor. 3:6.

9. Intlangano ibancede njani abantu balazi igama likaThixo?

9 UYesu wabafundisa abantu ngegama likaThixo. Xa wayethandaza kuTata wakhe osezulwini, wathi: “Ndibafundisile ngegama lakho.” (Yoh. 17:26) Intlangano kaYehova ilinganisa uYesu, yenza konke enokukukwazi ukukwenza ukuze incede abantu balazi igama likaThixo. INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele iye yanefuthe kakhulu kule nto. Iye yabuyisela igama likaThixo kwiindawo elalikuzo. Inguqulelo epheleleyo yale Bhayibhile okanye inxalenye yayo, ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-270. KwiSihlomelo A4 no-A5 sale nguqulelo, uza kufumana izizathu zokuba igama likaThixo libuyiselwe, nendlela eliye labuyiselwa ngayo. KwiStudy Bible, Appendix C, kukho nobunye ubungqina obubonisa ukuba igama likaThixo lifanele livele kayi-237 kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike.

10. Yintoni oyifundayo kwinto eyathethwa libhinqa laseMyanmar?

10 NjengoYesu, nathi sifuna ukunceda abantu abaninzi kangangoko balazi igama likaThixo. Zehla iinyembezi kwelinye ibhinqa elina-67 laseMyanmar xa lafunda ukuba uThixo unegama. Lathi: “Ndiyaqala ngqa ukuva ukuba igama likaThixo nguYehova. . . . Undifundise eyona nto ibalulekileyo.” Le nto ibonisa ukuba ukwazi igama likaThixo kunokubutshintsha kakhulu ubomi bomntu.

UNGAYEKI UKUYITHEMBA INTLANGANO ESIKUYO

11. Abadala babonisa njani ukuba bayayithemba intlangano kaYehova? (Jonga nomfanekiso.)

11 Yeyiphi enye yeendlela abadala ababonisa ngazo ukuba bayayithemba intlangano kaThixo? Xa ibanika imiyalelo kufuneka bayifundisise kakuhle, baze bazame ngandlela zonke ukuyenza loo nto bayixelelwayo. Ngokomzekelo, ngaphandle kwemiyalelo abayifumanayo yendlela yokuqhuba iintlanganiso, ukunikela iintetho nokuthandaza ebandleni, bafumana nemiyalelo yendlela yokukhathalela izimvu zikaKristu. Abadala abazenzayo izinto abaziyalelwa yintlangano, banceda abazalwana noodade babone ukuba uYehova ubakhathalele futhi uyabathanda.

Abadala basinceda siyithembe imiyalelo esuka kwintlangano kaYehova (Jonga isiqendu 11) b


12. (a) Kutheni simele sizenze izinto esizixelelwa ngabazalwana abakhokelayo? (Hebhere 13:7, 17) (b) Kutheni simele sihoye iimpawu ezintle abanazo abazalwana abakhokelayo?

12 Imiyalelo esiyinikwa ngabadala simele siyithobele singenasikrokro. Loo nto iza kubenza bawenze lula umsebenzi wabo. IBhayibhile isikhuthaza ukuba sibathobele abo bakhokelayo size sizithobe kubo. (Funda amaHebhere 13:7, 17.) Ngamanye amaxesha kunokuba nzima ukuyenza le nto. Kutheni? Kaloku aba bazalwana bayazenza iimpazamo. Kodwa ukuba sihoya kakhulu iimpawu zabo esingazithandiyo kuneempawu zabo ezintle, sakube sinceda iintshaba zethu. Njani? Sinokuqalisa ukungayithembi intlangano kaThixo, ibe yiloo nto kanye eziyifunayo iintshaba zethu. Yintoni ke esinokuyenza ukuze siziqonde iintshaba zethu xa zixoka, size singabukholelwa obo buxoki?

MAKUNGABIKHO MNTU UKWENZA UNGAYITHEMBI

13. Iintshaba zikaThixo zizama njani ukungcolisa igama lentlangano yakhe?

13 Abantu abangamfuniyo uThixo bazama ukwenza izinto ezintle ngentlangano yakhe zibonakale zimbi. Ngokomzekelo, sifundile kwiZibhalo ukuba uYehova ulindele ukuba abantu abamkhonzayo bacoceke emzimbeni, kwindlela abaziphethe ngayo, baze bamkhonze ngendlela ayifunayo. Ufuna asuswe ebandleni nabani na ongafuniyo ukuyeka ukwenza izinto ezingcolileyo. (1 Kor. 5:11-13; 6:9, 10) Siyawuthobela lo myalelo uphuma kwiZibhalo. Ngenxa yaloo nto, abantu abangasifuniyo bayasityhola besithi asibathandi abantu, siyabagweba futhi asibanyamezeli abantu abangaphili njengathi.

14. Ngubani okhuthaza amabali obuxoki ngentlangano?

14 Mazi oyena mntu uhlasela intlangano. NguSathana uMtyholi okhuthaza amabali obuxoki. Kaloku “ubuxoki beza ngaye.” (Yoh. 8:44; Gen. 3:1-5) Ngoko simele siyilindele into yokuba uza kusebenzisa abantu bakhe ukuze asasaze amabali obuxoki ngentlangano kaYehova. Kwenzeka loo nto kanye ngexesha labapostile.

15. Yintoni ababeyenza abefundisi kuYesu nakubalandeli bakhe?

15 Ngexesha labapostile abantu bakaSathana basasaza ubuxoki ngoNyana kaThixo owayengenasono nowayesenza imimangaliso. Ngokomzekelo, abefundisi baxelela abantu ukuba amandla okukhuph’ iidemon awayenawo uYesu wayewafumana ‘kumlawuli weedemon.’ (Marko 3:22) Xa kwakuxoxwa ityala lakhe, bamtyhola besithi udelela uThixo, bakhuthaza nabantu ukuba mabathi makabulawe. (Mat. 27:20) Ekuhambeni kwexesha, xa abalandeli bakaKristu babeshumayela iindaba ezilungileyo, iintshaba zabo ‘zantyontyela abantu beentlanga, zabafaka umoya ombi’ ukuze bawaphathe kakubi loo maKristu. (IZe. 14:2, 19) Ithetha ngeZenzo 14:2, iMboniselo kaDisemba 1, 1998 yathi: “Bengekaneli nayile yokubhebhetha esi sigidimi, oontamo-lukhuni bamaYuda basuka bavuk’ inja bezama ukuth’ umoya iiNtlanga ukuze ziwathiye amaKristu.”

16. Yintoni esimele siyikhumbule xa kuxokwa ngentlangano okanye ngabazalwana abakhokelayo?

16 USathana akazange ayeke ngexesha labapostile ukuxoka. Nangoku ‘usalahlekisa umhlaba wonke.’ (ISityhi. 12:9) Ukuba uva kuthethwa kakubi ngentlangano okanye ngabazalwana abakhokelayo, khumbula indlela iintshaba zikaThixo ezamphatha ngayo uYesu nabafundi bakhe. Namhlanje abantu bakaYehova baphethwe kakubi futhi kuyaxokwa ngabo njengokuba iBhayibhile yayitshilo. (Mat. 5:11, 12) Soze silahlekiswe ngamabali obuxoki ukuba siyamazi oyena mntu uwakhuthazayo futhi siyakhawuleza ukuzikhusela kuwo. Sinokuzikhusela njani?

17. Sinokukuphepha njani ukwenzakaliswa ngamabali obuxoki? (2 Timoti 1:13) (Jonga nebhokisi ethi “ Simele Senze Ntoni Xa Sisiva Amabali Obuxoki?”)

17 Sukuwamamela amabali obuxoki. Umpostile uPawulos wasibonisa ukuba simele senze ntoni xa siweva. Wathi uTimoti ‘makayalele abanye ukuba bayeke ukumamela amabali obuxoki, bahambele kude kuwo.’ (1 Tim. 1:3, 4; 4:7) Ngoxa usana lunokuchola into emdaka luyifake emlonyeni, umntu omdala akasoze ayenze loo nto kuba uyazi ukuba ingamgulisa. Sihambela kude kumabali obuxoki kuba siyazi ukuba asuka kubani. Sibambelela ‘kwimfundiso ephilileyo’ yenyaniso.—Funda u-2 Timoti 1:13.

18. Sinokubonisa njani ukuba siyayithemba intlangano kaYehova?

18 Zininzi iindlela intlangano kaThixo emlinganisa ngazo uYesu, kodwa kweli nqaku sithethe ngezintathu kuphela. Njengoko ufunda iBhayibhile, khawuzame ukukhangela ezinye iindlela emlinganisa ngazo. Nceda abazalwana noodade abasebandleni lakho bayithembe kakhulu intlangano. Nawe qhubeka ubonisa ukuba uyayithemba ngokungagungqi ekukhonzeni uYehova nangokuhamba nale ntlangano ayisebenzisayo ukuze enze izinto azithandayo. (INdu. 37:28) Masingayeki ukumbulela uYehova ngenyhweba esinayo yokumkhonza nabantu abamthandayo nabangagungqiyo ekumkhonzeni.

KHAWUTSHO

  • Zeziphi iindlela abantu bakaThixo abamlinganisa ngazo uYesu?

  • Sinokwenza ntoni ukuze sihlale sibonisa ukuba siyayithemba intlangano kaYehova?

  • Yintoni esifanele siyenze xa sisiva amabali obuxoki?

INGOMA 103 Abalusi—Izipho Ezingabantu

a Jonga ibhokisi ethi “Kwenzeka Ntoni Ngo-1919?” kwincwadi ethi Ekugqibeleni—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo, iphe. 102-103.

b INGCACISO YOMFANEKISO: Emva kokuba abadala bethethe ngeendlela zokushumayela kwiindawo zikawonke-wonke, umveleli weqela uyalela abavakalisi ukuba basondele edongeni.