Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Amalungisa Aya Kuba Nemihlali NgoYehova”

“Amalungisa Aya Kuba Nemihlali NgoYehova”

UDIANA uneminyaka engaphezu kweyi-80. Umyeni wakhe owayenesifo seAlzheimer, nowayehlala kwikhaya labantu abalupheleyo, wasweleka. Oonyana bakhe ababini basweleka nabo, ibe wakha wanomhlaza webele. Kodwa abazalwana noodade bebandla akulo basoloko bembona onwabile kwiHolo YoBukumkani nasentsimini.

UJohn wayengumveleli ohambahambayo kangangeminyaka engaphezu kweyi-43. Wayewuthanda kakhulu lo msebenzi! Kodwa wawuyeka ukuze ahoye umntu wakokwabo owayegula. Xa abazalwana noodade abamaziyo uJohn bedibana naye endibanweni, baye babone ukuba usengulaa mntu bamaziyo. Usengumntu owonwabileyo.

Yenzeka njani into yokuba uDiana noJohn bahlale bonwabile? Angonwaba njani umntu owehlelwa zizinto ezibuhlungu? Umntu ongasawenziyo umsebenzi awuthandayo angahlala njani onwabile? IBhayibhile iyasiphendula, ithi: “Amalungisa aya kuba nemihlali ngoYehova.” (INdu. 64:10) Sinokuyiqonda kakuhle le nyaniso ukuba siyayazi into eza kusenza nengazukusenza sonwabe ixesha elide.

ULONWABO LOKWEXESHANA

Kukho izinto ezisoloko zisonwabisa. Khawucinge ngabantu abathandanayo abatshatayo. Uthini ngomntu oza kuba ngumzali okanye onomsebenzi awenzayo entlanganweni? Ezo zizinto ezisonwabisayo, kwaye kumele kube njalo kuba zivela kuYehova. Nguye owasinika isipho somtshato, wasenza sakwazi ukuba nabantwana, nokuba sibe nemisebenzi esiyenzayo ebandleni.​—Gen. 2:18, 22; INdu. 127:3; 1 Tim. 3:1.

Kodwa ke, ezinye izinto ezisenza sonwabe zisenokungahlali ixesha elide. Umntu otshate naye usenokungathembeki okanye asweleke. (Hez. 24:18; Hos. 3:1) Abanye abantwana abapheleli nje ekungathobelini abazali babo kodwa abathobeli noThixo, kangangokuba bade bakhutshelwe ngaphandle. Ngokomzekelo, oonyana bakaSamuweli abazange bamthobele uYehova, noDavide wayeneengxaki entsatsheni yakhe kuba engazange amthobele uYehova. (1 Sam. 8:1-3; 2 Sam. 12:11) Ezi zinto azisenzi sonwabe, endaweni yoko zisenza sibe buhlungu.

Ngokufanayo, sisenokungakwazi ukuqhubeka sisenza imisebenzi ebesiyenza kwintlangano kaThixo. Loo nto isenokubangelwa kukugula, kukutshintsha kwezinto kwintlangano okanye kufuneka sihoye iintsapho zethu. Abantu abaninzi abaye bayeka imisebenzi abebeyenza bathi bayayikhumbula indlela ebibonwabisa ngayo.

Ngoko siyabona ukuba ezi zinto zisenokusonwabisa nje okwexeshana. Ikhona ke into enokuhlala isonwabisa enoba ubomi bethu buyatshintsha? Ikhona, kuba uSamuweli, uDavide nabanye bahlala bonwabile nangona babesehlelwa zizinto ezibuhlungu.

ULONWABO OLUHLALA IXESHA ELIDE

UYesu wayeyazi ukuba yintoni kanye kanye eyenza umntu onwabe. Ngaphambi kokuba eze emhlabeni, ‘wayechulumanca phambi [kukaYehova] ngamaxesha onke.’ (IMize. 8:30) Kodwa, ngamanye amaxesha xa wayelapha emhlabeni kwakusiba nzima. Nangona kunjalo, uYesu wayekuvuyela ukwenza ukuthanda kukaThixo. (Yoh. 4:34) Ngaba wayesakuvuyela naxa wayesele eza kufa, esezintlungwini? IBhayibhile ithi: “Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe wasinyamezela isibonda sentuthumbo.” (Heb. 12:2) Ngoko sinokufunda into eninzi kwizinto ezimbini ezathethwa nguYesu ezenza umntu onwabe nyhani.

Eyokuqala wayithetha kubafundi bakhe abayi-70 ababevela kushumayela. Babevuya ngenxa yezinto ababezenzile, kuba bade bakhupha needemon. UYesu wathi kubo: “Musani ukuba nemihlali ngenxa yoku, kuba oomoya benithobela, kodwa yibani nemihlali ngenxa yokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.” (Luka 10:1-9, 17, 20) Eyona nto ibaluleke nevuyisa kakhulu ukodlula nayiphi na into esinokuyenza entlanganweni, kukuthandwa nguYehova.

Ngenye imini, uYesu wayethetha nabantu abaninzi. Omnye umfazi ongumYuda wayithanda kakhulu indlela uYesu awayefundisa ngayo, kangangokuba wade wathi umele ukuba uyavuya umama wakhe. Kodwa uYesu wathi kuye: “Hayi, kunoko, banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!” (Luka 11:27, 28) Inokusivuyisa into yokubona abantwana bethu beqhuba kakuhle, kodwa eyona nto isenza sivuye ixesha elide kukuthobela uYehova nokuba ngumhlobo wakhe.

Eyona nto isivuyisayo kukubona ukuba uYehova uyasithanda, kwaye le nto ayitshintshi enoba sehlelwa zizinto ezibuhlungu. Xa sihlala sithembekile nakubeni sisehlelwa zizinto ezibuhlungu sonwaba ngakumbi. (Roma 5:3-5) UYehova uyabanika umoya wakhe abantu abamthembileyo, kwaye novuyo lukhona kwisiqhamo somoya. (Gal. 5:22) Le nto isinceda sibone ukuba kutheni iNdumiso 64:10 isithi: “Amalungisa aya kuba nemihlali ngoYehova.”

Yintoni encede uJohn ukuba ahlale evuya?

Le nto isinceda siqonde ukuba kutheni uDiana noJohn ebesikhe sathetha ngabo, bakwazi ukuhlala bevuya nangona kwakunzima. UDiana uthi: “Ndiye ndabalekela kuYehova, oku komntwana obalekela kumzali.” Wongezelela athi: “UYehova uye wandisikelela ngokuthi ndikwazi ukushumayela qho, ndize ndiyenze loo nto ndincumile.” Yintoni eyanceda uJohn ukuba ahlale evuya kwaye exakekile ngumsebenzi wokushumayela nakubeni eyekile ukuba ngumveleli ohambahambayo? Uthi: “Ukususela oko ndandinikwe umsebenzi wokufundisa kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli esasingo-1998, ndazimisela ngakumbi ukufunda iBhayibhile.” Xa ethetha ngaye nenkosikazi yakhe uthi: “Indlela esasikujonga ngayo ukukhonza uYehova kule minyaka idlulileyo yiyo eyasinceda ukuba senze nantoni na uYehova asiyalela yona, ibe asizisoli nakancinci ngokwenza loo nto.”

Abanye baye babona kwizinto ezenzeke ebomini babo ukuba ayinyani amazwi akwiNdumiso 64:10. Khawucinge ngomnye umzalwana nenkosikazi yakhe ababekwiBheteli yaseMerika kangangeminyaka engaphezu kweyi-30. Intlangano yathi mababe ngoovulindlela abakhethekileyo. Bavuma ukuba yinto eqhelekileyo ukuba buhlungu xa uyeka into ubuyithanda. Kodwa bongeza bathi: “Awunakuhlala ubuhlungu.” Abazange balibazise, kodwa bathi bakufika ebandleni bashumayela nabazalwana noodade. Bathi: “Sasiyibiza ngegama into esasiyifuna kuYehova xa sithandaza. Yasivuyisa into yokubona imithandazo yethu iphendulwa. Sathi sifika nje, abanye ebandleni baba ngoovulindlela, kwaye uYehova wasisikelela ngezifundo ezimbini eziqhuba kakuhle.”

‘UKUVUYA NGONAPHAKADE’

Kakade, akusoloko kulula ukuvuya kuba iingxaki ziya kuhlala zikhona. Nangona kunjalo, uYehova uyasikhuthaza ngala mazwi akwiNdumiso 64:10. Nokuba yintoni esityhafisayo, xa sihlala sithembekile kuYehova sinokuqiniseka ukuba, enoba yintoni ebuhlungu eyenzekayo kuthi, siza “kuba nemihlali ngoYehova.” Ngaphezu koko, sinokulindela “amazulu amatsha nomhlaba omtsha” ngokwesithembiso sikaYehova. Bonke abantu baza kufezeka kwaye ‘bavuye ngonaphakade’ ngenxa yezinto uYehova aza kuzenza.​—Isa. 65:17, 18.

Le nto ithetha ukuthi asizukugula kwaye yonke imihla siza kuvuka sinamandla. Nokuba yintoni ebuhlungu eyenzekayo ngaphambili, kodwa ngelo xesha ayizukusikhathaza. UYehova uyasiqinisekisa ukuba “izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.” Uvuko luza kusidibanisa nabantu esibathandayo abaswelekayo. Siza kuvuya njengabazali abavuselwa nguYesu intombi yabo eyayineminyaka eyi-12. IBhayibhile ithi: “Bathi phithi kwaoko bethabatheke ngokugqithiseleyo.” (Marko 5:42) Ekugqibeleni, bonke abantu emhlabeni baza kufezeka baze ‘babe nemihlali ngoYehova.’