Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lutsha, Ningonwaba

Lutsha, Ningonwaba

“Uya kundibangela ndiwubone umendo wobomi.”​—INDU. 16:11.

IINGOMA: 133, 89

1, 2. Into eyenzeka kuTony ibonisa njani ukuba umntu unako ukutshintsha?

UTONY wakhula ngaphandle kotata wakhe. Wayefunda kumabanga aphakamileyo, kodwa ke engasithandi isikolo. Ngapha koko, wayecinga nangokusiyeka. Ngeempelaveki, wayehamba ayobukela iimuvi okanye ahlale neetshomi zakhe. Wayengathandi ukulwa ibe engasebenzisi neziyobisi, kodwa wayengazazi ukuba ufuna ntoni ebomini. Wayengaqinisekanga nokuba ukhona uThixo. Ngenye imini, wadibana namaNgqina KaYehova amabini waza wawaxelela le nto imenza angaqiniseki ukuba ukhona uThixo. Amnika incwadana ethi, The Origin of Life​—Five Questions Worth Asking, nethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa?

2 Athi la maNgqina KaYehova xa ephinda ebuyela kuTony, afika itshintshile indlela acinga ngayo. Wayezifunde kakhulu eza ncwadana, kangangokuba amaphepha ayegobekile. Wathi: “Soze kuthi kanti akekho uThixo.” Wavuma ukufundelwa iBhayibhile, yaza yatshintsha indlela azijonga ngayo izinto. Ngaphambi kokuba afunde iBhayibhile, uTony wayengaqhubi kakuhle esikolweni. Kodwa emva koko, waba ngomnye wabona bantwana bapasa kakuhle esikolweni. Notitshala omkhulu, owayesazi ukuba uTony ufunda iBhayibhile namaNgqina KaYehova, wothuswa yile nto. Wathi kuTony: “Uyapasa, ibe uziphethe kakuhle ngoku. Ngaba uncedwa ngamaNgqina KaYehova?” Wavuma uTony, emva koko wamxelela izinto azifundayo namaNgqina KaYehova. Wapasa kakuhle esikolweni, ibe ngoku unguvulindlela othe ngxi nesicaka solungiselelo. Ngoku wonwabile kuba enoTata onguYehova.​—INdu. 68:5.

THOBELA UYEHOVA UZE UPHUMELELE

3. UYehova ulucebisa ntoni ulutsha?

3 Le nto yenzeka kuTony ibonisa indlela uYehova anithanda ngayo nina lutsha. Ufuna niphumelele nize nonwabe. Yiyo le nto enicebisa ngelithi: “Khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho.”(INtshu. 12:1) Ayilulanga loo nto namhlanje. Kodwa ke, ingenzeka. Kaloku nguThixo onokukunceda uphumelele ngoku usemtsha, naxa sele umdala. Ukuze siyiqonde kakuhle le nto, makhe sijonge into eyanceda amaSirayeli angene kwiLizwe Lesithembiso, neyanceda uDavide oyise uGoliyati.

4, 5. Ukoyisa kwamaSirayeli amaKanan nokoyisa kukaDavide uGoliyati kusifundisa ntoni? (Jonga imifanekiso esekuqaleni.)

4 Xa amaSirayeli ayesondele kwiLizwe Lesithembiso, uThixo akazange athi mawafunde iindlela zokulwa. (Dut. 28:1, 2) Endaweni yoko, wathi mawathobele imiyalelo yakhe aze athembele ngaye. (Yosh. 1:7-9) Yayisenokungavakali ncam le nto ebantwini! Kodwa yeyona yawancedayo, kuba amaSirayeli awoyisa ewoyisile amaKanan. (Yosh. 24:11-13) Kufuneka sibe nokholo ukuze sithobele uYehova, kodwa ke olo kholo lusoloko lusinceda siphumelele. Lwabanceda abakhonzi bakaYehova bakudala, lusabanceda nabangoku.

5 UGoliyati wayelijoni elinamandla. Wayeziimitha eziyi-2.9 ubude, ibe enezixhobo eziyingozi. (1 Sam. 17:4-7) Kwelinye icala, yena uDavide wayenesilingi nokholo kuThixo wakhe, uYehova. Kubantu abangenalukholo, uDavide wayenokubonakala ngathi usisidenge. Kodwa babephazama! Esona sidenge yayinguGoliyati.​—1 Sam. 17:48-51.

6. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

6 Kwinqaku elidlulileyo, sithethe ngezinto ezine ezinokusinceda sonwabe size siphumelele ebomini. Sithethe ngezinto eziqinisa ukholo, abahlobo abalungileyo, ukuba nezinto esinokumenzela zona uYehova, nangokuyisebenzisa kakuhle inkululeko esiyinikwe nguThixo. Ngoku siza kuthetha ngokubhekele phaya ngezi zinto. Loo nto siza kuyenza ngokujonga ezinye izinto esinokuzifunda kwiNdumiso 16.

YENZA IZINTO EZIZA KUQINISA UKHOLO LWAKHO

7. (a) Unjani umntu okhokelwa ngumoya kaThixo? (b) “Isabelo” sikaDavide sasinento yokwenza nantoni, ibe loo nto yamenza waziva njani?

7 Umntu okhokelwa ngumoya kaThixo unokholo kuye ibe ucinga njengaye. Uvumela uThixo amkhokele ibe uzimisele ukumthobela. (1 Kor. 2:12, 13) UDavide ngumzekelo omhle. Wacula wathi: “UYehova sisahlulo sesabelo endisinikiweyo nesendebe yam.” (INdu. 16:5) Esi “sabelo” sasinento yokwenza nokusondelelana kwakhe noThixo awayebalekela kuye. (INdu. 16:1) Yamvuyisa loo nto. Akhonto yayivuyisa uDavide ukodlula ubuhlobo bakhe noYehova.​—Funda INdumiso 16:9, 11.

8. Zeziphi izinto ezinokukwenza wonwabe nyhani?

8 Abantu abathanda imali nezinto abanakuvuya ngohlobo uDavide awavuya ngalo. (1 Tim. 6:9, 10) Omnye umzalwana waseKhanada uthi: “Eyona nto yonwabisayo ayikokufumana izinto ezininzi ebomini, kodwa kukupha umntu ezivela kuye zonke izipho ezilungileyo, uYehova uThixo.” (Yak. 1:17) Ukuba uba nokholo kuYehova uze umkhonze, uza konwaba nyhani. Unokwenza ntoni ukuze uqinise ukholo lwakho? Kufuneka uchithe ixesha noYehova, ngokufunda iLizwi lakhe, ubuke izinto azidalileyo, uze ucinge nangohlobo alulo nangendlela akuthanda ngayo.​—Roma 1:20; 5:8.

9. Unokwenza ntoni ukuze iLizwi LikaThixo likutshintshe?

9 Ngamanye amaxesha uYehova ubonisa ukuba uyasithanda ngokusilungisa, kanye njengokuba utata obathandayo abantwana bakhe esenza. NoDavide wayevuma xa elungiswa, wade wathi: “Ndiya kumbonga uYehova, ondinike icebiso. Eneneni, ebudeni bobusuku izintso zam zindilungisile.” (INdu. 16:7) UDavide wazama ukucinga njengoYehova. Wavumela indlela uYehova acinga ngayo ukuba imtshintshe ukuze abe ngumntu obhetele. Ukuba nawe wenza ngendlela efanayo, uza kumthanda ngakumbi uThixo uze ufune ukumthobela. Loo nto iza kukunceda ube ngumKristu okhulileyo. UChristin uthi: “Xa ndiphanda ndize ndicingisise ngezinto endizifundayo, kuba ngathi uYehova uzibhalele mna!”

10. Ngokutsho kukaIsaya 26:3, ukujonga izinto njengoThixo kuza kukunceda njani?

10 Xa ucinga njengoThixo, uza kulibona eli hlabathi nalapho liya khona ngendlela uYehova alibona ngayo. NguYehova okunika ulwazi nokuqonda. Ngoba? Kaloku ufuna uzazi izinto ezibalulekileyo ebomini, wenze izigqibo ezihle, uze ulindele izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo ungenaxhala! (Funda uIsaya 26:3) UJoshua waseMerika uthi: “Ukusondelelana noYehova kukunceda ubone izinto ezibalulekileyo nezingabalulekanga kangako.”

YIBA NABAHLOBO BOKWENENE

11. UDavide wayebakhetha njani abahlobo bakhe?

11 Funda iNdumiso 16:3. UDavide wayesazi ukuba bafunyanwa njani abahlobo bokwenene. ‘Wayeyoliswa’ kukuhlala nabantu ababemthanda uYehova. Xa ebachaza, uthi abahlobo bakhe “bangcwele,” ngenxa yokuba babezimisele ukwenza ukuthanda kukaThixo. Nomnye umdumisi wathetha into efanayo ngendlela abakhetha ngayo abahlobo bakhe. Wathi: “Ndiliqabane labo bonke abo bakoyikayo, nelabo bagcina imiyalelo yakho.” (INdu. 119:63) Njengoko kubonisiwe kwinqaku elidlulileyo, nawe unokuba nabahlobo abalungileyo abaninzi abamthandayo nabamthobelayo uYehova. Kakade, akunyanzelekanga ukuba abo bahlobo balingane nawe.

12. Yintoni eyayisenza uDavide noYonatan bavane kangaka?

12 Umdumisi uDavide wayengakhethi abantu abalingana naye kuphela ukuba babe ngabahlobo bakhe. Usamkhumbula omnye wabona bahlobo bakaDavide? YayinguYonatan. UDavide noYonatan ngabanye babantu ababevana nyhani ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Kodwa ubusazi ukuba uYonatan wayeshiya uDavide ngeminyaka engaphantsi okanye engaphezu kweyi-30? Yintoni le yayibenza bavane kangaka? Kukuba nokholo kuThixo, ukuhloniphana, nokubona isibindi ababenaso xa babesilwa neentshaba zikaThixo.​—1 Sam. 13:3; 14:13; 17:48-50; 18:1.

13. Unokwenza njani ukuze ube nabahlobo abangakumbi? Yenza umzekelo.

13 NjengoDavide noYonatan, nathi sinokuvuya xa singabahlobo nabantu abamthandayo nabanokholo kuYehova. UKiera, oneminyaka ekhonza uYehova, uthi: “Ndinabahlobo abasuka kumazwe nakwiintlanga ezahlukahlukeneyo.” Xa usenza ngolu hlobo, uza kuzibonela ngokwakho indlela iBhayibhile nomoya oyingcwele ezisidibanisa ngayo njengabakhonzi bakaThixo.

ZIMISELE UKWENZA IZINTO EZIZA KUKUSONDEZA KUYEHOVA

14. (a) Yintoni onokuzimisela ukuyenza ukuze wonwabe? (b) Luthini olunye ulutsha ngezinto oluzimisele ukuzenzela uYehova?

14 Funda iNdumiso 16:8. Eyona nto yayibalulekile kuDavide yayikukukhonza uYehova. Ukuba nawe wenza izinto njengoDavide, uze xa ucinga ngezinto ofuna ukuzenza ubeke uYehova kwindawo yokuqala, uza kutsho wonwabe. USteven uthi: “Xa ndiye ndazimisela ukwenza into, ndaza ndayenza nyhani, ndiye ndivuye xa ndicinga ngendlela endiphucule ngayo.” Umzalwana waseJamani okhonza kwelinye ilizwe uthi: “Xa ndimdala, andifuni ukuthi xa ndicinga ngobomi bam ndibone ukuba yonke into endandiyenza, ndandiyenzela mna.” Ngaba nawe utsho? Ukuba kunjalo, sebenzisa iziphiwo onazo ukuze uzukise uYehova uze uncede nabanye abantu. (Gal. 6:10) Zimisele ukwenza izinto eziza kukusondeza kuYehova, uze uthandaze kuye ukuze akuncede uzenze. Qiniseka ukuba uza kuwuphendula umthandazo wakho.​—1 Yoh. 3:22; 5:14, 15.

15. Ziintoni onokuzimisela ukuzenza? (Jonga ibhokisi ethi “ Ezinye Izinto Onokuzimisela Ukuzenza.”)

15 Ziintoni onokuzimisela ukuzenza? Usenokuzimisela ukuphendula ngamazwi akho kwiintlanganiso, ukuba nguvulindlela nokuya eBheteli. Usenokuzama ukufunda olunye ulwimi ukuze ukwazi ukuya kushumayela kwenye indawo. UBarak, osemtsha nokwinkonzo yexesha elizeleyo uthi: “Kuyandivuyisa ukwazi ukuba onke amandla am ndiwasebenzisela ukukhonza uYehova, ibe ayikho enye into endinokuyenza enokundivuyisa ngolu hlobo.”

YISEBENZISE KAKUHLE INKULULEKO OYINIKWE NGUTHIXO

16. UDavide wayeziva njani ngemithetho nemigaqo kaThixo, ibe kwakutheni ukuze azive ngolo hlobo?

16 Funda iNdumiso 16:2, 4Njengokuba sibonile kwinqaku elidlulileyo, xa sithobela imithetho nemigaqo kaThixo, sitsho sikhululeke nyhani. Siye sifunde ukuthanda izinto ezilungileyo, size sicaphukele ezimbi. (Amosi 5:15) UDavide wathi uYehova ‘ukukulunga’ kwakhe. Ukulunga kuyinto entle. UDavide wasebenza nzima ukuze afane noThixo aze athande izinto ezithandwa nguye. Wazama nokucaphukela izinto ezingafunwayo nguThixo. Enye yezo zinto lunqulo-zithixo, oko kukuthi, ukukhonza nabani na okanye nantoni na ngaphandle koThixo. Unqulo-zithixo luyabathoba abantu ibe lwenza uzuko olumele luye kuThixo luye ebantwini okanye kwezinye izinto.—Isa. 2:8, 9; ISityhi. 4:11.

17, 18. (a) UDavide wathi kwenzeka ntoni xa abantu benqula izithixo? (b) Yintoni eyenza abantu namhlanje babe ‘neentlungu ezininzi’?

17 Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abantu abakunqulo lobuxoki babengaboni nto imbi ngokuhenyuza. (Hos. 4:13, 14) Abantu abaninzi babeluthanda olu nqulo lobuxoki kuba bethanda ukuhenyuza. Kodwa, ngaba loo nto yayibonwabisa? Hayi! UDavide wathi “ziba ninzi iintlungu kwabo” banqula izithixo. Aba bantu bada babulala nabantwana babo ngokubingelela ngabo koothixo bobuxoki. (Isa. 57:5) Kwakumcaphukisa uYehova oku kukhohlakala kungaka! (Yer. 7:31) Ukuba wawuphila ngelo xesha, wawungenakuvuya ukuba abazali bakho babekhonza uYehova?

18 Nanamhlanje, unqulo lobuxoki lukwamkele ukuhenyuza, lude lwamkele nento yokulala kwendoda nendoda okanye kwebhinqa nebhinqa. Bona basenokucinga ukuba bonwabile, kodwa enyanisweni ‘zininzi iintlungu zabo.’ (1 Kor. 6:18, 19) Uyiqaphele nawe loo nto? Ngoko lutsha, mamelani uTata wenu osezulwini. Qinisekani ukuba ukuthobela uYehova yeyona nto iza kuninceda. Cingani ngezinto ezimbi eziza kwenzeka xa nihenyuza. Nikhumbule ukuba izinto ezimbi zonwabisa nje okwexeshana, kodwa emva koko iba ziintlungu zodwa. (Gal. 6:8) UJoshua ekuthethwe ngaye ekuqaleni uthi: “Singayisebenzisa ngendlela esifuna ukuyisebenzisa ngayo inkululeko yethu, kodwa ke ukuyisebenzisa kakubi akonwabisi.”

19, 20. Zeziphi iintsikelelo eziza kufunyanwa lulutsha olunokholo nolumthobelayo uYehova?

19 UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam, niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yoh. 8:31, 32) Le nyaniso isikhulule kunqulo lobuxoki, ekungazini nasekukholelweni izinto ezingeyonyani. Akuphelelanga apho. Njengokuba besekutshiwo, kwixesha elizayo siza kufumana ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’ (Roma 8:21) Ungayifumana loo nkululeko nangoku xa umamela izinto ezifundiswa nguYesu. Ngaloo ndlela uza “kuyazi inyaniso,” hayi nje ngokuyifunda, kodwa nangokuyiphila!

20 Lutsha, yisebenziseni kakuhle inkululeko eniyinikwe nguThixo. Loo nto iza kuninceda nikwazi ukwenza izigqibo ngoku, eziza kuninceda kwixesha elizayo. Omnye umzalwana osemtsha uthi: “Ukuyisebenzisa kakuhle inkululeko njengomntu osemtsha kuyanceda ethubeni xa kufuneka wenze izigqibo ezinkulu, ezifana nokukhetha umsebenzi ofanelekileyo okanye ukukhetha ukutshata okanye ukungatshati kangangexesha elithile.”

21. Unokwenza njani ukuze ufumane “ubomi benene”?

21 Ubomi kweli hlabathi bufutshane, nkqu nobu abantu bathi bumnandi. Asazi ukuba ingomso lisiphathele ntoni. (Yak. 4:13, 14) Ngoko kuza kukunceda ukwenza izinto eziza kwenza ufumane ‘ubomi benene,’ ubomi obungunaphakade. (1 Tim. 6:19) Kakade, uYehova akanyanzeli nabani na ukuba amkhonze. Sithi abazikhethelayo. Menze ‘isabelo’ sakho uYehova. Zisebenzise kakuhle ‘izinto ezilungileyo’ akunike zona. (INdu. 103:5) Qiniseka ukuba uYehova uza kukunceda wonwabe ngonaphakade.​—INdu. 16:11.