Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba uye wazifunda kakuhle iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba ungayiphendula na le mibuzo:

Ngaba bukhona ubungqina obungokweZibhalo bokuba uThixo uyavelana nathi?

Xa amaSirayeli ayengamakhoboka eYiputa, uThixo wayeyazi intlungu awayekuyo kwaye wayevelana nawo. (Eks. 3:7; Isa. 63:9) Nathi singanovelwano kuba sidalwe ngokomfanekiso kaThixo. UThixo uyavelana nathi nokuba sisenokuziva sinetyala kwaye singafanelwa luvelwano lwakhe.​—wp18.3, pp. 8-9.

Izinto ezazifundiswa nguYesu zabanceda njani abantu bayeka ukucalucalulana?

Xa uYesu wayelapha emhlabeni, amaYuda amaninzi ayecalucalulana. UKristu wayibethelela into yokuba kufuneka sithobeke kwaye asifanele sicinge ukuba sibhetele kunabanye abantu ngenxa yohlanga lwethu. Wathi abafundi bakhe bamele bajongane njengabazalwana.​—w18.06, pp. 9-10.

Isifundisa ntoni into yokuba uThixo engazange amvumele uMoses ukuba angene kwiLizwe Lesithembiso?

UMoses wayesondele kakhulu kuYehova. (Dut. 34:10) Ekupheleni kweminyaka eyi-40 esentlango, amaSirayeli aphinda akhalazela ukungabikho kwamanzi. UThixo wathi uMoses makathethe nelitye. Endaweni yoko, yena walibetha. Inoba uYehova wacatshukiswa yinto yokuba uMoses engalandelanga imiyalelo yakhe kwaye engalusanga kuye uzuko ngenxa yalo mmangaliso. (Num. 20:6-12) Le nto isifundisa indlela ekubaluleke ngayo ukuthobela uYehova nokumzukisa.​—w18.07, pp. 13-14.

Kutheni singamele sigqibe ngomntu ngokumjonga nje?

Zintathu izinto ezenza abantu bagqibe ngabanye abantu ngokubajonga nje: bubuhlanga, ukusokola okanye ubutyebi, neminyaka. Kubalulekile ukuba abantu sibajonge njengoThixo, ekubeni yena engakhethi buso! (IZe. 10:34, 35)​—w18.08, pp. 8-12.

AmaKristu akhulileyo angabanceda njani abanye?

UThixo usamthanda umKristu okhulileyo oye wayeka umsebenzi ebewenza kwaye zininzi iindlela angabanceda ngazo abanye. Usenokunceda abayeni abangakholwayo, abavakalisi abapholileyo, aqhube izifundo zeBhayibhile, aze ashumayele ngeendlela ezahlukahlukeneyo.​—w18.09, pp. 8-11.

Ziintoni amaKristu anazo kwiZixhobo Zokufundisa Entsimini?

Kukho amakhadi e-jw.org, izimemo, amaphecana amahle asibhozo neeMboniselo noVukani. Kwezi zixhobo kukho neencwadana ezimbalwa, iincwadi esiqhuba ngazo izifundo zeBhayibhile, neevidiyo ezine eziluncedo njengethi, Kutheni Ufanele Ufunde iBhayibhile?​—w18.10, p. 16.

IMizekeliso 23:23 ithi ‘masithenge inyaniso.’ Singayenza njani loo nto?

Asiyithengi ngamali inyaniso. Kodwa ke simele sichithe ixesha size senze izinto ezithile ukuze siyifumane.​—w18.11, p. 4.

Sifunda ntoni kwindlela uHoseya awaqhubana ngayo nomfazi wakhe, uGomere?

UGomere wakrexeza kaninzi, kodwa uHoseya wamxolela waza akawuqhawula umtshato. Ukuba umyeni okanye inkosikazi yomKristu ihenyuzile, lowo uthembekileyo unokumxolela. Xa ephinda esabelana ngesondo nalowo unetyala, loo nto iyasicima isizathu esingokweZibhalo sokuqhawula umtshato.​—w18.12, p. 13.