Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI LOBOMI

UYehova Uye Wasiphatha Ngobubele

UYehova Uye Wasiphatha Ngobubele

EMVA nje kokuba mna nenkosikazi yam uDanièle sifikile kwenye ihotele, omnye umntu owayephangela apho wathi kum, “Mnumzana, sicela ufowunele amapolisa.” Sasisandula ukufika eGabon, kwilizwe eliseNtshona Afrika, apho umsebenzi wethu wawuvaliwe ngeminyaka yoo-1970.

Njengokuba uDanièle wayengumntu okhawulezayo ukuziqaphela izinto, wandihlebela wathi, “Ungabi sazihlupha ngokufowunela amapolisa, sele elapha!” Kuthe kusenjalo, kwamisa imoto phambi kwehotele. Emva kwemizuzu, sabanjwa. Wandinceda uDanièle, kuba ndaba nexesha lokunika omnye umzalwana amaphepha abalulekileyo.

Njengokuba sasisiya kwisikhululo samapolisa, ndacinga ngendlela endisikeleleke ngayo ngokuba nenkosikazi enesibindi nemthandayo uYehova. Sasingaqali ukusebenzisana ngolu hlobo noDanièle. Makhe ndinibalisele ukuba yintoni eyabangela ukuba sityelele amazwe apho sasingavumelekanga ukuba sishumayele ngokukhululekileyo.

UYEHOVA WANDINCEDA NDAYIQONDA INYANISO

Ndazalwa ngo-1930, eCroix kwidolophana ekumntla weFransi. Ekhaya, yayithandwa kakhulu icawa yamaKatolika. Yayingapheli iveki singayanga ecaweni ibe utata wayenezinto azenzayo ecaweni. Xa ndandisele ndiza kuba neminyaka eyi-14, ndabona into eyandenza andabathemba ncam abefundisi.

Ebudeni bemfazwe yehlabathi yesibini, iFransi yayilawulwa yiJamani. Xa eshumayela, umfundisi wayedla ngokusikhuthaza ukuba sixhase urhulumente wamaNazi owawulawula eVichy. Zazisothusa izinto awayezithetha. Njengabanye abaninzi eFransi, nathi sasimamela ngokufihlakeleyo iindaba kwisitishi serediyo iBBC, eyayisasaza iindaba ezivela kwimikhosi elwa namaNazi. Kuthe kusenjalo lo mfundisi wajika xa ebona ukuba imikhosi elwa namaNazi iyasondela ngoSeptemba 1944, waza wathi makwenziwe inkonzo yokubulela uloyiso lwayo. Yandothusa le nto kangangokuba ndandingasabathembi ncam abefundisi.

Emva kwemfazwe utata wasweleka. Udade wethu omdala wayesele etshatile kwaye ehlala eBelgium, ngoko ndabona ukuba ndim omele ahoye umama. Ndafumana umsebenzi. Umqeshi wam noonyana bakhe babeyithanda egazini icawa yamaKatolika. Nangona kwakubonakala ngathi izinto ziza kundihambela kakuhle kwinkampani yabo, kungekudala ndaba nengxaki.

Ngo-1953, udade wethu uSimone owayeliNgqina weza kusityelela. Wandibonisa ngokusuka eBhayibhileni ukuba icawa yamaKatolika ayifundisi nyani xa isithi abantu baza kutsha esihogweni, uThixo uneziqu ezithathu nokuba umphefumlo awufi. Ekuqaleni ndandimphikisa kuba engasebenzisi iBhayibhile yamaKatolika, kodwa ke ndade ndaqiniseka ukuba undichazela inyani. Wandiphathela amanqaku akudala eeMboniselo, endawafunda egumbini lam ebusuku. Ndakhawuleza ndabona ukuba yinyaniso le, kodwa ndandisoyika ukumela uYehova kuba loo nto yayinokundenza ndiphelelwe ngumsebenzi.

Kangangeenyanga ezimbalwa, ndandizifundela iBhayibhile namanqaku eMboniselo. Emva koko, ndagqiba ekubeni ndiye kwiHolo YoBukumkani. Abantu endadibana nabo eholweni babenobubele. Ndafundelwa ngumzalwana onamava kangangeenyanga ezintandathu, ndaza ndabhaptizwa ngoSeptemba 1954. Khange kube kudala umama nodade wethu omncinci nabo baba ngamaNgqina, ibe ndavuya kakhulu.

UKUTHEMBELA NGOYEHOVA KWINKONZO YEXESHA ELIZELEYO

Into ebuhlungu kukuba, umama wasweleka kwiiveki ezimbalwa ngaphambi kwendibano yezizwe ngezizwe eyayingo-1958 eNew York. Nam ndaya kuloo ndibano. Ukubuya kwam, kwakungasekho mntu ekwakufuneka ndimhoyile, ngoko ndayeka umsebenzi, ndaza ndaqalisa ukuba nguvulindlela. Kwangelo xesha, ndangeja novulindlela okhutheleyo, uDanièle Delie, owaba ngunkosikazi wam ngoMeyi 1959.

UDanièle waqalisa ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo kwilali yaseBrittany, ekude kakhulu kokwabo. Kwakufuneka abe nesibindi ukuze akwazi ukushumayela kwindawo eyayigcwele amaKatolika, nokuqhuba ibhayisekile ezilalini. Sobabini sasisazi ukuba lo msebenzi ungxamisekile, nokuba isiphelo singafika nanini na. (Mat. 25:13) Indlela awayezinikele ngayo yasinceda sanyamezela ngoxa sasikwinkonzo yexesha elizeleyo.

Ndaba ngumveleli wesiphaluka emva kweentsuku ezimbalwa sitshatile. Safunda ukuphila ngezinto ezimbalwa esasinazo. Ibandla lokuqala esaya kulo lalinabavakalisi abayi-14, ibe abazalwana babesokola kakhulu kangangokuba abazange bakwazi ukusamkela emizini yabo. Ngoko salala koomatrasi eqongeni kwiHolo YoBukumkani. Nangona kwakungekho tofotofo, kodwa kwakuwunceda umqolo!

Sasityelela amabandla sihamba ngemoto yethu encinci

Nangona sasixakekile, uDanièle wakwazi ukuwuqhela umsebenzi wokujikeleza. Kwakufuneka andilinde qho emotweni yethu encinci xa sasineentlanganiso zabadala ezazingacetywanga, kodwa akazange akhalaze. Sajikeleza iminyaka emibini qha, ibe ngelo xesha safunda indlela ekubaluleke ngayo ukuba abantu abatshatileyo bancokole baze basebenzisane.​—INtshu. 4:9.

SAFUMANA EMINYE IMISEBENZI

Ngo-1962 samenywa ukuba siye kwiklasi ye-37 yeSikolo saseGiliyadi eBrooklyn, eNew York, eyathatha iinyanga eziyi-10. Kubafundi abayi-100 babeyi-26 abatshatileyo, ngoko kwasivuyisa kakhulu ukuya sobabini noDanièle kwesi sikolo. Ndisawakhumbula nangoku amaxesha esasiwachitha kunye namadoda awayenokholo afana noFrederick Franz, u-Ulysses Glass, noAlexander H. Macmillan.

Kwasivuyisa ukuya KwiSikolo saseGiliyadi sobabini!

Xa sasiqeqeshwa, sakhuthazwa ukuba siziqaphele izinto. Ngeminye iMigqibelo emva kwemini, xa sigqibile ukufunda, sasibukiswa idolophu yaseNew York. Sasisazi ukuba ngoMvulo kwakuza kufuneka sibhale ngezinto esasizibonile. Sasidla ngokubuya sidinwe kakhulu ngengokuhlwa yangoMgqibelo. Kodwa, umzalwana owayesikhenkethisa owayesebenza eBheteli wayesibuza imibuzo eza kusinceda sikwazi ukukhumbula izinto ezibalulekileyo esasiza kubhala ngazo ngoMvulo. Ngomnye uMgqibelo, sachitha imva kwemini yonke sizula idolophu. Satyelela indawo esafunda ngeemeteor neemeteorite kuyo, saza kwiAmerican Museum of Natural History safunda ngeentlobo ezahlukeneyo zeengwenya. Xa sasiseBheteli, umzalwana owayesikhenkethisa wasibuza wathi, “Khanitsho, yintoni umahluko phakathi kwemeteor nemeteorite?” UDanièle waphendula ediniwe wathi, “Kaloku, iimeteorite zinamazinyo amade!”

Sasikuthanda ukutyelela abazalwana noodade wethu abathembekileyo baseAfrika

Sothuka kakhulu xa sathunyelwa kwiofisi yesebe yaseFransi, apho sakhonza khona iminyaka engaphezu kweyi-53. Ngo-1976, ndaba ngumnxibelelanisi weKomiti YeSebe ndaza ndanikwa nomsebenzi wokutyelela amazwe aseAfrika nakuMbindi Mpuma, apho umsebenzi wethu wokushumayela wawungavumelekanga. Oku kwasenza saya eGabon, ibe kulapho yenzeka khona laa nto bendithethe ngayo ekuqaleni. Xa nditheth’ inyani, ndandizibona ndingafanelekanga ukwenza wonke lo msebenzi. Kodwa uDanièle wayesoloko endinceda ukuze ndikwazi ukwenza nawuphi na umsebenzi.

Nditolika intetho eyayisenziwa nguMzalwan’ uTheodore Jaracz kwiNdibano eyayinomxholo othi, “Ukuba Sesikweni KukaThixo” eyayiseParis, ngo-1988

SANYAMEZELA UBUNZIMA

Sabuthanda zibekwa ubomi baseBheteli. Nangona uDanièle wayefunde isiNgesi ngeenyanga nje ezintlanu ngaphambi kokuba siye eGiliyadi, waba ngumguquleli onobuchule weencwadi zethu. Sasiwuthanda kakhulu umsebenzi esasiwenza eBheteli, kodwa ukuba sebandleni kwakusenza sonwabe nangakumbi. Ndikhumbula sikhwele itreyini yaseParis noDanièle ebusuku. Sasidiniwe kodwa sivuya kuba sasiqhube izifundo zeBhayibhile ezihambele phambili. Into ebuhlungu kukuba, uDanièle wavele wagula ngokukhawuleza, ibe loo nto yamenza akakwazi ukusebenza ngendlela awayefuna ngayo.

Ngo-1993, ugqirha wathi unomhlaza wamabele. Indlela awayenyangwa ngayo yayibuhlungu kakhulu, watyandwa ibe wayenyangwa nangechemotherapy. Emva kweminyaka eyi-15, kwafunyaniswa ukuba uphinde wanomhlaza owawuyingozi ngakumbi kunowakuqala. Kodwa ke, indlela awayewuthanda ngayo umsebenzi wakhe wokuguqulela yayimenza aye kusebenza xa impilo yakhe ibhetele.

Nangona uDanièle wayegula kakhulu, asizange siyicinge nokuyicinga into yokushiya iBheteli. Ewe kona, ziba khona iingxaki xa ugula eBheteli, ingakumbi xa abanye bengayazi indlela embi ngayo imeko akuyo umntu. (IMize. 14:13) Nakubeni uDanièle wayesele eza kuba neminyaka eyi-80, indlela awayenobubele nawayelinenekazi ngayo zazingatsho tu ukuba uyagula. Wayengazisizeli, kodwa wayezimisele ukunceda abanye abantu. Wayeyazi ukuba abantu abasezingxakini bangancedakala xa ebamamela. (IMize. 17:17) UDanièle wayesebenzisa into eyayenzeke kuye ukuze ancede oodade abaninzi bangawoyiki umhlaza.

Kwafuneka sinyamezele ezinye iingxaki. Nangona uDanièle wayengasakwazi ukuya emsebenzini yonke imihla, wayesoloko endinceda ngezinto ezininzi. Indlela awayendinceda ngayo yayibenza bube lula ubomi bam, nto leyo eyandenza ndakwazi ukuqhubeka ndingumnxibelelanisi weKomiti YeSebe kangangeminyaka eyi-37. Ngokomzekelo, wayedla ngokulungiselela ukutya kwasemini ukuze sityele egumbini lethu sobabini yonke imihla.​—IMize. 18:22.

INDLELA ESAMELANA NGAYO NAMAXHALA EMIHLA NGEMIHLA

Yayimangalisa indlela awayenethemba ngayo uDanièle. Kodwa ke, waphinda wanomhlaza okwesithathu. Savela satyhafa. Xa wayenyangwa ngechemotherapy nangeradiotherapy wayephelelwa ngamandla, ibe ngamanye amaxesha kwakusiba nzima nokuhamba oku. Kwakundihlupha kakhulu ukubukela unkosikazi wam, owayengumguquleli onobuchule, kunzima nokuba athethe.

Nangona kwakusityhafisa oku, sasingayeki ukuthandaza, siqinisekile ukuba uYehova akasoze avumele ukuba sibe neengxaki esingenakukwazi ukuzithwala. (1 Kor. 10:13) Sasisoloko sizama ukumbulela uYehova ngeendlela awayesinceda ngazo. Wayesinceda ngeLizwi lakhe, ngabazalwana noodade ababenceda abantu abagulayo eBheteli nangentsapho yaseBheteli.

Sasidla ngokucela uYehova ukuba asikhokele ukuze siyazi ukuba loluphi unyango esimele silwamkele. Kwabakho ixesha apho sasingayazi ukuba siza kuwunyanga njani lo mhlaza. Ugqirha owayenceda uDanièle kangangeminyaka eyi-23 wayengazi ukuba kutheni engabikho sezingqondweni qho emva kwechemotherapy. Wathi ayikho enye indlela awayenokumnyanga ngayo. Kwaba ngathi akukho mntu unokusinceda, sizibuza ukuba kuza kwenzeka ntoni. Emva koko, omnye ugqirha womhlaza wavuma ukuba uza kumnceda uDanièle. Kwaba ngathi uYehova uveze indlela yokuphuma ukuze simelane namaxhala esasinawo.

Enye into eyasinceda sanyamezela kukungazikhathazi ngezinto ezingekenzeki. Njengokuba uYesu watshoyo: “Imini nganye inobayo ububi obuyilingeneyo.” (Mat. 6:34) Ukuba nethemba nokungazithatheli phezulu zonke izinto nako kwasinceda. Ngokomzekelo, xa uDanièle wayengasanyangwa ngechemotherapy kangangeenyanga ezimbini, wathi kum encumile: “Uyabona ke ngoku, kungona ndiphilayo!” (IMize. 17:22) Nangona wayegula kakhulu, wayemane ecula iingoma ezintsha zoBukumkani ngelizwi elivakalayo.

Indlela awayezijonga ngayo izinto yandinceda andabi naxhala lezinto endandingakwazi ukuzenza. Xa ndithetha inyani, kule minyaka iyi-57 sitshatile, bendisenzelwa nguye izinto ezininzi. Wayengafuni nokundifundisa ukuqhotsa amaqanda la! Ngoko xa wagula kakhulu, kwanyanzeleka ndifunde ukuhlamba izitya, iimpahla nokupheka. Kuyo yonke loo nto, ndiye ndophula iiglasi ezimbalwa, kodwa bekundivuyisa ukwenzela unkosikazi izinto. *

NDIYABUBULELA UBUBELE BUKAYEHOVA

Xa ndijonga emva, ndiyabona ukuba zininzi izinto endizifundileyo kwizinto ebesingakwazi ukuzenza ngenxa yempilo nokwaluphala. Okokuqala, asimele sixakeke kakhulu side singakwazi ukubakhathalela abantu esitshate nabo. Kufuneka amandla ethu siwasebenzisele ukubanceda ngoku sisenawo. (INtshu. 9:9) Okwesibini, simele singazikhathazi kakhulu ngezinto ezingenamsebenzi kuba loo nto iza kusenza singaziboni iintsikelelo ezininzi esinazo.​—IMize. 15:15.

Xa ndicinga ngobomi bethu kwinkonzo yexesha elizeleyo, ndiyabona ukuba uYehova usisikelele ngendlela esingazange sayicinga. Ndifana nomdumisi owathi: ‘UYehova wenze ngokufanelekileyo kum.’​—INdu. 116:7.

^ isiqe. 32 Udade Danièle Bockaert usweleke lingekagqitywa eli nqaku. Usweleke eneminyaka eyi-78.