Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usebenzisana Kakuhle Nabantu?

Ngaba Usebenzisana Kakuhle Nabantu?

“NDANDISECALENI kwakhe ndingumsebenzi onobuchule. . . . Lonke elo xesha ndonwabile phambi kwakhe.” (IMize. 8:30) Le vesi ichaza indlela uNyana kaThixo awayesebenza ngayo noTata wakhe kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba eze emhlabeni. Uqaphele ukuba uthi kwakunjani ukusebenza noThixo? Uthi ‘wayonwabile’ phambi Kwakhe.

Ezulwini, uYesu wafunda iimpawu ezamenza wakwazi ukusebenzisana kakuhle nabantu. Xa wayelapha emhlabeni, abantu babenokufunda into eninzi kuye ngendlela yokusebenzisana kakuhle nabanye. Yintoni thina esinokuyifunda kuye? Xa sijonga indlela awayezenza ngayo izinto, sifumana imigaqo emithathu enokusenza sisebenzisane kakuhle nabantu. Le migaqo iza kusinceda simanyane kakhulu nabazalwana bethu.

Cinga njengoYehova noYesu, ukulungele ukufundisa abanye izinto ozaziyo

UMGAQO 1: ‘MHLONIPHE OMNYE UMNTU’

Umntu osebenzisana kakuhle nabanye abantu uthobekile. Abantu asebenza nabo babalulekile kuye. Akazami ukwenza izinto eziza kumenza abonakale ebhetele kunabo. Yiloo nto uYesu awayifunda kuYise. Ngoxa inguYehova yedwa uMdali, wafuna ukuba abantu bawazi umsebenzi obalulekileyo owawusenziwa nguNyana wakhe. Loo nto siyibona kwinto awayithetha kwiGenesis 1:26. Wathi: “Masenze umntu ngokomfanekiso wethu.” La mazwi enza uYesu wayibona indlela athobeke ngayo uYehova.​—INdu. 18:35.

Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wathobeka njengoYise. Naxa wayenconywa ngezinto azenzileyo, wayezukisa uThixo. (Marko 10:17, 18; Yoh. 7:15, 16) Babesonwaba kakhulu abafundi bakhe xa bekunye naye, kuba babengengomakhoboka kuye, babengabahlobo. (Yoh. 15:15) Wade wahlamba neenyawo zabo, ebafundisa ukuthobeka. (Yoh. 13:5, 12-14) Nathi kufuneka sifane naye, sibahloniphe abantu esisebenza nabo kunokuba sifune benze izinto ezifunwa sithi. Zininzi izinto esinokuzenza xa ‘sihloniphana,’ singajonganga ukuba kuza kunconywa bani ngomsebenzi owenziweyo.​—Roma 12:10.

Umntu othobekileyo uyazi ukuba “ininzi into ephunyezwayo xa bebaninzi abacebisi.” (IMize. 15:22) Nokuba zininzi kangakanani izinto esikhe sazenza nesikwaziyo ukuzenza, masikhumbule ukuba akakho umntu owazi yonke into. Nkqu noYesu wavuma ukuba zikhona izinto angazaziyo. (Mat. 24:36) Wayenawo nomdla wokwazi izinto ezazisaziwa ngabafundi bakhe abangafezekanga, nababezicinga. (Mat. 16:13-16) Yiloo nto abantu ababesebenza naye babekhululeka xa ekhona! Xa sithobekile, sikhumbula ukuba asazi yonke into size sibamamele abantu xa becebisa ngezinto emazenziwe, kuza kubakho uxolo ize ‘ibe ninzi into ephunyezwayo.’

Kubalulekile ukuba abadala bathobeke njengoYesu xa besebenza kunye. Bamele bakhumbule ukuba umoya oyingcwele unokwenza nokuba ngowuphi umdala athethe into eza kunceda iqumrhu labadala lenze isigqibo esifanelekileyo. Ukuba kwintlanganiso yabo benza wonke umntu akhululeke, banokwenza izigqibo eziza kulinceda lonke ibandla.

UMGAQO 2: “BONKE ABANTU MABABONE UKUBA NIBHETYEBHETYE”

Umntu osebenzisana kakuhle nabantu uba bhetyebhetye. Uyayekelela. UYesu wabona kwizinto ezininzi ezazisenziwa nguTata wakhe ukuba ubhetyebhetye. Ngokomzekelo, abantu abangazange bamthobele wabagwebela ukufa. Kodwa wathumela yena ukuba aze kubakhulula.​—Yoh. 3:16.

UYesu wayeyekelela xa kufuneka ayekelele. Khumbula ukuba wanceda umfazi ongumFenike nangona wayethunywe kwindlu yakwaSirayeli. (Mat. 15:22-28) Nakubafundi bakhe wayesiba bhetyebhetye. Emva kokuba ephikwe ngumhlobo wakhe awayemthanda kakhulu, uPetros, phambi kwabantu, wamxolela waza emva kwexesha wamnika imisebenzi ebalulekileyo. (Luka 22:32; Yoh. 21:17; IZe. 2:14; 8:14-17; 10:44, 45) Into eyenziwa nguYesu ibonisa ukuba kufuneka ‘bonke abantu babone ukuba sibhetyebhetye.’​—Fil. 4:5.

Ukuba bhetyebhetye kuza kusenza sisebenzisane lula nazo zonke iintlobo zabantu. UYesu wayebaphatha kakuhle abantu akunye nabo, kangangokuba iintshaba zakhe ezazinomona zamtyhola zisithi ‘ngumhlobo wabaqokeleli berhafu naboni’ ababemmamela. (Mat. 11:19) Ngaba nathi sinokufana noYesu sisebenzisane kakuhle nazo zonke iintlobo zabantu? ULouis osebenze ixesha elide nabantu abahlukahlukeneyo kumsebenzi wasiphaluka naseBheteli uthi: “Ukusebenza nabantu abanesono abahlukahlukeneyo kufana nokwakha udonga ngamatye angalinganiyo. Ungalwenza lungabi goso ngaloo matye angalinganiyo, kodwa kufuneka usebenze nzima. Kuye kwafuneka nditshintshe izinto ezininzi kum ukuze ndisebenzisane kakuhle nabantu, nokuze umsebenzi wenziwe kakuhle.” Siyayincoma le ndlela acinga ngayo lo mzalwana!

Umntu osebenzisana kakuhle nabantu, akukho zinto abafihlela zona kuba efuna baxhomekeke kuye

Kuxa kutheni apho sinokubonisa ukuba sibhetyebhetye ebandleni? Kuxa sishumayela nabantu. Sisenokusebenza nabavakalisi abanezinto ezibalindeleyo nabazenzayo emakhaya, ezingafaniyo nezethu okanye abangalinganiyo nathi. Sinokuyitshintsha indlela esisebenza ngayo, ilungele abantu esisebenza nabo ukuze bakuvuyele ukuba sentsimini.

UMGAQO 3: ‘KULUNGELE UKUPHA’

Umntu osebenzisana kakuhle nabanye abantu ‘ukulungele ukupha.’ (1 Tim. 6:18) Xa uYesu wayesebenza noTata wakhe inoba wabona ukuba akukho nto amfihlela yona. ‘Wayekhona’ xa uYehova “wayelungisa amazulu,” ngoko wayenokufunda kuye. (IMize. 8:27) Xa wayekunye nabafundi bakhe, ‘wabaxelela izinto awazixelelwa nguTata’ wakhe. (Yoh. 15:15) Nathi sinokumlinganisa uYehova ngokuxelela abazalwana noodade izinto esizifundileyo. Umntu osebenzisana kakuhle nabantu akukho zinto abafihlela zona kuba efuna baxhomekeke kuye. Uyakuvuyela ukubaxelela izinto azifundileyo.

Sinokubakhuthaza abazalwana noodadewethu. Ngaba asivuyi xa umntu esincoma ngezinto esizenzayo? UYesu wayebaxelela abantu asebenza nabo xa ebona izinto ezintle kubo. (Thelekisa uMateyu 25:19-23; Luka 10:17-20) Wade wabaxelela nokuba babeza kwazi ukwenza izinto ‘ezingaphezulu’ kwezo wayezenza. (Yoh. 14:12) Ngobusuku obungaphambi kokuba afe wabancoma abapostile bakhe esithi: “Nina khange nindishiye kubo bonke ubunzima ebendikubo.” (Luka 22:28) Inoba abakhuthaza nyhani loo mazwi, batsho bakhuthala kumsebenzi ekwakufuneka bawenze. Ukuba nathi siyabancoma abazalwana noodade ngokuqinisekileyo baza kuvuya, batsho basebenze ngaphezu kokuba bebesenza.

UNGAKWAZI UKUSEBENZISANA KAKUHLE NABANYE ABANTU

Omnye umzalwana, uKayode, uthi: “Ayingomntu ongazenziyo iimpazamo okwaziyo ukusebenzisana kakuhle nabantu, kodwa ngumntu owenza abantu asebenza nabo bonwabe xa bekunye naye nowenza ube lula umsebenzi.” Ngaba unjalo wena? Kutheni ungakhe ubuze kubazalwana noodade osebenza nabo? Ukuba bathi kumnandi ukusebenza nawe, njengokuba kwakumnandi kubapostile bakaYesu ukusebenza naye, unokuthetha la mazwi athethwa ngumpostile uPawulos: “Sisebenza kunye nani ukuze nivuye.”​—2 Kor. 1:24.