Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 52

Bancede Abanye Bakwazi Ukunyamezela Xa Beneengxaki

Bancede Abanye Bakwazi Ukunyamezela Xa Beneengxaki

“Sukwala ukubenzela izinto ezilungileyo abo bazidingayo xa unamandla okubanceda.”—IMIZE. 3:27.

INGOMA 103 Abalusi—Izipho Ezingabantu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. UYehova udla ngokuyiphendula njani imithandazo yabakhonzi bakhe?

 UBUSAZI ukuba uYehova angakusebenzisa xa ephendula umthandazo osuka entliziyweni womntu? Angayenza loo nto nokuba ungumdala, isicaka solungiselelo, uvulindlela okanye umvakalisi. Angakusebenzisa nokuba umncinci okanye umdala, ungumzalwana okanye udade. Xa umntu othanda uYehova ecela amncede, udla ngokusebenzisa abadala okanye abakhonzi bakhe abathembekileyo ukuba ‘bamthuthuzele’ loo mntu. (Kol. 4:11) Kusivuyisa kakhulu ukukhonza uYehova nabazalwana noodade ngale ndlela! Sinokuyenza le nto xa kukho isifo esigqugqisayo, intlekele okanye bephethwe kakubi.

NCEDA ABANYE XA KUKHO ISIFO ESIGQUGQISAYO

2. Kutheni kusenokuba nzima ukunceda abanye xa kukho isifo esigqugqisayo?

2 Xa kukho isifo esigqugqisayo kunganzima ukuba sincedane. Ngokomzekelo, singafuna ukuya kubona abahlobo, kodwa kube yingozi ukwenza loo nto. Sisenokufuna nokumema abantu abasokolayo ukuba baze kutya nathi, kodwa naleyo ibe ingenakwenzeka. Sisenokufuna nokubanceda abanye, kodwa kungabi lula xa nabantu basekhaya benengxaki efanayo. Sekunjalo, siyafuna ukubanceda abazalwana noodade futhi uYehova uyavuya xa sibanceda ngezo ndlela sikwazi ukubanceda ngazo. (IMize. 3:27; 19:17) Singabanceda njani ke?

3. Sifunda ntoni kwinto eyenziwa ngabadala abakwibandla likaDesi? (Yeremiya 23:4)

3 Into abanokuyenza abadala. Ukuba ungumdala, zama ukuwazi kakuhle umhlambi. (Funda uYeremiya 23:4.) UDesi, udade ekuthethwe ngaye kwinqaku elidlulileyo uthi: “Abadala kwiqela lentsimi endikulo babeshumayela nathi baze babe khona naxa sizipholele.” b Le nto yenza kwalula ukuba bamncede xa kwafika ikhorona yaza yabulala abanye abantu bakowabo.

4. Yintoni eyenza kwaba lula ukuba abadala bancede uDesi? Yintoni abanokuyifunda abadala kule nto?

4 UDesi uthi: “Kwaba lula ukuxelela abadala indlela endandiziva ngayo nezinto ezazindikhathaza, kuba sasesingabahlobo.” Yintoni abanokuyifunda abadala kule nto? Baluseni abazalwana noodade ngaphambi kokuba kuvele ingxaki. Yibani ngabahlobo babo. Ukuba isifo esigqugqisayo senza ungakwazi ukuyokubabona, zama ezinye iindlela zokuthetha nabo. UDesi uphinda athi: “Ngamanye amaxesha, ndandiye ndifowunelwe okanye ndifumane imiyalezo kubadala abohlukeneyo ngosuku olunye. IZibhalo endandizifumana kubo zazindikhuthaza nangona ndandizazi kakuhle.”

5. Abadala banokuzazi njani izinto ezidingwa ngabazalwana noodade baze babancede?

5 Enye indlela onokuzazi ngayo izinto abazidingayo abazalwana noodade kukubabuza imibuzo engazukubenza babe neentloni. (IMize. 20:5) Ngaba banako ukutya okwaneleyo, amayeza nezinye izinto abanokuzidinga? Ngaba basenokuphelelwa ngumsebenzi okanye bangabi nayo indawo yokuhlala? Ngaba badinga ukuncediswa xa bebhalisela ukuncedwa ngurhulumente? Abazalwana noodade bamnceda uDesi ngezinto awayezidinga. Kodwa eyona nto yamnceda kakhulu wakwazi ukunyamezela, kukuthandwa nokukhuthazwa ngabadala besebenzisa iBhayibhile. Uthi: “Abadala babethandaza nam. Nangona ndingasakhumbuli ukuba imithandazo yabo yayisithini, yona indlela endaziva ngayo ndiyikhumbula kakuhle. Yayingathi uYehova uthi kum, ‘Awuwedwanga.’”—Isa. 41:10, 13.

Umzalwana oqhuba iMboniselo uyakuvuyela ukuva iimpendulo ezikhuthazayo zabo bakwintlanganiso nezomzalwana ogulayo ongene ngevideoconferencing (Jonga isiqendu 6)

6. Yintoni abanokuyenza abazalwana noodade ukuze bancede abanye? (Jonga umfanekiso.)

6 Into abanokuyenza abanye abazalwana noodade. Silindele ukuba abadala babe ngabokuqala ukunceda abazalwana noodade. Kodwa uYehova ufuna sonke sibakhuthaze size sibancede abanye. (Gal. 6:10) Nezinto ezincinci esimenzela zona kuba simthanda umntu ogulayo, zinokumnceda kakhulu. Umntwana unokuthumelela umzalwana ikhadi okanye umzobo oza kumkhuthaza. Kanti yena umntu osemtsha unokuyela udade evenkileni okanye amenzele ezinye izinto. Abanye basenokumphekela umzalwana okanye udade ogulayo baze bakuse apho ahlala khona oko kutya. Kodwa ke, xa kukho isifo esigqugqisayo wonke umntu ebandleni uyakudinga ukukhuthazwa. Mhlawumbi sinokuhlala emva kweentlanganiso ukuze sincokole nabazalwana noodade, nokuba siseholweni okanye kwivideoconferencing. Enye into, nabadala bayakudinga ukukhuthazwa. Amanye amaNgqina aye ababhalele imiyalezo yokubabulela abadala, abaye baxakeke kakhulu benceda abazalwana noodade xa kukho isifo esigqugqisayo. Kuba mnandi nyhani xa sonke ‘sihlala sikhuthazana yaye sisakhana’!—1 Tes. 5:11.

BANCEDE XA KUKHO INTLEKELE

7. Ziintoni ezinokwenza kube nzima xa kuye kwakho intlekele?

7 Intlekele inokubutshintsha ngokuqhwanyaza kwelihlo ubomi bomntu. Abanye basenokulahlekelwa zizinto zabo, amakhaya abo, mhlawumbi baswelekelwe nangabantu ababathandayo. Ezi zinto ziyenzeka nakubazalwana noodadewethu. Sinokubanceda njani ke?

8. Yintoni enokwenziwa ngabadala neentloko-ntsapho ngaphambi kokuba kufike intlekele?

8 Into abanokuyenza abadala. Badala, ncedani abazalwana noodade bahlale beyilungele intlekele, ingekafiki. Qinisekani ukuba wonke umntu ebandleni uyazi ukuba umele enze ntoni ukuze akhuseleke nokuze athethe nani. UMargaret, ekuthethwe ngaye kwinqaku elidlulileyo, uthi: “Abadala benza iimfuno zebandla, besilumkisa ngokuba ixesha lokutsha kwamahlathi lalingekapheli. Bathi ukuba urhulumente unokusiyalela ukuba sishiye amakhaya ethu, okanye kuya kusiba kubi, simele sihambe ngokukhawuleza.” Yayingathi baxelelwe, kuba emva nje kweeveki eziyi-5 kwenziwe ezo mfuno zebandla, kwabakho umlilo wamahlathi owawuyingozi kakhulu. Xa nisenza unqulo lwentsapho, intloko inokuthetha ngezinto ezinokwenziwa ngumntu ngamnye ekhaya xa kunokubakho intlekele. Ukuba wena nabantwana bakho niyilungiselele, anizukuphakuzela xa isenzeka.

9. Abadala banokusebenzisana njani ngaphambi kokuba kufike intlekele nasemva kwayo?

9 Ukuba ungumveleli weqela, sukulinda kude kubekho intlekele ukuze ube neeadresi neenamba zeefowuni zabavakalisi abakwiqela lakho. Zibhale uze uman’ ujonga ukuba abakazitshintshi na. Xa kukho intlekele uza kutsho ukwazi ukubafumana bonke, wazi nezinto abazidingayo. Ngokukhawuleza, xelela umnxibelelanisi wequmrhu labadala, yena uza kuthetha nomveleli wesiphaluka. Ukuba niyasebenzisana, kuza kuba lula ukunceda abazalwana noodade. Emva kokuba kutshile, kwaphela iiyure eziyi-36 engakhange alale umveleli wesiphaluka akuso uMargaret. Wayencedisa abadala ukuze bakhangele baze bancede abazalwana noodade abayi-450, ekwafuneka bashiye amakhaya abo. (2 Kor. 11:27) Ngenxa yaloo nto, bonke ababedinga indawo yokuhlala bayifumana.

10. Kutheni kubalulekile kubadala ukwalusa abazalwana noodade? (Yohane 21:15)

10 Omnye umsebenzi abanawo abadala kukukhuthaza abazalwana noodade ngeBhayibhile nokubathuthuzela. (1 Pet. 5:2) Xa kukho intlekele, into yokuqala abamele baqiniseke ngayo abadala kukuba abazalwana noodade bakhuselekile, banokutya, impahla nendawo yokuhlala. Kodwa emva kweenyanga ezininzi idlulile, basenokuphinda badinge ukukhuthazwa ngeBhayibhile nokuthuthuzelwa. (Funda uYohane 21:15.) UHarold, okwiKomiti Yesebe nokhe wadibana nabazalwana noodade abaninzi abehlelwe ziintlekele, uthi: “Ukuphinda babe bhetele kuthatha ixesha. Basenokuqalisa ukuyamkela into eyenzeke kubo, kodwa kube nzima ukubalibala abantu ababathandayo abaswelekileyo, izinto abalahlekelwe zizo nokuba baphantse basweleka. Ukucinga ngezi zinto kunokubenza baphinde babe buhlungu. Loo nto ayithethi kuthi abanalukholo kodwa nabo ngabantu.”

11. Kusenokufuneka zincedwe njani iintsapho?

11 Abadala bayayenza into ethethwa yiBhayibhile ‘yokulila nabantu abalilayo.’ (Roma 12:15) Kusenokufuneka babaqinisekise abazalwana noodade abehlelwe yintlekele ukuba basathandwa nguYehova namanye amaKristu. Baza kunceda iintsapho ukuba zingayeki ukwenza izinto eziqinisa ukholo, ezinjengokuthandaza, ukufunda, ukuya kwiintlanganiso nokushumayela. Banokukhuthaza nabazali ukuba bancede abantwana babo ukuba bahlale becinga ngezinto ezingenakutshatyalaliswa yintlekele. Bazali, bakhumbuzeni abantwana benu ukuba uYehova uza kuhlala enguMhlobo wabo futhi soze abalahle. Qinisekani nokuba niyabacacisela ukuba baza kuhlala bekwintsapho esemhlabeni wonke, yabazalwana noodade abahlala bekulungele ukubanceda.—1 Pet. 2:17.

Ungakwazi ukunceda xa kwehle intlekele kwindawo ohlala kuyo? (Jonga isiqendu 12) e

12. Abanye abazalwana noodade banokunceda njani xa kwehle intlekele? (Jonga umfanekiso.)

12 Into enokwenziwa ngabanye abazalwana noodade. Ukuba kukho intlekele kufutshane nalapho uhlala khona, buza kubadala ukuba unokunceda njani. Mhlawumbi unokubavumela ukuba bahlale kwakho abo bangenandawo zokuhlala okanye abo bancedisa kumsebenzi wokwakha. Ungakwazi ukubaphathela ukutya nezinto abazidingayo abazalwana noodade. Ukuba intlekele yenzeke kude nalapho uhlala khona, zisekhona iindlela onokunceda ngazo. Zeziphi? Unokubathandazela abo behlelwe yintlekele. (2 Kor. 1:8-11) Usenokunikela nangemali kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. (2 Kor. 8:2-5) Ukuba uyakwazi ukuya kwindawo ekwehle intlekele kuyo, buza kubadala ukuba yintoni onokuyenza ukuze ukwazi ukuncedisa. Xa uye wacelwa ukuba uyokuncedisa, kusenokwenzeka uqale ufundiswe umsebenzi ukuze uncede kuloo nto ukwazi ukuyenza kakuhle.

BANCEDE BANYAMEZELE XA BEPHETHWE KAKUBI

13. Zeziphi iingxaki ababa nazo abazalwana noodade abakumazwe ovaliweyo kuwo umsebenzi wethu?

13 Kumazwe ovaliweyo kuwo umsebenzi wethu, ukuphathwa kakubi kwenza ubomi bube nzima kakhulu kubazalwana noodade. Abazalwana noodade abakula mazwe bayasokola, bayagula, baswelekelwa nangabantu ababathandayo. Kodwa ngenxa yokuba umsebenzi uvaliwe, kusenokuba nzima kubadala ukuya kubona abazalwana noodade okanye ukuthetha ngokukhululekileyo nabo bafuna ukukhuthazwa. Kwenzeka loo nto kanye kuAndrei, ekuthethwe ngaye kwinqaku elidlulileyo. Omnye udade owayekwiqela lakhe lentsimi wayengenamali. Engenamali enjalo, wafumana ingozi yemoto. Kwafuneka atyandwe kaninzi waza akakwazi ukusebenza. Nangona umsebenzi wawuvaliwe, kukho nobhubhani, abazalwana noodade benza yonke into ababenokukwazi ukuyenza ukuze bamncede. UYehova wayeyibona yonke loo nto.

14. Abadala banokubonisa njani ukuba bayamthemba uYehova?

14 Into abanokuyenza abadala. UAndrei wathandaza waza wenza into awayenokukwazi ukuyenza. Wenza ntoni uYehova? Wenza kwakho amaKristu awayeza kukwazi ukumnceda lo dade wayenengxaki. Amanye ayemsa ngeemoto zawo kugqirha. Amanye ayemnceda ngemali. UYehova wenza amnceda ngeendlela awayenokukwazi ukumnceda ngazo, wazisikelela neenzame zawo. (Heb. 13:16) Badala, xa umsebenzi ubekelwe imithetho, sanukufuna ukwenza yonke into, celani nabanye banincedise. (Yer. 36:5, 6) Eyona nto nimele niyenze kukuthemba uYehova. Uza kuninceda nikwazi ukunceda abazalwana noodade.

15. Sinokwenza ntoni ukuze sihlale simanyene naxa siphethwe kakubi?

15 Into abanokuyenza abanye abazalwana noodade. Xa umsebenzi uvaliwe, kusenokufuneka sidibane singamaqela amancinci. Ngoko kubaluleke kakhulu ukuba sihlalisane ngoxolo ngoku nabo bonke abazalwana noodade. Masilwe noSathana, singalwi sodwa. Masingazihoyi iimpazamo zabazalwana noodade, okanye sikhawuleze sizilungise izinto ezisenza singavani. (IMize. 19:11; Efe. 4:26) Masingalindi de sixelelwe ukuze sincedane. (Tito 3:14) Indlela awancedwa ngayo udade owayenengxaki yalinceda iqela lentsimi awayekulo. Lathandana okwabantu abazalwa kunye.—INdu. 133:1.

16. AmaKolose 4:3, 18 abonisa ukuba sinokubanceda njani abazalwana noodade abaphethwe kakubi?

16 Abazalwana noodade abaninzi baqhubeka bekhonza uYehova, nangona urhulumente ewubekele imithetho umsebenzi wethu kumazwe abahlala kuwo. Abanye basetrongweni ngenxa yokholo lwabo. Masibathandazele, sithandazele neentsapho zabo. Sinokuthandazela nabo banesibindi sokubanceda abazalwana noodade abasetrongweni, nangona nabo besenokuvalelwa. Bayabakhuthaza aba bazalwana noodade basetrongweni ukuba bangayeki ukuthembela kuYehova, babanika izinto abazidingayo, bebathethelela nasezinkundleni. c (Funda amaKolose 4:3, 18.) Ungaze ucinge ukuba umthandazo wakho awuzukubanceda abazalwana noodadewenu!—2 Tes. 3:1, 2; 1 Tim. 2:1, 2.

Yintoni onokuyenza ngoku ukuze intsapho yakho ikulungele ukutshutshiswa? (Jonga isiqendu 17)

17. Yintoni onokuyenza ngoku ukuze ukulungele ukutshutshiswa?

17 Wena nentsapho yakho ninokukulungiselela ngoku ukutshutshiswa. (IZe. 14:22) Sukucinga ngezinto ezimbi ezisenokwenzeka. Endaweni yaloo nto, qinisa ubuhlobo bakho noYehova, uncede nabantwana bakho benze loo nto. Ukuba ukhe ube nexhala kakhulu, xelela uThixo. (INdu. 62:7, 8) Ukunye nentsapho yakho, thethani ngazo zonke izizathu zokuba nimthembe. d Njengokuba abantwana bakho bencedakala xa nilungiselela intlekele, baza kuncedakala naxa ubenza bakulungele ukutshutshiswa. Baza kuba nesibindi baze bazole, ngenxa yokuba uye wabafundisa ukuba bathembe uYehova.

18. Yintoni esilindele ukuba yenzeke kwixesha elizayo?

18 Uxolo lukaThixo lusenza sizive sikhuselekile. (Fil. 4:6, 7) UYehova usebenzisa lona ukuze asincede sizole xa kukho izifo, iintlekele naxa siphethwe kakubi. Usebenzisa abadala abasebenza nzima ukuba basaluse. Sonke usinika ithuba lokuncedana. Uxolo esinalo ngoku, lusenza silungele iingxaki ezinkulu esiseza kuba nazo, nkqu ‘nentlungu engathethekiyo.’ (Mat. 24:21) Ngelo xesha, kuza kufuneka sihlale sinoxolo size sincede nabanye babe nalo. Emva kwalo asizukuphinda sibe neengxaki ezinkulu, ezisenza sibe nexhala. Ekugqibeleni siza kuvuyela into ekudala uYehova efuna siyivuyele, uxolo lokwenene nolungasoze luphele.—Isa. 26:3, 4.

INGOMA 109 Masithandane Ngokusuka Entliziyweni

a UYehova udla ngokusebenzisa abakhonzi bakhe abathembekileyo ukuze ancede abo basezingxakini. Angakusebenzisa nawe ukuze ukhuthaze abazalwana noodade. Makhe sibone indlela esinokubanceda ngayo.

b Amanye amagama atshintshiwe.

c Iofisi yesebe nekomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova alikwazi ukuthumela iileta zabantu kubazalwana noodade abasetrongweni.

d Jonga inqaku elithi “Izinto Esinokuzenza Ngoku Ukuze Sinyamezele Xa Sitshutshiswa,” kwiMboniselo kaJulayi 2019.

e INGCACISO YOMFANEKISO: Umzalwana nomfazi wakhe bayiphathele ukutya intsapho esahlala ezintenteni ngenxa yentlekele.