Imibuzo Evela Kubafundi
KwiNdumiso 61:8 ngaba umdumisi uDavide wayebaxa okanye ethetha into engekhoyo xa wayesithi wayeza kulidumisa “ngonaphakade” igama likaThixo?
Wayengabaxi, kodwa wayethetha inyani.
Khawuve into awayibhala kule vesi nakwezinye iivesi ezifana nayo: “Ndiza kulidumisa ngengoma igama lakho ngonaphakade njengoko ndizenza izinto endizifungileyo yonke imihla.” “Ndikudumisa ngentliziyo yam yonke Yehova Thixo wam; ndiza kulizukisa ngonaphakade igama lakho.” “Ndiza kulidumisa ngonaphakade kanaphakade igama lakho.”—INdu. 61:8; 86:12; 145:1, 2.
UDavide wayengabaxi, ecinga ukuba yena akasoze asweleke. Wayesazi ukuba uYehova wathi umntu uza kufa ngenxa yesono, naye wayezazi ukuba unaso. (Gen. 3:3, 17-19; INdu. 51:4, 5) Enye into awayeyazi kukuba amadoda awayethembekile, uAbraham, uIsake noYakobi nawo asweleka. Wayebona ukuba naye ekugqibeleni uza kusweleka. (INdu. 37:25; 39:4) Into awayithetha kwiNdumiso 61:8 ibonisa ukuba wayefuna, futhi ezimisele ukudumisa uThixo ngonaphakade. Loo nto ithetha ukuthi ngoxa wayesaphila.—2 Sam. 7:12.
Ezinye izinto uDavide awazibhalayo zenzeka kubomi bakhe, njengoko sibona imibhalo engasentla kwiNdumiso 18, 51, no-52. KwiNdumiso 23 wathi uYehova ngumalusi okhokelayo, ohlaziyayo nokhuselayo. Naye ke uDavide wayengumalusi onjalo nowayefuna ukukhonza uThixo ‘yonke imihla yobomi bakhe.’—INdu. 23:6.
Khumbula nokuba nguYehova owaphefumlela uDavide ukuba abhale izinto awazibhalayo. Wabhala nangeziprofeto ezaziza kwenzeka. Ngokomzekelo, kwiNdumiso 110 wabhala ngexesha iNkosi eyayiza “kuhlala ngasekunene [kukaThixo]” ezulwini ize ifumane igunya eliphakamileyo. Lokwenza ntoni? Lokoyisa iintshaba zikaThixo ‘nelokugweba iintlanga’ emhlabeni. UDavide wayengukhokho kaMesiya owayeza kulawula esezulwini nowayeza kuba ‘ngumbingeleli ngonaphakade.’ (INdu. 110:1-6) UYesu wathi isiprofeto esikwiNdumiso 110 sasithetha ngaye yaye sasiza kwenzeka kwixesha elizayo.—Mat. 22:41-45.
UYehova waphefumlela uDavide ukuba abhale ngezinto ezaziza kwenzeka ngexesha lakhe, nezaziza kwenzeka kwixesha elizayo xa evusiwe, evuyela ukumdumisa ngonaphakade. Le nto isinceda sibone ukuba izinto ezikwiNdumiso 37:10, 11, 29 zazisenzeka ngexesha lamaSirayeli, futhi ziseza kwenzeka kumhlaba wonke kwixesha elizayo xa uThixo esenza izinto asithembise zona.—Jonga isiqendu 8 senqaku elikule Mboniselo elithi “Uza Kuba Nam EParadesi.”
Ngoko iNdumiso 61:8 nezinye iivesi ezifana nayo zibonisa ukuba uDavide owayephila ngexesha lamaSirayeli wayefuna ukuzukisa uYehova ade asweleke. Ibonisa nento aza kukwazi ukuyenza kwixesha elizayo xa uYehova emvusile engcwabeni.