INQAKU ELIFUNDWAYO 49
Singaphila Ngonaphakade
“Isipho esivela kuThixo bubomi obungunaphakade.”—ROMA 6:23.
INGOMA 147 Sithenjiswe Ubomi Obungunaphakade
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a
1. Yintoni eyenzekayo xa sicingisisa ngobomi obungunaphakade esibuthenjiswe nguYehova?
UYEHOVA ubathembisa ‘ubomi obungunaphakade’ abantu abamthobelayo. (Roma 6:23) Xa sicingisisa ngaloo nto, ngokuqinisekileyo siya simthanda. Khawuyicinge le nto: UTata wethu osezulwini usithanda kangangokuba soze avumele nantoni na isohlukanise naye.
2. Lisinceda njani ithemba lobomi obungunaphakade?
2 Ubomi obungunaphakade esibuthenjiswe nguThixo businceda sikwazi ukunyamezela iingxaki esinazo. Nokuba abantu abangasifuniyo bangasoyikisa ngokusibulala, asizukuyeka ukumkhonza. Ngoba? Esinye isizathu kukuba, siyazi ukuba xa sisweleka sithembekile kuye, uza kusivusa, singaze siphinde sisweleke. (Yoh. 5:28, 29; 1 Kor. 15:55-58; Heb. 2:15) Yintoni esenza siqiniseke ukuba nyhani singaphila ngonaphakade? Nazi izizathu.
UYEHOVA UPHILA NGONAPHAKADE
3. Kutheni simele siqiniseke ukuba uYehova angasenza siphile ngonaphakade? (INdumiso 102:12, 24, 27)
3 Siyazi ukuba uYehova angakwazi ukusenza siphile ngonaphakade kuba ubomi busuka kuye futhi naye uphila ngonaphakade. (INdu. 36:9) Nazi iivesi ezimbalwa ezibonisa ukuba uYehova wayesoloko ekho futhi uza kuhlala ekho. INdumiso 90:2 ithi uYehova ukho “ukususela ngonaphakade ukusa ngonaphakade.” NeNdumiso 102 ithetha into efanayo. (Funda iNdumiso 102:12, 24, 27.) Nomprofeti uHabhakuki wathi xa ethetha ngoTata wethu osezulwini: “Ngaba awususeli kumaxesha akudala-dala, yhini Yehova? Yhini Thixo wam, Wena Ungcwele wam, awufi.”—Hab. 1:12.
4. Ngaba simele sikhathazeke kuba kunzima ukuyiqonda into yokuba uYehova wayesoloko ekho? Cacisa.
4 Ngaba kunzima kuwe ukuyiqonda into yokuba uYehova ubekho ukususela “ngonaphakade”? (Isa. 40:28) Nakwabanye abantu kunzima ukuyiqonda le nto. Xa wayethetha ngoThixo, uElihu wathi: “Asinakuyazi iminyaka yakhe.” (Yobhi 36:26) Kodwa ukungayiqondi kakuhle into akuthethi kuthi ayiyonyani. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba awuyiqondi kakuhle indlela osebenza ngayo umbane, kodwa ngaba loo nto ithetha ukuthi awukho? Ayithethi loo nto! Ngokufanayo, thina bantu sisenokungayiqondi kakuhle into yokuba kuthiwe uYehova ubesoloko ekhona, futhi uza kuhlala ekhona. Kodwa loo nto ayithethi kuthi akaphili ngonaphakade. Kaloku uMdali akaxhomekekanga ekubeni siyayiqonda na loo nto okanye asiyiqondi. (Roma 11:33-36) Yena wayekho ngaphambi kokuba kubekho nantoni na edaliweyo, nkqu nelanga neenkwenkwezi. Usenza siqiniseke ukuba “unguMenzi womhlaba ngamandla akhe.” Kaloku wayekho ngaphambi kokuba ‘olule amazulu.’ (Yer. 51:15; IZe. 17:24) Sesiphi esinye isizathu esisenza siqiniseke ukuba singaphila ngonaphakade?
SADALELWA UKUPHILA NGONAPHAKADE
5. Leliphi ithemba awayenalo uAdam noEva?
5 Zonke izinto ezisemhlabeni uYehova wazidalela ukuba ekugqibeleni zife, ngabantu qha awabadalela ukuba bangaze basweleke. Kodwa walumkisa uAdam wathi: “Wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungatyi kuwo, kuba mhla uthe watya kuwo, ngokuqinisekileyo uza kufa.” (Gen. 2:17) Ukuba uAdam noEva babemmamele uYehova ngebengazange basweleke. Kusengqiqweni ukucinga ukuba ekugqibeleni uYehova wayeza kubavumela batye ‘kumthi wobomi.’ Le nto yayiza kuthetha ukuthi, uYehova ubenze baqiniseka ukuba baza ‘kuphila ngonaphakade.’ b—Gen. 3:22.
6-7. (a) Yintoni enye ebonisa ukuba abantu babengadalelwanga ukuba basweleke? (b) Ziintoni ofuna ukuzenza kwihlabathi elitsha? (Jonga imifanekiso.)
6 Into ebangela umdla kukuba abanye oososayensi bafumene ubungqina bokuba, iingqondo zethu zinokugcina izinto ezingaphezulu lee kunezo sinokuzifunda kubomi bethu bonke. Ngo-2010, enye imagazini yathi kuqikelelwa ukuba ingqondo yomntu inokugcina inkcazelo ephantse ilingane neegigabyte ezingaphezu kwe-2 miliyon. Le nkcazelo inokulingana nevidiyo edlala kangangeeyure eziyi-3 miliyon, okanye iminyaka engaphezu kweyi-300. Kusenokwenzeka ke ukuba ingqondo yomntu inokugcina inkcazelo engaphezulu lee kunento eqikelelwa ngoososayensi. Sekunjalo, le nto ibonisa ukuba uYehova wayenza ingqondo yomntu yakwazi ukugcina izinto ezingaphezu kwezo anokuzifunda kwiminyaka nje eyi-70 okanye eyi-80.—INdu. 90:10.
7 Enye into, uYehova usenze sakufuna nyhani ukuhlala siphila. IBhayibhile ithi uThixo “ude wabeka ukuphila ngonaphakade entliziyweni” yabantu. (INtshu. 3:11) Yiloo nto ukufa kulutshaba kuthi. (1 Kor. 15:26) Xa sigula kakhulu, ngaba siye sisonge izandla, singenzi kwanto? Hayi. Sidla ngokuya kugqirha okanye sisele amayeza aza kusinceda siphile. Phofu ke, siye senze yonke into esinokukwazi ukuyenza ukuze sihlale siphila. Asibi buhlungu na xa siswelekelwa ngumntu esimthandayo, nokuba mncinci okanye mdala kangakanani? (Yoh. 11:32, 33) Ngokuqinisekileyo, uMdali wethu osithandayo ebengasoze asenze sifune ukuhlala siphila ukuba ebengasidalelanga loo nto. Kodwa zikhona nezinye izizathu ezisenza sikholelwe ukuba singaphila ngonaphakade. Makhe sithethe ngezinto uYehova awazenza kudala nazenza ngoku, ezibonisa ukuba akakayitshintshi into awayezimisele ukuyenza.
AYIKATSHINTSHI INTO UYEHOVA AWAYEFUNA YENZEKE
8. UIsaya 55:11 usifundisa ntoni ngento uYehova awayefuna yenzeke kuthi?
8 Nangona uAdam noEva bengazange bamthobele uThixo yaza loo nto yenza abantwana babo basweleka, uYehova zange ayitshintshe tu into awayefuna yenzeke. (Funda uIsaya 55:11.) Usafuna abantu abathembekileyo baphile ngonaphakade. Into esenza siqiniseke zizinto azenzileyo nazithethileyo ukuze yenzeke into awayefuna ukuyenza.
9. UThixo uthembise ukuba uza kwenza ntoni? (Daniyeli 12:2, 13)
9 UYehova uthembise ukuba uza kubavusa abantu abaswelekileyo aze abanike ithuba lokuphila ngonaphakade. (IZe. 24:15; Tito 1:1, 2) UYobhi owayethembekile, wayeqinisekile ukuba uYehova ukufuna nyhani ukubavusa. (Yobhi 14:14, 15) Umprofeti uDaniyeli wayesazi ukuba abantu baza kuvuswa baze baphile ngonaphakade. (INdu. 37:29; funda uDaniyeli 12:2, 13.) NamaYuda awayephila ngexesha likaYesu ayesazi ukuba uYehova uza kubenza baphile ‘ngonaphakade’ abakhonzi bakhe abathembekileyo. (Luka 10:25; 18:18) UYesu wathetha kaninzi ngeli themba futhi emva kokuba efile, uTata wakhe wamvusa.—Mat. 19:29; 22:31, 32; Luka 18:30; Yoh. 11:25.
10. Into yokuba kubekho abantu abavuswayo kudala ibonisa ntoni? (Jonga umfanekiso.)
10 NguYehova osinike ubomi futhi unawo namandla okubavusa abantu abaswelekileyo. Wanika umprofeti uEliya amandla okuvusa unyana womhlolokazi waseTsarefathi. (1 Kum. 17:21-23) Ekuhambeni kwexesha, wanceda nomprofeti uElisha wavusa unyana womfazi womShunem. (2 Kum. 4:18-20, 34-37) Ukuvuswa kwaba bantu nabanye, kubonisa ukuba uYehova unawo amandla okubavusa abantu abaswelekileyo. NoYesu, xa wayelapha emhlabeni wabonisa ukuba uTata wakhe umnikile loo mandla. (Yoh. 11:23-25, 43, 44) Ngoku usezulwini uYesu futhi unikwe “lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” Loo nto ithetha ukuba ngoku angakwazi ukubavusa “bonke abasemangcwabeni” ukuze baphile ngonaphakade, kanye njengokuba uThixo wayethembisile.—Mat. 28:18; Yoh. 5:25-29.
11. Ukuhlawulelwa nguYesu kusinceda njani sikwazi ukuphila ngonaphakade?
11 Kwakutheni ukuze uYehova avume ukuba uNyana wakhe amthandayo afe kabuhlungu? UYesu wasichaza isizathu, esithi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze wonke umntu ozikholelwayo izinto azifundisayo aze azenze, angatshabalali, kodwa afumane ubomi obungunaphakade.” (Yoh. 3:16) Ngenxa yokuba eye wancama uNyana wakhe ukuze ahlawulele izono zethu, uThixo usenza sikwazi ukufumana ubomi obungunaphakade. (Mat. 20:28) Xa wayecacisa le nto ibalulekileyo uThixo afuna yenzeke, umpostile uPawulos wathi: “Ekubeni ukufa kweza ngomntu omnye, nokuvuswa ekufeni kuza kubakho ngenxa yomntu omnye. Kanye njengokuba bonke besifa ngenxa ka-Adam, ngokunjalo bonke baza kwenziwa baphile ngenxa kaKristu.”—1 Kor. 15:21, 22.
12. UBukumkani buza kuncedisa njani ukuze yenzeke into uYehova afuna yenzeke kuthi?
12 UYesu wathi abalandeli bakhe mabathandazele ukuba uBukumkani BukaThixo bufike, nokuze kwenzeke ukuthanda kukaThixo emhlabeni. (Mat. 6:9, 10) Enye into uThixo afune yenzeke emhlabeni kukuba abantu baphile ngonaphakade. Ukuze yenzeke loo nto, uYehova ukhethe uNyana wakhe ukuba abe nguKumkani woBukumkani BukaMesiya. Ukhethe abantu abayi-144 000 ukuba basebenze noYesu ukuze kwenzeke ukuthanda Kwakhe.—ISityhi. 5:9, 10.
13. Wenza ntoni uYehova ngoku? Yintoni ke wena omele uyenze?
13 UYehova uqokelela abantu ‘abasisihlwele esikhulu,’ ebalungiselela ukulawulwa buBukumkani Bakhe. (ISityhi. 7:9, 10; Yak. 2:8) Nangona abantu abaninzi emhlabeni bengamanyananga ngenxa yokucaphukelana neemfazwe, bona abantu ‘abasisihlwele esikhulu’ bazama ngamandla ukungacaphukeli kwamntu. Izinto abazenzayo zibonisa ukuba bayawakhanda amakrele abo, abe ngamakhuba. (Mika 4:3) Endaweni yokuba balwe kwiimfazwe ezenza kusweleke abantu abaninzi, banceda abantu bafumane “ubomi benene” ngokubafundisa ngoThixo nangezinto afuna ukusenzela zona. (1 Tim. 6:19) Basenokujikelwa ziintsapho zabo okanye baphelelwe yimali kuba bexhasa uBukumkani BukaThixo, kodwa uYehova uyaqiniseka ukuba bayazifumana izinto abazidingayo. (Mat. 6:25, 30-33; Luka 18:29, 30) Yonke le nto isenza siqiniseke ukuba uBukumkani BukaThixo buyalawula nyhani futhi buza kuqhubeka buzenza izinto ezifunwa nguYehova.
SISEZA KUPHILA KAMNANDI
14-15. Iza kwenzeka njani into ayithembisileyo uYehova yokuphelisa ukufa ngonaphakade?
14 Sithetha nje, uYesu unguKumkani woBukumkani BukaThixo ezulwini futhi uza kuzenza zonke izinto esizithenjiswe nguYehova. (2 Kor. 1:20) Ukususela ngo-1914, ebezoyisa iintshaba zakhe. (INdu. 110:1, 2) Kungekudala, yena nabantu abaza kulawula naye baza kubatshabalalisa bonke abantu abangalunganga.—ISityhi. 6:2.
15 KwiMinyaka Eyi-1000 Yokulawula kukaYesu, uza kuvusa abantu abaswelekileyo, aze abenze bangabi nasono abantu abathobela uYehova. Emva kokuba abantu bevavanywe okokugqibela, bonke abo uYehova athi bangamalungisa ‘umhlaba uza kuba ngowabo, ibe baza kuhlala kuwo ngonaphakade.’ (INdu. 37:10, 11, 29) Into evuyisayo kukuba ‘ukufa okulutshaba lokugqibela, kuza kupheliswa.’—1 Kor. 15:26.
16. Yeyiphi eyona nto imele isenze sifune ukukhonza uYehova?
16 Njengoko sesibonile, ithemba esinalo lokuphila ngonaphakade lisuka ngqo eBhayibhileni. Liza kusinceda sihlale sithembekile kule mihla yokugqibela inzima. Kodwa asimelanga sivuyise uYehova kuba nje sifuna ukuhlala siphila. Esona sizathu sokuba sihlale sithembekile kuYehova noYesu kukuba sibathanda kakhulu. (2 Kor. 5:14, 15) Ukubathanda kusenza sifune ukubalinganisa, sixelele nabanye ngethemba esinalo. (Roma 10:13-15) Xa sifunda ukungazicingeli nokuthanda ukupha, uYehova uza kufuna ukuba ngumhlobo wethu ngonaphakade.—Heb. 13:16.
17. Yintoni esimele siyenze? (Mateyu 7:13, 14)
17 Ngaba siza kuba ngabanye babantu abaza kufumana ubomi obungunaphakade? UYehova usivulele ithuba lokuba ngabanye babo. Sithi ke abamele bakhethe ukuhlala behamba kwindlela eya ebomini. (Funda uMateyu 7:13, 14.) Kodwa buza kuba njani ubomi xa siphila ngonaphakade? Impendulo siza kuyifumana kwinqaku elilandelayo.
INGOMA 141 Ummangaliso Wobomi
a Ngaba ulijonge ngamehlo abomvu ixesha laxa abantu beza kuphila ngonaphakade? UYehova uthembisa ukuba kuza ixesha, apho siza kuphila singenalo tu ixhala lokuba ngeny’ imini siza kusweleka. Eli nqaku liza kuthetha ngezinye izizathu ezisenza siqiniseke ukuba uza kuyenza into ayithembisileyo.
b Jonga ibhokisi ethi “ Igama EliseBhayibhileni Elithi ‘Ngonaphakade.’”
c INGCACISO YOMFANEKISO: Utamkhulu ucinga ngezinto anokuzenza xa ephila ubomi obungunaphakade.