Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 51

Ungaseluxolweni Naxa Kukho Ingxaki

Ungaseluxolweni Naxa Kukho Ingxaki

“Ze ningakhathazeki okanye noyike.”—YOH. 14:27.

INGOMA 112 UYehova, UThixo Woxolo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Luyintoni “uxolo lukaThixo”? Xa sinalo lusinceda njani? (AmaFilipi 4:6, 7)

 KUKHO uxolo olungaziwayo tu ngabantu behlabathi. ‘Luxolo lukaThixo,’ olusenza sizole ngenxa yokuba singabahlobo bakaTata wethu osezulwini. Xa sinalo siyakhuseleka. (Funda amaFilipi 4:6, 7.) Siba nabahlobo abamthandayo. Siba ngabo nabahlobo abathandwayo ‘nguThixo woxolo.’ (1 Tes. 5:23) Xa simazi, simthemba size simthobele uTata wethu, uxolo lwakhe luza kusenza sizole xa sineengxaki.

2. Kutheni siqinisekile ukuba singakwazi ukuba noxolo lukaThixo?

2 Ungakwazi nyhani ukuba noxolo lukaThixo xa kukho iingxaki ezinjengesifo esigqugqisayo, intlekele, isidubedube okanye uphethwe kakubi ngenxa yokuba uliNgqina? Zonke ezi ngxaki zinokusenza soyike. Kodwa uYesu wathi kubalandeli bakhe: “Ze ningakhathazeki okanye noyike.” (Yoh. 14:27) Into evuyisayo kukuba abazalwana noodade bayenzile le nto yayithethwa nguYesu. UYehova uye wabanceda bakwazi ukuba noxolo nangona benyamezele iingxaki ezinzima.

UKUBA NOXOLO XA KUKHO ISIFO ESIGQUGQISAYO

3. Isifo esigqugqisayo sinokuluphelisa njani uxolo ebantwini?

3 Isifo esingubhubhani sinokubutshintsha kakhulu ubomi babantu. Cinga ngento eyenziwe yikhorona kubantu abaninzi. Olunye uhlolisiso luthi ngabantu abangaphezu kwehafu abebengalali kakuhle ngexesha lalo bhubhani. Abaninzi baye banamaxhala kakhulu (anxiety), bakhathazeka kakhulu (depression), bazinikela etywaleni nakwiziyobisi, abazali baphatha kakubi abantwana kanti nabantu abatshatileyo baphathana kakubi. Abanye baye bazama ukuzibulala. Ukuba kukho isifo esigqugqisayo kwindawo ohlala kuyo, unokwenza ntoni ukuze ube noxolo lukaThixo, ungabi nexhala kakhulu?

4. Kutheni isiprofeto sikaYesu semihla yokugqibela sisenza sibe noxolo?

4 UYesu waprofeta esithi ngemihla yokugqibela kuza kubakho izifo ezigqugqisayo “kwiindawo ngeendawo.” (Luka 21:11) Ukwazi loo nto kusinceda njani sibe noxolo? Asothuki xa kukho izifo ezigqugqisayo. Kaloku siyaqonda ukuba kwenzeka kanye ezi zinto wayethe uYesu ziza kwenzeka. Ngoko siza kwenza into awayixelela abantu abaphila ngexesha lesiphelo, esithi: “Ze ningoyiki.”—Luka 21:9.

Ukumamela iBhayibhile erekhodiweyo kungakunceda uzole xa kukho isifo esigqugqisayo (Jonga isiqendu 5)

5. (a) Ngokutsho kwamaFilipi 4:8, 9 yintoni esimele siyithandazele xa kukho isifo esigqugqisayo? (b) Kungakunceda njani ukumamela iBhayibhile erekhodiweyo?

5 Xa kukho isifo esigqugqisayo sinokukhathazeka kakhulu, soyike. Kwenzeka loo nto komnye udade onguDesi. b Utat’ omncinci wakhe, umzala wakhe nogqirha wakhe babulawa yikhorona. Loo nto yamenza woyika ukuba naye iza kumfumana aze osulele umamakhe osele emdala. Wayenalo nexhala lokuba angaphelelwa ngumsebenzi, ezibuza ukuba xa unokuphela angayithatha phi imali yokuthenga ukutya neyokurenta. Ezi zinto zazimkhathaza kakhulu kangangokuba babungehli ubuthongo ebusuku. Kodwa waphinda wanoxolo. Wancedwa yintoni? Wathandaza kuYehova emcela ukuba amncede aphinde azole, angacingi ngezinto ezimkhathazayo. (Funda amaFilipi 4:8, 9.) Wamamela into awayeyixelelwa nguYehova kwiBhayibhile erekhodiweyo. Uthi, “Amazwi azolileyo abantu ababeyifunda alehlisa ixhala lam, andikhumbuza nokuba uYehova undikhathalele.”—INdu. 94:19.

6. Ukufundisisa nokuya kwiintlanganiso kuza kukunceda njani?

6 Xa kukho isifo esigqugqisayo usenokungakwazi ukwenza ezinye izinto obuqhele ukuzenza. Kodwa ungavumi sikwenze ungafundisisi okanye ungayi kwiintlanganiso. Izinto ezenzeke kubazalwana noodade esifunda ngabo kwiimpapasho nakwiividiyo, ziza kukhumbuza ukuba bahlala bethembekile kuYehova nangona beneengxaki ezifana nezakho. (1 Pet. 5:9) Iintlanganiso ziza kukunceda ucinge ngezinto ezikhuthazayo eziseBhayibhileni. Xa ukuzo uza kutsho ukwazi ukukhuthaza abanye, baze nabo bakukhuthaze. (Roma 1:11, 12) Xa ucinga indlela uYehova aye wabanceda ngayo abakhonzi bakhe abebegula, besoyika okanye beziva bebodwa, ukholo lwakho luza kuqina utsho uqiniseke ukuba nawe uza kukunceda.

7. Yintoni oyifundayo kumpostile uYohane?

7 Zama ukuthetha nabazalwana noodade. Isifo esigqugqisayo sisenokufuna singasondelelani nabantu, nkqu nabazalwana noodade. Loo nto inokukwenza uzive ngendlela awayeziva ngayo umpostile uYohane. Wayefuna ukuthetha nomhlobo wakhe uGayo bejongene. (3 Yoh. 13, 14) Kodwa waqonda ukuba yayingazukwenzeka kwangoko loo nto. Ngoko wenza into awayenokukwazi ukuyenza, wambhalela ileta. Ukuba awukwazi ukuya kubona abazalwana noodade, kutheni ungabafowuneli, uncokole nabo ngevidiyo okanye ubabhalele umyalezo ngefowuni? Xa uhlala uncokola namanye amaKristu, awuzukuziva uwedwa futhi uza kuba noxolo. Xa uziva unexhala kakhulu, fowunela abadala uze ubamamele xa bekukhuthaza.—Isa. 32:1, 2.

XA KUKHO INTLEKELE

8. Intlekele inokuluphelisa njani uxolo emntwini?

8 Ukuba kwindawo ohlala kuyo kukhe kwakho izikhukula, inyikima okanye kwatsha, kusenokwenzeka ukuba uye wanexhala kakhulu nasemva kwexesha elide yenzekile loo nto. Ukuba uye waswelekelwa ngabantu obathandayo okanye wonakalelwa ngumzi nezinto zakho, kusenokwenzeka ukuba uye wabuhlungu, waphelelwa lithemba, wacaphuka nokucaphuka. Le nto ayithethi kuthi uthand’ izinto okanye awunakholo. Kaloku kuqhelekile ukuziva ngaloo ndlela xa kunzima. (Yobhi 1:11) Kodwa usentlungwini unjalo, unganalo uxolo. Njani?

9. Yintoni eyathethwa nguYesu esenza silindele ukuba siseza kwehlelwa ziintlekele?

9 Uyayikhumbula into uYesu awaprofeta ngayo? Thina asifani nabanye abantu beli hlabathi abacinga ukuba bona soze behlelwe yintlekele. Siyazi ukuba zininzi iintlekele eziseza kwenzeka, ezinye zazo ziza kwenzeka kwiindawo esihlala kuzo. UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba ngaphambi kokuba kufike isiphelo kuza kubakho “iinyikima ezinkulu,” kwenzeke nezinye iintlekele. (Luka 21:11) Waphinda wathi kuza ‘kwanda ububi.’ Loo nto siyayibona namhlanje kuba abantu abawuthobeli umthetho, bathanda ukulwa, kukho nabagrogrisi. (Mat. 24:12) Abakhonzi bakaYehova abaninzi abathembekileyo baye behlelwa ziintlekele. UYesu zange athi ziza kwenzeka kuba uThixo ebalahlile. (Isa. 57:1; 2 Kor. 11:25) UYehova usenokungasikhuseli ngendlela emangalisayo kuzo zonke iintlekele, kodwa uza kusinika nantoni na esiyidingayo ukuze sihlale siseluxolweni.

10. Kutheni ukuyilungiselela ngoku intlekele kubonisa ukuba siyamthemba uYehova? (IMizekeliso 22:3)

10 Xa kukho intlekele, kuza kuba lula ukuzola ukuba siye sayilungiselela. Kodwa ngaba ukuyilungiselela kubonisa ukuba asimthembi uYehova. Tu ke ngoku. Xa silungiselela intlekele sibonisa ukuba sinokholo lokuba uYehova unawo amandla okusinceda. Njani? Kaloku, iLizwi LikaThixo lisikhuthaza ukuba silungiselele iintlekele ezisenokwenzeka. (Funda iMizekeliso 22:3.) Kumanqaku eemagazini, kwiintlanganiso nakwizaziso, intlangano kaThixo ihlala isikhuthaza ukuba masilungiselele iintlekele. c Ngaba uyamthemba uYehova? Ukuba uyamthemba, uza kuyenza ngoku le nto akucebisa yona, ngaphambi kokuba kwehle intlekele.

Ungasinda xa uyilungiselela kwangaphambili intlekele (Jonga isiqendu 11) d

11. Yintoni oyifundayo kuMargaret?

11 Khawuve into eyenzeka komnye udade, uMargaret. Kwabakho umlilo omkhulu kwindawo ahlala kuyo kwaza kwathiwa makemke kwakhe. Abantu abaninzi bazama ukubaleka. Loo nto yenza indlela yagcwal’ iimoto, kwanzima ukuhamba. Kwakugcwele umsi omnyama thsu, uMargaret engakwazi ukuphuma emotweni. Kodwa wasinda kuba wayeyilungiselele loo ntlekele. Ebhegini yakhe wayehlala enemaphu eyayiza kumnceda afumane enye indlela ephumayo kwindawo ahlala kuyo. Wayekhe wahamba ngale ndlela esenzela ukuba xa kusehla intlekele azi ukuba makabheke ngaphi. Ngenxa yokuba wayeyilungiselele intlekele esenokwenzeka, wasinda.

12. Kutheni sithobela imiyalelo esenza sikhuseleke?

12 Ukuze basikhusele abasemagunyeni basenokubeka ixesha ekumele kungahanjwa ngalo, bathi masishiye amakhaya ethu okanye basinike eminye imiyalelo. Kunzima kwabanye abantu ukuyithobela le miyalelo kuba abafuni ukushiya izinto abanazo. Aye enze ntoni wona amaKristu? IBhayibhile ithi: “Ngenxa yeNkosi wathobeleni onke amagunya amiselwe ngabantu. Thobelani ookumkani, kuba bakwizikhundla eziphezulu, okanye nithobele abalawuli, kuba bathunywe ngukumkani.” (1 Pet. 2:13, 14) Nentlangano kaThixo isinika imiyalelo esinceda sikhuseleke. Sihlala sikhunjuzwa ukuba sinike abadala iinamba ezisebenzayo zeefowuni zethu neeadresi zeendawo esihlala kuzo, ukuze bakwazi ukusifumana ngexesha lentlekele. Sowuyenzile wena loo nto? Sinokufumana imiyalelo ethi masingaphumi kwiiyadi zethu okanye masishiye iindawo esihlala kuzo, neyokufumana izinto esizidingayo okanye yendlela nexesha esinokubanceda ngalo abanye. Ukuba asiyithobeli le miyalelo, sinokubeka ubomi bethu nobabadala engozini. Khumbula ukuba la madoda athembekileyo ahlala esigadile. (Heb. 13:17) UMargaret uthi, “Ndiqinisekile ukuba into eyasindisa ubomi bam kukuthobela imiyalelo yabadala neyentlangano.”

13. Yintoni eyenze amaKristu amaninzi ashiye imizi yawo avuya futhi aseluxolweni?

13 Abazalwana noodade abaninzi kuye kwafuneka bashiye imizi yabo ngenxa yentlekele, imfazwe, okanye izidubedube. Baye bazama ngamandla ukuqhelana nobomi obutsha baza baqhubeka besebenzela uYehova. NjengamaKristu exesha labapostile awayesasazekile ngenxa yokuphathwa kakubi, baqhubeka “beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi.” (IZe. 8:4) Ukushumayela kubanceda bacinge kakhulu ngoBukumkani kuneengxaki abanazo. Loo nto ibenza bahlale bevuya futhi beseluxolweni.

XA UPHETHWE KAKUBI KUBA ULINGQINA

14. Ukuphathwa kakubi ngenxa yokukhonza uYehova kungaluphelisa njani uxolo?

14 Xa siphethwe kakubi kuba sikhonza uYehova, sisenokungakwazi ukuzenza izinto ezininzi ezisenza sibe noxolo. Siyavuya xa sikwazi ukudibana, ukushumayela nokwenza ezinye izinto esiqhele ukuzenza singoyiki ukuba siza kubanjwa. Ukuba asikwazi ukuzenza ezi zinto, sinokuba nexhala singazi ukuba yintoni eza kulandela. Kuqhelekile ukuziva ngale ndlela. Kodwa simele silumke. Into eyathethwa nguYesu ibonisa ukuba ukuphathwa kakubi kunokubenza baphelelwe lukholo abalandeli bakhe, baze bamshiye. (Yoh. 16:1, 2) Singahlala njani sinoxolo xa siphethwe kakubi?

15. Kutheni simele singakoyiki ukuphathwa kakubi kuba sikhonza uThixo? (Yohane 15:20; 16:33)

15 ILizwi likaThixo lithi: “Wonke umntu ofuna ukukhonza uThixo engumlandeli kaKristu Yesu, naye uza kutshutshiswa.” (2 Tim. 3:12) Omnye umzalwana, onguAndrei, zange ayamkele lula ke le nto emva kokuba umsebenzi uvaliwe kwilizwe lakhe. Wayesithi: ‘Maninzi gqitha amaNgqina apha. Abasemagunyeni banokusivalela njani sonke?’ Kodwa kunokuba le ndlela yokucinga imenze abe noxolo, yasuka yamenza wanexhala kakhulu. Abanye abazalwana bayiyekela ezandleni zikaYehova le nto, abacinga ukuba soze babanjwe bona. Babesazi ukuba basenokubanjwa, kodwa babengenaxhala njengoAndrei. Ngoko waqonda ukuba makacinge njengabo, aze athembele kuYehova ngokupheleleyo. Emva koko waba seluxolweni, ngoku uyavuya nangona eneengxaki. Kunokwenzeka into efanayo ke nakuthi. UYesu wathi masikulindele ukuphathwa kakubi, kodwa wasiqinisekisa ukuba sinokukwazi ukuhlala sithembekile.—Funda uYohane 15:20; 16:33.

16. Yimiyalelo evela koobani ekufuneka siyithobele xa siphethwe kakubi ngenxa yokuba sikhonza uYehova?

16 Xa umsebenzi wethu uvaliwe okanye ubekelwe imithetho emininzi, sisenokufumana imiyalelo kwiofisi yesebe nakubadala. Le miyalelo iyasikhusela, isenza sihlale sifumana izinto eziqinis’ ukholo ize isincede sikwazi ukushumayela. Zama ukuyithobela nokuba awusiqondi ncam isizathu sokuba siyinikwe. (Yak. 3:17) Nantsi enye into, ungaze uthethe izinto zabazalwana noodade okanye ngemisebenzi yebandla kubantu abangafanelanga bayazi.—INtshu. 3:7.

Yintoni eza kukwenza ube seluxolweni naxa kunzima? (Jonga isiqendu 17) e

17. Yintoni abayenzayo abapostile esizimisele ukuyenza nathi?

17 Esinye isizathu sokuba uSathana alwe nabantu bakaThixo kukuba ‘banomsebenzi wokungqinela uYesu.’ (ISityhi. 12:17) Ungavumi ukoyikiswa nguSathana nehlabathi lakhe. Ukushumayela nokufundisa ngoxa siphethwe kakubi, kusenza sivuye futhi sibe noxolo. Xa abasemagunyeni bayalela abapostile ukuba bayeke ukushumayela, loo madoda athembekileyo akhetha ukuthobela uThixo. Aqhubeka nomsebenzi wokushumayela owawuwavuyisa. (IZe. 5:27-29, 41, 42) Sekunjalo, xa umsebenzi wethu wokushumayela ubekelwe imithetho, simele simis’ ingqondo xa sishumayela. (Mat. 10:16) Kodwa xa sishumayela ngamandla ethu onke, siza kuba noxolo olwenziwa kukuba sivuyisa uYehova nakukuba sixelela abantu ngomyalezo osindis’ ubomi.

‘UTHIXO WOXOLO UZA KUBA NAWE’

18. Sinokulufumana kubani uxolo lokwenene?

18 Qiniseka ukuba nokuba sekunzima kangakanani, unokuba seluxolweni. Ngelo xesha, khumbula ukuba uxolo oludingayo luxolo lukaThixo, onokulufumana kuye qha. Thembela ngaye xa kukho isifo esigqugqisayo, intlekele okanye uphethwe kakubi ngenxa yokuba umkhonza. Yithi nca kwintlangano yakhe. Cinga ngezinto ezimangalisayo aza kukwenzela zona. Xa usenza ezi zinto, ‘uThixo woxolo uza kuba nawe.’ (Fil. 4:9) Kwinqaku elilandelayo siza kuva ukuba singawanceda njani amanye amaKristu aneengxaki ezinzima abe noxolo lukaThixo.

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

a UYehova uthembisa ukuba uza kubenza babe noxolo abantu abamthandayo. Luxolo olunjani olo futhi singalufumana njani? Ukuba ‘noxolo lukaThixo’ kungasinceda njani xa kukho isifo esigqugqisayo, intlekele okanye xa siphethwe kakubi kuba singamaNgqina? Siza kuzifumana kweli nqaku iimpendulo zale mibuzo.

b Amanye amagama atshintshiwe.

c Jonga inqaku elithi, “Xa Kusehla Intlekele—Ziintoni Onokuzenza Ukuze UsindekuVukani! No. 5 2017.

d INGCACISO YEMIFANEKISO: Udade wakulungiselela kwangaphambili ukushiya ikhaya lakhe.

e IPHEPHA 20: Umzalwana ohlala apho ubekelwe imithetho umsebenzi wethu ushumayela ngobulumko.