Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 53

Bazalwana Abasebatsha​—Linganisani UYesu

Bazalwana Abasebatsha​—Linganisani UYesu

“Yomelela ube yindoda.”​—1 KUM. 2:2.

INGOMA 135 “Yiba Sisilumko Nyana Wam”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Yintoni amele ayenze amadoda angamaKristu?

 UKUMKANI uDavide wathi kuSolomon: “Yomelela ube yindoda.” (1 Kum. 2:1-3) Le nto imele yenziwe ngawo onke amadoda angamaKristu. Ukuze akwazi ukuyenza le nto, kufuneka afunde ukuthobela imithetho kaThixo nokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kuzo zonke izinto azenzayo. (Luka 2:52) Kutheni kubalulekile ukuba abazalwana abasebatsha balinganise uYesu?

2-3. Kutheni kubalulekile ukuba umzalwana osemtsha akwazi ukulinganisa uYesu?

2 Indoda engumKristu inemisebenzi ebalulekileyo ekufuneka iyenze entsatsheni nasebandleni. Bazalwana abasebatsha, ngokuqinisekileyo nikhe nicinge ngemisebenzi eninokuyenza kwixesha elizayo. Nisenokufuna ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo, ukuba zizicaka zolungiselelo nize nibe ngabadala. Nisenokufuna nokutshata nize nibe nabantwana. (Efe. 6:4; 1 Tim. 3:1) Ukuze nikwazi ukuzenza kakuhle ezi zinto kufuneka nilinganise uYesu. b

3 Yintoni enokuninceda nikwazi ukulinganisa uYesu? Kukho izinto ezibalulekileyo ekufuneka nizifunde nize nizenze kakuhle. Ngoko yintoni eninokuyenza ngoku ukuze nilungiselele nayiphi na imisebenzi eninokuyenza kwixesha elizayo nize niyenze kakuhle?

IZINTO ENINOKUZENZA

Ukulinganisa iimpawu zikaYesu kuza kukunceda ube yile ndoda afuna ube yiyo uYehova (Jonga isiqendu 4)

4. Unokubafumana phi abantu onokubalinganisa? (Jonga nomfanekiso.)

4 Linganisani abantu abathanda uThixo nabazenza kakuhle izinto. IBhayibhile ithetha ngamadoda amaninzi abanokufunda kuwo abafana baze bawalinganise. Loo madoda ayemthanda uThixo, ekhathalele nabantu bakhe ngeendlela ezahlukeneyo. Ebandleni nakubantu bakowenu akhona amadoda afana nala eninokufunda kuwo. (Heb. 13:7) Oyena mntu ninokufunda kuye nguYesu Kristu. (1 Pet. 2:21) Njengoko nifunda ngaba bantu, cingani ngeempawu zabo enizithandayo. (Heb. 12:1, 2) Emva koko, khangelani iindlela eninokubalinganisa ngazo.

5. Yintoni onokuyenza ukuze ukwazi ukusebenzisa amandla okucinga? Kutheni ibalulekile nje loo nto? (INdumiso 119:9)

5 Sebenzelani ukuba “namandla okucinga” nize ‘niwakhusele.’ (IMize. 3:21) Indoda esebenzisa amandla okucinga ayiyenzi into ingayicingisisanga kakuhle kuqala. Ngoko sebenzani ngamandla ukuze nikwazi ukuyenza le nto, ningaze niyiyeke. Ngoba? Kaloku kweli hlabathi kugcwele abafana abahamba ngabayibonayo nabenza izinto beqhutywa yindlela abaziva ngayo. (IMize. 7:7; 29:11) ITV, iimuvi, i-intanethi neewebhsayithi zokuncokola zinokuba nefuthe kakhulu kwindlela enicinga nenizenza ngayo izinto. Kodwa yintoni eninokuyenza ukuze nikwazi ukucinga kakuhle? Okokuqala, fundani iBhayibhile ukuze niyazi indlela uYehova acinga naziva ngayo, nize nicinge nokuba kuza kuninceda njani ukwenza izinto ezithethwa nguye. Emva koko sebenzisani izinto enizifundileyo ukuze zinincede nenze izinto eziza kumvuyisa uYehova. (Funda INdumiso 119:9.) Ukwenza le nto kuza kuninceda kakhulu nikwazi ukulinganisa uYesu. (IMize. 2:11, 12; Heb. 5:14) Khanive ukuba ukukwazi ukucinga kakuhle kunokuninceda njani kwezi zinto zimbini: (1) kwindlela enibaphatha ngayo oodade (2) naxa nicinga ngendlela eniza kunxiba neniza kuzilungisa ngayo.

6. Ukucinga njengoYehova kuza kumnceda njani umzalwana osemtsha ahloniphe oodade?

6 Xa nicinga njengoThixo niza kubahlonipha abantu ababhinqileyo. Yinto eqhelekileyo nefanelekileyo into yokuba umzalwana osemtsha abe nomdla kudade ongumKristu. Kodwa umfana ocinga njengoYehova soze athethe, abhale okanye enze nantoni na enokubonisa ukuba unomdla kudade ngaphandle kokuba ufuna nyhani ukumtshata. (1 Tim. 5:1, 2) Ukuba kukho udade athandana naye, akazukungcolisa igama lakhe ngokuvumela ukuba babe bodwa, kungekho mpelesi.​—1 Kor. 6:18.

7. Ukucinga njengoYehova kuza kumnceda njani umzalwana osemtsha xa ekhetha into amakayinxibe nendlela amakazilungise ngayo?

7 Umfana ofunde ukucinga njengoYehova ubonakala nakwindlela anxiba nazilungisa ngayo. Abantu abaninzi abenza iimpahla ezikwifashoni nabakhuthaza ukuba zinxitywe abanaxesha likaYehova futhi baziphethe kakubi. Loo nto ibonakala kwiimpahla abazenzayo ezipitsayo okanye ezenza amadoda abonakale ngathi angamabhinqa. Xa ekhetha impahla aza kuyinxiba, umfana ozama ukulinganisa uYesu ucinga ngemigaqo yeBhayibhile nangendlela abanxiba ngayo abazalwana abaqhuba kakuhle ebandleni. Unokuzibuza: ‘Ngaba indlela endinxiba ngayo ibonisa ukuba ndiphilile engqondweni nokuba ndiyabahlonipha abanye? Ngaba kuba lula ngabanye ukubona ukuba nyhani ndikhonza uThixo?’ (1 Kor. 10:31-33; Tito 2:6) Umfana ocinga njengoYehova akazukuhlonitshwa ngabazalwana noodade kuphela, uza kuhlonitshwa nanguTata wakhe osezulwini.

8. Ziintoni anokuzenza umzalwana osemtsha ukuze athenjwe?

8 Yibani ngabantu abanokuthenjwa. Umfana onokuthenjwa uye ayenze kakuhle yonke imisebenzi ayinikiweyo. (Luka 16:10) Khanicinge ngoYesu. Wayengenguye umntu ongakhathaliyo. Wayenza yonke imisebenzi uYehova awayemnike yona naxa kwakunzima. Wayebathanda abantu, ngokukodwa abafundi bakhe. Ngoko wanikela ngobomi bakhe ngenxa yabo. (Yoh. 13:1) Linganisani uYesu, nikhuthale xa nisenza nokuba ngowuphi umsebenzi eniwunikiweyo. Ukuba ninikwa umsebenzi eningaqinisekanga ukuba nimele niwenze njani, zithobeni nibuze kubazalwana abawazi kakuhle. Kulumkeleni ukuwenzela nje ukuba kuthiwe niwenzile. (Roma 12:11) Kunoko, zamani ukuwenza kakuhle nize niwugqibe kuba ‘niwenzela uYehova kungekhona abantu.’ (Kol. 3:23) Khumbulani ukuba ninesono, ngoko zithobeni, nivume xa niphazamile.​—IMize. 11:2.

FUNDANI UKWENZA IZINTO EZIZA KUNINCEDA EBOMINI

9. Kutheni umzalwana osemtsha emele abe nezinto afunda ukuzenza?

9 Ukuze nilinganise uYesu, kukho izinto ekuza kufuneka nifunde ukuzenza. Ziza kuninceda nikwazi ukwenza imisebenzi yebandla, nivane nabanye abantu, nifumane imisebenzi yempangelo eniza kuhlala kuyo neza kuninceda nikwazi ukufumana izinto enizidingayo okanye ezidingwa ziintsapho zenu. Nazi ezinye zezinto eninokufunda ukuzenza.

Ukukwazi ukufunda nokubhala kakuhle kuza kunceda wena nebandla (Jonga isiqendu 10-11)

10-11. Ukukwazi ukufunda nokubhala kakuhle kuza kumnceda njani umzalwana osemtsha nebandla akulo? (INdumiso 1:1-3) (Jonga nomfanekiso.)

10 Zimiseleni ukukwazi ukufunda nokubhala kakuhle. IBhayibhile ithi indoda eyonwabileyo nezenza kakuhle izinto ifunda iLizwi LikaThixo yonke imihla ize icingisise ngalo. (Funda iNdumiso 1:1-3.) Xa ilifunda yonke imihla, iza kutsho iyazi indlela uYehova acinga ngayo. Loo nto iza kuyinceda nayo icinge kakuhle ize ikwazi ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. (IMize. 1:3, 4) Ngamadoda anjalo ke afunekayo ebandleni. Kutheni sisitsho?

11 Abazalwana noodade badinga ukuncedwa ngamadoda akwaziyo ukufundisa nokucebisa esebenzisa iBhayibhile. (Tito 1:9) Ukuba uyakwazi ukufunda nokubhala kakuhle, uza kukwazi ukulungiselela iintetho neempendulo eziza kubanceda abanye, zize ziqinise ukholo lwabo. Naxa ufunda, umamele iintetho kwiintlanganiso, kwiindibano zesiphaluka nezengingqi, uza kukwazi ukubhala amanqaku aza kukunceda uqinise ukholo lwakho uze ukhuthaze nabanye.

12. Yintoni eza kukunceda ukwazi ukubamamela abantu nokuthetha kakuhle nabo?

12 Fundani ukumamela nokuthetha kakuhle nabantu. Indoda engumKristu imele ifunde ukumamela nokuthetha kakuhle nabantu. Xa immamele umntu, iye iyiqonde into ayicingayo nendlela aziva ngayo. (IMize. 20:5) Ilizwi lomntu, ubuso bakhe nezimbo zomzimba zinokuyinceda iyazi into ayicingayo nendlela aziva ngayo. Soze nikwazi ukuyenza le nto xa nizikhetha ebantwini. Ukuba nisoloko nisebenzisa izixhobo ze-elektroniki xa nithetha nabantu, kuza kuba nzima ukuncokola nabo xa nikunye. Ngoko zamani ukuyokuthetha nabantu kunokuba nibabhalele.​—2 Yoh. 12.

Kuyanceda ukufunda into eza kukwenza uqeshwe (Jonga isiqendu 13)

13. Yeyiphi enye into ekufuneka ayifunde umfana? (1 Timoti 5:8) (Jonga nomfanekiso.)

13 Fundani indlela yokwenza imali yezinto enizidingayo. Indoda elinganisa uYesu imele ikwazi ukuzinyamekela, inyamekele nentsapho yayo. (Funda u-1 Timoti 5:8.) Kwamanye amazwe, abazalwana abasebatsha banokufunda imisebenzi yezandla kootata babo okanye kwabanye abantu abazalana nabo. Kanti kwamanye umfana unokufunda umsebenzi wezandla okanye olunye uhlobo lomsebenzi ngoxa esekumabanga aphakamileyo. Kuza kuninceda ukufunda ukwenza umsebenzi oza kunenza niqeshwe. (IZe. 18:2, 3; 20:34; Efe. 4:28) Abantu mabanazi njengabantu abakhutheleyo nabayigqibayo into abayiqalileyo. Xa kunjalo, kuza kuba lula ukufumana umsebenzi nize nihlale kuwo. Izinto esithethe ngazo zibalulekile kwindoda engumKristu kuba ziza kuyinceda ilungele neminye imisebenzi esenokuyenza kwixesha elizayo. Makhe sithethe ngeminye yaloo misebenzi.

LUNGISELELANI IXESHA ELIZAYO

14. Yintoni anokuyenza umzalwana osemtsha ukuze alungele inkonzo yexesha elizeleyo?

14 Ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Amadoda amaninzi alinganisa uYesu aye aqalisa esemancinci ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ukuba nguvulindlela kunceda umfana akwazi ukusebenzisana kakuhle nabantu abahlukeneyo. Kumnceda ayisebenzise kakuhle nemali, angenzi izinto eziza kufuna engaphezu kwaleyo anayo. (Fil. 4:11-13) Bazalwana abasebatsha, into enokuninceda niyilungele inkonzo yexesha elizeleyo kukuqala nibe ngoovulindlela abangabancedani. Abaninzi baqale ngokuba ngoovulindlela abangabancedani ngezinye iinyanga ukuze balungele ukuba ngoovulindlela abathe ngxi. Xa ningoovulindlela niza kuba namathuba okuba kwezinye iintlobo zenkonzo yexesha elizeleyo, njengokuba ngabakhi bexesha elizeleyo okanye ukukhonza eBheteli.

15-16. Yintoni enokunceda umzalwana osemtsha abe sisicaka solungiselelo okanye umdala?

15 Ukuba sisicaka solungiselelo okanye umdala. Amadoda angamaKristu amele asebenzele ukufanelekela ukuba ngabadala ukuze akhonze abazalwana noodade. IBhayibhile ithi amadoda asebenzela ukuba ngabadala ‘anqwenela umsebenzi omhle.’ (1 Tim. 3:1) Ngaphambi kokuba abe ngumdala, umzalwana umele afanelekele ukuba sisicaka solungiselelo. Izicaka zolungiselelo zincedisa abadala ngeendlela ezininzi. Abadala nezicaka zolungiselelo bakhonza abazalwana noodade bethobekile futhi bakhuthele entsimini. Abazalwana abasebatsha banokukufanelekela ukuba zizicaka zolungiselelo kwanaxa beneminyaka eyi-17 ukuya kweyi-19. Kanti isicaka solungiselelo esikufanelekelayo ukuba ngumdala sinokuba nguye sisena-20.

16 Ziintoni eninokuzenza ukuze nikufanelekele ukuba zizicaka zolungiselelo nokuba ngabadala? IBhayibhile ichaza iimpawu enimele nibe nazo nezibonisa ukuba niyamthanda uYehova, abantu bakowenu nebandla. (1 Tim. 3:1-13; Tito 1:6-9; 1 Pet. 5:2, 3) Zamani ukuqonda uphawu ngalunye kwezi zichazwa yiBhayibhile. Celani uYehova anincede ukuba nibe nazo. c

UYehova ufuna umyeni ayithande inkosikazi nabantwana bakhe, azikhathalele izinto abazidingayo, abe ngumhlobo wabo aze abancede bahlale bengabahlobo Bakhe (isiqendu 17)

17. Ziintoni anokuzenza umzalwana osemtsha ukuze akulungele ukuba ngumyeni nentloko-ntsapho? (Jonga nomfanekiso.)

17 Ukuba ngumyeni nentloko-ntsapho. Njengokuba uYesu watshoyo, amanye amadoda amlinganisayo ahlala engatshatanga. (Mat. 19:12) Kodwa ukuba nikhetha ukutshata, niza kuba ngabayeni neentloko-ntsapho. (1 Kor. 11:3) UYehova ulindele ukuba umyeni ayithande inkosikazi yakhe, ahoye izinto ezidingayo, abe ngumhlobo wokwenene kuyo aze ayincede ihlale ingumhlobo Wakhe. (Efe. 5:28, 29) Izinto esithethe ngazo kweli nqaku, ezifana nokuba namandla okucinga, ukuhlonipha abantu ababhinqileyo nokuba ngumntu onokuthenjwa, ziza kumnceda umzalwana osemtsha xa etshatile. Uza kutsho akulungele ukuba ngumyeni nentloko-ntsapho.

18. Ziintoni anokuzenza umzalwana osemtsha ukuze akulungele ukuba ngutata?

18 Ukuba ngutata. Emva kokuba nitshatile nisenokuba nabantwana. Yintoni eninokuyifunda kuYehova ngokuba ngutata? Zininzi. (Efe. 6:4) UYehova zange abe nantloni zokuxelela uNyana wakhe, uYesu, ukuba uyamthanda futhi uyavuyiswa nguye. (Mat. 3:17) Ukuba niye nangootata, baqinisisekiseni abantwana benu ukuba niyabathanda. Hlalani nibancoma xa benze izinto ezintle. Ootata abalinganisa uYehova bayabanceda abantwana babo ukuba babe ngamadoda namabhinqa alinganisa uYesu. Ninokukulungiselela ngoku ukuba ngootata ngokukhathalela abantu bakowenu nabazalwana noodade, nangokubaxelela ukuba niyabathanda futhi babalulekile kuni. (Yoh. 15:9) Loo nto iza kuninceda nibe ngabayeni nootata abathandwayo ziintsapho zabo. Okwangoku niza kuthandwa nguYehova nize nibe luncedo kakhulu kubantu bakowenu nasebandleni.

YINTONI ENIZA KUYENZA NGOKU?

Abafana abaninzi abafundiswe iZibhalo baza bazenza izinto abazifundileyo, baye balinganisa uYesu (Jonga isiqendu 19-20)

19-20. Ziintoni eziza kunceda abazalwana abasebatsha ukuze babe ngamadoda alinganisa uYesu? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

19 Bazalwana abasebatsha anizukuzibona seningamadoda alinganisa uYesu. Kuza kufuneka nilinganise abantu abathanda uThixo nabazenza kakuhle izinto, nisebenzele ukuba namandla okucinga, nibe ngabantu abanokuthenjwa, nifunde ukwenza izinto eziza kuninceda ebomini nize nilungele nezinto ekuza kufuneka nizenze kwixesha elizayo.

20 Xa nicinga ngazo zonke izinto enimele nisebenzele kuzo, nisenokubona ngathi aninakukwazi ukuzenza. Kodwa ningakwazi. Sanukulibala ukuba uYehova ufuna nyhani ukuninceda. (Isa. 41:10, 13) Nabazalwana noodade baza kuninceda. Xa nisiba ngala madoda uYehova afuna nibe ngawo niza konwaba ebomini. Bazalwana abasebatsha, siyanithanda! Sinqwenela ukuba uYehova anisikelele kakhulu njengoko nisebenzela ukuba ngamadoda alinganisa uYesu.​—IMize. 22:4.

INGOMA 65 Qhubela Phambili!

a Ebandleni kudingeka amadoda alinganisa uYesu. Kweli nqaku siza kuva ukuba ziintoni abanokuzenza abazalwana abasebatsha ukuze babe ngaloo madoda.

b Jonga indawo ethi “Amagama Acacisiweyo” kwinqaku elingaphambi kweli.

c Jonga incwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, isahl. 5-6.