Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 52

Boodade Abasebatsha​—Linganisani UYesu

Boodade Abasebatsha​—Linganisani UYesu

“Nabafazi bafanele . . . bangabaxi xa besenza izinto, bathembeke kuyo yonke into.”​—1 TIM. 3:11.

INGOMA 133 Khonza UYehova Ebutsheni Bakho

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Ziintoni esimele sizenze ukuze sikwazi ukulinganisa uYesu?

 IYASIMANGALISA indlela umntwana akhawuleza akhule ngayo abe ngumntu omdala. Le nto ibonakala ngathi iyazenzekela. Kodwa yena umKristu akavuki sele ekwazi ukulinganisa uYesu. b (1 Kor. 13:11; Heb. 6:1) Kaloku ukuze sikwazi ukumlinganisa, kufuneka simthande nyhani uYehova. Sidinga nomoya wakhe oyingcwele njengoko sizama ukuba neempawu azithandayo, sifunda ukwenza izinto eziza kusinceda ebomini, naxa silungiselela imisebenzi ekusenokufuneka siyenze kwixesha elizayo.​—IMize. 1:5.

2. Yintoni esiyifundayo kwiGenesis 1:27? Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 UYehova wadala indoda nebhinqa. (Funda iGenesis 1:27.) Indlela eme ngayo imizimba yabo ayifani, zikhona ke nezinye izinto abangafani ngazo. Ngokomzekelo, uYehova unike ngamnye kubo imisebenzi ekufuneka ayenze. Ngoko bamele babe neempawu ezifunekayo, benze nezinto eziza kubanceda bayenze kakuhle loo misebenzi. (Gen. 2:18) Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezinokwenziwa ngoodade abasebatsha ukuze bakwazi ukulinganisa uYesu. Kwelilandelayo siza kuthetha ngezinto ezinokwenziwa ngabazalwana abasebatsha.

YIBA NEEMPAWU EZITHANDWA NGUTHIXO

Ukulinganisa amabhinqa awayethembekile afana noRebheka, uEstere noAbhigali kuza kukunceda ube ngudade othandekayo (Jonga isiqendu 3-4)

3-4. Oodade abasebatsha banokubafumana phi abantu abanokubalinganisa? (Jonga nomfanekiso.)

3 IBhayibhile ithetha ngamabhinqa amaninzi awayethanda uYehova futhi emkhonza. (Jonga inqaku lesiNgesi elithi “Women in the Bible​—What Can We Learn From Them?” ku-jw.org.) ‘Ayengabaxi xa esenza izinto’ futhi ‘ayethembeke kuyo yonke into,’ njengoko usitsho uMbhalo elisekelwe kuwo eli nqaku. Nasebandleni banokuba khona oodade abathanda uYehova, abanokufunda izinto ezininzi kubo oodade abasebatsha.

4 Nina boodade abasebatsha, khanicinge ngoodade enibaziyo abaqhuba kakuhle eninokubalinganisa. Qwalaselani iimpawu zabo ezintle, nize nicinge ukuba ninokwenza ntoni ukuze nani nibe nazo. Kwiziqendu ezilandelayo siza kuthetha ngeempawu ezimbini ekufuneka babe nazo oodade.

5. Kutheni kubalulekile ukuba udade ofuna ukulinganisa uYesu athobeke?

5 Udade ofuna ukulinganisa uYesu kufuneka athobeke. Ukuba uthobekile, uza kuthandwa nguYehova nangabanye abantu. (Yak. 4:6) Ngokomzekelo, ibhinqa elimthandayo uYehova nelithobekileyo liza kulandela umyalelo okuma-1 Korinte 11:3, apho uYehova achazayo ukuba ngubani omele akhokele ebandleni nasentsatsheni. c

6. Yintoni abanokuyifunda oodade abasebatsha kuRebheka ngokuthobeka?

6 Khawucinge ngoRebheka. Wayelibhinqa elithobekileyo, elalingoyiki ukwenza izigqibo, nelalisazi ukuba limele lenze ntoni, nini. (Gen. 24:58; 27:5-17) Sekunjalo, wayehlonipha futhi ethobela. (Gen. 24:17, 18, 65) Ukuba nithobeke njengoRebheka futhi niyasebenzisana nabantu uYehova abamisele ukuba bakhokele, bonke abantu abasebandleni nabakowenu baza kufunda kuni.

7. Oodade abasebatsha banokubonisa njani ukuba bathobeke njengoEstere?

7 Onke amaKristu amele athobeke. IBhayibhile ithi “ubulumko bobabo bathobekileyo.” (IMize. 11:2) UEstere wayengumkhonzi kaThixo othobekileyo nothembekileyo. Ukuthobeka kwakhe kwamenza akakhukhumala xa waba ngukumkanikazi. Wayimamela into awayeyicetyiswa ngumzala wakhe omdala, uMordekayi, waza wayenza. (Estere 2:10, 20, 22) NjengoEstere, ninokubonisa ukuba nithobekile ngokucela ukucetyiswa nize niyenze loo nto niyicetyiswayo.​—Tito 2:3-5.

8. Ngokutsho kuka-1 Timoti 2:9, 10, ukuthobeka kuza kumnceda njani udade ayazi indlela amakanxibe namakazilungise ngayo?

8 Ikhona nenye indlela uEstere awabonisa ngayo ukuba uthobekile. ‘Wayemile kakuhle kwaye enomkhitha’; kodwa wayengazitsaleli amehlo. (Estere 2:7, 15) Oodade banokufunda ntoni kuEstere? Enye into abanokuyifunda ichazwe ku-1 Timoti 2:9, 10. (Mfunde.) Umpostile uPawulos wayalela amaKristu angamabhinqa ukuba anxibe ngendlela ebonisa ukuba anesidima futhi aphilile engqondweni. Amagama esiGrike asetyenzisiweyo apha abonisa ukuba amabhinqa angamaKristu afanele anxibe ngendlela ebonisa ukuba ayabahlonipha abantu, ayikhathalele nendlela abaziva ngayo. Siyazidla ngani boodade abalisebenzisayo eli cebiso.

9. Yintoni esinokuyifunda kuAbhigali?

9 Olunye uphawu ekufuneka bonke oodade abangamaKristu babe nalo kukuqonda. Yintoni ukuqonda? Kukuyazi into elungileyo nengalunganga, uze ukhethe ukwenza elungileyo. Khawucinge ngoAbhigali. Umyeni wakhe wenza isigqibo esingalunganga nesasiza kubafak’ engxakini bonke abantu ababehlala kwakhe. UAbhigali wakhawuleza wazam’ ukuyilungisa loo nto. Ngenxa yokuba wayeyiqonda into elungileyo ekwakufuneka ayenze, wasindisa ubomi babo bantu. (1 Sam. 25:14-23, 32-35) Ukuqonda kusinceda silazi nexesha lokuthetha nelokuthi cwaka. Kukwasinceda sibe nomdla kwabanye kodwa singenzi izinto eziza kubenza bangakhululeki.​—1 Tes. 4:11.

FUNDA UKWENZA IZINTO EZIZA KUKUNCEDA

Kuye kwakunceda njani ukukwazi ukufunda nokubhala kakuhle? (Jonga isiqendu 11)

10-11. Ukukwazi ukufunda nokubhala kakuhle kuza kukunceda njani wena nabanye abantu? (Jonga nomfanekiso.)

10 Ibhinqa elingumKristu kufuneka lifunde ukwenza izinto eziza kulinceda ebomini. Ezinye izinto ezifundwa yintombazana esencinci ziza kuyinceda ubomi bayo bonke. Nantsi imizekelo embalwa.

11 Zimisele ukukwazi ukufunda nokubhala kakuhle. Kwezinye iindawo kuthiwa ayibalulekanga into yokuba amabhinqa akwazi ukufunda nokubhala. Kodwa ezi zinto zibalulekile kuwo onke amaKristu. d (1 Tim. 4:13) Ngoko sukuvumela nantoni na ikwenze uyeke ukuzimisela ukufunda nokubhala kakuhle. Iza kukunceda njani loo nto? Kaloku iza kukunceda ufumane umsebenzi oza kukubhatala imali oyidingayo. Kuza kuba lula ukufunda iLizwi LikaThixo nokulifundisa abanye abantu. Eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba uza kuya usondela kuYehova njengoko ufunda iLizwi lakhe uze ucingisise ngezinto ozifundayo.​—Yosh. 1:8; 1 Tim. 4:15.

12. Yintoni oyifundayo kwiMizekeliso 31:26?

12 Funda ukumamela nokuthetha kakuhle nabantu. Kubaluleke nyhani ukuba amaKristu akwazi ukuyenza le nto. Umfundi uYakobi wasicebisa esithi: “Wonke umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha.” (Yak. 1:19) Ukuba ubamamela kakuhle abantu xa bethetha, ubonisa ukuba uyavelana nabo. (1 Pet. 3:8) Xa ungaqinisekanga ukuba uyayiqonda na into ethethwa ngumntu okanye indlela aziva ngayo, mbuze imibuzo efanelekileyo. Emva koko khawukhe ucinge ngaphambi kokuba uthethe. (IMize. 15:28) Zibuze: ‘Ngaba le nto ndiza kuyithetha iyinyani futhi iyakhuthaza? Ngaba ibonisa ukuba ndinembeko nobubele?’ Funda koodade abakwaziyo ukumamela nokuthetha kakuhle nabantu. (Funda iMizekeliso 31:26.) Mamela indlela abathetha ngayo. Ukuba uzenza kakuhle ezi zinto, uza kuvana lula nabantu uze uhlalisane nabo ngoxolo.

Ibhinqa eliye lafunda ukunyamekela ikhaya liyinceda yonwabe intsapho yalo nebandla (Jonga isiqendu 13)

13. Unokwenza ntoni ukuze ukwazi ukunyamekela ikhaya? (Jonga nomfanekiso.)

13 Funda ukunyamekela ikhaya. Kwiindawo ezininzi, imisebenzi emininzi yasekhaya yenziwa ngamabhinqa. Umama wakho okanye omnye udade bangakufundisa indlela yokuyenza kakuhle le misebenzi. Omnye udade onguCindy uthi: “Enye yezona zinto zibalulekileyo endazifunda kumama kukuba umntu okhutheleyo uyavuyiswa ngumsebenzi awenzayo. Ukufunda izinto ezinjengokupheka, ukuthunga, ukuklina nokuthenga izinto kubenze lula ubomi bam ndaza ndakwazi ukumkhonza nangezinye iindlela uYehova. Umama wandifundisa nendlela yokubuk’ iindwendwe, yaza loo nto yandenza ndadibana nabazalwana noodade endinokufunda kubo.” (IMize. 31:15, 21, 22) Ibhinqa elikhutheleyo, elikwaziyo ukubuka iindwendwe neliye lafunda ukunyamekela ikhaya liyinceda yonwabe intsapho yalo nebandla.​—IMize. 31:13, 17, 27; IZe. 16:15.

14. Yintoni oyifundayo kuCrystal? Yintoni ofanele uhlale ucinga ngayo?

14 Funda ukuzenzela izinto. Kubalulekile ukuba onke amaKristu afunde ukuzenzela izinto. (Fil. 4:11) Omnye udade onguCrystal uthi: “Abazali bam bandikhuthaza ukuba xa ndikumabanga aphakamileyo ndikhethe ukwenza izifundo eziza kundinceda xa ndigqibile esikolweni. Utata wandikhuthaza ukuba ndenze iaccounting. Yandinceda kakhulu ke loo nto.” Awumelanga uphelele ekufundeni izinto eziza kukunceda ufumane umsebenzi, kodwa zama ukufunda nendlela yokuyisebenzisa kakuhle imali, ungenzi izinto ezingaphezu kwaleyo uyifumanayo. (IMize. 31:16, 18) Hlala ucinga ngezinto ozimisele ukuzenzela uYehova. Ngoko kulumkele ukuzenzela amatyala angeyomfuneko, uze waneliswe zizinto ezimbalwa onazo.​—1 Tim. 6:8.

LUNGISELELA IXESHA ELIZAYO

15-16. Oodade abangatshatanga babanceda njani abanye abantu? (Marko 10:29, 30)

15 Ukuba neempawu ezivuyisa uYehova nokufunda izinto eziza kukunceda kuza kukwenza uzenze kakuhle izinto okhetha ukuzenza ebomini. Nantsi imizekelo embalwa yezinto onokuzenza.

16 Unokukhetha ukungakhawulezi utshate. Ngokutsho kukaYesu, amanye amabhinqa aye akhetha ukungatshati nangona ingakhuthazwa loo nto kwiindawo akhulele kuzo. (Mat. 19:10-12) Amanye anokuhlala engatshatanga ngenxa yeemeko. Qinisekani ukuba uYehova noYesu abacingi ukuba anibalulekanga ngenxa yokuba ningatshatanga. Emhlabeni wonke oodade abangatshatanga baluncedo kakhulu emabandleni. Ngenxa yokuba bebathanda futhi bebakhathalele abantu, baye babe ngoosisi noomama kubantu abaninzi.​—Funda uMarko 10:29, 30; 1 Tim. 5:2.

17. Yintoni anokuyenza ngoku udade osemtsha ukuze alungiselele ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo?

17 Unokuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Abona bantu bawenza kakhulu umsebenzi wokushumayela emhlabeni wonke ngoodade. (INdu. 68:11) Unokukulungiselela ngoku ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Unokuba nguvulindlela, umakhi wokwexeshana okanye ukhonze eBheteli. Yithandazele into ozimisele ukuyenza. Thetha nabantu abaye bakwazi ukuyenza loo nto uze uzame ukuqonda ukuba yintoni omele uyenze ukuze ufaneleke. Cinga ngento ekufuneka uyenze ukuze ukwazi ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Xa uye wakuyo, uza kufumana amathuba okumenzela izinto ezininzi ezivuyisayo uYehova.

Ukuba ufuna ukutshata, kuza kufuneka umkhethe kakuhle umntu ofuna ukutshata naye (Jonga isiqendu 18)

18. Kutheni kufuneka udade amkhethe kakuhle umntu afuna abe ngumyeni wakhe? (Jonga nomfanekiso.)

18 Usenokufuna ukutshata. Iimpawu nezinto esithethe ngazo ziza kukunceda ube yinkosikazi efanelekileyo. Ukuba ufuna ukutshata, kuza kufuneka umkhethe kakuhle umntu ofuna ukutshata naye. Esi sesinye sezona zigqibo zibalulekileyo ekuza kufuneka uzenze. Khumbula kaloku, kuza kufuneka umthobele loo mntu uza kutshata naye. (Roma 7:2; Efe. 5:23, 33) Ngoko zibuze: ‘Ngaba lo mzalwana ucinga aze enze izinto njengoYesu? Ngaba uYehova ngoyena ubalulekileyo ebomini bakhe? Ngaba izigqibo azenzayo zibonisa ukuba ulumkile? Uyakwazi ukuvuma xa ephazamile? Uyawahlonipha amabhinqa? Ngaba uza kundinceda ndikwazi ukuhlala ndingumhlobo kaYehova? Uza kukwazi ukundondla nokuba ngumhlobo wam? Ngaba uyenza kakuhle imisebenzi yakhe? Ngokomzekelo, yeyiphi imisebenzi ayenzayo ebandleni? Uyenza njani?’ (Luka 16:10; 1 Tim. 5:8) Kaloku, ukuba ufuna ukufumana umyeni ofanelekileyo, nawe kufuneka ube yinkosikazi efanelekileyo.

19. Kutheni ukuba ‘ngumncedi’ kuyinika isidima inkosikazi?

19 IBhayibhile ithi inkosikazi efanelekileyo ‘ngumncedi oza kumfanela’ umyeni wayo. (Gen. 2:18) Ngaba le nto ithetha ukuba inkosikazi ayibalulekanga? Ayithethi loo nto. Kaloku iyinika isidima into yokubizwa ngokuba ingumncedi. NoYehova, xa iBhayibhile ithetha ngaye ithi “ungumncedi.” (INdu. 54:4; Heb. 13:6) Ukuze inkosikazi ibe ngumncedi nyhani kumyeni wayo, kufuneka imxhase. Ngokomzekelo, xa enze izigqibo ngento ekufuneka yenziwe yintsapho, kufuneka incedisane naye ukuze yenziwe. Ngenxa yokuba imthanda uYehova, yenza yonke into ekwaziyo ukuyenza ukuze incede abanye babone iimpawu ezintle anazo umyeni wayo. (IMize. 31:11, 12; 1 Tim. 3:11) Unokukulungiselela ngoku ukuba yinkosikazi ngokumthanda kakhulu uYehova nangokunceda abantu bakowenu nabasebandleni.

20. Umama unokuyenzela ntoni intsapho yakhe?

20 Usenokuba nabantwana. Emva kokuba nitshatile, wena nomyeni wakho nisenokuba nabantwana. (INdu. 127:3) Ngoko kubalulekile ukucinga ukuba yintoni omele uyenze ukuze ube ngumama othandwayo yintsapho yakhe. Iimpawu nezinye izinto esithethe ngazo kweli nqaku ziza kukunceda xa uyinkosikazi nomama. Xa uyithanda intsapho yakho, unobubele nomonde uza kuyinceda yonwabe, nabantwana bakho bazive bekhuselekile.​—IMize. 24:3.

Iintombi ezininzi ezifundiswe iZibhalo zaza zazenza izinto ezizifundileyo ziye zalinganisa uYesu (Jonga isiqendu 21)

21. Siziva njani ngoodade esinabo emabandleni? Kutheni siziva ngaloo ndlela? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

21 Siyanithanda nina boodade ngenxa yazo zonke izinto enizenzela uYehova nabantu bakhe. (Heb. 6:10) Nisebenza nzima ukuze nibe neempawu ezithandwa nguYehova, nifunde izinto eziza kwenza nina nabantu eniphila nabo nonwabe, nokuze nizilungiselele kakuhle izinto ekuza kufuneka nizenze kwixesha elizayo. Intlangano kaYehova inixabisa kakhulu.

INGOMA 137 Abafazi Abathembekileyo

a Nina boodade abasebatsha nixabiseke kakhulu emabandleni. Ninokukwazi ukulinganisa uKristu ngokuba neempawu ezithandwa nguThixo, nifunde ukwenza izinto eziza kuninceda nize nilungiselele ixesha elizayo. Xa nisenza ezi zinto, uYehova uza kunisikelela ngeendlela ezininzi.

b AMAGAMA ACACISIWEYO: UmKristu okwaziyo ukulinganisa uYesu akalandeli ubulumko behlabathi, kodwa ukhokelwa ngumoya kaThixo. Ekubeni elinganisa uYesu usebenza nzima ukuze ahlale engumhlobo kaYehova, futhi ubathanda nyhani abantu.

d Ukuze uve indlela ekubaluleke ngayo ukufunda, jonga inqaku elithi “Kutheni Kubalulekile Ukuba Abantwana Bafunde​—Inxalenye 1: Ukufunda Okanye Ukubukela?” kujw.org/xh.