Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bujonge NjengoThixo Utywala

Bujonge NjengoThixo Utywala

NGOKUQINISEKILEYO uyazixabisa izipho ezahlukeneyo uYehova akuphe zona, eziquka inkululeko yokuzikhethela indlela yokuzisebenzisa. IBhayibhile ichaza iwayini njengesipho esivela kuThixo, ide ithi: “Isonka sibangela ukuba kuhlekwe, newayini ibenza mnandi ubomi.” (INtshu. 10:19; INdu. 104:15) Kusenokwenzeka ukuba ukhe wabona abanye abantu besiba neengxaki ngenxa yendlela ababusebenzisa ngayo utywala. Idla ngokohluka indlela abantu ababujonga nababusebenzisa ngayo utywala emhlabeni wonke. Yintoni enokunceda amaKristu enze isigqibo sobulumko ngendlela abusela ngayo utywala?

Xa sisenza izigqibo asimele senze izinto ezicingwa ngabantu esihlala kunye nabo, kodwa simele senze izinto ezifunwa nguThixo. Loo nto iza kusenza sonwabe.

Kusenokwenzeka ukuba uqaphele ukuba abantu abaninzi basoloko besela, ibe basela kakhulu. Abanye basela utywala kuba bubenza bakhululeke. Abanye basela kuba befuna ukulibala iingxaki abanazo. Kwezinye iindawo xa umntu esela kakhulu kudla ngokuthiwa ukhulile okanye uyindoda.

Kodwa ke amaKristu enza izinto azicetyiswa nguMdali obathandayo abantu bakhe. Ngokomzekelo, uye wasixelela ngezinto eziza kwenzeka xa sibusela kakhulu utywala. Kusenokwenzeka uyayikhumbula indlela iMizekeliso 23:29-35 emchaza ngokucace ngayo umntu onxilileyo, neengxaki angena kuzo. a UDaniel, umKristu ongumdala eYurophu uyayikhumbula indlela awayephila ngayo ngaphambi kokuba abe ngumKristu. Uthi: “Ngenxa yokusela kakhulu ndenza izigqibo ezingafanelekanga ezandifaka ezingxakini ezibuhlungu zaza zandishiya ndikhathazekile.”

AmaKristu anokuyisebenzisa njani inkululeko anayo kwindlela yokusebenzisa utywala, aze aphephe iingxaki ezibangelwa kukusela ngokugqithiseleyo? Into enokusinceda kukusebenzisa amacebiso avela kuThixo xa sisenza izigqibo ngotywala.

Makhe sive ukuba iBhayibhile ithini ngotywala nezizathu ezenza abanye abantu basele.

ITHINI IBHAYIBHILE NGOKUSELA UTYWALA?

IBhayibhile ayikugxeki ukusela utywala ngomlinganiselo ofanelekileyo. Ide ivume nokuba kumnandi nyhani ukusela iwayini. Ithi: “Yitya ukutya kwakho wonwabile, usele iwayini yakho uvuya.” (INtshu. 9:7) UYesu nabanye abakhonzi bakaThixo abathembekileyo, nabo babeyisela iwayini ngamanye amaxesha.​—Mat. 26:27-29; Luka 7:34; 1 Tim. 5:23.

Nangona iBhayibhile ingakugxeki ukusela utywala, iyakugxeka ukunxila. Itsho ngokucacileyo ukuba: “Sanukunxiliswa yiwayini.” (Efe. 5:18) Ide ithi “amanxila awazukungena eBukumkanini BukaThixo.” (1 Kor. 6:10) Ngokucacileyo, uYehova ukugxeka kakhulu ukusela kakhulu nokunxila. Kunokuba silandele indlela esikhule kusenziwa ngayo, sizama ukwenza izigqibo eziza kuvuyisa uThixo ngotywala.

Abanye bathi basenokusela kakhulu kodwa bangade banxile. Kodwa iyingozi loo nto. IZibhalo zithi, ukuba “likhoboka lewayini” kunokwenza indoda okanye ibhinqa liphume endleleni lize lone uYehova. (Tito 2:3; IMize. 20:1) UYesu walumkisa ngokuba ‘ukusela kakhulu’ kunokubangela umntu angangeni kwihlabathi elitsha likaThixo. (Luka 21:34-36) Yintoni enokunceda umKristu aphephe iingxaki ezibangelwa kukusela utywala ngokugqithiseleyo?

CINGA NGESIZATHU SOKUBA USELE NENDLELA OSELA NGAYO

Kuyingozi ukulandela indlela ekuqhele ukwenziwa ngayo ekuhlaleni xa usenza izigqibo ngendlela yokusebenzisa utywala. AmaKristu alumkileyo enza into efunwa nguYehova xa esenza izigqibo ngokutya nokusela. IBhayibhile isikhumbuza le nto: “Ngoko ke, kungakhathaliseki ukuba niyatya, niyasela okanye nenza nantoni na, yonke into yenzeleni ukuzukisa uThixo.” (1 Kor. 10:31) Nantsi imibuzo nemigaqo yeBhayibhile esifanele sicinge ngayo:

Ngaba ndisela kuba ndingafuni ukwahluka kwabanye? IEksodus 23:2 ithi: “Uze ungalandeli umndilili.” Apha uYehova wayelumkisa amaSirayeli ukuba angenzi izinto ezazisenziwa ngabantu abangamthandiyo. Eli cebiso liyasebenza nakumaKristu namhlanje. Ukuba sivumela abanye babe nefuthe kwindlela esicinga ngayo ngokusebenzisa utywala, sinokuzibona sibhekela kuYehova nakwimilinganiselo yakhe.​—Roma 12:2.

Ngaba ndisela ukuze ndibonise abanye abantu ukuba ndomelele kangakanani? Kwezinye iindawo yinto eqhelekileyo neyamkelekileyo ukusela qho, nakakhulu. (1 Pet. 4:3) Kodwa qaphela ukuba ama-1 Korinte 16:13 asikhuthaza ukuba senze ntoni: “Hlalani nithe qwa, ninokholo olomeleleyo, nibe ngamadoda, nomelele.” Ngaba utywala bunokumnceda umntu omelele? Hayi. Kunoko utywala bunokwenza umntu angacingi kakuhle okanye angakwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo. Ukusela kakhulu akubonisi ukuba umntu womelele okanye unamandla kangakanani, kodwa kubonisa ukuba usisidenge. UIsaya 28:7 uchaza umntu obhaduliswa butywala njengogxadazelayo aze akhubeke.

Amandla esiwadingayo ukuze sikwazi ukwenza izinto ezilungileyo avela kuYehova, kwaye abonakala ngokuhlala sithe qwa somelele elukholweni. (INdu. 18:32) UmKristu onyanisekileyo unokuyenza le nto ngokuhlala ethe qwa, nangokukhawuleza ukwenza izigqibo eziza kukhusela ubuhlobo bakhe noYehova. NoYesu wayenza loo nto ibe abantu abaninzi babemhlonipha kuba wayenesibindi, ezimisele ukwenza izinto ezilungileyo.

Ngaba ndisela kuba ndifuna ukulibala ngeengxaki zam? Umdumisi waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Xa amaxhala ayengaphezu kwamandla am, wena [Yehova] wandithuthuzela waza wandenza ndazola.” (INdu. 94:19) Xa uneengxaki ezikucinezelayo, sukuthembela ngotywala kodwa thembela ngoYehova. Enye yeendlela eziphumelelayo zokwenza le nto, kukuthandaza qho kuYehova. Abanye baye bancedwa nakukucela amacebiso kubahlobo abasebandleni abamthandayo uYehova. Ukusela kakhulu kuba ufuna ukulibala ngeengxaki onazo kunokukwenza uzitshintshe izigqibo ezilungileyo ozenzileyo ngendlela yokuziphatha, uze ungazimiseli nokwenza nantoni na elungileyo. (Hos. 4:11) UDaniel ebesithethe ngaye wavuma wathi: “Ndandisokoliswa kukuba nexhala kakhulu nokuziva ndinetyala. Ndandisela ukuze ndilibale ngezi ngxaki. Kodwa loo nto yenza ndaba neengxaki ezininzi ndaza ndalahlekelwa ngabahlobo, ndingasazihloniphi nokuzihlonipha.” Wade wancedwa yintoni uDaniel? Uthi: “Ndabona ukuba ndidinga uYehova, hayi utywala. Ekugqibeleni ndakwazi ukumelana neengxaki zam ndaza ndazoyisa.” Nyhani uYehova usoloko ekulungele ukusinceda nakwezona meko zibonakala zinzima.​—Fil. 4:6, 7; 1 Pet. 5:7.

Ukuba uyabusela utywala, khawuzibuze le mibuzo ukuze ubone ukuba zikhona na izinto omele uzilungise kwindlela obusela ngayo: ‘Ngaba ukhona umhlobo ondithandayo okanye ilungu lentsapho eliye labonisa ukuba iyalikhathaza indlela endibusela ngayo utywala?’ Ukuba kunjalo, kusenokwenzeka ukuba awuboni ukuba uzifaka engxakini. ‘Ngaba ndisela kakhulu kunangaphambili?’ Ukuba kunjalo, le nto isenokubonisa ukuba awukho kude ekubeni likhoboka lotywala. ‘Ngaba kuba nzima ukuhlala iintsuku ezimbalwa nangaphezulu ndingaselanga?’ Ukuba kunjalo ukusela sele kusegazini kuwe. Kusenokufuneka uye kugqirha ukuze ukwazi ukuyoyisa le ngxaki.

Amanye amaKristu aye agqiba ekubeni angabuseli kwaukubusela utywala ngenxa yeengxaki eziza nabo. Abanye bakhetha ukungaseli kuba bengayithandi incasa yabo. Ukuba umntu omqhelileyo wenza esinye sezi zigqibo, unokubonisa ukuba uyamhlonipha kwaye unovelwano ngokungamgxeki.

Mhlawumbi ukufumanise kuluncedo ukuzibekela umlinganiselo wokuba uza kusela utywala obungakanani okanye kangaphi. Ngokomzekelo kanye ngeveki okanye usele kancinci xa usitya. Abanye baye bazenzela isigqibo ngohlobo lotywala abaza kubusebenzisa, njengokusela kancinci iwayini okanye ibhiya baze baphephe utywala obunepesenti ephezulu, nokuba buxutywe nezinye iziselo. Xa umntu ezibekele imilinganiselo ecacileyo ngokusela, kuza kuba lula ukuyilandela. Kwaye akukho sizathu sinokwenza umKristu othanda uYehova azive eneentloni ukuba wenze esinye sezi zigqibo waza wabambelela ngokuqinileyo kuso.

Simele singalibali nokubacingela abanye abantu. AmaRoma 14:21 athi: “Kubhetele ukuba ungayityi inyama, ungayiseli iwayini okanye ungenzi nantoni na emkhubekisayo umzalwana wakho.” Sinokusisebenzisa njani esi siluleko? Ngokubathanda abazalwana bethu. Ukuba ukhona umzalwana ocinga ukuba unokukhubeka xa usela, uthando lunokukwenza uncame izinto ukhululekileyo ukuba uzenze, uze ukhethe ukungaseli ngelo xesha. Xa usenza ngolo hlobo ubonisa ukuba uyabathanda ibe uyabahlonipha abanye kwaye awukhathalelanga isiqu sakho kuphela.​—1 Kor. 10:24.

Ngaphezu koko, urhulumente usenokuba nemithetho elawula indlela yokusela utywala. UmKristu umele ayithobele. Urhulumente usenokugqiba ukuba ufanele ube neminyaka emingaphi ukuze uvumeleke ukusela, okanye akwalele ukuqhuba okanye ukusebenzisa abanye oomatshini xa usele.​—Roma 13:1-5.

UYehova usiphe izipho ezininzi. Esinye sezo zipho yinkululeko yokuzikhethela ukuba siza kuzisebenzisa njani. Le nto iquka isipho sokuzikhethela ukuba yintoni esiza kuyitya nesiza kuyisela. Kwanga izigqibo zethu zingabonisa ukuba siyayixabisa le nkululeko ngokuyisebenzisela ukudumisa uTata wethu osemazulwini.

a Omnye umbutho wezempilo waseMerika wabonisa ezinye iingxaki ezibangelwa kukusela kakhulu ezifana nokubulawa kwabantu, ukuzibulala, ukuxhatshazwa ngesondo, ukuxhaphazana kwabantu abathandanayo, ukuziphatha kakubi ngesondo, nokusweleka kwabantwana abangekazalwa.