Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Into Eye Yenzeka

Into Eye Yenzeka

Ukubavela Bonke Abantu

Ngenye imini udade waseNew Zealand wayebukele ividiyo ethi Masikhathalelane,” eyayibonisa ukuba uYehova akabaveli nje kuphela abantu, kodwa wenza izinto eziyibonisayo loo nto. (Isa. 63:7-9) Wazimisela ukuyenza into ayifundileyo ngokwenzela abantu izinto. Ngasekupheleni kolo suku wadibana nebhinqa elihlala esitratweni ngoxa wayesiya evenkileni eyokuthenga ukutya. Wacela ukulithengela into etyiwayo. Eli bhinqa lavuma. Xa evel’ okulithengela ukutya, wancokola nalo kancinci ngeBhayibhile esebenzisa iphecana elinomxholo othi Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?

Eli bhinqa lasuka lalila. Lamxelela ukuba lakhuliswa ngamaNgqina kodwa layishiya inyaniso kwiminyaka emininzi eyadlulayo. Belisoloko lithandaza kuYehova limcela ukuba alincede libuyele kuye. Lo dade walinika iBhayibhile waza wenza amalungiselelo okuliqhubela isifundo. a

NjengoYehova, nathi sinokubavela abantu esizalana nabo, nabazalwana noodadewethu abasebandleni. Le nto sinokuyenza nangokujonga amathuba okushumayela kwabanye.

a Ukuze ubone indlela yokunceda abapholileyo jonga inqaku elithi “Buyelani KumkwiMboniselo kaJuni 2020.