Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 51

Ithemba Onalo Soze Likudanise

Ithemba Onalo Soze Likudanise

‘Ithemba alidanisi.’​—ROMA 5:5.

INGOMA 142 Masibambelele Nkqi Kwithemba Lethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Yintoni eyenza uAbraham wahlala enethemba lokuba uza kufumana unyana?

 UYEHOVA wathembisa umhlobo wakhe uAbraham ukuba uza kuzisikelela ngenzala yakhe zonke iintlanga ezisemhlabeni. (Gen. 15:5; 22:18) Ngenxa yokuba wayenokholo nyhani kuThixo, wayeqinisekile ukuba into amthembisa yona iza kwenzeka. Sekunjalo, uAbraham wade waneminyaka eyi-100, eyomkakhe yayi-90 bengekamfumani unyana. (Gen. 21:1-7) IBhayibhile ithi: “[UAbraham] waba nethemba nokholo lokuba uza kuba ngutata weentlanga ezininzi,” njengokuba kwakutshiwo. (Roma 4:18) Njengokuba usazi, yenzeka nyhani into awayeyithenjisiwe. Wade wanaye unyana ekwakudala emlindele, uIsake. Yintoni eyamenza waqiniseka ukuba iza kwenzeka into awayeyithenjiswe nguYehova?

2. Yintoni eyenza uAbraham waqiniseka ukuba uYehova uza kuyenza into awayemthembise yona?

2 UAbraham wayemazi kakuhle uYehova, ngoko ‘wayeqinisekile ukuba yonke into ayithembisileyo [uThixo] uza kukwazi ukuyenza.’ (Roma 4:21) Ukholo awayenalo lwenza uYehova wamthanda waza wathi lilungisa. (Yak. 2:23) Ngokutsho kwamaRoma 4:18 uAbraham waba nokholo nethemba. Makhe sive into ethethwa ngumpostile uPawulos kumaRoma isahluko 5.

3. UPawulos usichazela ntoni ngethemba esinalo?

3 UPawulos uchaza isizathu esisenza siqiniseke ukuba ‘ithemba esinalo alidanisi.’ (Roma 5:5) Uphinda asincede siqonde ukuba yintoni esinokuyenza ukuze siye siqiniseka ngethemba esinalo. Njengoko sifunda ngezinto ezithethwa nguPawulos kumaRoma 5:1-5, cinga ngezinto eziye zenzeka kuwe. Loo nto iza kukunceda ubone ukuba uya uqiniseka ngezinto onethemba lazo. Izinto esiza kuzifunda ziza kusinceda sibone nokuba yintoni esinokuyenza ukuze siqiniseke ngaphezu kokuba kunjalo ngoku ngethemba esinalo. Kodwa makhe siqale sithethe ngethemba elimangalisayo athi uPawulos alisoze lisidanise.

ITHEMBA LETHU ELIMANGALISAYO

4. Kuthethwa ngantoni kumaRoma 5:1, 2?

4 Funda amaRoma 5:1, 2. Apha uPawulos wayebhalela ibandla laseRoma. Abazalwana noodade beli bandla babefundile ngoYehova noYesu, banokholo baza bangamaKristu. Ngoko uThixo wathi ‘bangamalungisa ngenxa yokholo,’ waza wabathambisa ngomoya oyingcwele. Baba nethemba elimangalisayo ababenokuqiniseka ngalo.

5. Anethemba lantoni amaKristu athanjisiweyo?

5 Ekuhambeni kwexesha uPawulos wabhalela amaKristu athanjisiweyo ase-Efese, ewaxelela ngethemba awayelinikwe nguThixo. Ayeza kufumana ‘ilifa labo bangcwele.’ (Efe. 1:18) Waphinda waxelela amaKristu aseKolose ukuba ayeza kuwufumana phi umvuzo wawo. Lo mvuzo wawubiza ngokuba ‘lithemba alibekelweyo emazulwini.’ (Kol. 1:4, 5) Ngoko ithemba analo amaKristu athanjisiweyo kukuba aza kuvuselwa ukuphila ubomi obungunaphakade ezulwini, aze alawule noKristu.​—1 Tes. 4:13-17; ISityhi. 20:6.

UMzalwan’ uF. W. Franz wayichaza kakuhle indlela abaqiniseke ngayo abathanjiswa ngethemba abanalo (Jonga isiqendu 6)

6. Wathini omnye umzalwana othanjisiweyo ngethemba analo?

6 AmaKristu athanjisiweyo alixabisa nyhani ithemba analo. Ethetha ngendlela aziva ngayo, omnye wala maKrisu, uMzalwan’ uFrederick Franz, wathi: “Ithemba lethu liqinisekile, yaye liya kuzalisekiswa ngokupheleleyo kuwo onke amalungu okugqibela omhlambi omncinane ali-144 000 ngomlinganiselo ongaphezu kwesakha sawuthelekelela.” Emva kweminyaka emininzi ekhonza uThixo ethembekile, ngo-1991 uMzalwan’ uFranz wathi: “Asikayeki ukulixabisa elo themba. . . . okukhona silinda ngakumbi kokukhona siya silixabisa ngakumbi. Liyinto efanele ukulindwa, kwanokuba bekufuneka lilindwe iminyaka esisigidi. Ithemba lethu ndiligqala njengelixabisekileyo kunanini na ngaphambili.”

7-8. Leliphi ithemba abanalo abakhonzi bakaYehova abaninzi? (Roma 8:20, 21)

7 Abantu abaninzi abakhonza uYehova banethemba elingafaniyo nelabathanjiswa. NjengoAbraham, banethemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba ekuza kube kulawula uBukumkani BukaThixo kuwo. (Heb. 11:8-10, 13) UPawulos wathetha ngeli themba limangalisayo banalo aba bantu. (Funda amaRoma 8:20, 21.) Xa wawuqala ukufunda ngezinto ezithenjiswa nguThixo eBhayibhileni, yeyiphi eyona wawufuna ukuyibona isenzeka? Ngaba yayikukuba ngenye imini uza kuba ngumntu ongenasono? Okanye yayikukuba abantu obathandayo abaswelekayo baza kuphinda baphile xa lo mhlaba wenziwe iparadesi? Ngenxa ‘yethemba’ esilinikwe nguThixo, watsho wanomdla wokubona izinto ezininzi ezimangalisayo zisenzeka.

8 Nokuba silindele ukuphila ngonaphakade ezulwini okanye emhlabeni, sinethemba elimangalisayo elisenza sivuye. Sinokuya siqiniseka kakhulu ngalo. UPawulos uyasichazela ukuba inokwenzeka njani loo nto. Makhe sive ukuba wathini. Into awayithethayo isinceda siqiniseke ukuba ziza kwenzeka nyhani izinto esinethemba lazo.

SINOKUYA SIQINISEKA NGETHEMBA ESINALO

Onke amaKristu anokulindela ukuva ubunzima (Jonga isiqendu 9-10)

9-10. Izinto ezenzeka kuPawulos zibonisa ukuba yintoni anokuyilindela amaKristu? (Roma 5:3) (Jonga nemifanekiso.)

9 Funda amaRoma 5:3. Uphawule ukuba kusenokufuneka sive ubunzima ukuze siye siqiniseka ngethemba esinalo? Inokusimangalisa ke loo nto. Kaloku bonke abalandeli bakaKristu banokulindela ukuva ubunzima. Cinga ngezinto ezenzeka kuPawulos. KumaKristu aseTesalonika wathi: “Naxa sasikunye nani sasidla ngokunixelela ukuba siza kujongana nobunzima, . . . yaye kwenzeka kanye loo nto.” (1 Tes. 3:4) KwawaseKorinte wathi: “Asifuni ningazi bazalwana ngobunzima esajongana nabo . . . sasingaqinisekanga nangobomi bethu.”​—2 Kor. 1:8; 11:23-27.

10 Nanamhlanje, amaKristu anokulindela ukuva ubunzima. (2 Tim. 3:12) Wena? Ngaba uye waphathwa kakubi ngenxa yokuba nokholo kuYesu nokuba ngumlandeli wakhe? Kusenokwenzeka ukuba abahlobo bakho nabantu bakowenu baye bahlekisa ngawe. Mhlawumbi baye bakukhohlakalela. Ngaba ukuzimisela kwakho ukunyaniseka kwizinto zonke kukwenzele iingxaki emsebenzini? (Heb. 13:18) Ngaba uye waphathwa kakubi ngurhulumente ngenxa yokuba uxelela abantu ngethemba onalo? Nokuba bobuphi ubunzima esisenokuba sijongene nabo, uPawulos uthi sifanele sivuye. Kutheni esitsho?

11. Kutheni simele sizimisele ukunyamezela xa sidibana nobunzima?

11 Sinokuvuya xa sisebunzimeni kuba loo nto iza kusinceda sibe nophawu olubalulekileyo. AmaRoma 5:3 athi, “ubunzima businceda sikwazi ukunyamezela.” Ekubeni onke amaKristu eza kuva ubunzima, onke amele akwazi ukunyamezela. Kufuneka sizimisele ukunyamezela nobuphi na ubunzima esidibana nabo. Kaloku yiloo nto eza kusenza sizifumane izinto esinethemba lazo. Asifuni ukufana nabantu awayecinga ngabo uYesu xa wayethetha ngembewu eyawela kumhlaba onamatye. Ekuqaleni balamkela bevuya ilizwi, kodwa xa kwavela “iingxaki okanye iintshutshiso” bawa. (Mat. 13:5, 6, 20, 21) Akukho mnandi kona ukuphathwa kakubi okanye ukuba neengxaki, kodwa xa sinyamezela size singayeki ukukhonza uYehova, siza kuncedakala. Njani?

12. Kusinceda njani ukunyamezela ubunzima?

12 Umfundi uYakobi wathetha ngendlela okusinceda ngayo ukunyamezela ubunzima. Wathi: “Vumelani ukunyamezela kuwugqibe umsebenzi wako, ukuze nigqibelele, nize nibe msulwa ngandlela zonke.” (Yak. 1:2-4) UYakobi uthetha ngathi ukunyamezela kunomsebenzi ekufuneka kuwenze. Ngowuphi loo msebenzi? Ukunyamezela kunokukunceda ube nazo kakhulu iimpawu ezifana nokuba nomonde, ukholo nokuthembela ngoThixo. Kodwa ikhona enye into ebalulekileyo okusinceda kuyo ukunyamezela.

13-14. Kwenzeka ntoni xa sinyamezela? Kuye kwenzeke ntoni kwithemba esinalo? (Roma 5:4)

13 Funda amaRoma 5:4. UPawulos uthi ukunyamezela kwenza “sithandwe nguThixo.” UYehova uyakuthanda xa unyamezela. Le nto ayithethi kuthi uYehova uvuyiswa kukuba uneengxaki, kodwa uvuyiswa kukuba unyamezele. Kukhuthaza kakhulu ukwazi ukuba xa sinyamezela siyamvuyisa uYehova.​—INdu. 5:12.

14 Khumbula ukuba xa uAbraham wayeneengxaki waza wazinyamezela, wathandwa nguYehova. Waba ngumhlobo Wakhe waza uYehova wathi lilungisa. (Gen. 15:6; Roma 4:13, 22) Kunokwenzeka loo nto nakuthi. Ayingomsebenzi omninzi esimenzela wona uThixo okanye indawo esimkhonza kuyo ezimenza asithande. Usithanda kuba sikwazi ukunyamezela size sihlale sithembekile kuye xa sineengxaki. Nokuba sineminyaka emingaphi, iimeko zethu zinjani okanye ziintoni esikwaziyo ukuzenza, sonke sinokukwazi ukunyamezela. Ngaba uhlala uthembekile kuThixo ngoxa unengxaki oyinyamezeleyo khona ngoku? Ukuba uthi ewe, uyamvuyisa. Xa sisazi ukuba siyamvuyisa, sitsho siqiniseke ukuba ziza kwenzeka izinto asithembise zona.

SIQINISEKILE NGETHEMBA ESINALO

15. Wathini uPawulos kumaRoma 5:4, 5? Loo nto inokwenza abanye abantu babuze ntoni?

15 UPawulos wathi uYehova uza kusithanda xa sinyamezela ubunzima size sihlale sithembekile kuye. Waphinda wathi ukuthandwa nguThixo ‘kusenza sibe nethemba, kwaye elo themba alidanisi.’ (Roma 5:4, 5) Le nto isenokubabhida abanye. Ngoba? Njengokuba kubonisiwe kumaRoma 5:2, ekuqaleni uPawulos wathi amaKristu aseRoma ayesele enalo ithemba, ‘ithemba lokuba uThixo wayeza kuwanika uzuko.’ Ngenxa yaloo nto, omnye umntu usenokubuza, ‘Ukuba loo maKristu ayesele enalo ithemba, kwakutheni ukuze uPawulos aphinde athethe ngalo?’

Ngokuhamba kwexesha uye waya uqiniseka ngento onethemba layo ukuba iza kwenzeka nyhani (Jonga isiqendu 16-17)

16. Yintoni eyenza umntu aye eqiniseka ngethemba analo? (Jonga nemifanekiso.)

16 Sinokuyazi into eyayithethwa nguPawulos ngokuhlala siqonda ukuba ithemba yinto esiya siqiniseka ngayo. Ngokomzekelo, usakhumbula xa wawuqala ukuva ngethemba elimangalisayo elikwiLizwi LikaThixo? Kungenzeka ukuba wawungaqinisekanga ukuba ingenzeka nyhani into yokuba abantu baphile ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. Kodwa xa wawusiya ufunda ngoYehova nangezinto asithembise zona eBhayibhileni, waya uqiniseka ukuba iza kwenzeka loo nto.

17. Yintoni ekwenza uye uqiniseka ngethemba onalo nasemva kokuba uzinikele kuYehova waza wabhaptizwa?

17 Emva kokuba uye wazinikela kuYehova waza wabhaptizwa, uye waqiniseka kakhulu ngezinto akuthembise zona, wamazi bhetele waza wamthanda kakhulu. (Heb. 5:13–6:1) Mhlawumbi iye yenzeka kuwe into ekuthethwa ngayo kumaRoma 5:2-4. Uye wanyamezela iingxaki ezahlukahlukeneyo waza wayibona indlela akuthanda ngayo uThixo. Kuba uqinisekile ukuba uThixo uyakuthanda, ngoku unesizathu esivakalayo sokulindela izinto akuthembise zona. Uye waqiniseka kakhulu ngethemba onalo kunaxa wawuqala ukufunda ngoYehova. Ulixabisa kakhulu. Yonke into oyenzayo uyenza ucinga ngalo. Litshintsha indlela oyiphatha ngayo intsapho yakho, indlela ozenza ngayo izigqibo nendlela olisebenzisa ngayo ixesha lakho.

18. UYehova usinceda njani siqiniseke ngethemba esinalo?

18 Kukho enye into ebaluleke kakhulu ayithethayo umpostile ngethemba olifumana emva kokuba uThixo ebonise ukuba uyakuthanda. Uyakuqinisekisa ukuba ziza kwenzeka izinto onethemba lazo. Yintoni enokukwenza uqiniseke kakhulu? Kaloku uYehova waphefumlela uPawulos ukuba abhale athi: “Elo themba alidanisi; kuba uThixo usebenzisa umoya wakhe oyingcwele asinika wona ukuze asibonise ukuba uyasithanda.” (Roma 5:5) Ngoko unezizathu ezibambekayo zokuqiniseka ngethemba onalo.

19. Yintoni onokuqiniseka ngayo ngethemba onalo?

19 Cinga ngento uYehova awayithembisa uAbraham nendlela awamthanda ngayo waza waba ngumhlobo Wakhe. Into awayenethemba layo uAbraham yenzeka. IBhayibhile ithi: “Emva kokuba uAbraham ebonisile ukuba unomonde, wasifumana eso sithembiso.” (Heb. 6:15; 11:9, 18; Roma 4:20-22) Ngokuqinisekileyo zange adane. Nawe unokuqiniseka njengaye ukuba xa uhlala uthembekile kuThixo, uza kuzifumana izinto akuthembise zona. Unezizathu ezininzi zokuvuyiswa lithemba onalo, kuba soze likudanise. (Roma 12:12) UPawulos wathi: “Kwanga uThixo onika ithemba anganinika uvuyo noxolo oluninzi, kuba nithembela kuye, ukuze ithemba eninalo liqiniswe kakhulu ngamandla omoya oyingcwele.”​—Roma 15:13.

INGOMA 139 Zibone Ukwihlabathi Elitsha

a Kweli nqaku siza kuthetha ngento amaKristu anethemba layo nesizathu sokuba siqiniseke ukuba iza kwenzeka. AmaRoma isahluko 5 aza kusinceda sibone ukuba yahluke njani indlela esiziva ngayo ngethemba esinalo kwindlela esasiziva ngayo xa sasiqala ukuva inyaniso.