Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba Usakhumbula?

Uzifunde kakuhle IiMboniselo zalo nyaka? Khawubone ukuba ungayiphendula na le mibuzo:

Kuthetha ukuthini “ukutshintsha indlela ocinga ngayo”? (Roma 12:2)

Kuthetha ukuba asimelanga nje senze izinto ezimbalwa ezilungileyo. Simele sihlole iintliziyo zethu size silungise nantoni na ekufuneka siyilungise ukuze siyithobele kangangoko sinako imithetho kaYehova.​—w23.01, iphe. 8-9.

Singabonisa njani ukuba sisezingqondweni xa sibona izinto ezenzekayo?

Sinezizathu ezivakalayo zokufuna ukubona ukuba izinto ezenzekayo ngoku ayizizo na ezi kwakuprofetwe ngazo eBhayibhileni. Masikulumkele ukuzicingela ngokwethu ukuba ziza kwenzeka njani. Kaloku asifuni kuthetha nantoni na enokulenza lingamanyani ibandla. Simele sihambisane nento esand’ ukukhutshwa yintlangano kaYehova. (1 Kor. 1:10)​—w23.02, iphe. 16.

Lwahluke ngantoni ubhaptizo lukaYesu kolwabalandeli bakhe?

Kwakungekho mfuneko yokuba azinikele kuYehova kuba wazalwa luhlanga lwabantu ababezinikele kuThixo. Kwakungekho zinto zingalunganga ekwakufuneka ayeke ukuzenza, kuba wayengenasono.​—w23.03, iphe. 5.

Sinokubakhuthaza njani abanye kwiintlanganiso?

Ngokuzenza zibe mfutshane iimpendulo zethu, ukuze sinike nabanye ithuba lokuphendula. Sinokulumkela nokuthetha ngezinto ezininzi. Ukuba sizithatha zonke iimpendulo ezikwisiqendu, abanye abazukwazi ukuphendula.​—w23.04, iphe. 23.

Yintoni ‘iNdlela Yobungcwele’ ekuthethwa ngayo kuIsaya 35:8?

Le ndlela yokomfuziselo yayibhekisela kuhambo lwamaYuda awayesuka eBhabhiloni ebuyela kwaSirayeli. Kule mihla, kwiminyaka emininzi ngaphambi ko-1919, le ndlela ibisoloko ilungiswa​—ngokuguqulelwa nokuprintwa kweeBhayibhile, nangezinye iindlela. Kufuneka singayeki ukuhamba kule ‘Ndlela Yobungcwele’ kuba iza kusinceda singayeki ukukhonza uYehova ngoku naxa sekulawula uBukumkani bakhe emhlabeni.​—w23.05, iphe. 15-19.

Abafazi ababini ekuthethwa ngabo kwiMizekeliso isahluko 9, bamela ntoni?

IMizekeliso ithetha ‘ngomfazi osisidenge’ omemela abantu ‘engcwabeni,’ nomfazi ofuzisela “ubulumko bokwenene,” omemela abantu “endleleni yokuqonda” nasebomini. (IMize. 9:1, 6, 13, 18)​—w23.06, iphe. 22-24.

Ukuthobeka kukaYehova nokubavela abantu kwabonakala njani kumzekelo kaLote?

UYehova wathumela iingelosi ukuba zixelele uLote ukuba aphume eSodom abalekele ezintabeni. Xa uLote wacela ukuba abalekele eTsoware, uYehova wavuma.​— w23.07, iphe. 21.

Yintoni enokwenziwa ngumfazi xa umyeni wakhe ebukela iphonografi?

Kufuneka angazibeki ityala. Unokuncedwa kukuqinisa ubuhlobo bakhe noYehova ngokufunda nokucingisisa ngabafazi ababekhe bakhathazeka ekuthethwa ngabo eBhayibhileni baza bathuthuzeleka emva kokuba bethandazile. Angakwazi ukunceda umyeni wakhe ahlukane nomkhwa ombi nezinto ezimenza azibhaqe sele eyibukela.​—w23.08, iphe. 14-17.

Ukuba nengqiqo kusinceda njani sizole xa sibuzwa imibuzo ngezinto esizikholelwayo?

Loo mibuzo inokusinceda siyiqonde into ayicingayo umntu nayikholelwayo. Loo nto iza kusenza sikwazi ukuphendula sizolile.​—w23.09, iphe. 17.

Yintoni esinokuyifunda kuMariya ngendlela esinokomelezwa ngayo?

Emva kokuba uMariya evile ukuba uza kuba ngumama kaMesiya, womelezwa ngabanye. Wakhuthazwa nguGabriyeli noElizabhete besebenzisa iZibhalo. Nathi sinokomelezwa ngabazalwana noodadewethu.​—w23.10, iphe. 15.

Zeziphi iindlela uYehova asenokuyiphendula ngazo imithandazo yethu?

Uthembisa ukuba uza kuyiphendula imithandazo yethu, ajonge nokuba idibana njani nenjongo yakhe. (Yer. 29:12) Sisenokuthandazela izinto ezifanayo, asiphendule ngeendlela ezahlukeneyo, kodwa uza kuhlala esinceda.​—w23.11, iphe. 21-22.

Ekubeni kumaRoma 5:2 kuthethwa ‘ngethemba,’ kutheni kuphinda kuthethwe ngalo kuvesi 4?

Xa umntu esiva iindaba ezilungileyo unokuba nethemba lokuphila kumhlaba oyiparadesi. Kodwa xa esiba neengxaki, azinyamezele, aze abone indlela uThixo amthanda ngayo, usenokuya eqiniseka ngethemba analo lize libe yinto yokwenene kuye.​—w23.12, iphe. 12-13.