Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICEBISO LEZINTO ONOKUZENZA XA UFUNDA

Abantu Abathembekileyo Bayazenza Izinto Abamthembise Zona UYehova

Abantu Abathembekileyo Bayazenza Izinto Abamthembise Zona UYehova

Funda ABagwebi 11:​30-40. Funda kwibali likaYifeta nentombi yakhe ngokubaluleka kokuyenza into oyithembisileyo.

Zama ukuyiqonda le nto kuthethwa ngayo. AmaSirayeli athembekileyo ayezijonga njani izithembiso azenze kuYehova? (Num. 30:2) UYifeta nentombi yakhe babonisa njani ukuba banokholo kuYehova?​—ABagwe. 11:​9-11, 19-24, 36.

Phanda. Yintoni kanye kanye awayenayo engqondweni uYifeta xa wayethembisa uYehova? (w16.04 7 ¶12) Ziintoni awazincamayo uYifeta nentombi yakhe ukuze ayenze into awayeyithembise uYehova? (w16.04 7-8 ¶14-16) Namhlanje, zeziphi izithembiso amaKristu asenokuzenza kuYehova?​—w17.04 5-8 ¶10-19.

Likufundisa ntoni eli bali? Zibuze:

  • ‘Yintoni enokundinceda ndiyenze into endayithembisa uYehova xa ndandizinikela kuye?’ (w20.03 13 ¶20)

  • ‘Ziintoni endinokuzincama ukuze ndimsebenzele ngaphezu kokuba ndisenza uYehova?’

  • ‘Yintoni enokundinceda ukuze ndigcine isifungo endasenzayo xa ndanditshata?’ (Mat. 19:​5, 6; Efe. 5:​28-33)