Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 50

INGOMA 135 “Yiba Sisilumko Nyana Wam”

Bazali​​—Ncedani Abantwana Benu Babe Nokholo Oluqinileyo

Bazali​​—Ncedani Abantwana Benu Babe Nokholo Oluqinileyo

“Nizibonele ngokwenu ukuthanda kukaThixo afuna sikwenze, okulungileyo, okwamkelekileyo kuye nokugqibeleleyo.”​—ROMA 12:2.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngamacebiso endlela abazali abanokuhlala ngayo bencokola nabantwana babo, baze babancede baqinise ukholo lwabo kuThixo nakwiBhayibhile.

1-2. Xa abantwana bebuza imibuzo ngezinto esizikholelwayo eziseBhayibhileni, abazali bamele bazive njani?

 ABANINZI kuthi banokuvuma ukuba ukukhulisa abantwana ngumsebenzi. Ukuba ungumzali onomntwana omncinci siyakuncoma ngomsebenzi onzima owenzayo wokuqinisa ukholo lwakhe. (Dut. 6:​6, 7) Njengoko loo mntwana ekhula, usenokuqalisa ukukubuza ngezinto esizikholelwayo eziseBhayibhileni, nangemithetho yendlela yokuziphatha ekuyo.

2 Imibuzo ebuzwa ngumntwana wakho isenokukwenza ube nexhala ekuqaleni. Isenokude ikwenze ucinge nokuba akanalukholo lwaneleyo kuThixo nakwiBhayibhile. Kodwa inyaniso kukuba umntwana okhulayo umele ayibuze le mibuzo ukuze aqinise ukholo lwakhe. (1 Kor. 13:11) Ngoko asikho isizathu sokuba woyike. Endaweni yoko, xa ebuza loo mibuzo unokusebenzisa elo xesha ukuze umfundise ukucinga nzulu ngeemfundiso zeBhayibhile, atsho aqinise ukholo lwakhe.

3. Kweli nqaku siza kuthetha ngantoni?

3 Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela abazali abanokubanceda ngayo abantwana (1) babe nokholo kuThixo nakwiBhayibhile, (2) bayithande imithetho eseBhayibhileni yendlela yokuziphatha, baze (3) bakwazi nokuthethelela izinto abazikholelwayo. Siza kuthetha nangokuba kutheni kuluncedo ukuba umntwana abuze imibuzo, nangezinto eninokuzenza ukuze nincokole nabantwana benu ngezinto esizikholelwayo.

BANCEDENI BABE NOKHOLO KUTHIXO NAKWIBHAYIBHILE

4. Yeyiphi imibuzo anokuzibuza yona umntwana, ibe kutheni?

4 Abazali abangamaKristu bayaqonda ukuba, ukuba nokholo kuThixo ayilolifa. Awuzange uzalwe unokholo kuYehova. Kunjalo ke nangomntwana wakho. Ngoko umntwana wakho usenokuzibuza imibuzo efana nale: ‘Ndazi njani ukuba ukhona nyhani uThixo? Ndingayikholelwa nyhani into ethethwa yiBhayibhile?’ Phofu neBhayibhile iyasikhuthaza ukuba ‘sisebenzise ingqondo size siqinisekise zonke izinto.’ (Roma 12:1; 1 Tes. 5:21) Ungamnceda njani ke umntwana wakho aqinise ukholo lwakhe?

5. Abazali banokubanceda njani abantwana babo bayikholelwe into ethethwa yiBhayibhile? (Roma 12:2)

5 Khuthaza umntwana wakho ukuba azibonele ngokwakhe inyaniso. (Funda amaRoma 12:2.) Xa umntwana wakho ebuza imibuzo, sebenzisa elo thuba ukuze umfundise indlela yokukhangela iimpendulo esebenzisa izixhobo zokuphanda, ezifana neWatch Tower Publications Index neSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova. KwiSikholelo Sokuphanda, phantsi kombandela othi “IBhayibhile,” angaya kwindawo ethi “Iphefumlelwe NguThixo” ukuze afumane ubungqina bokuba iBhayibhile ayiyoncwadi njee ebhalwe ngabantu, kodwa ‘ililizwi likaThixo.’ (1 Tes. 2:13) Ngokomzekelo, angaphanda ngedolophu yakudala eyayiseAsiriya, iNineve. Abanye abantu ababegxeka iBhayibhile babesithi iNineve zange yabakho. Kodwa kwiminyaka yoo-1850, kwafunyanwa amabhodlo ale dolophu phantsi komhlaba. Loo nto yayibonisa ukuba iBhayibhile ichanile. (Zef. 2:​13-15) Ukuze azi nezinye izinto ngendlela eyenzeka ngayo into eyachazwa yiBhayibhile ngokutshatyalaliswa kweNineve, angafunda inqaku elithi “Ngaba Ubusazi?kwiMboniselo kaNovemba 2021. Xa ethelekisa izinto azifunda kwiincwadi zentlangano, nezo zikwiiencyclopedia nezinye iincwadi zehlabathi ezithenjwayo nezihlonitshwayo, unokutsho aqiniseke ukuba into ethethwa yiBhayibhile yinyani.

6. Abazali banokubanceda njani abantwana babo babone ukuba iBhayibhile ichanile? Yenza umzekelo. (Jonga nomfanekiso.)

6 Nceda umntwana wakho abone ukuba iBhayibhile ichanile. Abazali banamathuba ahlukeneyo okuncokola kamnandi nabantwana babo ngeBhayibhile okanye ngokuba nokholo kuThixo. La mathuba anokuvela xa beyokubuka imyuziyam, ipaki eneentyatyambo ezintle okanye iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova nabantwana babo. Ngokomzekelo, xa niye kwimyuziyam, okanye niyibuka kwi-intanethi, unokunceda umntwana wakho abone ukuba izinto ekuthiwa zenzeka, nezinto zakudala eziboniswe apho, zidibana njani nezinto ekuthethwa ngazo eBhayibhileni. Loo nto inokutsho imncede abone ukuba iBhayibhile ithetha inyani. Ngaba umntwana wakho uyazi ukuba igama likaThixo liyavela kwilitye elineminyaka eyi-3 000 likho, nelaziwa ngokuba liLitye LakwaMowabhi? Eli litye likhona kwiLouvre Museum eParis, eFransi. Kanti ikopi yeLitye LakwaMowabhi unokuyifumana nakwimyuziyam yeBhayibhile enegama elithi “The Bible and the Divine Name” kwiKomkhulu Lehlabathi LamaNgqina KaYehova eWarwick, eNew York. Kweli litye kuthiwa uKumkani uMesha wakwaMowabhi wajikela uSirayeli. Itsho njalo neBhayibhile. (2 Kum. 3:​4, 5) Xa umntwana wakho ezibonela ubungqina bokuba iBhayibhile ithetha inyani, ukholo lwakhe luza kuya luqina.​—Thelekisa izi-2 Kronike 9:6.

Ungamnceda umntwana wakho abone indlela iBhayibhile echane ngayo ngokumbonisa ezinye izinto ezikwiimyuziyam (Jonga isiqendu 6)


7-8. (a) Sifunda ntoni kubuhle nakwindlela ezimile ngayo izinto ezidaliweyo? Yenza umzekelo. (Jonga nomfanekiso.) (b) Yeyiphi imibuzo enokunceda umntwana wakho aqiniseke ukuba ukho uMdali?

7 Khuthaza umntwana wakho ukuba acinge ngezinto uYehova azidalileyo. Njengoko uhamba naye epakini okanye nisebenza egadini, mbonise indlela emangalisayo ezimile ngayo izinto ezidaliweyo. Ngoba? Kaloku indlela ezimile ngayo ezi zinto ibonisa ukuba ukhona umntu olumkileyo owazidalayo. Ngokomzekelo, sekuyiminyaka emininzi oososayensi bephanda ngezinto ezimile okwemigca ekwiqokobhe lomnyiki. Usosayensi uNicola Fameli uthi xa ujonga imigca emile okwaleyo ikwiqokobhe lomnyiki kwezinye izinto ezidaliweyo, uza kuqaphela ukuba iqala ibe mincinci ize iye isiba mikhulu, ilandela indlela yokubala ekuthiwa yiFibonacci sequence. Ezinye izinto ezinemigca emile ngolu hlobo ziigalaksi, amaqokobhe eminyiki yaselwandle, amagqabi emithi neentloko zeesunflower. a

8 Njengoko umntwana wakho efunda nezinye izinto kwiklasi yesayensi, uza kubona ukuba kukho imithetho yendalo elawula indlela ezimile ngayo izinto ezininzi. Ngokomzekelo, umthi uba nesikhondo, kweso sikhondo kuphume amasebe. Kuloo masebe kuye kuphume amasetyana. Le nto iye iphindaphindane kuwo wonke loo mthi. Oku kuphindaphindana kubizwa ngokuba yifractal pattern. Ezi fractal pattern ziyafumaneka nakwezinye izinto ezikwindalo. Ngubani owadala ezi zinto zintle nezilungelelene ngolu hlobo? Njengoko umntwana wakho ecingisisa ngemibuzo efana nalo, unokuya eqiniseka ukuba nguThixo owadala zonke izinto. (Heb. 3:4) Ngexesha elifanelekileyo usenokumbuza umntwana wakho, “Ukuba nguThixo owasidalayo, ayinguye ke omele asinike nemithetho yendlela esimele siziphathe ngayo ukuze sonwabe?” Emva koko, unokumbonisa ukuba yiBhayibhile enaloo mithetho esinceda sonwabe.

NASA, ESA, and the Hubble Heritage (STScl/AURA)-ESA/Hubble Collaboration

Busuka kubani ubuhle nendlela ezimile ngayo izinto ezidaliweyo? (Jonga isiqendu 7-8)


BANCEDENI BAYITHANDE IMITHETHO YEBHAYIBHILE ENGENDLELA YOKUZIPHATHA

9. Yintoni enokwenza umntwana abe nemibuzo ngendlela iBhayibhile ethi masiziphathe ngayo?

9 Ukuba umntwana wakho unemibuzo ngendlela iBhayibhile ethi masiziphathe ngayo, zama ukuqonda isizathu sokuba abuze. Ngaba nyhani akavumelani nendlela iBhayibhile ethi masiziphathe ngayo, okanye akakwazi ukucacisela abanye ukuba kutheni eziphethe ngale ndlela aziphethe ngayo? Nokuba siyintoni isizathu sokuba abe nemibuzo, unokumnceda ayithande imithetho eseBhayibhileni yendlela esimele siziphathe ngayo, ngokumfundela incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! b

10. Unokumnceda njani umntwana wakho acinge ngento anokuyenza ukuze abe ngumhlobo kaYehova?

10 Nceda umntwana wakho ukuba amenze uMhlobo wakhe uYehova. Njengoko ufunda nomntwana wakho, zama ukuqonda into ayicingayo ngokusebenzisa imibuzo nemizekelo ekwincwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! (IMize. 20:5) Ngokomzekelo, kwisifundo 8 sale ncwadi uYehova ufaniswa nomhlobo okhathalayo, osicebisa ukuba senze izinto eziza kusikhusela neziza kusinceda. Emva kokuncokola nomntwana wakho ngo-1 Yohane 5:3 unokumbuza, “Ukwazi ukuba uYehova nguMhlobo olunge ngolu hlobo kumele kusenze sizijonge njani izinto asixelela zona?” Lo mbuzo usenokubonakala ungabalulekanga kangako, kodwa ukuwubuza kunokumnceda aqonde ukuba uThixo usinika imithetho kuba esithanda.​—Isa. 48:​17, 18.

11. Unokumnceda njani umntwana wakho azithande aze azenze izinto esizicetyiswa eBhayibhileni? (IMizekeliso 2:​10, 11)

11 Ncokolani ngeendlela okusinceda ngazo ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile. Xa nifunda iBhayibhile okanye itekisi yosuku, ncokolani ngokuba imigaqo yeBhayibhile iyinceda njani intsapho yenu. Ngokomzekelo, ngaba umntwana wakho uyayibona indlela okuluncedo ngayo ukukhuthala nokunyaniseka? (Heb. 13:18) Ungamcacisela nendlela imigaqo yeBhayibhile esinceda ngayo sibe sempilweni size sonwabe. (IMize. 14:​29, 30) Ukuncokola ngezi zinto kunokunceda umntwana wakho aye ezithanda aze azenze izinto esizicetyiswa yiBhayibhile.​—Funda iMizekeliso 2:​10, 11.

12. Omnye utata umnceda njani unyana wakhe ayibone indlela eziluncedo ngayo izinto esizicetyiswa yiBhayibhile?

12 Omnye utata oseFransi, uSteve, uchaza indlela yena nenkosikazi yakhe abamnceda ngayo unyana wakhe, uEthan, abone ukuba uYehova usibekela imithetho kuba esithanda: Uthi, “Siye simbuze imibuzo efana nale: ‘Kutheni uYehova elindele ukuba siyenze le nto asicebisa yona apha? Le nto ibonisa njani ukuba uyasithanda? Kuza kwenzeka ntoni xa ungayenzi le nto uyicetyiswa apha?’” Ukuncokola ngezi zinto kuye kwamnceda uEthan wazimisela ukuyithobela imithetho kaYehova engendlela yokuziphatha. USteve uthi: “Into esizimisele ukuyenza kukunceda uEthan abone ukuba ubulumko esibufumana eBhayibhileni bubodlula lee obabantu.”

13. Yenza umzekelo wendlela abanokwenza ngayo abazali ukuze bancede umntwana wabo asebenzise imigaqo yeBhayibhile.

13 Fundisa umntwana wakho ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Masithi kukho incwadi ekuthiwa makayifunde esikolweni. Mhlawumbi le ncwadi ithetha ngabantu abaziphethe kakubi ngesondo nabaziindlobongela. Indlela ebhalwe ngayo isenokwenza kubonakale ngathi akukho rongo ukwenza ezi zinto. Usenokumkhuthaza ukuba acinge ngokuba uthini uYehova ngabantu abaphila okanye abathetha njengabo bakuloo ncwadi. (IMize. 22:​24, 25; 1 Kor. 15:33; Fil. 4:8) Loo nto isenokumnceda ashumayele kutitshala nakubantwana afunda nabo xa kuthethwa ngale ncwadi eklasini.

BANCEDENI BAKULUNGELE UKUTHETHELELA IZINTO ABAZIKHOLELWAYO

14. Yintoni abasenokoyika ukuyicacisa abantu abatsha abangamaKristu eklasini? Kutheni?

14 Ngamanye amaxesha, abantu abasebatsha abangamaKristu basenokungabi naso isibindi sokuthethelela izinto abazikholelwayo. Basenokoyika ukuthetha ngezinto abazikholelwayo xa eklasini kuthethwa ngokuba izinto zazivelela. Ngoba? Kaloku utitshala usenokuthi imfundiso yokuba izinto zazivelela ayiyontsomi, ichanile. Ukuba ungumzali, ungamnceda njani umntwana wakho abe nesibindi sokumela izinto azikholelwayo?

15. Yintoni enokunceda umntu osemtsha ongumKristu aqiniseke nyhani ngezinto azikholelwayo?

15 Nceda umntwana wakho aqiniseke nyhani ngento ayikholelwayo. Asikho isizathu sokuba umntwana wakho abe neentloni kuba ekholelwa ukuba izinto zadalwa. (2 Tim. 1:8) Kutheni sisitsho? Nkqu noososayensi abaninzi bakholelwa ukuba izinto zange zisuke nje zizivelele. Xa bejonge indlela entsokothe ngayo indalo bayabona ukuba umele ukuba ukhona umntu olumkileyo oyidalileyo. Loo nto yenza ukuba bangayamkeli imfundiso yokuba izinto zazivelela efundiswayo ehlabathini lonke. Enye into enokunceda umntwana wakho aqiniseke ngezinto azikholelwayo aze abe nesibindi sokuthetha ngazo, kukwazi ukuba yintoni encede abanye abazalwana noodade baqiniseka ukuba izinto ezikhoyo zadalwa. c

16. Abazali banokumnceda njani umntwana wabo acacisele abanye ukuba kutheni ekholelwa kuMdali? (1 Petros 3:15) (Jonga nomfanekiso.)

16 Nceda umntwana wakho akwazi ukucacisa isizathu sokuba akholelwe ukuba izinto zadalwa. (Funda u-1 Petros 3:15.) Mhlawumbi kunganinceda ukujonga amanqaku akujw.org/xh athi “Ulutsha Luyabuza​—Ngaba Izinto Zadalwa Okanye Zazivelela?” Emva kokufunda loo manqaku, umntwana angakhetha indawo eza kumenza akwazi ukunceda abanye baqonde ukuba ukhona uMdali, nize niyiprekthize. Mkhumbuze ukuba angaphikisani nabo. Mkhuthaze nokuba xa kukho umntu onomndla, makamcacisele ngendlela elula neqondakalayo. Ngokomzekelo, umntwana afunda naye usenokuthi: “Ndikholelwa kwinto endiyibonileyo, kodwa yena uThixo zange ndambona.” Umntu osemtsha ongumKristu usenokuphendula athi: “Masithi uhamba kwihlathi elikwindawo ekude nabantu uze ubone idama elibiyelwe kakuhle ngamatye. Unokucinga ntoni? Ukuba elo dama linokukwenza ucinge ukuba ukhona umntu owalibiyela kakuhle ngolo hlobo, awucingi ukuba nezinto eziphilayo zinomntu ozidalileyo?”

Zicacise ngendlela elula izinto xa uthetha nabantwana ofunda nabo (Jonga isiqendu 16-17) d


17. Abazali bangabakhuthaza njani abantwana babo ukuba bathethe nabanye ngeenyaniso eziseBhayibhileni? Yenza umzekelo.

17 Khuthaza umntwana wakho ukuba athethe nabanye ngenyaniso eseBhayibhileni. (Roma 10:10) Xa umntwana wakho ezama ukuncokola nabanye ngeBhayibhile, uyafana nomntu ozama ukufunda ukudlala isixhobo somculo. Ekuqaleni, lo mntu usenokuprekthiza ukudlala iingoma ezilula. Ekuhambeni kwexesha, uya ekwazi ukudlala eso sixhobo. Ngendlela efanayo, umKristu osemtsha unokuqala ashumayele ngendlela elula kwabanye. Ngokomzekelo, usenokuthi kumntwana afunda naye: “Ubusazi ukuba ezinye izinto ezakhiwe ziinjineli zikotshwe kwindalo? Mandikubonise enye ividiyo ebangela umdla.” Emva kokuba embukelise enye yeevidiyo ezithi Ngaba Yadalwa? usenokumbuza: “Ukuba oososayensi abakope kwizinto esezikhona bayanconywa ngezinto abazakhileyo, ngubani ke omele anconywe ngokudala ezo zinto bakope kuzo?” Ukucacisa ngendlela elula ngolo hlobo kungenza umntu osemtsha abe nomdla wokufunda nezinye izinto.

HLALANI NIBANCEDA BALUQINISE UKHOLO LWABO

18. Abazali bangaqhubeka njani bebanceda abantwana babo babe nokholo oluqinileyo kuThixo?

18 Siphila kwihlabathi eligcwele ngabantu abangenalukholo kuYehova. (2 Pet. 3:3) Bazali, njengoko nifunda iBhayibhile nabantwana benu, bakhuthazeni ukuba bafunde ngezinto eziza kubenza baye belihlonipha iLizwi LikaThixo, nemithetho engendlela yokuziphatha ekulo. Nceda umntwana wakho abone ukuba iBhayibhile ichanile, ngokuncokola naye ngezinye izinto ezimangalisayo ezidalwe nguYehova. Umncede aziqonde iziprofeto esezenzekile. Eyona nto ibalulekileyo kukuthandaza nomntwana wakho, nokumthandazela. Ukuba uyazenza ezi zinto, unokuqiniseka ukuba uYehova uza kuyisikelela imizamo oyenzayo yokunceda umntwana wakho aqinise ukholo lwakhe.​—2 Kron. 15:7.

INGOMA 133 Khonza UYehova Ebutsheni Bakho

a Ukuze ufunde nezinye izinto, bukela ividiyo yesiNgesi ethi The Wonders of Creation Reveal God’s Glory—Patterns ku jw.org.

b Ukuba umntwana wakho ugqibile ukufunda incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!, unokuphinda ujonge naye izinto enizifunde kwicandelo 3 no-4, ezinento yokwenza nemithetho yeBhayibhile engendlela yokuziphatha.

c Jonga inqaku elithi “Kutheni Sikholelwa Ukuba Ukho UMdali,” kuVukani! kaSeptemba 2006, nencwadana yesiNgesi ethi The Origin of Life​—Five Questions Worth Asking. Eminye imizekelo unokuyifumana kwiividiyo ezithi Iimbono Ngemvelaphi Yobomi ku jw.org/xh.

d INGCACISO YOMFANEKISO: Umvakalisi osemtsha ubonisa umntwana afunda naye onomdla kwiidrone enye yeevidiyo ezithi Ngaba Yadalwa?