Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 51

INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu

UYehova Akazilibali Iinyembezi Zethu

UYehova Akazilibali Iinyembezi Zethu

“Qokelela iinyembezi zam, uzifake kwibhotileyakho yofele. Azibhalwanga encwadini yakho na?”​—INDU. 56:8.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela uYehova aziqonda ngayo iintlungu esinazo, nangokuba uza kusithuthuzela.

1-2. Ziintoni ezinokusikhalisa?

 SONKE sikhe silile. Xa kukho into esivuyisayo sisenokuzibona zisehla iinyembezi zovuyo. Mhlawumbi wakhala xa kwakuzalwa usana lwakho, xa wawucinga ngezinto ezimnandi ezikhe zenzeka ebomini bakho, okanye xa wawudibana nomhlobo wakho owamgqibela kudala.

2 Kodwa amaxesha amaninzi sikhaliswa yintlungu. Ngokomzekelo, sinokukhala xa siye saphoxwa ngumntu ebesimthembile. Sisenokukhala xa sekulixesha elide sinesigulo esiqaqambayo okanye siswelekelwe ngumntu esimthandayo. Ngaloo maxesha sisenokuziva ngendlela awaziva ngayo umprofeti uYeremiya xa iYerusalem yayitshatyalaliswe ngamaBhabhiloni. Wathi: “Iinyembezi ziyazehlela emehlweni am . . . Ilihlo lam aliyeki ukuntywizisa.”​—IZili. 3:​48, 49.

3. Uziva njani uYehova xa ebona abakhonzi bakhe besentlungwini? (Isaya 63:9)

3 UYehova uwazi kakuhle amaxesha esiye sakhala ngawo ngenxa yezinto ezibuhlungu eziye zasehlela. IBhayibhile isenza siqiniseke ukuba uyazazi izinto ezibuhlungu ezehlela abakhonzi bakhe, nokuba uyasimamela xa sikhalela uncedo. (INdu. 34:15) Kodwa akapheleli nje apho. Njengomzali obathandayo abantwana bakhe, uYehova uba buhlungu kakhulu xa esibona sikhala, futhi ukufuna nyhani ukusinceda.​—Funda uIsaya 63:9.

4. IBhayibhile isibonisa ntoni ngoYehova xa sicinga ngoHana, uDavide noHezekiya?

4 KwiLizwi lakhe uYehova ubonisa indlela awaziva ngayo xa abakhonzi bakhe babelila, nendlela awabanceda ngayo. Le nto siyibona xa sicinga ngezinto ezenzeka kuHana, uDavide noKumkani uHezekiya. Ziintoni ezazibakhalisa? Wenza ntoni uYehova xa babekhalela uncedo? Ukucinga ngabo kunokusithuthuzela njani xa sikhaliswa yintlungu, kukuphoxwa ngumntu ebesimthembile nokuphelelwa lithemba?

IINYEMBEZI ZENTLUNGU

5. Indlela awayephethwe ngayo uHana nguPenina yayimenza azive njani?

5 UHana wayeneengxaki ezininzi ezazimenza abe buhlungu aze akhale. Enye yezo ngxaki yayikukuba umyeni wakhe wayenomnye umfazi. Igama laloo mfazi yayinguPenina. UPenina wayemcaphukela uHana. Enye into, uHana wayengenabantwana, yena uPenina enabantwana abaninzi. (1 Sam. 1:​1, 2) Ngenxa yaloo nto uPenina wayesoloko emchukela uHana futhi emgezela. Ukuba yayinguwe wawuza kuziva njani? UHana ‘wayekhathazeke kakhulu’ kangangokuba ‘wayelila engafuni nokutya.’​—1 Sam. 1:​6, 7, 10.

6. Yintoni awayenzayo uHana ukuze athuthuzeleke?

6 Wathuthuzelwa yintoni uHana? Enye into eyamncedayo kukuba waya kukhonza uYehova ententeni engcwele. Kusenokwenzeka ukuba wayekufutshane negeyithi yeyadi yentente engcwele xa “waqalisa ukuthandaza kuYehova, walila kakhulu.” Wamcenga uYehova esithi: ‘Khawubone intlungu yekhobokazana lakho, undikhumbule.’ (1 Sam. 1:10b, 11) Waxelela uYehova yonke indlela aziva ngayo. Inoba waba buhlungu kakhulu uYehova xa ebona le ntombi yakhe ayithandayo ilila.

7. Wathuthuzeleka njani uHana emva kokuba exelele uYehova ngeengxaki zakhe?

7 Waziva njani uHana emva kokuba exelele uYehova ngentlungu yakhe, nasemva kokuba ekhuthazwe nguMbingeleli Omkhulu uEli? IBhayibhile ithi: “Umfazi wahamba, watya, nobuso bakhe batyhileka.” (1 Sam. 1:17, 18) Waziva bhetele nangona iingxaki zakhe zazingekapheli. Wayeqinisekile ukuba uYehova uyaziqonda iingxaki zakhe nendlela aziva ngayo, futhi uza kumnceda. UThixo wayibona intlungu awayekuyo uHana, wamva xa wayekhalela uncedo, waza ekugqibeleni wamsikelela, watsho wakhulelwa.​—1 Sam. 1:​19, 20; 2:21.

8-9. Ngokutsho kwamaHebhere 10:​24, 25, kutheni sifanele senze konke esinokukwazi ukukwenza ukuze sibekho kwiintlanganiso? (Jonga nomfanekiso.)

8 Sifunda ntoni thina? Ngaba unengxaki ekwenza ube buhlungu de ukhale? Mhlawumbi uswelekelwe ngumntu wakowenu okanye umhlobo wakho. Kumaxesha anje usenokufuna ukuba wedwa. Kodwa njengokuba uHana wathuthuzelwa waza wakhuthazwa kukuya kwintente engcwele, nawe kunokukuthuthuzela ukuya kwiintlanganiso nokuba awuziva kakuhle. (Funda amaHebhere 10:​24, 25.) Njengoko simamele iZibhalo ezithuthuzelayo kwiintlanganiso, uYehova unokusinceda siyeke ukucinga ngezinto ezisikhathazayo. Loo nto inokusenza sizive bhetele nokuba imeko yethu ayikhawulezi itshintshe.

9 Kwiintlanganiso siyakuvuyela ukuba kunye nabazalwana noodade kuba izinto abazithethayo ezikhuthazayo nezibonisa ukuba bayasithanda zinokusenza sizive bhetele. (1 Tes. 5:​11, 14) Khawuve into ethethwa ngomnye umzalwana onguvulindlela okhethekileyo owaswelekelwa yinkosikazi yakhe. Uthi: “Ndisakhala nanamhlanje kangangokuba ngamanye amaxesha ndiye ndifune ukuba ndodwa kuba zingade ziyeke ukuphuma iinyembezi. Kodwa xa ndiye kwiintlanganiso ndiyakhuthazeka. Izinto abazithethayo abazalwana noodade, neempendulo zabo kwiintlanganiso zindithuthuzela nyhani. Nokuba bendikhathazeke kangakanani ngaphambi kokuba ndiye kwiintlanganiso, xa ndifika kuzo ndiziva bhetele kakhulu.” Xa sikwiintlangaiso, uYehova unokusinceda esebenzisa abazalwana noodade.

Sinokuthuthuzelwa ngabazalwana noodadewethu (Jonga isiqendu 8-9)


10. Sinokuyilinganisa njani into eyenziwa nguHana xa sikhathazeke kakhulu?

10 Enye into eyathuthuzela uHana kukuthandaza axelele uYehova indlela aziva ngayo. Nawe ‘unokuliphosela kuYehova lonke ixhala onalo,’ uqiniseke ukuba uza kukumamela. (1 Pet. 5:7) Omnye udade onomyeni owabulawa ngootsotsi uthi: “Yayingathi intliziyo yam yophuke yaziingceba ezincinci ezingasoze ziphinde zidibane. Ndandisithi ndakuthetha noTata wam osezulwini ondithandayo, uYehova, ndithuthuzeleke. Ngamanye amaxesha ndandiye ndingazi nokuba mandithini xa ndithandaza, kodwa wayeyiqonda indlela endiziva ngayo. Xa ndikhathazeke kakhulu futhi ndinexhala, ndandiye ndimcele andincede ndizole. Wayendinceda ndizole nyhani, nditsho ndikwazi ukwenza izinto ekufuneka ndizenze ngolo suku.” Xa uxelela uYehova izinto ezikukhathazayo, naye uba buhlungu kakhulu xa ekubona ukhala, futhi uyiqonda kakuhle indlela oziva ngayo. Nokuba loo nto ikukhathazayo ayipheli, uYehova unokukuthuthuzela aze akuncede uzole. (INdu. 94:19; Fil. 4:​6, 7) Uza kukusikelela xa uqhubeka uthembekile kuye.​—Heb. 11:6.

IINYEMBEZI ZOKUPHOXWA NGUMNTU OMTHEMBILEYO

11. Iingxaki awayenazo uDavide zamenza waziva njani?

11 Ebomini bakhe, uDavide waba neengxaki ezininzi ezamenza wakhala. Wacatshukelwa ngabantu, wajikelwa nangabo wayebathembile. (1 Sam. 19:​10, 11; 2 Sam. 15:​10-14, 30) Kwixesha elalinzima kakhulu ebomini bakhe, wabhala wathi: “Ukuncwina kwam kunditheza amandla; ibhedi yam imanzi tixi ziinyembezi zobusuku bonke; indawo endingqengqa kuyo idada iinyembezi zam.” Kwakutheni ukuze uDavide azive ngale ndlela? Wathi: “Ngenxa yabo bonke abandichukelayo.” (INdu. 6:​6, 7) Xa abanye abantu babemphethe kakubi uDavide, waba buhlungu kakhulu de zazehlela iinyembezi.

12. INdumiso 56:8 ibonisa ukuba yintoni awayeqiniseke ngayo uDavide?

12 Ngoxa uDavide wayeneengxaki, wayeqinisekile ukuba uYehova usamthanda. Wade wabhala esithi: “UYehova uza kusiva isikhalo sam.” (INdu. 6:8) Ngenye imini wathetha amazwi abangel’ umdla afumaneka kwiNdumiso 56:8. (Wafunde.) La mazwi asenza siqonde ukuba uYehova usithanda kakhulu, futhi uyikhathalele indlela esiziva ngayo. KuDavide yaba ngathi uYehova uyaziqokelela iinyembezi zakhe azifake ebhotileni okanye uzibhala kwincwadi Yakhe. Wayeqinisekile ukuba uYehova uyayibona intlungu yakhe futhi akasoze ayilibale. Enye into awayeqiniseke ngayo kukuba uTata wakhe osezulwini onothando, wayengapheleli nje ekuzazini iingxaki awayenazo, wayeyazi nendlela ezazimenza azive ngayo.

13. Xa siphoxwe ngabantu ebesibathembile, yintoni enokusithuthuzela? (Jonga nomfanekiso.)

13 Sifunda ntoni? Ngaba ubuhlungu kakhulu ngenxa yokuphoxwa ngumntu obumthembe nyhani? Mhlawumbi ngenxa yokuba ulahlwe ngumntu obuthandana naye okanye ushiywe ngumntu obutshate naye, okanye umntu omthandayo uye wayeka ukukhonza uYehova. Umzalwana onenkosikazi eyakrexezayo yaza yamshiya uthi: “Ndandingayikholelwa le nto. Ndandikhathazeke kakhulu, ndicaphuka, ndiziva ngathi akukho yam.” Ukuba ubuhlungu ngenxa yokuba uphoxwe ngumntu obumthembile, thuthuzelwa kukwazi ukuba uYehova akasoze akushiye. Lo mzalwana uthi: “Ndibonile ukuba abantu banokuyeka ukunyaniseka kuwe, kodwa uYehova uliLiwa lethu. Nokuba kwenzeka ntoni, uza kuhlala enathi. Akasoze abalahle abantu abanamathele kuye.” (INdu. 37:28) Nantsi enye into omawungayilibali: UYehova ukuthanda ngaphezulu lee kunendlela othandwa ngayo ngabantu. Nokuba kungabuhlungu kangakanani ukuphoxwa ngumntu, ayitshintshanga indlela uYehova akujonga ngayo. Ukukhathalele kakhulu. (Roma 8:​38, 39) Nantsi into ebalulekileyo: Nokuba abantu bangakuphatha kanjani, uTata wakho osezulwini uyakuthanda.

Incwadi yeeNdumiso isenza siqiniseke ukuba uYehova usondele kwabo bophuke iintliziyo (Jonga isiqendu 13)


14. INdumiso 34:18 isenza siqiniseke ngantoni?

14 Xa sibuhlungu ngenxa yokuba siphoxwe ngumntu ebesimthembile, sinokuthuthuzelwa nangamazwi kaDavide akwiNdumiso 34:18. (Wafunde.) Enye incwadi ethetha ngeNdumiso ithi abantu ‘abatyumkileyo emoyeni’ isenokuba “ngabantu abacinga ukuba akukho nto intle iya kuze iphinde yenzeke ebomini babo.” Uthini uYehova ngabantu abanjalo? Njengomzali omfunqulayo aze amthuthuzele umntwana wakhe osentlungwini, uYehova usondele kuthi. Usoloko enovelwano futhi ekulungele ukusinceda xa sishiywe okanye siphoxwe ngumntu esimthandayo. Ukufuna nyhani ukusithuthuzela xa sophuke iintliziyo naxa sicinga ukuba akukho yethu. Usithembisa izinto ezininzi ezintle eziza kwenzeka, nezisinceda sikwazi ukunyamezela iingxaki esinazo.​—Isa. 65:17.

IINYEMBEZI ZOKUPHELELWA LITHEMBA

15. Yintoni eyenza uHezekiya watsho ngesikrakra isikhalo?

15 Xa wayeneminyaka eyi-39, uKumkani uHezekiya wakwaYuda wafumanisa ukuba unesigulo esinganyangekiyo. Umprofeti uIsaya wamxelela umyalezo ovela kuYehova othi isigulo anaso siza kumbulala. (2 Kum. 20:1) Aphela amathemba kuHezekiya. Ebuhlungu kakhulu yinto eyathethwa ngumprofeti uIsaya, watsho ngesikrakra isikhalo. Wathandaza kuYehova emcenga ukuba amncede.​—2 Kum. 20:​2, 3.

16. Wenza ntoni uYehova akuva uHezekiya ethandaza elila?

16 UYehova wavakalelwa ngumthandazo owawusenziwa nguHezekiya elila, waza wathetha naye kamnandi esithi: “Ndiwuvile umthandazo wakho. Ndizibonile iinyembezi zakho. Ngoko ndiza kukuphilisa.” Esebenzisa uIsaya, uYehova wathembisa uHezekiya ukuba uza kongeza eminye iminyaka ebomini bakhe, aze asindise iYerusalem kuma-Asiriya.​—2 Kum. 20:​4-6.

17. UYehova usinceda njani xa sigula kakhulu? (INdu. 41:3) (Jonga nomfanekiso.)

17 Sifunda ntoni? Ngaba unesigulo esinganyangekiyo? Xelela uYehova indlela oziva ngayo. Uza kukumamela nokuba uthetha naye ulila. IBhayibhile isenza siqiniseke ukuba “uTata onenceba noThixo wayo yonke intuthuzelo” uza kusithuthuzela kuzo zonke iingxaki esinazo. (2 Kor. 1:​3, 4) Kule mihla asinakulindela ukuba uYehova uza kuziphelisa zonke iingxaki zethu, kodwa sinokumthemba ukuba uza kusinceda. (Funda iNdumiso 41:3.) Ukuze sikwazi ukunyamezela, ngomoya wakhe oyingcwele, usinika amandla nobulumko, asenze sizole. (IMize. 18:14; Fil. 4:13) Enye indlela asinceda ngayo lithemba asinika lona eliseBhayibhileni lokuba konke ukugula kuza kuphela.​—Isa. 33:24.

UYehova uza kuyiphendula imithandazo yethu ngokusinika amandla, ubulumko nokusenza sizole (Jonga isiqendu 17)


18. Sesiphi isibhalo esikuthuthuzelayo wena xa unengxaki enkulu? (Jonga ibhokisi ethi “ Amazwi Anokusosula Iinyembezi.”)

18 UHezekiya wathuthuzelwa ngamazwi kaYehova. Nathi sinokuthuthuzelwa liLizwi LikaThixo. UYehova usigcinele amazwi athuthuzelayo ukuze asincede sizole xa sinengxaki. (Roma 15:4) Xa omnye udade waseNtshona Afrika kwafunyaniswa ukuba unomhlaza, wayehlala elila. Uthi: “Esona sibhalo sindithuthuzelayo nguIsaya 26:3. Nangona amaxesha amaninzi kungekho nto sinokuyenza ngeengxaki esinazo, le vesi indenza ndiqiniseke ukuba uYehova unokusenza sizole ukuze sikwazi ukwenza into efanelekileyo xa sinengxaki.” Ngaba sikhona isibhalo esikuthuthuzelayo wena xa unengxaki enkulu nebonakala ngathi ayizukulunga?

19. Yintoni esikhangele phambili kuyo?

19 Isiphelo seli hlabathi sesisemnyango, ngoko sinokulindela ukuba ziye zisiba zininzi izinto ezisenza sikhale. Kodwa njengokuba sibonile kuHana, uDavide noKumkani uHezekiya, uYehova uyasibona xa sikhala aze akhathazeke. Iinyembezi zethu zibalulekile kuye. Ngoko xa kunzima, sifuna nyhani ukuthandaza kuYehova simxelele indlela esiziva ngayo. Masingaze sihambele kude kubazalwana noodadewethu abasithandayo. Singaze siyeke nokuthuthuzelwa ngamazwi aseBhayibhileni. Sinokuqiniseka ukuba xa siqhubeka sinyamezela futhi sithembekile kuYehova, uza kusisikelela. Enye indlela aza kusisikelela ngayo kukwenza into asithembise yona yokosula zonke iinyembezi ezenziwe yintlungu, ukuphoxeka nokuphelelwa lithemba. (ISityhi. 21:4) Ngelo xesha siya kube sikhala iinyembezi zovuyo zodwa.

INGOMA 4 “UYehova NguMalusi Wam”