Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 48

INGOMA 97 Siphiliswa LiLizwi LikaThixo

Yintoni Esiyifundayo Kummangaliso KaYesu Wezonka?

Yintoni Esiyifundayo Kummangaliso KaYesu Wezonka?

“Ndim isonka sobomi. Nabani na oza kum, soze alambe.” ​—YOH. 6:35.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngento esiyifundayo kuYohane isahluko 6, apho kuthethwa ngendlela uYesu awakwazi ngayo ukondla amawaka abantu ngezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.

1. Sasibaluleke kangakanani isonka kubantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni?

 ISONKA yayikukutya okwakusetyenziswa kakhulu ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. (Gen. 14:18; Luka 4:4) Sasixhaphake kakhulu kangangokuba ngamanye amaxesha neBhayibhile isebenzisa igama elithi isonka xa ithetha ngokutya. (Mat. 6:11; IZe. 20:7) UYesu wasisebenzisa nakwimimangaliso yakhe emibini eyaziwayo. (Mat. 16:​9, 10) Omnye waloo mimangaliso kuthethwa ngawo kuYohane isahluko 6. Njengokuba siza kuthetha ngalo mmangaliso, siza kukhangela izinto esinokuzifunda nesinokuzisebenzisa kule mihla.

2. Kwakutheni ukuze kufuneke ukutya?

2 Emva kokuba abapostile bakaYesu begqibile ukushumayela, wahamba nabo ngesikhephe baya phesheya koLwandle LwaseGalili ukuze baphumle. (Marko 6:​7, 30-32; Luka 9:10) Waya nabo kwindawo engenabantu kummandla waseBhethesayida. Kodwa ngokukhawuleza kwafika amawaka abantu beze kumbona. UYesu wabahoya. Waba nobubele kubo, wathatha ixesha ebafundisa ngoBukumkani, ephilisa nabagulayo. Njengoko kwakusiya kurhatyela, abafundi babezibuza ukuba aba bantu baninzi kangaka baza kukufumana njani ukutya. Mhlawumbi abanye babeziphathele nje ukutya okuncinci, kodwa abaninzi kwakuza kufuneka baye kuzithengela ukutya kwiilali ezikufutshane. (Mat. 14:15; Yoh. 6:​4, 5) Wayeza kwenza ntoni uYesu?

UYESU WENZA IZONKA NGOKUNGUMMANGALISO

3. UYesu wathi abapostile bakhe mababenzele ntoni abantu? (Jonga ongaphandle.)

3 UYesu wathi kubapostile bakhe: “Akunyanzelekanga ukuba bahambe; bapheni ngokwenu ukutya.” (Mat. 14:16) Kwakubonakala ngathi abanakukwazi ukuyenza loo nto kuba kwakukho amadoda amalunga ne-5 000. Xa kubalwa nabafazi nabantwana, kusenokwenzeka ukuba yayingabantu abamalunga ne-15 000 ekwakufuneka babaphe ukutya. (Mat. 14:21) UAndreya wathi: “Kukho inkwenkwana apha enezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini ezincinci. Kodwa zingabanela njani abantu abaninzi kangaka?” (Yoh. 6:9) Izonka zerhasi zazidla ngokutyiwa ngabantu abasokolayo, mhlawumbi nabanye abantu, zona iintlanzi ezincinci kusenokwenzeka ukuba zaziyimiqwayito. Sekunjalo, ukutya okwakuphethwe yile nkwenkwana kwakungenakubanela abantu abaninzi kangaka.

UYesu wanceda abantu ngokubafundisa ngoBukumkani nokubanika izinto abazidingayo (Jonga isiqendu 3)


4. Yintoni esinokuyifunda kuYohane 6:​11-13? (Jonga nemifanekiso.)

4 UYesu wafuna ukubenzela ububele abantu, ngoko wathi mabahlale engceni ngokwamaqela. (Marko 6:​39, 40; funda uYohane 6:​11-13.) Sifunda ukuba uYesu wabulela uTata wakhe ngesonka neentlanzi. Wayefanele ukumbulela uThixo. Kaloku enyanisweni konke ukutya kuvela kuye. Kubalulekile ukuba siyenze le nto yenziwa nguYesu, sithandaze ngaphambi kokuba sitye, nokuba umntu uyedwa okanye ukunye nabanye abantu. Emva koko wathi abapostile mabanike abantu ukutya, baza bonke batya bonela, de kwakho okushiyekayo. UYesu zange afune kulahlwe oko kutya. Wathi makuqokelelwe ukuze kuphinde kutyiwe ngelinye ixesha. Ngale ndlela wayesifundisa ukuba izinto esinazo masizisebenzise kakuhle. Ukuba ungumzali, kungakuhle ukuba eli bali uphinde ulifunde nabantwana bakho, nize nincokole ngezinto eninokuzifunda ngomthandazo, ububele nokupha.

Zibuze, ‘Ngaba njengoYesu ndiyathandaza ngaphambi kokuba nditye?’ (Jonga isiqendu 4)


5. Ngenxa yezinto awazenzayo uYesu ngaloo mini, yintoni ababezimisele ukuyenza abantu? Wenza ntoni yena?

5 Yayibamangalisa abantu indlela uYesu awayefundisa ngayo nemimangaliso awayeyenza. Babesazi ukuba uMoses wayethembise ukuba uThixo wayeza kuvusa umprofeti omkhulu. Ngoko kusenokwenzeka ukuba babezibuza, ‘Ngaba nguYesu loo mprofeti?’ (Dut. 18:​15-18) Ukuba yayinguye, kusenokwenzeka ukuba babebona ngathi ngoyena mntu wayeza kubalawula kakuhle, nowayeza kukwazi ukutyisa uhlanga lonke. Ngoko abo bantu bafuna “ukumbamba bamenze ukumkani.” (Yoh. 6:​14, 15) Ukuba uYesu wayevumile, wayeza kuba uzifaka kwiipolitiki zamaYuda, awayelawulwa ngamaRoma. Ngaba wavuma ke? Hayi. Sifunda ukuba “wemka waya entabeni.” Ngoko ngoxa abantu babefuna nyhani ukuba abe ngukumkani, zange azifake kwiipolitiki. Sisifundo esibaluleke nyhani esi kuthi.

6. Singabonisa njani ukuba sifuna ukulinganisa uYesu? (Jonga nomfanekiso.)

6 Ngokuqinisekileyo abantu abasoze bafune senze isonka okanye sibaphilise ngendlela engummangaliso, bengasoze bafune nokuba sibalawule. Basenokusicenga ukuba sizifake kwiipolitiki ngokuvota okanye ngokubonisa ukuba sixhasa umntu abacinga ukuba angazilungisa izinto. Kodwa into awayenzayo uYesu nesinokufunda kuyo icacile. Akazange avume ukuzifaka kwizinto zepolitiki. Ekuhambeni kwexesha wade wathi: “UBukumkani bam abusuki kweli hlabathi.” (Yoh. 17:14; 18:36) Namhlanje amaKristu enza kakuhle xa elinganisa indlela uYesu awayecinga nawayezenza ngayo izinto. Sixhasa obo Bukumkani, sixelela abantu ngabo, futhi sithandazela ukuba mabufike. (Mat. 6:10) Ngoku makhe sibuyele kwibali likaYesu lokwenza kwakhe ummangaliso wezonka size sibone ukuba yintoni enye esinokuyifunda.

Simele silinganise uYesu ongazange azifake kwiipolitiki zamaYuda okanye zamaRoma (Umfanekiso okwiphepha 6)


‘INTO EYAYITHETHWA NGUMMANGALISO WEZONKA’

7. Yintoni eyenziwa nguYesu nabapostile? (Yohane 6:​16-20)

7 Emva kokuba uYesu ondle abantu abaninzi, wathi abapostile bakhe mababuyele eKapernahum ngesikhephe, yena wemka waya entabeni, engafuni ukuba abo bantu bamenze ukumkani. (Funda uYohane 6:​16-20.) Ngoxa abapostile beselwandle, kwabakho isaqhwithi esikhulu esenza ulwandle lwanamaza amakhulu. UYesu weza kubo ehamba phezu kwamanzi. Waxelela noPetros ukuba ahambe phezu kwawo. (Mat. 14:​22-31) Akukhwela esikhepheni uYesu, wathi cwaka umoya. Abafundi bakhe bamangaliswa baza bathi: “Unguye nyhani uNyana kaThixo.” a (Mat. 14:33) Nangoku, babengekayiboni into edibanisa lo mmangaliso nalowo wokondla abantu abaninzi. Xa ethetha ngalo mmangaliso wokuhamba kukaYesu phezu kwamanzi, yena uMarko uthi: “Yabamangalisa kakhulu le nto [abapostile], kuba babengacacelwanga yinto eyayithethwa ngummangaliso wezonka, bengayiqondi nento eyayisenzeka.” (Marko 6:​50-52) Kaloku babengayiqondi indlela amakhulu ngayo amandla uYehova awanike uYesu ukuze enze imimangaliso. Kungadlulanga xesha lide emva koko, uYesu waphinda wathetha ngommangaliso wezonka, esifundisa enye into.

8-9. Kwakutheni ukuze abantu bakhangele uYesu? (Yohane 6:​26, 27)

8 Eyona nto yayifunwa ngabantu uYesu awabapha ukutya yayikukufumana izinto abazidingayo nabazinqwenelayo. Kutheni sisitsho? Ngosuku olulandelayo babona ukuba uYesu nabapostile bakhe bamkile. Kwafika ezinye izikhephe ezazivela eTibheriya, baza abo bantu bakhwela kuzo baya kukhangela uYesu eKapernahum. (Yoh. 6:​22-24) Ngaba loo nto babeyenzela ukuva nezinye izinto ngoBukumkani? Akunjalo. Eyona nto babecinga ngayo sisonka. Siyazi njani loo nto?

9 Phawula into eyenzekayo xa bamfumanayo uYesu ngaseKapernahum. UYesu wayithetha phandle into yokuba eyona nto babemkhangelela yona yayikukuba babefuna ukutya. Nangona ‘babezitye banela izonka,’ uYesu wathi ezo zonka ‘kukutya okutshabalalayo.’ Ngoko wathi kubo mabasebenzele “ukutya okunika ubomi obungunaphakade.” (Funda uYohane 6:​26, 27.) Wathi uTata wakhe wayeza kubanika oko kutya. Kunokwenzeka ukuba yabamangalisa into yokuba ukutya kungenza umntu afumane ubomi obungunaphakade. Kukutya okunjani okwakunokwenza loo nto, futhi abantu ababemamele uYesu babenokukufumana njani?

10. Ngowuphi “umsebenzi kaThixo” ekwakufuneka bafunde ngawo abantu?

10 Kuyabonakala ukuba loo maYuda ayecinga ukuba kukho izinto okanye imisebenzi ekwakufuneka ayenze ukuze afumane oko kutya. Mhlawumbi ayecinga ‘ngemisebenzi’ ekuthethwa ngayo kuMthetho owawubhalwe nguMoses. Kodwa uYesu wathi kuwo: “Nguwo lo umsebenzi kaThixo, ukuba nibonise ukholo kulowo uthunyiweyo nguye.” (Yoh. 6:​28, 29, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ka-1999) Ukuze umntu “afumane ubomi obungunaphakade” kufuneka abe nokholo kulowo uthunywe nguThixo. Phofu noYesu wayekhe wayithetha le nto. (Yoh. 3:​16-18, 36) Nangamanye amaxesha uYesu wayekhe athethe ngezinye izinto ezazidingeka ukuze umntu afumane ubomi obungunaphakade.​—Yoh. 17:3.

11. AmaYuda abonisa njani ukuba ayesacinga ngokutya? (INdumiso 78:​24, 25)

11 Loo maYuda akazange ayamkele into awayeyifundiswa nguYesu ‘ngomsebenzi kaThixo’ omtsha. Ambuza athi: “Nguwuphi ummangaliso oza kusenzela wona, siwubone, ukuze sikukholelwe?” (Yoh. 6:30) Athi ngomhla kaMoses ookhokho bawo bafumana imana eyayifana nesonka. (Neh. 9:15; funda iNdumiso 78:​24, 25.) Kucacile ukuba ayesacinga ngokutya. Awazange ayicinge nokuyicinga into yokucela uYesu akhe awacacisele ukuba wayethetha ukuthini xa waphinda wathetha ‘ngesonka sokwenene esivela ezulwini,’ esasifana nemana eyayivela ezulwini neyayinika ubomi. (Yoh. 6:32) Ayecinga ngezinto azidingayo de akayihoya into uYesu awayezama ukuwafundisa yona ngokufumana ubomi obungunaphakade. Yintoni esiyifundayo thina?

EYONA NTO IMELE IBALULEKE KUTHI

12. UYesu wayibonisa njani eyona nto ibalulekileyo?

12 Nantsi eyona nto ibalulekileyo esiyifunda kuYohane isahluko 6: Ukuthobela uThixo nokuba ngabahlobo bakhe yeyona nto ifanele ibaluleke kakhulu kuthi. NoYesu wayibonisa indlela ebaluleke ngayo loo nto xa wayelingwa nguSathana. (Mat. 4:​3, 4) NakwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni wabonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuba ngumhlobo kaThixo. (Mat. 5:3) Ngoko sinokuzibuza, ‘Ngaba indlela endiphila ngayo ibonisa ukuba eyona nto ndiyikhathalele kakhulu kukuba ngumhlobo kaYehova kunezinto endizinqwenelayo?’

13. (a) Kutheni kungekho rongo ukonwatyiswa kukutya? (b) Yintoni esimele siyilumkele? (1 Korinte 10:​6, 7, 11)

13 Akukho rongo ukuthandazela izinto esizidingayo nokonwatyiswa zizo. (Luka 11:3) Ukusebenza nzima okusenza sikwazi ‘ukutya nokusela’ kusenza sonwabe futhi ‘kusuka esandleni soThixo wokwenene.’ (INtshu. 2:24; 8:15; Yak. 1:17) Sekunjalo, simele silumke, izinto esizinqwenelayo zingabi zezona zibalulekileyo ebomini bethu. Umpostile uPawulos wabonisa indlela ebaluleke ngayo le nto xa wayebhalela amaKristu awayephila ngaphambi kokuba kutshatyalaliswe iYerusalem netempile yayo. Wathetha ngezinto ezenziwa ngamaSirayeli kwixesha elidlulileyo nangento ayenza kufutshane neNtaba iSinayi. Walumkisa amaKristu ukuba angafuni “ukwenza izinto ezonzakalisayo” njengamaSirayeli. (Funda ama-1 Korinte 10:​6, 7, 11.) AmaSirayeli avumela ukufuna kwawo ukutya kwenza imimangaliso kaYehova yaba ‘zizinto ezonzakalisayo.’ (Num. 11:​4-6, 31-34) Xa ayekhonza ithole legolide, abonisa ukuba eyona ayeyikhathalele kukutya, ukusela nokonwaba kunokuthobela uYehova. (Eks. 32:​4-6) UPawulos wasebenzisa into eyenzeka kuwo xa wayelumkisa amaKristu awayephila ngaphambi kokuba kutshatyalaliswe iYerusalem netempile yayo ngo-70 C.E. Ngoku siphila kumaxesha esiphelo, ngoko senza kakuhle xa sisihoya isilumkiso sikaPawulos.

14. Ithini iBhayibhile xa ithetha ngokutya kwihlabathi elitsha?

14 Xa wayethetha ‘ngesonka sanamhlanje,’ uYesu wayethetha nangexesha laxa kuza kwenziwa ukuthanda kukaThixo ‘nasemhlabeni njengasezulwini.’ (Mat. 6:​9-11) Le nto ikwenza ucinge ngantoni? IBhayibhile ibonisa ukuba enye into ekukuthanda kukaThixo emhlabeni kukutya okumnandi. Ngokutsho kukaIsaya 25:​6-8, kuninzi ukutya okumnandi okuza kusonwabisa xa kulawula uBukumkani BukaYehova. INdumiso 72:16 ithi: “Kuza kubakho intabalala yokutya okuziinkozo emhlabeni; kuphuphume ezincochoyini zeentaba.” Ngaba ukhangele phambili ekwenzeni okona kutya ukuthandayo okanye ekwenzeni into ongazange wayitya? Enye into onokukhangela phambili kuyo ziidiliya eziphuma kumasimi atyalwe zizandla zakho. (Isa. 65:​21, 22) Wonke umntu ophilayo emhlabeni uza kuzonwabela ezi zinto.

15. Baza kufundiswa ntoni abantu abavusiweyo? (Yohane 6:35)

15 Funda uYohane 6:35. Kuza kwenzeka ntoni kubantu abondliwa nguYesu ngezonka neentlanzi? Xa kuvuswa abantu abaswelekileyo usenokudibana nabanye babo. Nokuba basweleka bengakhange babe nokholo kuYesu, basenokuvuswa. (Yoh. 5:​28, 29) Kuza kufuneka bafunde ukuba uYesu wayethetha ukuthini xa esithi: “Ndim isonka sobomi. Nabani na oza kum, soze alambe.” Kuza kufuneka babe nokholo lokuba uYesu wancama ubomi bakhe ngenxa yabo. Abo bavusiweyo nabantwana abaza kuzalwa ngelo xesha, baza kufundiswa ngoYehova nangenjongo yakhe. Kuza kuba mnandi nyhani ukuba ngomnye wabantu abafundisayo ngelo xesha. Ukunceda abantu babe ngabahlobo bakaYehova kuza kusivuyisa ngaphezu kwako konke ukutya okumnandi esiza kukutya kwihlabathi elitsha.

16. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

16 Sithethile ngezinye izinto ezikuYohane isahluko 6, kodwa zininzi izinto uYesu awayeseza kuzifundisa ‘ngobomi obungunaphakade.’ AmaYuda awayemmamele ayemele abe nomdla kwezo zinto. Nathi ke simele sibe nawo. Nakwinqaku elilandelayo siza kuthetha ngoYohane isahluko 6.

INGOMA 20 Usinike UNyana Wakho Ekuphela Kwakhe

a Ukuze ufunde nezinye izinto ezazisenzeka apha, jonga incwadi ethi UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi, iphe. 131, nethi Xelisa Ukholo Lwabo, iphe. 185.