Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 49

INGOMA 147 Sithenjiswe Ubomi Obungunaphakade

Yintoni Onokuyenza Ukuze Ufumane Ubomi Obungunaphakade?

Yintoni Onokuyenza Ukuze Ufumane Ubomi Obungunaphakade?

“Wonke umntu omamkelayo uNyana, akholwe aze azenze izinto azithethayo, uza kufumana ubomi obungunaphakade.”​—YOH. 6:40.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela elibanceda ngayo idini likaYesu Kristu abathanjiswa nezinye izimvu.

1. Abanye abantu bacinga ntoni ngokuphila ubomi obungunaphakade?

 ABANTU abaninzi bayayigada indlela abatya ngayo futhi bajima qho ukuze bahlale besempilweni. Sekunjalo, abalindelanga ukuba baza kuhlala bephila, bangafi. Mhlawumbi bacinga ukuba ayinakwenzeka loo nto futhi abayirhaleli ngenxa yeengxaki eziza nokukhula. Kodwa kuYohane 3:16 no-5:24 uYesu wathi ingenzeka into yokuba abantu bafumane “ubomi obungunaphakade.”

2. Uthini uYohane isahluko 6 ngobomi obungunaphakade? (Yohane 6:​39, 40)

2 Ngenye imini uYesu wenza ummangaliso wokondla abantu abaninzi ngezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini. a Yayimangalisa loo nto, kodwa into awayithethayo ngosuku olulandelayo yayisothusa. Abo bantu baninzi bamlandela baya eKapernahum, ngaselunxwemeni lwaseGalili. Apho wabaxelela ukuba abantu abaswelekileyo banokuvuswa baze baphile ubomi obungunaphakade. (Funda uYohane 6:​39, 40.) Khawucinge ukuba loo nto ithetha ukuthini ngabahlobo bakho nabantu bakowenu abaswelekileyo. Amazwi kaYesu abonisa ukuba abantu abaninzi abaswelekileyo banokuvuswa, futhi wena nabantu obathandayo ninokuphila ngonaphakade. Kodwa kuye kwanzima ukuyiqonda ebantwini abaninzi into eyathethwa nguYesu kuYohane isahluko 6. Wathini uYesu?

3. Wathini uYesu xa wayethetha ngaye kuYohane 6:51?

3 Abantu abaninzi ababeseKapernahum badibanisa ummangaliso wezonka uYesu awayebondle ngazo nemana uYehova awayeyinike ookhokho babo. Phofu xa zithetha ngaloo mana iZibhalo zithi “sisonka esivela ezulwini.” (INdu. 105:40; Yoh. 6:31) Ngoko uYesu wathetha ngemana ukuze afundise abo bantu ngento ebaluleke kakhulu. Nangona imana yayingummangaliso osuka kuThixo, abo bayityayo ekuhambeni kwexesha baye basweleka. (Yoh. 6:49) Kanti yena uYesu wathi “usisonka esivela ezulwini,” “isonka sikaThixo,” “nesonka sobomi.” (Yoh. 6:​32, 33, 35) UYesu wabonisa into ebalulekileyo ahluke ngayo kwimana. Wathi: “Ndim isonka esiphilayo esehla sivela ezulwini. Nabani na otya esi sonka uza kuphila ngonaphakade.” (Funda uYohane 6:51.) Loo maYuda ayebhidekile. Utsho njani uYesu ukuba usisonka esivela ezulwini esibhetele kunemana engummangaliso uThixo awayinika ookhokho bawo? UYesu wathetha into ebangela umdla xa wathi: “Isonka endiza kuninika sona yinyama yam.” Inoba wayethetha ukuthini? Kufuneka siyiqonde le nto, kuba impendulo ibonisa indlela esiza kubufumana ngayo ubomi obungunaphakade thina nabantu esibathandayo. Makhe sibone ukuba wayethetha ukuthini uYesu.

ISONKA ESIPHILAYO NENYAMA YAKHE

4. Kwakutheni ukuze abanye abantu bothuswe yinto eyathethwa nguYesu?

4 Abanye abantu ababemmamele uYesu bothuka xa wayesithi ‘isonka endiza kuninika sona yinyama yam, ukuze abantu bafumane ubomi.’ Ngaba babecinga ukuba wayeza kubanika inyama yomzimba wakhe ukuba bayitye? (Yoh. 6:52) Khawuve into eyathethwa nguYesu neyabothusa kakhulu. Wathi: “Ukuba aniyityi inyama yoNyana womntu, nisele negazi lakhe, anizukubufumana ubomi.”​—Yoh. 6:53.

5. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYesu wayengathethi ukuthi abantu mabasele igazi elibaleka emithanjeni yakhe?

5 Ngexesha likaNowa, uThixo wathi abantu mabangalityi igazi. (Gen. 9:​3, 4) Loo nto waphinda wayithetha kuMthetho awawunika amaSirayeli. Nabani na otya igazi ‘wayemele abulawe.’ (Lev. 7:27) UYesu wayekukhuthaza ukuthotyelwa kwalo Mthetho. (Mat. 5:​17-19) Ngoko asinakuyicinga nokuyicinga into yokuba wayenokuthi amaYuda mawatye inyama yakhe okanye asele igazi elibaleka emithanjeni yakhe. Kodwa xa wayethetha la mazwi angaqhelekanga, uYesu wayefuna ukufundisa abantu indlela abanokufumana ngayo ubomi obungunaphakade.​—Yoh. 6:54.

6. Wayethetha ukuthini uYesu xa wayethetha ngokutyiwa kwenyama yakhe nokuselwa kwegazi lakhe?

6 Wayethetha ukuthini uYesu? Ngokucacileyo wayezekelisa, njengokuba wayekhe wenza loo nto kwibhinqa elingumSamariya. Kaloku wathi kulo: “Nabani na osela amanzi endiza kumnika wona soze aphinde anxanwe, kodwa amanzi endimnika wona aza kuba ngumthombo ompompoza kuye, onika ubomi obungunaphakade.” (Yoh. 4:​7, 14) b UYesu wayengathethi kuthi eli bhinqa laliza kufumana ubomi obungunaphakade nje ngokusela amanzi asequleni. Ngokufanayo ke, uYesu wayengathi abantu ababeseKapernahum babeza kufumana ubomi obungunaphakade ngokutya inyama yakhe nokusela igazi elibaleka emithanjeni yakhe.

YAHLUKE NGANTONI INTO EYATHETHWA NGUYESU EGALILI KWAWAYITHETHA KUBAFUNDI BAKHE?

7. Bathini abanye abantu ngento eyathethwa nguYesu kuYohane 6:53?

7 Nabanye abantu beecawe bathi amazwi kaYesu akuYohane 6:53 athetha ngokutya inyama yakhe nokusela igazi lakhe, abonisa into ekwakuza kufuneka abantu bayenze kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Kaloku wathetha amazwi afanayo naxa wayesenza iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. (Mat. 26:​26-28) Bathi bonke abantu abayileyo kwiSidlo SeNkosi bamele basitye isonka bayisele newayini. Banyanisile ke xa besitsho? Kubalulekile ukuba sazi ukuba banyanisile na, kuba qho ngonyaka ehlabathini lonke baninzi abantu ababa kunye nathi kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Siza kubona ukuba into eyathethwa nguYesu kuYohane 6:53 yahluke kakhulu kwinto awayithetha kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa.

8. Zeziphi ezinye izinto ahluke ngazo la maxesha mabini? (Jonga nomfanekiso.)

8 Makhe sibone ukuba ahluke ngantoni la maxesha. Okokuqala, wawathetha nini futhi phi uYesu amazwi akuYohane 6:​53-56? Wawathetha kumaYuda amaninzi awayeseGalili ngo-32 C.E. Kwakumalunga nonyaka ngaphambi kokuba enze iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa sokuqala eYerusalem. Okwesibini, wayethetha noobani? Eyona nto babeyifuna abantu ababemamele uYesu eGalili yayikukutya kunokufunda ngoYehova. (Yoh. 6:26) Phofu, xa uYesu wathetha into ababengayiqondi bakhawuleza bayeka ukumkholelwa. Nabanye abafundi bakhe bayeka ukumlandela. (Yoh. 6:​14, 36, 42, 60, 64, 66) Khawuthelekise into eyenziwa ngaba bantu nento eyenzeka malunga nonyaka emva koko, ngo-33 C.E., xa uYesu wenza iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa sokuqala. Ngelo xesha abapostile bakhe abayi-11 abathembekileyo babekunye naye nangona babengaziqondi ngokupheleleyo izinto awayebafundisa zona. Ngokungafaniyo nabantu ababeseGalili, abafundi bakaYesu abathembekileyo babeqinisekile ukuba uYesu nguNyana kaThixo owayevela ezulwini. (Mat. 16:16) UYesu wabancoma, esithi: “Nina khange nindishiye kubo bonke ubunzima ebendikubo.” (Luka 22:28) Indlela eyahluke ngayo into eyenziwa ngabantu ababeseGalili neyenziwa ngabafundi bakhe, ibonisa ukuba into eyathethwa nguYesu kuYohane 6:53 yayingachazi into eyayimele yenziwe kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Zikhona nezinye izinto ahluke ngazo la maxesha mabini.

UYohane isahluko 6 uthetha ngento uYesu awayithetha kumaYuda amaninzi awayeseGalili (ekhohlo). Kwixesha elingangonyaka emva koko, wathetha neqela elincinci labapostile bakhe abathembekileyo eYerusalem (ekunene) (Jonga isiqendu 8)


AMAZWI KAYESU ATHETHA NTONI KUWE?

9. Into eyathethwa nguYesu kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa yayiza kwenzeka koobani?

9 NgeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, uYesu wanika abapostile bakhe isonka esingenagwele, wabaxelela nokuba simela umzimba wakhe. Wabanika newayini esithi yona imela ‘igazi lakhe lesivumelwano.’ (Marko 14:​22-25; Luka 22:20; 1 Kor. 11:24) Le nto wabaxelela yona ibalulekile. Esi sivumelwano asenziwanga nabo bonke abantu, senziwe ‘nendlu kaSirayeli wokomoya,’ abo baza kulawula noYesu ‘kuBukumkani BukaThixo.’ (Heb. 8:​6, 10; 9:15) Ngelo xesha, abapostile babengayiqondi into eyayithethwa nguYesu ngesivumelwano. Kodwa kungekudala babeza kuthanjiswa ngomoya oyingcwele ukuze babe kwisivumelwano esitsha, baze babe kunye noYesu ezulwini.​—Yoh. 14:​2, 3.

10. Yeyiphi enye indlela eyahluke ngayo into eyathethwa nguYesu eGalili kuleyo wayithetha kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa? (Jonga nomfanekiso.)

10 Uqaphele ukuba ngeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa uYesu wayethetha ‘ngomhlambi omncinci’? Elo qela lincinci laqala ngabapostile bakhe abathembekileyo ababekunye naye kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa sokuqala. (Luka 12:32) Kwakulindeleke ukuba basidle isonka, bayisele newayini. Kwakuza kulindeleka into efanayo ke nakwabanye ababeza kuba kweli qela. Ngabo abaza kuba kunye noYesu ezulwini. Le yenye indlela eyahluke ngayo into awayithetha kubapostile bakhe kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa kuleyo wayithetha kubantu abaninzi ababeseGalili. Into awayithetha eGalili iza kwenzeka kubantu abaninzi.

Abantu abasityayo isonka, basele newayini bambalwa kakhulu, kodwa “nabani na” unokuba nokholo kuYesu aze afumane ubomi obungunaphakade (Jonga isiqendu 10)


11. Yintoni eyathethwa nguYesu eGalili ebonisa ukuba wayengathethi ngeqela elincinci labantu?

11 Xa uYesu wayeseGalili ngo-32 C.E., abona bantu wayethetha nabo ngamaYuda awayezifunela nje ukutya. Wayefuna aqonde into eyayiza kuwanceda afumane ubomi obungunaphakade, neyayibaluleke kakhulu kunokutya nje okuqhelekileyo. Wade wathi abantu abaswelekileyo banokuvuswa ngomhla wokugqibela baze baphile ngonaphakade. Wayengathethi ngabantu abambalwa abakhethiweyo awathetha ngabo kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Kodwa eGalili wayethetha ngeentsikelelo ezazinokufunyanwa ngabo bonke abantu. Wade wathi: “Nabani na otya esi sonka uza kuphila ngonaphakade; . . . isonka endiza kumnika sona yinyama yam, ukuze abantu bafumane ubomi.”​—Yoh. 6:51. c

12. Yintoni efunekayo ukuze umntu afumane ubomi obungunaphakade?

12 Ngaba uYesu wayethetha ukuthi wonke umntu owakha waphila uza kufumana ubomi obungunaphakade? Hayi. Buza kufunyanwa kuphela ngabantu ‘abatya esi sonka,’ abo banokholo kuYesu. Abantu abaninzi abazibiza ngokuba ngamaKristu bacinga ukuba baza kusindiswa ukuba nje ‘bayakholwa’ kuYesu futhi bamjonga njengomsindisi wabo. (Yoh. 6:​29, iBhayibhile yesiXhosa) Kodwa nangona abanye abantu ababeseGalili bakholwayo kuYesu ekuqaleni, baye bamshiya. Kwakutheni?

13. Yintoni efunekayo ukuze umntu abe ngumlandeli wokwenene kaYesu?

13 Abantu abaninzi abondliwa nguYesu babekuvuyela ukumlandela ukuba nje wayeqhubeka esenza izinto abazifunayo. Babenomdla wokuphiliswa ngendlela emangalisayo, wokufumana ukutya, nowokufundiswa izinto ababefuna ukuziva. Kodwa uYesu wabonisa ukuba zikhona nezinye izinto ekwakuza kufuneka bazenze abafundi bakhe bokwenyaniso. Emhlabeni wayengazelanga nje ukunika abantu izinto abazinqwenelayo. Kwakufuneka ‘beze’ kuye ngokummamela nokuzenza zonke izinto awayebafundisa zona.​—Yoh. 5:40; 6:44.

14. Yintoni esimele siyenze ukuze isincede ‘inyama negazi’ likaYesu?

14 UYesu wafundisa abo bantu ukuba ukunikela kwakhe ngegazi nenyama yakhe kwakunokubenza bafumane ubomi obungunaphakade. Into eyayifuneka kubo kukuyikholelwa loo nto. Ukholo olunjalo lwalubalulekile kuloo maYuda, lusabalulekile ke nakuthi. (Yoh. 6:40) Kaloku, ukuze isincede inyama negazi likaYesu, njengokuba kusitshiwo kuYohane 6:​53, kufuneka sikholelwe ukuba wasihlawulela. Loo nto inokwenzeka kubantu abaninzi.​—Efe. 1:7.

15-16. Zeziphi izinto ezibalulekileyo asinceda sihlale sizikhumbula uYohane isahluko 6?

15 Izinto esizifunde kuYohane isahluko 6 zibaluleke kakhulu futhi sonke ziyasikhuthaza. Zenza kucace ukuba uYesu ubakhathalele nyhani abantu. Xa wayeseGalili, waphilisa abantu, wabafundisa ngoBukumkani, waza waqiniseka ukuba izinto abazidingayo ezifana nokutya bayazifumana. (Luka 9:11; Yoh. 6:​2, 11, 12) Into ebaluleke kakhulu awayenzayo yayikukubafundisa ukuba yena ‘usisonka sobomi.’​—Yoh. 6:​35, 48.

16 Abantu uYesu awathi ‘zezinye izimvu,’ abasityi futhi abamele basitye isonka newayini ezihanjiswa kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa qho ngonyaka. (Yoh. 10:16) Sekunjalo, nabo uyabanceda umzimba negazi likaYesu kuba banokholo kwidini lakhe. (Yoh. 6:53) Kodwa bona abo basityayo isonka, basele newayini ehanjiswa kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, babonisa ukuba bakwisivumelwano esitsha futhi baziindlalifa zoBukumkani basezulwini. Ngoko nokuba singabathanjiswa okanye singabezinye izimvu, into ethethwa kuYohane isahluko 6 ibaluleke kakhulu kuthi. Isifundisa nokuba kufuneka sibe nokholo kuYesu ukuze sifumane ubomi obungunaphakade.

INGOMA 150 Funa UYehova Ukuze Usinde

a UYohane 6:​5-35 kuthethwe ngaye kwinqaku elidlulileyo.

b Amanzi awathetha ngawo uYesu amela izinto uYehova azenzileyo nazenzayo ukuze abantu bafumane ubomi obungunaphakade.

c KuYohane isahluko 6 kusetyenziswa amazwi athi “nabani na” nathi “wonke umntu” xa kuthethwa ngabantu abaza kuphila ngonaphakade.​—Yoh. 6:​35, 40, 47, 54, 56-58.