Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Zeziphi ‘iingelosi ezikhethiweyo’ ekuthethwa ngazo ku-1 Timoti 5:21?

Umpostile uPawulos wabhalela uTimoti, naye owayengumdala esithi: “Ndiyakuyala phambi koThixo noKristu Yesu neengelosi ezikhethiweyo ukuba uyithobele le miyalelo, uzihlolisise izinto uze ungabi namkhethe xa usenza isigqibo.”​—1 Tim. 5:21.

Siza kuqala sithethe ngokuba zeziphi iingelosi ezingenakuba kweli qela likhethiweyo. Kucacaile ukuba abo bayi-144 000 abekho kweli qela. Xa uPawulos wayebhalela uTimoti, ayengekabikho amaKristu athanjisiweyo avuselwe ezulwini. Abapostile namanye amaKristu athanjisiweyo ayengekabi zizo izidalwa zomoya, ngoko ayinakuba ngabo ‘iingelosi ezikhethiweyo.’​—1 Kor. 15:​50-54; 1 Tes. 4:​13-17; 1 Yoh. 3:2.

Kwakhona, xa kuthethwa ‘ngeengelosi ezikhethiweyo’ akunakuba kuthethwa ngeengelosi ezingazange zithobele ngexesha loMkhukula. Ezo ngelosi zakhetha ukuba kwicala likaSathana zaza zaba ziidemon, ezaba ziintshaba zikaYesu. (Gen. 6:2; Luka 8:​30, 31; 2 Pet. 2:4) Kwixesha elizayo, ziza kuvalelwa kumngxuma ongenasiphelo iminyaka eyi-1 000, emva koko zitshatyalaliswe noMtyholi.​—Yuda 6; ISityhi. 20:​1-3, 10.

Kusenokwenzeka ukuba ‘iingelosi zikhethiweyo’ athetha ngazo uPawulos ziingelosi ezisezulwini ezisebenzisana ‘noThixo noKristu Yesu.’

Kukho amawaka ngamawaka eengelosi ezithembekileyo. (Heb. 12:​22, 23) Asinakucinga ukuba zonke zinikwa umsebenzi ofanayo ngexesha elinye. (ISityhi. 14:​17, 18) Khumbula ukuba kwakhe kwathunywa ingelosi enye ukuba itshabalalise amajoni ayi-185 000 aseAsiriya. (2 Kum. 19:35) Kusenokwenzeka ukuba iingelosi ezininzi zithunywe “ukuba zisuse zonke izinto ezenza abantu bone, zisuse nabantu abahlala besophula umthetho woBukumkani” bukaYesu. (Mat. 13:​39-41) Kusenokwenzeka ukuba ezinye zithunywe ukuba “ziqokelele abo abakhethe emhlabeni wonke” ukuze baye ezulwini. (Mat. 24:31) Kanti ezinye ziyalelwe ‘ukuba zisigade kuzo zonke iindlela zethu.’​—INdu. 91:11; Mat. 18:10; thelekisa uMateyu 4:11; Luka 22:43.

Kusenokwenzeka ukuba ‘iingelosi ezikhethiweyo’ ekuthethwa ngazo ku-1 Timoti 5:21 yayiziingelosi ezinikwe imisebenzi ekhethekileyo yokukhathalela abantu bakaThixo. Kule vesi, uPawulos ucebisa abadala ngendlela abamele bayenze ngayo imisebenzi abayinikiweyo, nokuba ibandla lifanele libahloniphe. Wathi, abadala bafanele ‘bangakhethi,’ futhi bangenzi isigqibo bengacingisisanga kakuhle. Esona sizathu sibalulekileyo esenza kufuneke balimamele icebiso likaPawulos eliphefumlelweyo, kukuba basebenza “phambi koThixo noKristu Yesu neengelosi ezikhethiweyo.” Kucacile ukuba ezinye iingelosi zinikwe umsebenzi wokunceda amabandla, njengokuwakhusela, ukuncedisa kumsebenzi wokushumayela nokuxelela uYehova izinto ezenzekayo kuwo.​—Mat. 18:10; ISityhi. 14:6.