Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yiya Usondela KuThixo!

Yiya Usondela KuThixo!

‘Qhubekani nihamba ngokomoya [okanye niphila ngokukhokelwa ngumoya kaThixo].’—GAL. 5:16.

IINGOMA: 136, 10

1, 2. Yintoni eyayingahambi kakuhle kuRobert, ibe wayilungisa njani?

UROBERT wabhaptizwa eneminyaka eyi-15, kodwa wayengazimiselanga kangako enyanisweni. Uthi: “Ayikho into embi endandiyenza, qha ndandihamba nje nabahambayo. Abantu babecinga ukuba ndiqhuba kakuhle xa bendijongile, ndandisiya kuzo zonke iintlanganiso, ndisiba nguvulindlela ongumncedani kaliqela enyakeni. Kodwa ikhona nje into eyayingahambi kakuhle.”

2 URobert akazange abone ukuba yintoni eyayingahambi kakuhle de watshata. Ngenye imini yena nenkosikazi yakhe babedlala umdlalo bebuzana ngezinto eziseBhayibhileni. Inkosikazi yakhe yayiyichana imibuzo kuba yayiyazi kakuhle iBhayibhile, kodwa yena uRobert wayefile ziintloni, engazazi iimpendulo. Uthi: “Kwakungathi ndilusana. Ndaqonda ukuba, ‘Ukuba ndiza kuba yintloko-ntsapho apha ekhaya, kuza kufuneka ndenze into.’” Nyhani ke wayenza. Uthi: “Ndayifunda iBhayibhile, ndaphanda, ndenza yonke into, ibe izinto zatsho zadibana. Ndatsho ndayazi iBhayibhile, kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba ndasondela kuYehova.”

3. (a) Sifunda ntoni kwinto eyenzeka kuRobert? (b) Yeyiphi imibuzo ebalulekileyo eza kuphendulwa?

3 Ininzi into esiyifundayo kwinto eyenzeka kuRobert. Mhlawumbi uyayazi iBhayibhile kwaye uya qho ezintlanganisweni, kodwa ezo zinto azithethi kuthi usondele kuYehova. Okanye kungenzeka sele uhambele phambili entlanganweni, kodwa xa uzihlola ufumanisa ukuba zikhona izinto onokuphucula kuzo ukuze ukhokelwe ngumoya kaThixo. (Fil. 3:16) Ukuze ukwazi ukuqhubeka uhambela phambili, nantsi imibuzo ebalulekileyo eza kuphendulwa kweli nqaku: (1) Singazazi njani ukuba sisondele kangakanani kuThixo? (2) Yintoni esingayenza ukuze sisondele ngakumbi kuye size siqhubeke sikhula? (3) Ukusondela kuThixo kusinceda njani kwindlela esenza ngayo izinto suku ngalunye?

MASIZIHLOLE

4. Asebenza koobani amazwi akweyabase-Efese 4:23, 24?

4 Xa sasiqalisa ukukhonza uThixo, zininzi izinto esazitshintshayo. Sabutshintsha bonke ubomi bethu. Zange siyeke sakubhaptizwa. Kaloku iBhayibhile ithi ‘masiwahlaziye amandla eengqondo zethu.’ (Efe. 4:23, 24) Kuba singabantu, kwaye sizenza iimpazamo, kuza kufuneka siqhubeke sitshintsha. Nabantu ekukudala bekhonza uYehova kufuneka baman’ ukuzijonga ukuba basakhokelwa ngumoya kaYehova na.—Fil. 3:12, 13.

5. Yeyiphi imibuzo enokusinceda sizihlole ukuba sisondele kangakanani kuYehova?

5 Ukuze siphucule ekukhokelweni ngumoya kaThixo, kufuneka sizihlole kakuhle, singaziqhathi. Enoba ungakanani ngeminyaka, khawuzibuze le mibuzo: ‘Ngaba ikhona into etshintshileyo apha kum ebonisa ukuba ndiya ndikhokelwa ngumoya kaThixo? Ngaba ndiya ndifana noKristu? Ngaba into endiba yiyo nezinto endizenzayo xa ndisezintlanganisweni zibonisa ukuba ndikhokelwa ngumoya kaThixo? Izinto endincokola ngazo zibonisa ukuba ndithanda ntoni? Ngaba ndiyazifunda izinto ezakha ukholo lwam, ukuba akunjalo, ithetha ntoni loo nto ngam? Zibonisa ntoni ngam izinto endizinxibayo nendlela endizilungisa ngayo? Ithetha ntoni ngam indlela endiba yiyo xa ndinqandwa? Ndiye ndithini xa ndilingelwa ukuba ndone? Ngaba andiselulo usana ngoku, ndingumKristu okhulileyo?’ (Efe. 4:13) Ukucinga ngendlela ebesinokuyiphendula ngayo le mibuzo kungasibonisa ukuba sisondele kangakanani kuYehova.

6. Ngoobani abanokusinceda sizihlole ukuba sisondele kangakanani kuYehova?

6 Ngamanye amaxesha, kuye kufuneke abazalwana bethu basibonise ukuba asisakhokelwa ngumoya kaThixo. Umpostile uPawulos wathi umntu olawulwa yiminqweno yakhe akakwazi kubona ukuba uyamona uThixo. Kwelinye icala, umntu okhokelwa ngumoya kaThixo uyayiqonda indlela uThixo azijonga ngayo izinto kwaye uyazibona nezinto ezimbi ezenziwa ngumntu olawulwa yiminqweno yakhe. (1 Kor. 2:14-16; 3:1-3) Kuba abadala benengqondo kaKristu, bakhawuleza bambone umntu olawulwa yiminqweno yakhe. Xa bekulumkisa ngaloo nto, ngaba uye uvume uze uyilungise? Xa uyilungisa loo nto, ubonisa ukuba ufuna ukusondela kuYehova.—INtshu. 7:5, 9.

SONDELA NGAKUMBI KUTHIXO

7. Kutheni ukwazi iBhayibhile kunganelanga ukuze sicinge ngendlela uYehova acinga ngayo?

7 Khumbula ukuba ukwazi iBhayibhile akwanelanga ukuze ucinge ngendlela uYehova acinga ngayo. UKumkani uSolomon wayezazi kakuhle iindlela zikaYehova. Amazwi akhe abhalwa eBhayibhileni. Kodwa ekugqibeleni akazange akwazi ukuhlala ethembekile kuYehova. (1 Kum. 4:29, 30; 11:4-6) Ngoko yintoni enye esiyidingayo ngaphandle kokwazi iBhayibhile? Kufuneka siqhubeke sikhula elukholweni. (Kol. 2:6, 7) Singayenza njani loo nto?

8, 9. (a) Yintoni enokusinceda sizinze elukholweni? (b) Kufuneka ibe yintoni injongo yethu xa sifunda naxa sicinga ngezinto esizifundileyo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

8 UPawulos wababongoza abazalwana bexesha lakhe ukuba bakhule. (Heb. 6:1) Thina namhlanje ziintoni ekufuneka sizenze ukuze sibe siyalisebenzisa eli cebiso likaPawulos? Enye into ebalulekileyo kukufunda incwadi ethi Zigcineni Kuthando LukaThixo.” Ukuyifunda uyigqibe le ncwadi kuza kukunceda ukwazi ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ebomini bakho. Xa uyigqibile, funda ezinye iincwadi ezinokukunceda uzinze elukholweni. (Kol. 1:23) Emva koko cinga ngezinto ozifundileyo uze ucele uYehova akubonise ukuba uzisebenzise njani ebomini bakho.

9 Ukhumbule ke ukuba xa ufunda naxa ucinga ngezinto ozifundileyo, umele uzenze ezo zinto ngenjongo yokuvuyisa uYehova nokuthobela imithetho yakhe. (INdu. 40:8; 119:97) Kwangaxeshanye, zama ukususa izinto ezinokukwenza ungakhuli.—Tito 2:11, 12.

10. Lumele lwenze ntoni ulutsha ukuze lusondele ngakumbi kuYehova?

10 Lutsha, ngaba niqinisekile ngezinto eniceba ukuzenza ukuze nikhule elukholweni. Omnye umzalwana okhonza eBheteli, xa esendibanweni, udla ngokuthetha nabantu abaza kubhaptizwa ngaphambi kocwangciso. Abaninzi kubo lulutsha. Lo mzalwana uye ababuze ukuba bazimisele ukwenza ntoni entlanganweni. Abaninzi kubo baye bachaze beqinisekile ukuba baza kumenzela ntoni uYehova, mhlawumbi bangene kwinkonzo yexesha elizeleyo okanye baye kuncedisa kwindawo edinga abavakalisi. Ngamanye amaxesha olunye ulutsha luye lungazi ukuba luza kwenza ntoni. Ngaba loo nto ayibonisi ukuba alukayiqondi into yokuba kufuneka lucacelwe yinto olufuna ukumenzela yona uYehova? Wena mntu mtsha, khawuzibuze: ‘Xa ndisenza izinto zebandla, ngaba ndenzela nje abazali bam? Ngaba nam ndiya ndisondela kuThixo?’ Kodwa ke, ayilolutsha lodwa olufanele lucinge ngezinto oluza kumenzela zona uYehova. Xa bonke abakhonzi bakaYehova besenza loo nto, baya kusondela ngakumbi kuye.—INtshu. 12:1, 13.

11. (a) Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sikhule nyhani? (b) Ngubani esinokufunda kuye oseBhayibhileni?

11 Xa ubona ukuba kukho into omele uphucule kuyo, yilungise ukuze uhambele phambili. Kubaluleke kakhulu ukusondela kuYehova. Kuthetha ubomi nokufa. (Roma 8:6-8) Kodwa ke, akuthiwa siza kwenza yonke into kakuhle kuba sikhulile elukholweni. Ngumoya kaYehova oza kusinceda sihambele phambili. Kodwa nathi kufuneka sizame. Xa uJohn Barr, owayelilungu leQumrhu Elilawulayo, wayethetha ngoLuka 13:24, wathi: “Abaninzi bayasilela ngenxa yokuba abazimiselanga ngokwaneleyo ukomelela.” Nathi kufuneka sifane noYakobi, ongazange ayeke ukujijisana nengelosi de wasikelelwa. (Gen. 32:26-28) Kumnandi kona ukufunda iBhayibhile, kodwa asifanele silindele ukuba ibe njengencwadi emnandi yokuchitha isithukuthezi. Kufuneka siphande ukuze sifumane ubuncwane obuza kusinceda.

12, 13. (a) Yintoni eza kusinceda senze into ethethwa ngamaRoma 15:5? (b) Kunokusinceda njani ukufunda into eyenziwa ngumpostile uPetros nokumamela icebiso lakhe? (c) Yintoni onokuyenza ukuze ukhokelwe nangakumbi ngumoya kaThixo? (Jonga ibhokisi ethi, “ Amacebiso Okusondela Ngakumbi KuThixo.”)

12 Njengoko sizama ukusondela kuYehova, umoya oyingcwele uza kusinceda sitshintshe indlela esicinga ngayo. Njengoko usinceda siza kuya sicinga njengoKristu. (Roma 15:5) Ukongezelela koko, uza kusinceda sikwazi ukususa iminqweno emibi uze usenze sibe neempawu uThixo azithandayo. (Gal. 5:16, 22, 23) Ukuba izinto ozicingayo zikwenza uthande imali nokuba nezinto okanye unqwenele ukwenza isono, ungayeki ukulwa nezo ngcinga. Qhubeka umcela uYehova akunike umoya wakhe, ibe uza kukunceda ukwazi ukucinga izinto ezilungileyo. (Luka 11:13) Usayikhumbula into eyenzeka kumpostile uPetros? Kaninzi ebomini bakhe akazange enze izinto ngendlela enza ngayo umntu okhokelwa ngumoya kaThixo. (Mat. 16:22, 23; Luka 22:34, 54-62; Gal. 2:11-14) Kodwa akazange ancame. Kancinci kancinci, uYehova wamnceda wakwazi ukucinga njengoKristu. Nathi masenze okufanayo.

13 Kamva uPetros wasichazela izinto esinokusebenzela kuzo. (Funda eyesi-2 kaPetros 1:5-8.) Njengoko sisenza “umgudu wenyameko” okanye sizama ngamandla ukuba neempawu ezinjengokuzibamba, ukunyamezela, ukuthanda abazalwana, siza kutsho sikhule kwaye sikhokelwe ngumoya kaThixo. Suku ngalunye, zibuze lo mbuzo, ‘Yintoni endingasebenzela kuyo namhlanje ukuze ndikhokelwe nangakumbi ngumoya kaThixo?’

SEBENZISA IMIGAQO YEBHAYIBHILE KUZO ZONKE IZINTO

14. Ukucinga njengoKristu kuba nefuthe njani ebomini bethu?

14 Ukucinga njengoKristu kuza kuba nefuthe kwindlela esithetha ngayo, esiziphatha ngayo emsebenzini okanye esikolweni, nakwizigqibo esizenzayo suku ngalunye. Zezo zigqibo eziza kubonisa ukuba siyafuna na ukuba ngabalandeli bakaKristu. Kuba sikhokelwa ngumoya kaThixo, asifuni nanye into eza kusixabanisa noBawo wethu osezulwini. Xa kuvela isilingo, ukucinga njengoKristu kuza kusinceda sisityhalele kude. Ngaphambi kokuba wenze isigqibo, khawucinge ngale mibuzo: ‘Yeyiphi imigaqo yeBhayibhile eza kundinceda kwesi sigqibo? Ebeza kwenza ntoni uKristu ukuba ibinguye okule meko? UYehova angathanda ndenze esiphi sigqibo?’ Ukuze siziqeqeshele ukucinga ngale ndlela, makhe sijonge le mizekelo ilandelayo. Kumzekelo ngamnye, siza kujonga umgaqo weBhayibhile oza kusinceda sisenze ngobulumko isigqibo.

15, 16. Chaza indlela ukucinga njengoKristu okusinceda ngayo xa (a) sikhetha umntu esiza kutshata naye, naxa (b) sikhetha abahlobo.

15 Xa ukhetha umntu oza kutshata naye. Umgaqo weBhayibhile onokusinceda ulapha kweyesi-2 kwabaseKorinte 6:14, 15. (Yifunde.) UPawulos uyenza icace into yokuba umntu okhokelwa ngumoya kaThixo akasoze adibane nomntu olawulwa yiminqweno yakhe kuba izinto abaziboni ngokufanayo. Loo mgaqo unokukunceda njani xa kufuneka ukhethe umntu oza kutshata naye?

16 Ukukhetha abahlobo. Umgaqo weBhayibhile onokusinceda ulapha kweyoku-1 kwabaseKorinte 15:33. (Yifunde.) Umntu okhokelwa ngumoya kaThixo akahlali nabantu abanokumxabanisa noYehova. Lo mgaqo unokuwusebenzisa kweziphi iimeko? Ngokomzekelo, unokukunceda njani wenze izigqibo ezifanelekileyo ngeewebhusayithi zokuncokola? Uza kuthini xa abantu ongabaziyo befuna udlale nabo imidlalo ekwi-intanethi?

Ngaba izigqibo zam zindinceda ndikhule? (Jonga isiqendu 17)

17-19. Ukukhokelwa ngumoya kaThixo kusinceda njani (a) singaleqi izinto ezingasincediyo? (b) sibe nezinto esiceba ukuzenza ezisisondeza kuThixo? (c) sazi ukuba senze ntoni xa sixabene nomnye umntu?

17 Izinto ezinokusibamba singakhuli. UPawulos walumkisa amanye amaKristu ngezi zinto. (Funda amaHebhere 6:1.) Yeyiphi le ‘misebenzi ifileyo’ esifanele siyiphephe? Yiyo nayiphi na into engasincediyo ukuba sisondele ngakumbi kuYehova. Lo mgaqo unokusinceda siphendule imibuzo emininzi esinayo, njengothi: ‘Ngaba le nto ayingomsebenzi wenyama? Ngaba nam ndimele ndingene kule ndlela yokwenza imali ngokukhawuleza? Kutheni ndingamele ndincedise abantu abafuna ukuphucula iimeko zehlabathi?’

Ngaba izigqibo zam zindinceda ndicebe ukukhonza uThixo? (Jonga isiqendu 18)

18 Izinto ezikusondeza kuThixo oceba ukuzenza. Amazwi awathethwa nguYesu kwiNtshumayelo YaseNtabeni ayasibonisa izinto esimele sicebe ukuzenza. (Mat. 6:33) Umntu okhokelwa ngumoya kaThixo uceba ukwenza izinto ezimenza asondele kuThixo. Ukucinga ngaloo nto kusinceda sikwazi ukuphendula imibuzo efana nale: ‘Ngaba ndiza kuya eyunivesithi xa ndigqibe isikolo? Ngumsebenzi wempangelo onjani endiza kuwenza?’

Ngaba izigqibo zam zindinceda ’ndibe noxolo nabantu’? (Jonga isiqendu 19)

19 Iingxabano. Icebiso likaPawulos alibhalele ibandla laseRoma lisinceda sazi ukuba senze ntoni xa sixabene nomnye umntu. (Roma 12:18) Thina balandeli bakaKristu senza konke okusemandleni ethu “ukuba noxolo nabantu bonke.” Uye wenze ntoni xa uye waxabana nomntu? Ngaba uye ubambelele kwindlela wena ocinga ngayo, okanye waziwa ‘ngokwenza uxolo’?—Yak. 3:18.

20. Kutheni ufuna ukuya usondela kuYehova?

20 Le ibiyimizekelo embalwa ebonisa indlela ekunceda ngayo ukucinga ngemigaqo kaThixo ukuze senze izigqibo ezilungileyo kwaye sibe ngabantu uYehova afuna sibe ngabo. Ukukhokelwa ngumoya kaThixo kunokusinceda sihlale sonwabile kwaye sanelisekile. URobert, ebesithethe ngaye ekuqaleni uthi: “Emva kokuba ndisondele kuYehova ndatsho ndaba ngumyeni notata obhetele. Ndonwaba kwaye ndaneliseka.” Nathi sinokusikelelwa ngale ndlela ukuba ukusondela kuYehova yeyona nto ibalulekileyo kuthi. Ukuba nathi sikhokelwa ngumoya kaThixo, siya kwaneliseka yindlela esiphila ngayo ngoku kanti ‘nakubomi benene’ obuzayo.—1 Tim. 6:19.