Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 5

“Intloko Yendoda NguKristu”

“Intloko Yendoda NguKristu”

“Intloko yendoda nguKristu.”—1 KOR. 11:3.

INGOMA 12 Thixo Omkhulu, OnguYehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Amadoda asenokuyibona okanye ayifunde phi indlela yokuphatha abafazi nabantwana?

UCINGA ukuba kuthetha ukuthini ukuba negunya, ngokomzekelo, ukuba yintloko yentsapho? Amanye amadoda asenokuphatha abafazi nabantwana bawo ngendlela abone bephathwa ngayo kwiindawo akhulele kuzo okanye ngootata bawo. Khawuve into ethethwa nguYanita, udade ohlala eYurophu. Uthi: “Apho ndihlala khona into abayaziyo abantu kukuba amadoda abalulekile kunabafazi nokuba abafazi bamele benziwe amakhoboka.” Kanti uLuke, umzalwana ohlala eUnited States yena uthi: “Abanye ootata bafundisa oonyana babo ukuba abanakuva ngabafazi kuba akukho nto ibalulekileyo inokuthethwa ngumfazi.” Kodwa uYehova akafuni amadoda abaphathe ngolo hlobo abafazi bawo. (Thelekisa uMarko 7:13.) Ngoko indoda imele yenze ntoni ukuze ibe yintloko-ntsapho ethandwayo nguYehova nayintsapho yayo?

2. Yintoni emele iyazi intloko-ntsapho, futhi kutheni kubalulekile ukuyazi loo nto?

2 Ukuze indoda ibe yintloko ethandwayo nguYehova nayintsapho yayo, imele iqale iyazi into uYehova afuna iyenze. Emva koko, imele yazi ukuba kutheni uYehova enze kwakho iintloko-ntsapho, nokuba ingamlinganisa njani yena noYesu. Kutheni kubalulekile ukuba izazi ezi zinto? Kungokuba uYehova akazinikanga igunya elipheleleyo iintloko-ntsapho, futhi ulindele ukuba elo azinike lona zilisebenzise kakuhle.—Luka 12:48b.

KUTHETHA UKUTHINI UKUBA YINTLOKO?

3. Ama-1 Korinte 11:3 athi uYehova uyilungise njani intsapho yakhe esezulwini nesemhlabeni?

3 Funda ama-1 Korinte 11:3. Le vesi ichaza indlela uYehova ayilungise ngayo intsapho yakhe esezulwini nesemhlabeni. Ekubeni ‘eyintloko’ yayo yonke intsapho yakhe, lonke igunya lelakhe. Uye wacuntsulela abanye abantu igunya, kodwa bona baza kuphendula kuye ngendlela abalisebenzisa ngayo. (Roma 14:10; Efe. 3:14, 15) Unike uYesu igunya lokuba abe yintloko yebandla. UYesu uza kuphendula kuye ngendlela asiphatha ngayo. (1 Kor. 15:27) Indoda uyinike igunya lokuba ibe yintloko yomfazi nabantwana bayo. Yona iza kuphendula kuYehova noYesu ngendlela eyiphatha ngayo intsapho yayo.—1 Pet. 3:7.

4. Leliphi igunya abanalo uYehova noYesu?

4 UYehova, oyiNtloko yayo yonke intsapho yakhe esezulwini nesemhlabeni, unegunya lokubanika imithetho abantwana bakhe kwaye uyaqiniseka ukuba bayayenza. (Isa. 33:22) NoYesu, oyintloko yebandla lamaKristu, unikwe igunya lokubekel’ ibandla imithetho; ngoko kufuneka aqiniseke ukuba iyenziwa.—Gal. 6:2; Kol. 1:18-20.

5. Leliphi igunya enalo intloko yentsapho? Imele ilisebenzise njani?

5 NjengoYehova noYesu, intloko yentsapho inegunya lokubekel’ intsapho yayo imithetho ekufuneka yenziwe. (Roma 7:2; Efe. 6:4) Kodwa ayinikwanga igunya elipheleleyo. Ngokomzekelo, imithetho eyibekayo kufuneka iyithathe kwimigaqo ekwiLizwi LikaThixo. (IMize. 3:5, 6) Ayilinikwanga igunya lokubekela abanye abantu abangeyontsapho yayo imithetho. (Roma 14:4) Nabantwana bayo, xa sebebadala, bezihlalela, ayiseyontloko yabo, ngoxa beza kuhlala beyihlonipha.—Mat. 19:5.

KWAKUTHENI UKUZE UYEHOVA ANIKE ABANYE ABANTU IGUNYA?

6. Kwakutheni ukuze uYehova anike abanye abantu igunya lokuba ziintloko?

6 UYehova unike abantu igunya lokuba ziintloko kuba eyithanda intsapho yakhe. Ngenxa yeli gunya, intsapho yakhe yenza izinto ngoxolo nangocwangco. (1 Kor. 14:33, 40) Ukuba bekungekho mntu uyintloko, belungazukubakho ucwangco, nentsapho yakhe ibingazukonwaba. Ngokomzekelo, wonk’ umntu ebeza kuhamba ngayibonayo, kungekho mntu ubeka imithetho aze aqiniseke ukuba iyenziwa.

7. AmaEfese 5:25, 28 athi uYehova ufuna amadoda abaphathe njani abafazi bawo?

7 Ukuba yinto elungileyo ukuba amadoda abe negunya kwiintsapho zawo, kutheni kukho abafazi abaninzi kangaka abaphethwe kakubi nabalawulwayo ngabayeni babo? Kungenxa yokuba amadoda amaninzi awayihoyanga imithetho uYehova ayibekele iintsapho, aphethe abafazi ngendlela akhule bephathwa ngayo. Mhlawumbi kuba mnandi kuwo xa ebaphatha kabuhlungu. Ngokomzekelo, indoda inokumdelela umfazi kuba ifuna ukuziva ukuba iyahlonitshwa okanye ifuna ukubonisa abanye ukuba iyindoda nyani yona. Isenokucinga ukuba ayinakumnyanzela umfazi wayo ukuba ayithande, kodwa inokumenza ayoyike ukuze enze nantoni na eyifunayo. * Amadoda acinga ngolo hlobo awawahloniphi amakhosikazi awo. UYehova akayifuni tu ke loo nto.—Funda amaEfese 5:25, 28.

INDODA IMELE YENZE NTONI UKUZE IBE YINTLOKO-NTSAPHO ETHANDWAYO?

8. Indoda imele yenze ntoni ukuze ibe yintloko-ntsapho ethandwayo nguYehova nayintsapho yayo?

8 Inokufunda kuYehova noYesu. Khawucinge ngezi mpawu zabo zimbini uze ubone ukuba yona intloko yentsapho ingazisebenzisa njani kumfazi nabantwana bayo.

9. Yintoni ebonisa ukuba uYehova uthobekile?

9 Bathobekile. Kubo bonke abantu abakha bakhona, akakho olumke njengoYehova; kodwa uyabamamela abakhonzi bakhe. (Gen. 18:23, 24, 32) Uye wavumela abantu anegunya kubo ukuba bacebise. (1 Kum. 22:19-22) Akazenzi iimpazamo, kodwa akalindelanga ukuba nathi singazenzi. Unceda abantu abamkhonzayo nabanesono. (INdu. 113:6, 7) NeBhayibhile ithi uYehova “ungumncedi.” (INdu. 27:9; Heb. 13:6) UKumkani uDavide wathi umsebenzi omninzi awenzileyo uwenze kakuhle kuba ebencedwa nguYehova othobekileyo.—2 Sam. 22:36.

10. Yintoni eyenziwa nguYesu ebonisa ukuba uthobekile?

10 Cinga nangoYesu. WayeyiNkosi yabafundi bakhe, kodwa wabahlamba iinyawo. Siyintoni isizathu sokuba uYehova aphefumlele ukuba kubhalwe ngale nto eBhayibhileni? Wayefuna ukuba bonke abantu, nkqu neentloko-ntsapho, bafunde kuYesu. UYesu wathi: “Ndinibonisile indlela enimele nenze ngayo. Le nto ndiyenzileyo kuni, nani nimele niyenze.” (Yoh. 13:12-17) Wayenegunya, kodwa wayengalindelanga ukuba abantu bamtatazelele bemenzela izinto, nguye owayebenzela.—Mat. 20:28.

Intloko-ntsapho inokubonisa ukuba ithobekile kwaye iyayithanda intsapho yayo ngokwenza imisebenzi yasekhaya nangokuqinisa ukholo lwayo (Jonga isiqendu 11, 13)

11. Intloko-ntsapho inokubonisa njani ukuba ithobeke njengoYehova noYesu?

11 Sifunda ntoni thina? Zininzi iindlela intloko-ntsapho enokubonisa ngazo ukuba ithobekile. Ngokomzekelo, ayilindelanga ukuba umfazi nabantwana bayo bangazenzi iimpazamo. Iyabamamela xa beyixelela indlela abacinga ngayo nokuba abavumelani nento eyithethayo. UMarley ohlala eUnited States uthi: “Mna nomyeni wam sikhe singavumelani kwezinye izinto. Kodwa into endiyaziyo kukuba ndibalulekile kuye kwaye uyandihlonipha, kuba uye andibuze ukuba ndicinga ntoni, aze ayicinge kakuhle loo nto ndimxelela yona ngaphambi kokuba enze isigqibo.” Enye into, umyeni othobekileyo uyakuvuyela ukwenza imisebenzi yasekhaya, nokuba kwindawo ahlala kuyo kuza kuthiwa wenza imisebenzi yabafazi. Inokuba yingxaki ke le. Ngoba? Udade onguRachel uthi: “Ukuba indoda incedisa umfazi wayo; ihlambe izitya okanye ikline indlu, abamelwane baza kuthi umfazi uyitsala ngempumlo.” Ukuba nakwindawo ohlala kuyo abantu bacinga ngolo hlobo, wena cinga ngoYesu owahlamba iinyawo zabafundi bakhe ngoxa kwakusithiwa ngumsebenzi wamakhoboka lowo. Intloko-ntsapho eyenza into efunwa nguYehova ayisebenzeli ukuba abantu bacinge ukuba ibalulekile. Isebenzela ukuba umfazi nabantwana bayo bonwabe. Loluphi olunye uphawu olubalulekileyo ekufuneka ibe nalo intloko-ntsapho?

12. Yintoni eyenziwa nguYehova noYesu ebonisa ukuba bayasithanda?

12 Bayabathanda abantu. Zonke izinto uYehova asenzela zona uzenza kuba esithanda. (1 Yoh. 4:7, 8) Sibona indlela asithanda nafuna sibe ngabahlobo bakhe ngayo ngokusifundisa iLizwi lakhe nangezinto esizenzelwa yintlangano yakhe. Indlela asikhathalele ngayo isenza siqiniseke ukuba uyasithanda. Uthini uYehova ngezinto esizidingayo? ‘Usinika zonke izinto ezisonwabisayo.’ (1 Tim. 6:17) Akayeki ukusithanda ngenxa yokuba sisenza iimpazamo, kodwa uyasilungisa. Uye wabonisa ukuba uyasithanda ngokunikela ngoNyana wakhe ukuze asihlawulele. NoYesu usithanda kangangokuba ude wancama ubomi bakhe ngenxa yethu. (Yoh. 3:16; 15:13) Ayikho into enokwenza uYehova noYesu bayeke ukubathanda abantu abathembekileyo kubo.—Yoh. 13:1; Roma 8:35, 38, 39.

13. Kutheni kubalulekile ukuba intloko-ntsapho imthande umfazi nabantwana bayo? (Jonga ibhokisi ethi “ Yintoni Emele Iyenze Indoda Esand’ utshata Ukuze Ihlonitshwe Ngumfazi Wayo?”)

13 Sifunda ntoni thina? Yonk’ into intloko-ntsapho eyenzela umfazi nabantwana bayo mayiyenze kuba ibathanda. Kutheni ibalulekile nje loo nto? Umpostile uYohane uthi: “Umntu ongamthandiyo umzalwana wakhe [okanye intsapho yakhe] ambonayo, akanakuthanda uThixo angamboniyo.” (1 Yoh. 4:11, 20) Indoda emthandayo umfazi nabantwana bayo nefuna ukulinganisa uYehova noYesu iza kubanceda bamthande uYehova, ize ibenze baqiniseke ukuba iyabathanda, ibanike nezinto abazidingayo. (1 Tim. 5:8) Iza kubafundisa ize ibalungise abantwana bayo xa bephum’ endleleni. Iza kufunda nokujonga imigaqo eseBhayibhileni xa isenza izigqibo ukuze incede intsapho yayo. Ngoku siza kuthetha ngezi zinto zintlanu zingasentla ukuze sibone ukuba intloko-ntsapho ingenza ntoni ukuze ilinganise uYehova noYesu.

YINTONI EFANELE YENZIWE YINTLOKO-NTSAPHO?

14. Intloko-ntsapho iluqinisa njani ukholo lwentsapho yayo?

14 Iqinisa ukholo lwentsapho yayo. UYesu wabonisa ukuba uyafana noTata wakhe kuba wayefuna ukunceda abalandeli bakhe bahlale benokholo oluqinileyo. (Mat. 5:3, 6; Marko 6:34) Ngokufanayo, eyona nto ibalulekileyo ekufuneka yenziwe yintloko yentsapho kukunceda intsapho yayo imthande uYehova. (Dut. 6:6-9) Iyaqiniseka ukuba yona nentsapho yayo bafunda iLizwi LikaThixo, bayaya kwiintlanganiso, bayashumayela ukuze uYehova abe ngumhlobo wabo abangasoze bamshiye.

15. Inokwenza ntoni intloko-ntsapho ukuze yenze intsapho yayo iqiniseke ukuba iyayithanda?

15 Yenza intsapho yayo iqiniseke ukuba iyayithanda. UYehova waxelela uYesu ukuba uyamthanda abantu besiva. (Mat. 3:17) UYesu wayehlala ebonisa abalandeli bakhe ukuba uyabathanda ngezinto awayezenza nawayezithetha. Nabo bakwazi ukumxelela ukuba bayamthanda. (Yoh. 15:9, 12, 13; 21:16) Intloko yentsapho inokubonisa umfazi nabantwana bayo ukuba iyabathanda ngezinto ezenzayo, njengokufunda iBhayibhile kunye nabo. Ifanele ibaxelele ukuba iyabathanda, futhi babaluleke kakhulu kuyo. Imele ingonqeni ukubancoma abantu besiva xa benze izinto ezintle.—IMize. 31:28, 29.

Ukuze ithandwe nguYehova, intloko-ntsapho kufuneka iqiniseke ukuba intsapho yayo iyazifumana izinto ezidingayo (Jonga isiqendu 16)

16. Yintoni emele iqiniseke ngayo intloko-ntsapho, iyintoni efanele iyilumkele?

16 Iyaqiniseka ukuba intsapho yayo iyazifumana izinto ezidingayo. UYehova wayeqiniseka ukuba amaSirayeli ayazifumana izinto azidingayo nokuba wayewohlwaya xa engamthobeli. (Dut. 2:7; 29:5) Nathi, uyaqiniseka ukuba siyazifumana izinto esizidingayo. (Mat. 6:31-33; 7:11) NoYesu wayebondla abalandeli bakhe. (Mat. 14:17-20) Wayebanyanga naxa begula. (Mat. 4:24) Ukuze ithandwe nguYehova, intloko-ntsapho imele iqiniseke ukuba intsapho yayo iyazifumana izinto ezidingayo. Kodwa ifanele ilumkele ukuba ixesha elichitha emsebenzini litye ixesha lokuqinisa ukholo lwentsapho yayo nelezinye izinto ezidingayo.

17. Kutheni uYehova noYesu besiqeqesha futhi besohlwaya?

17 Iyabaqeqesha abantwana bayo. UYehova uyasiqeqesha aphinde asohlwaye xa kufuneka njalo, kuba ufuna ukusinceda. (Heb. 12:7-9) NjengoTata wakhe, uYesu uyabaqeqesha abantu abaphantsi kwakhe kuba ebathanda. (Yoh. 15:14, 15) Uyayimela into eyinyaniso, kodwa uthetha kakuhle. (Mat. 20:24-28) Uyazi ukuba sinesono, ngoko siyazenza iimpazamo.—Mat. 26:41.

18. Yintoni eyaziyo intloko-ntsapho elinganisa uYehova noYesu?

18 Intloko-ntsapho elinganisa uYehova noYesu iyazi ukuba umfazi nabantwana bayo banesono, ngoko bayazenza iimpazamo. Ayibi ‘nomsindo’ kubo. (Kol. 3:19) Iye isebenzise umgaqo okumaGalati 6:1, izame ukubalungisa “ngomoya omhle,” kuba iyazi ukuba nayo iyazenza iimpazamo. NjengoYesu, iyaqonda ukuba eyona ndlela enokubafundisa ngayo, kukuba babone kuyo.—1 Pet. 2:21.

19-20. Ukuze ifane noYehova noYesu, yintoni efanele iyenze intloko-ntsapho xa isenza izigqibo?

19 Ayenzi izigqibo icingela yona yodwa. UYehova wenza izigqibo eziza kunceda abanye abantu. Ngokomzekelo, wacinga ukudala izinto eziphilayo, engenzeli yena, kodwa efuna thina sonwabe. Akukho mntu wamnyanzelayo ukuba anikele ngoNyana wakhe ngenxa yezono zethu. Wanikela ngaye kuba efuna ukusinceda. NoYesu wenza izigqibo ezaziza kunceda abanye. (Roma 15:3) Ngokomzekelo, xa wayediniwe, akazange aphumle, kodwa wafundisa abantu abaninzi.—Marko 6:31-34.

20 Intloko-ntsapho efuna ukufana noYehova noYesu iyazi ukuba enye yezona zinto zinzima emele izenze kukwenza izigqibo eziza kunceda intsapho, ibe loo nto ibaluleke gqitha kuyo. Izama ukuba ingenzi izigqibo ingenasizathu okanye iqhutywa yindlela eziva ngayo ngelo xesha. Kodwa ivumela uYehova ayifundise indlela yokwenza izigqibo eziza kunceda intsapho yayo. * (IMize. 2:6, 7) Xa isenza ngolu hlobo, iza kucinga ngentsapho yayo kunokuba icinge ngayo.—Fil. 2:4.

21. Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo?

21 Awukho lula umsebenzi uYehova awunike iintloko-ntsapho. Ulindele ukuba ziwenze ngamandla azo onke. Ukuba indoda izama ukulinganisa uYehova noYesu, iza kuba yintloko ethandwayo yintsapho yayo. Ukuba nomfazi uyazenza izinto uYehova athe makazenze emtshatweni, baza konwaba. Umfazi umele ayijonge njani imisebenzi eyenziwa yindoda yakhe eyintloko yentsapho? Zeziphi iingxaki anokuba nazo? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 16 Dumisani UYehova Ngenxa YoBukumkani Bakhe

^ isiqe. 5 Xa indoda itshata, iba yintloko yentsapho yayo. Kweli nqaku siza kuthetha ngokuba kuthetha ukuthini ukuba yintloko, kwakutheni ukuze uYehova anike abanye abantu igunya lokuba ziintloko, nokuba amadoda angafunda ntoni kuYehova noYesu. Kwelilandelayo, siza kuthetha ngezinto ezinokufundwa yindoda nomfazi kuYesu nakwabanye abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Kwelokugqibela siza kuthetha ngendlela abazalwana abanokulisebenzisa ngayo igunya lokukhokela ibandla.

^ isiqe. 7 Iimuvi, imidlalo neencwadi zoopopayi, zibonisa ukuba yinto eqhelekileyo ukuba amadoda abaphathe kakubi abafazi bawo, ababethe nokubabetha. Le nto inokwenza abanye abantu bacinge ukuba indoda inokumlawula umfazi wayo.

^ isiqe. 20 Ukuze ufumane ezinye izinto ngendlela onokuzenza ngayo izigqibo, funda inqaku elithi, “Yenza Izigqibo Ezizukisa UThixo,kwiMboniselo ka-Aprili 15, 2011, iphe. 13-17.