Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Inqaku Elifundwayo 6

“Intloko Yomfazi Yindoda”

“Intloko Yomfazi Yindoda”

“Intloko yomfazi yindoda.”—1 KOR. 11:3.

INGOMA 13 UKristu, Umzekelo Wethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Xa ecinga ngomntu afuna ukutshata naye, yeyiphi imibuzo amele azibuze yona udade?

INTLOKO yawo onke amaKristu nguYesu Kristu ongenasono nongazenziyo iimpazamo. Kodwa xa udade ongumKristu etshata, intloko yakhe iba yindoda enesono, eyenza iimpazamo. Yiloo nto ngamanye amaxesha kusibakho iingxaki. Ngoko, xa udade ecinga ngomntu afuna ukutshata naye, nantsi imibuzo amele azibuze yona: ‘Yintoni ebonisa ukuba lo mzalwana uza kuba yintloko-ntsapho ethandwayo nguYehova nayintsapho yayo? Ngaba ukukhonza uYehova yeyona nto ibalulekileyo kuye? Ukuba akubalulekanga kangako, yintoni endenza ndicinge ukuba emva kokuba sitshatile, uza kusinceda sihlale singabahlobo bakaYehova?’ Xa ecinga ngaye umele azibuze le mibuzo: ‘Zeziphi iiimpawu endinazo eziza kusinceda sonwabe emtshatweni? Ngaba ndinomonde futhi ndiyapha? Ngaba ndimthanda nyhani uYehova?’ (INtshu. 4:9, 12) Ukuba ukhethe kakuhle ngaphambi kokuba atshate, uza konwaba emtshatweni.

2. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

2 Baninzi oodade abathobela abayeni babo ibe sibaqhwabel’ izandla! Siyakuvuyela ukukhonza uYehova naba bafazi bangagungqiyo ekumkhonzeni! Kweli nqaku, siza kuphendula le mibuzo mithathu: (1) Zeziphi iingxaki abasenokuba nazo abafazi? (2) Kutheni umfazi ekhetha ukuyithobela indoda yakhe? (3) Amadoda nabafazi abangamaKristu bangafunda ntoni kwindlela uYesu, uAbhigali noMariya owayengumama kaYesu ababethobela ngayo?

ZEZIPHI IINGXAKI ABANAZO ABAFAZI ABANGAMAKRISTU?

3. Kutheni abantu abatshatileyo besiba neengxaki?

3 Umtshato sisipho esithandekayo esisinikwe nguThixo, kodwa abantu abanike esi sipho banesono, bayazenza iimpazamo. (1 Yoh. 1:8) Yiloo nto iLizwi LikaThixo lisithi “baza kuba neengxaki.” (1 Kor. 7:28) Ngoku makhe sithethe ngezinye iingxaki abasenokuba nazo abafazi.

4. Yintoni enokwenza umfazi acinge ukuba ukuthobel’ umyeni kumenza adeleke?

4 Mhlawumbi umfazi unokucinga ukuba ukuthobela umyeni kumenza adeleke. UMarisol waseUnited States uthi: “Ndikhulele apho yayibethelelwa khona ezindlebeni zabafazi into yokuba akukho nto angaphezulu ngayo amadoda kubafazi, bayalingana. Ndiyazi ukuba uYehova wenze amadoda aziintloko, waza wathi abafazi mabawathobele amadoda abo. Kodwa akusoloko kulula ukumthobela umyeni wam kuba into exhaphakileyo apha kukuba andinyanzelekanga.”

5. Yintoni abayicingayo abanye abantu ngabafazi?

5 Umfazi usenokutshatela kwindoda ecinga ukuba amadoda abalulekile kunabafazi. UIvon, udade wakuMzantsi Merika uthi: “Kwindawo esihlala kuyo kuqale kutye amadoda. Amantombazana kufuneka apheke, akline. Abantwana abangabafana benzelwa zonke izinto ngoomama noodadewabo. Bafundiswa ukuba ngabo abaphetheyo emzini.” UYingling, udade waseAsia, yena uthi: “Kukho intetho yolwimi lwam ebonisa ukuba akukho sizathu sokuba abafazi babe nengqondo kakhulu okanye babe nezinto abangamachule kuzo. Eyabo into kukwenza imisebenzi yasendlini. Abanakuxelela amadoda ukuba bacinga ntoni.” Umyeni ongamthandi ngolo hlobo umkakhe nongayenziyo into ayixelelwa yiBhayibhile wenza ubomi bomfazi bube nzima. Akayenzi into eyayisenziwa nguYesu, engayenzi nento efunwa nguYehova.—Efe. 5:28, 29; 1 Pet. 3:7.

6. Yintoni ekufuneka bayenze abafazi ukuze bahlale bengabahlobo bakaYehova?

6 Kwinqaku elingaphambi kweli sibonile ukuba uYehova ulindele ukuba amadoda angamaKristu azame ukwenza zonke izinto ezidingwa ziintsapho zawo aze azincede zingayeki ukumkhonza. (1 Tim. 5:8) Bona abafazi, nokuba baxakeke kangakanani, kufuneka baziphe ixesha lokufunda iLizwi LikaThixo yonke imihla, bacingisise ngento abayifundayo baze bathandaze ngokusuk’ entliziyweni. Kunokuba nzima ukuzenza ezi zinto. Abafazi ngabantu abaxakekileyo. Basenokucinga ukuba abanalo ixesha namandla okufunda nokuthandaza, kodwa kubalulekile ukuba bazenze ezi zinto. Ngoba? Kaloku uYehova ufuna sonke sisebenzele ukuba ngabahlobo bakhe, singamlahli.—IZe. 17:27.

7. Yintoni eza kwenza umfazi angabi nangxaki yokuthobela indoda yakhe?

7 Siyaqonda ukuba kusenokufuneka umfazi asebenze nzima ukuze akwazi ukuthobela indoda yakhe eyenza iimpazamo. Kodwa akazukuba nengxaki yokuyenza le nto xa esazi ukuba kutheni iBhayibhile isithi makamthobele.

KUTHENI UMFAZI ETHOBELA INDODA YAKHE?

8. AmaEfese 5:22-24 athi kutheni umfazi ongumKristu eyithobela indoda yakhe?

8 Umfazi ongumKristu uthobela indoda yakhe kuba uYehova uthi makayithobele. (Funda amaEfese 5:22-24.) Umthembile uTata wakhe osezulwini kuba uyamazi ukuba uyamthanda kwaye akasoze athi makenze into eza kuba yingxaki.—Dut. 6:24; 1 Yoh. 5:3.

9. Kwenzeka ntoni xa udade ethobela umyeni wakhe oyintloko?

9 Abantu behlabathi bakhuthaza abafazi ukuba bangayihoyi into ethethwa nguYehova. Bathi ukuthobela abayeni kubenza badeleke. Ngabantu abangamaziyo uThixo wethu osithandayo abakhuthaza loo nto. UYehova akasoze anike amantombazana akhe awathandayo umyalelo oza kuwenza ajongelwe phantsi. Udade osebenza nzima ethobela uYehova wenza kubekho uxolo entsatsheni. (INdu. 119:165) Ukuthobela kwakhe umyeni kunceda yena, umyeni nabantwana babo.

10. Yintoni esiyifundayo kwinto ethethwa nguCarol?

10 Umfazi othobela umyeni wakhe owenza iimpazamo ubonisa ukuba uyamthanda futhi uyamthobela uYehova onike abantu igunya. UCarol ohlala kuMzantsi Merika uthi: “Ndiyazi ukuba umyeni wam uza kuzenza iimpazamo. Ndiyazi nokuba into endiyenzayo xa enze impazamo ibonisa ukuba kubaluleke kangakanani kum ukuba ngumhlobo kaYehova. Ngoko ndizama ukuhlala ndimthobela kuba ndifuna uTata wam osezulwini avuye.”

11. Yintoni enceda uAneese akwazi ukuxolela, sinokufunda ntoni kule nto ayithethayo?

11 Kunokuba nzima ukuba umfazi athobele indoda yakhe xa ebona ngathi yona ayinaxesha lendlela aziva ngayo, ingahoyanga nezinto ezimkhathazayo. Khawuve into aye ayenze udade onguAneese xa loo nto isenzeka kuye. Uthi: “Ndiye ndizame ukungamqumbeli, kuba ndiyazi ukuba sonke siyazenza iimpazamo. Eyona nto ndiyifunayo kukumxolela ngokusuk’ entliziyweni njengoYehova. Xa ndimxolele, ndiphinda ndibe seluxolweni.” (INdu. 86:5) Akubi nzima ukuthobela kumfazi oxolelayo.

SINOKUFUNDA NTONI KUBANTU EKUTHETHWE NGABO EBHAYIBHILENI?

12. Ngoobani esixelela ngabo iBhayibhile?

12 Abanye basenokucinga ukuba umntu othobelayo nguvuma-zonke. Asiyonyani leyo. IBhayibhile ithetha ngabantu abaninzi ababethobela, kodwa benesibindi sokwenza into elungileyo. Makhe sibone ukuba singafunda ntoni kuYesu, uAbhigali noMariya.

13. Kutheni uYesu ethobela uYehova? Cacisa.

13 UYesu uyamthobela uYehova. Akamthobeli kuba engakwazi ukwenza nto. Loo nto siyibona kwindlela elula necacileyo awayebafundisa ngayo abantu. (Yoh. 7:45, 46) UYehova wayeyazi indlela anengqondo ngayo uYesu kangangokuba wayesebenza naye xa wayedala yonke into esezulwini nesemhlabeni. (IMize. 8:30; Heb. 1:2-4) Nasemva kokuba emvusile, wamnika “lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” (Mat. 28:18) Ngoxa zininzi izinto akwaziyo ukuzenza, akayenzi into angayixelelwanga nguYehova. Kutheni? Kuba uyamthanda uTata wakhe.—Yoh. 14:31.

14. Amadoda anokufunda ntoni (a) kwindlela uYehova abaphatha ngayo abafazi (b) kwiMizekeliso 31?

14 Yintoni enokufundwa ngamadoda? UYehova zange athi umfazi makathobele indoda yakhe kuba esithi amadoda abalulekile kunabafazi. Loo nto siyibona ngokuba nabafazi babekho kubantu abakhethe ukuba balawule noYesu. (Gal. 3:26-29) Uye wabonisa indlela amthembe ngayo uNyana wakhe ngokumnika igunya. Nomyeni osisilumko unokuziyekela kumfazi ezinye izinto. Xa iLizwi LikaThixo lichaza umfazi ofanelekayo lithi uyaqiniseka ukuba umsebenzi wasendlini uyenziwa, uyathenga aze athengise umhlaba, uyashishina nokushishina. (Funda iMizekeliso 31:15, 16, 18.) Akalokhoboka, lona lingavumelekanga ukuthetha into eliyicingayo. Umyeni wakhe umthembile, uyayimamela into ayithethayo. (Funda iMizekeliso 31:11, 26, 27.) Xa indoda izenza ezi zinto, umfazi uza kukuvuyela ukuyithobela.

Yintoni abanokuyifunda abafazi kwindlela uYesu amthobela ngayo uYehova? (Jonga isiqendu 15)

15. Yintoni enokufundwa ngabafazi kuYesu?

15 Banokufunda ntoni abafazi? Zininzi izinto uYesu azenzileyo, kodwa akacingi ukuba akazukuhlonitshwa xa ethobela uYehova oyintloko yakhe. (1 Kor. 15:28; Fil. 2:5, 6) Nomfazi olinganisa uYesu akazukucinga ukuba akazukuhlonitshwa xa ethobela umyeni wakhe. Uza kuncedisana nomyeni wakhe amthandayo kuba uthanda kwaye uthobela uYehova.

Emva kokuba uAbhigali ethumele ukutya kuDavide namadoda awayekunye naye, waya kuDavide. Wafika waguqa, wamcenga ukuba angazenzeli ityala legazi ngokuphindezela (Jonga inqaku elifundwayo 6, isiqendu 16)

16. U-1 Samuweli 25:3, 23-28 uthi yintoni awaba nesibindi sokuyenza uAbhigali? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

16 UAbhigali wayetshate noNabhali. Le yayiyindoda ecingela isiqu sayo, enamabhongo nengakwaziyo ukuthi enkosi. Loo nto ayizange imenze uAbhigali afune ukwahlukana naye. Ngewayevele wathi cwaka, wamyeka abulawe nguDavide namadoda awayehamba nawo. Endaweni yokuhlala nje abukele, wazama ukumkhusela uNabhali nentsapho yakhe eyayinkulu. Khawuyicinge indlela awaba nesibindi ngayo lo mfazi. Wakwazi ukuya kumadoda ayi-400 awayephethe izixhobo zokulwa, wathetha noDavide ngembeko, ecelela umyeni wakhe uxolo. (Funda u-1 Samuweli 25:3, 23-28.) UDavide waqonda ukuba uYehova usebenzise eli bhinqa linesibindi ukuze limnqande angenzi impazamo awayeza kuzisola ngayo.

17. Anokufunda ntoni amadoda kuDavide noAbhigali?

17 Anokufunda ntoni amadoda? UAbhigali wayengumfazi osisilumko. UDavide waba nengqondo kuba wayimamela into awayeyixelelwa nguAbhigali. Loo nto yamenza akabulala abantu ababengenatyala. Nendoda esisilumko iyicinga kakuhle into ethethwa ngumfazi wayo xa kufuneka yenze isigqibo esibalulekileyo. Mhlawumbi loo nto inokuyinceda ingenzi isigqibo esiza kuyifaka engxakini.

18. Yintoni enokufundwa ngabafazi kuAbhigali?

18 Banokufunda ntoni abafazi? Umfazi omthandayo futhi omthobelayo uYehova unokuyinceda intsapho yakhe, nokuba umyeni wakhe akaloNgqina. Akazukufuna indlela engekho kwiZibhalo yokwahlukana naye. Kodwa, ngembeko, uza kuzama ukumnceda afunde ngoYehova. (1 Pet. 3:1, 2) Nokuba akade abe liNgqina, uYehova uvuyiswa kukuba udade engagungqi ekumkhonzeni futhi ethobela umyeni wakhe.

19. Kuxa kutheni apho umfazi angenakuyithobela indoda?

19 Umfazi ongumKristu othobela umyeni wakhe akazukumthobela naxa efuna angayithobeli imithetho kaYehova. Ngokomzekelo, akanakumthobela umyeni wakhe ongeloNgqina xa efuna axoke, ebe okanye enze enye into angayifuniyo uYehova. Onke amaKristu, noodade abatshatileyo, oyena mntu kufuneka bamthobele nguYehova uThixo. Ngoko xa kufunwa udade enze into engafunwayo nguThixo, umele angavumi, ayimele into ayithethayo kodwa athethe ngembeko.—IZe. 5:29.

Jonga isiqendu 20 *

20. Sazi njani ukuba uMariya wayemthanda uYehova?

20 UMariya wayengumhlobo wokwenene kaYehova. Ngokuqinisekileyo wayezazi kakuhle iZibhalo. Xa wayencokola nomama kaYohane umBhaptizi, uElizabhete, wathetha ngeevesi ezikwiZibhalo ZesiHebhere kayi-20 nangaphezulu. (Luka 1:46-55) Uthini ngale yona into? Ngoxa wayengeje noYosefu, ingelosi kaYehova yaqala yaya kuxelela yena ukuba uza kuzala uNyana kaThixo. (Luka 1:26-33) Indlela uYehova awayemazi kakuhle ngayo uMariya, wayeqinisekile ukuba uza kumthanda aze amhoye lo Nyana. Kuyabonakala ukuba uMariya zange ayeke ukuba ngumhlobo kaYehova nasemva kokuba uYesu efile waza wavuselwa ezulwini.—IZe. 1:14.

21. Yintoni enokufundwa ngamadoda kwinto ethethwa yiBhayibhile ngoMariya?

21 Anokufunda ntoni amadoda? Umyeni osisilumko uyavuya xa umfazi wakhe ezazi kakuhle iZibhalo. Akacaphuki kuba ecinga ukuba umfazi ufuna ukuba yintloko-ntsapho. Uyaqonda ukuba xa umfazi wakhe eyazi kakuhle iBhayibhile nemigaqo yayo, uza kuyinceda intsapho. Nokuba umfazi uyayodlula indoda yakhe ngemfundo yehlabathi, ngumsebenzi wendoda ukunceda intsapho ikhonze uYehova. Ngokomzekelo, yiyo ekufuneka iqiniseke ukuba unqulo lwentsapho luyenziwa.—Efe. 6:4.

Yintoni abanokuyifunda abafazi kwindlela uMariya umama kaYesu awayefunda nawayecingisisa ngayo ngeZibhalo? (Jonga isiqendu 22) *

22. Yintoni enokufundwa ngabafazi kuMariya?

22 Banokufunda ntoni abafazi? Umfazi umele ayithobele indoda yakhe, kodwa ukugcina ukholo lwakhe luqinile, kuxhomekeke kuye. (Gal. 6:5) Ngoko kufuneka azibekele ixesha lokufunda iLizwi LikaThixo aze acingisise ngento ayifundayo. Loo nto iza kumenza ahlale emthanda uYehova aze akuvuyele ukuthobela indoda yakhe.

23. Yintoni eyenzekayo kubafazi abathobela amadoda abo? Benza kube njani entsatsheni nasebandleni?

23 Abafazi abathobela amadoda abo kuba bethanda uYehova baza konwaba kakhulu kunabafazi abangalihoyanga ilungiselelo likaThixo lokuba umyeni yintloko. Xa besenza le nto, bafundisa abafazana nabayeni babo. Enye into, benza kube mnandi entsatsheni nasebandleni. (Tito 2:3-5) Namhlanje, abona bantu baninzi abakhonza uYehova ngabafazi. (INdu. 68:11) Sonke, amadoda nabafazi, sinokwenza kube mnandi ebandleni. Kwinqaku elilandelayo, siza kufunda ukuba singayenza njani loo nto.

INGOMA 131 “Oko UThixo Akumanyileyo”

^ isiqe. 5 UYehova ufuna umfazi ayithobele indoda yakhe. Ithetha ukuthini loo nto? Amadoda angamaKristu nabafazi bawo anokufunda into eninzi kwindlela uYesu nabafazi ekuthethwa ngabo eBhayibhileni ababethobela ngayo.

^ isiqe. 68 UMFANEKISO: Xa wayencokola noElizabhete umama kaYohane umBhaptizi, uMariya wayemane ethetha ngeevesi ezikwiZibhalo ZesiHebhere awayezazi ngentloko.

^ isiqe. 70 UMFANEKISO: Umfazi ongumKristu uzibekela ixesha lokufunda iBhayibhile ukuze ukholo lwakhe luhlale luqinile.