Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 8

Unokuhlala Uvuya Naxa Uneengxaki

Unokuhlala Uvuya Naxa Uneengxaki

“Vuyani bazalwana bam, xa nidibana neengxaki ezahlukahlukeneyo.”—YAK. 1:2.

INGOMA 111 Izizathu Zokuvuya Kwethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. UMateyu 5:11 uthi simele sibe njani xa sineengxaki?

UYESU wathembisa abalandeli bakhe ukuba baza konwaba nyhani. Waphinda wathi abantu abamthandayo babeza kuba neengxaki. (Mat. 10:22, 23; Luka 6:20-23) Siyakuvuyela ukuba ngabafundi bakaKristu. Kodwa siba njani xa sicinga ngokuchaswa ngabantu esizalwa nesizalana nabo, ngokutshutshiswa ngurhulumente okanye xa abantu esisebenza nesifunda nabo befuna senze into engafunwayo nguYehova? Ngokuqinisekileyo akubi mnandi.

2 Abantu abaninzi ababoni nto ivuyisayo xa umntu etshutshiswa. Kodwa iLizwi LikaThixo lithi masivuye. Ngokomzekelo, umfundi uYakobi wathi simele sivuye xa sineengxaki. (Yak. 1:2, 12) UYesu yena wathi simele sonwabe naxa sitshutshiswa. (Funda uMateyu 5:11.) Yintoni enokusenza sihlale sivuya nokuba sineengxaki? Ininzi into esinokuyifunda xa sicinga ngezinto ezithethwa nguYakobi kwincwadi awayibhalela amaKristu exesha labapostile. Makhe siqale sithethe ngeengxaki awayezinyamezele loo maKristu.

IINGXAKI AWAYENAZO AMAKRISTU NGEXESHA LABAPOSTILE

3. Kungabanga xesha lide uYakobi engumfundi, yintoni eyenzekayo?

3 Kungabanga xesha lide umntwakwabo Yesu uYakobi engumfundi, amaKristu aseYerusalem atshutshiswa. (IZe. 1:14; 5:17, 18) Xa kwabulawa umfundi uStefano, amaKristu amaninzi abaleka emka kweso sixeko, athi “saa kwimimandla yakwaYuda neyaseSamariya,” ade ayokutsho eSipro nakwa-Antiyokwe. (IZe. 7:58–8:1; 11:19) Mhlawumbi siyayicinga indlela enoba kwakunzima ngayo kubafundi ngelo xesha. Ekobo bunzima, zange ayeke ukushumayela iindaba ezilungileyo kuzo zonke iindawo awayesiya kuzo. Anceda kwakho amabandla kulo lonke elaseRoma. (1 Pet. 1:1) Kodwa ayeseza kuba neengxaki ezinzima kakhulu.

4. Ngexesha labapostile, zeziphi iingxaki ekwafuneka ezinyamezele amaKristu?

4 AmaKristu exesha labapostile aba neengxaki ezininzi. Ngokomzekelo, malunga no-50 C.E., uMlawuli waseRoma uKlawudiyo wakhupha umthetho wokuba onke amaYuda makemke eRoma. Ngoko amaYuda angamaKristu kwanyanzeleka ukuba ashiye amakhaya awo aye kuhlala kwezinye iindawo. (IZe. 18:1-3) Malunga no-61 C.E., umpostile uPawulos wathi abazalwana bakhe abaninzi baye bathukwa abantu besiva, bavalelwa etrongweni, babelwa nezinto zabo. (Heb. 10:32-34) Njengabanye abantu, amanye amaKristu ayehlupheka, egula nokugula.—Roma 15:26; Fil. 2:25-27.

5. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

5 Xa uYakobi wayebhala incwadi yakhe ngaphambi ko-62 C.E., wayezazi iingxaki ababekuzo abazalwana noodadewabo. UYehova wamphefumlela ukuba ababhalele incwadi enamacebiso awayeza kubanceda bahlale bevuya naxa benezo ngxaki. Makhe sithethe ngale ncwadi wayibhalayo size siphendule le mibuzo: Luvuyo olunjani olu uYakobi wayethetha ngalo? Yintoni enokwenza umKristu angavuyi? Ubulumko, ukholo nesibindi zinokusinceda njani sihlale sivuya naxa sineengxaki?

YINTONI EYENZA UMKRISTU AVUYE?

Njengedangatye lomlilo elivutha ngaphakathi kwiglasi yesibane, uvuyo esilunikwa nguYehova alusuki ezintliziyweni zethu (Jonga isiqendu 6)

6. ULuka 6:22, 23 uthi kutheni umKristu evuya xa eneengxaki?

6 Abantu bacinga ukuba into enokubenza bonwabe kukungaguli, ukuba nemali nokuba intsapho yabo yonwabe. Kodwa uvuyo awayethetha ngalo uYakobi lwenziwa ngumoya kaThixo, ngoko lona aluxhomekekanga kwiimeko esiphila kuzo. (Gal. 5:22) UmKristu wonwatyiswa kukwazi ukuba uvuyisa uYehova kwaye ulinganisa uYesu. (Funda uLuka 6:22, 23; Kol. 1:10, 11) Njengokuba idangatye elivutha ngaphakathi kwiglasi yesibane, lingenakucinywa ngumoya okanye imvula, lunjalo nolu vuyo sithetha ngalo. Lungaphakathi kwintliziyo yomKristu, alupheli nokuba kwenzeka ntoni ebomini bakhe. Alupheliswa kukugula okanye kukungabi nemali. Luhlala lukho naxa sihlekwa okanye sitshutshiswa ngabantu esizalana nesizalwa nabo okanye ngabanye abantu. Qho xa sitshutshiswa, siya sivuya. Iingxaki esiba kuzo ngenxa yokholo lwethu, zenza siqiniseke ukuba singabafundi bakaKristu nyhani. (Mat. 10:22; 24:9; Yoh. 15:20) Yiloo nto uYakobi wathi: “Vuyani bazalwana bam, xa nidibana neengxaki ezahlukahlukeneyo.”—Yak. 1:2.

Kutheni iingxaki zifaniswa nomlilo otshisa ikrele xa lisenziwa libe bukhali? (Jonga isiqendu 7) *

7-8. Yintoni eyenza ukholo lwethu luye luqina xa sineengxaki?

7 UYakobi uthetha ngenye into eyenza amaKristu angoyiki ukunyamezela nezona ngxaki zinzima. Uthi: “Xa niphumelela kobo bunzima, nifunda ukunyamezela.” (Yak. 1:3) Iingxaki esidibana nazo sinokuzifanisa nomlilo ekutshiswa ngawo ikrele xa lilolwa. Liyatshiswa, lenziwe bukhali, lize lipholiswe. Emva koko liyaqina. Nathi xa sinyamezela iingxaki, ukholo lwethu luyaqina. UYakobi wathi: “Vumelani ukunyamezela kuwugqibe umsebenzi wako, ukuze nigqibelele, nize nibe msulwa ngandlela zonke.” (Yak. 1:4) Xa sibona ukuba ukholo lwethu luya luqina xa sineengxaki, sinokuzinyamezela sivuya.

8 Kwincwadi yakhe, uYakobi uthetha ngezinye izinto ezinokusenza siyeke ukuvuya. Ziintoni ezo? Sinokwenza ntoni ukuze zingasenzi siyeke ukuvuya?

YINTONI ESIMELE SIYENZE UKUZE SIHLALE SIVUYA

9. Kutheni kufuneka sibe nobulumko?

9 Into enokusenza siyeke ukuvuya: Xa singayazi into emasiyenze. Xa sineengxaki, sifuna ukucela uYehova asincede ukuze senze izinto azifunayo, eziza kunceda abazalwana noodadewethu neziza kusenza singagungqi kukholo lwethu. (Yer. 10:23) Kufuneka sibe nobulumko ukuze siyazi into emasiyenze nemasiyethethe kubantu abasichasayo. Ukuba asiyazi into esimele siyenze, sisenokutyhafa luze luphele uvuyo esinalo.

10. UYakobi 1:5 uthi simele senze ntoni ukuze sifumane ubulumko?

10 Into esinokuyenza ukuze lungapheli uvuyo esinalo: Masicele uYehova asiphe ubulumko. Ukuba sifuna ukunyamezela iingxaki esinazo sivuya, into yokuqala emasiyenze kukucela uYehova asiphe ubulumko bokwenza izigqibo. (Funda uYakobi 1:5.) Yintoni esimele siyenze xa sibona ngathi uYehova akayiphenduli ngokukhawuleza imithandazo yethu? UYakobi uthi ‘masiqhubeke simcela.’ UYehova akadikwa xa sisoloko simcela asiphe ubulumko. Asimcaphukisi. UTata wethu osezulwini ‘usipha kakhulu’ ubulumko bokunyamezela iingxaki xa sibucela. (INdu. 25:12, 13) Uyazibona iingxaki esikuzo, uba buhlungu xa sibuhlungu, uyafuna nokusinceda. Ngokuqinisekileyo loo nto isenza sivuye. Kodwa uYehova usipha njani ubulumko?

11. Yintoni enye esimele siyenze ukuze sifumane ubulumko?

11 Ubulumko asipha bona uYehova buseBhayibhileni. (IMize. 2:6) Ukuze sibufumane, kufuneka sifunde yona neencwadi ezithetha ngayo. Kodwa akufuneki siyifundele nje ukuyazi. Kufuneka siyenze into esiyifundayo. UYakobi wathi: ‘Sanukuliva nje kuphela ilizwi likaThixo, kodwa yenzeni into eliyithethayo.’ (Yak. 1:22) Xa siyenza into esiyixelelwa nguThixo, siba noxolo, sibe bhetyebhetye, sibe nayo nenceba. (Yak. 3:17) Ezo ziimpawu ezisinceda sivuye nokuba sinyamezele iingxaki.

12. Kutheni kubalulekile ukuba siyazi kakuhle iBhayibhile?

12 ILizwi LikaThixo lifana nesipili. Lisinceda sibone into ekufuneka siyilungise nendlela esinokuyilungisa ngayo. (Yak. 1:23-25) Ngokomzekelo, emva kokuba sifunde iLizwi LikaThixo sisenokubona ukuba kufuneka sizibambe, singakhawulezi sicaphuke. UYehova uyasinceda sizole xa abantu besenza izinto ezicaphukisayo okanye xa sineengxaki. Xa sizolile, siyakwazi ukucinga kakuhle size senze izigqibo eziza kusinceda. (Yak. 3:13) Kubaluleke nyhani ukuba siyazi kakuhle iBhayibhile!

13. Kutheni simele sifunde kubantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni?

13 Ngamanye amaxesha sifunda kwiimpazamo esizenzayo. Akumnandanga ke ukufunda ngaloo ndlela. Eyona ndlela yokufumana ubulumko kukufunda kwizinto ezintle ezenziwa ngabantu nakwiimpazamo zabo. Yiloo nto uYakobi esithi masifunde kubantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, njengoAbraham, uRahabhi, uYobhi noEliya. (Yak. 2:21-26; 5:10, 11, 17, 18) Abo bakhonzi bakaYehova bathembekileyo bakwazi ukunyamezela iingxaki ezazinokubenza bayeke ukuvuya. Indlela abanyamezela ngayo ibonisa ukuba uYehova angasinceda nathi sikwazi ukunyamezela iingxaki.

14-15. Kutheni singamele senze ngathi asiboni ukuba kukho izinto esizikholelwayo esingaqinisekanga ngazo?

14 Into enokusenza siyeke ukuvuya: Xa singaqinisekanga ngezinto esikholelwa kuzo. Ngamanye amaxesha kunokuba nzima ukuyiqonda into ethethwa liLizwi LikaThixo. Okanye uYehova usenokungayiphenduli ngendlela ebesilindele ngayo imithandazo yethu. Le nto inokusenza singaqiniseki ngezinto esikholelwa kuzo. Ukuba senza ngathi asiyiboni loo nto, ukholo lwethu aluzukuqina ize loo nto isenze sibhekele kuYehova. (Yak. 1:7, 8) Inokulenza liphele nethemba esinalo ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.

15 Umpostile uPawulos wafanisa ithemba esinalo neankile. (Heb. 6:19) Iankile iyayibamba inqanawa ingemki namaza olwandle asiwa ngapha nangapha ngumoya omkhulu futhi ingantlitheki ematyeni. Kodwa nayo isebenza kakuhle xa itsheyina ebotshelelwe ngalo kwinqanawa liqinile. Xa linerusi, eli tsheyina liyayeka ukuqina, lingaqhawuka nanini. Luba njalo ke nokholo lwethu xa kukho izinto esingaqinisekanga ngazo. Xa umntu othandabuzayo etshutshiswa, lunokuphela ukholo lokuba uYehova uza kuzenza izinto asithembisa zona. Xa siphelelwa lukholo, nethemba esinalo liyaphela. UYakobi uthi umntu othandabuzayo “ufana namaza olwandle asiwa ngapha nangapha ngumoya.” (Yak. 1:6) Akukho nto inokuze imvuyise umntu onjalo.

16. Yintoni esimele siyenze xa kukho izinto esizithandabuzayo?

16 Into esinokuyenza ukuze lungapheli uvuyo esinalo: Masisebenzele ukuba side siqiniseke ngezinto esizithandabuzayo; siqinise ukholo lwethu. Masingalibazisi. Ngexesha lomprofeti uEliya, abantu bakaYehova abazange baqiniseke ngezinto ababekholelwa kuzo. UEliya wathi kubo: “Kuza kude kube nini ningacaci icala enikulo? Ukuba uYehova nguThixo wokwenene, landelani yena; ukuba nguBhahali, landelani yena!” (1 Kum. 18:21) Asasebenza loo mazwi nanamhlanje. Kufuneka siphande ukuze siqiniseke ukuba uYehova nguThixo oyinyaniso, iBhayibhile liLizwi lakhe nokuba abantu bakhe ngamaNgqina KaYehova. (1 Tes. 5:21) Le nto iza kusinceda, siyeke ukuba nezinto esizithandabuzayo luze luqine ukholo lwethu. Sinokucela nabadala basincede. Simele singarhuqi iinyawo ekwenzeni le nto ukuze uvuyo esinalo lokukhonza uYehova lungapheli.

17. Yintoni eza kwenzeka xa sisoyika?

17 Into enokusenza siyeke ukuvuya: Xa sityhafile. ILizwi LikaThixo lithi: “Ukuba uyatyhafa ngamaxesha eenkathazo, uza kuphelelwa ngamandla.” (IMize. 24:10) Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ukutyhafa” linokuthetha “ukoyika.” Xa usoyika, luphela ngoko nangoko uvuyo onalo.

18. Kuthetha ukuthini ukunyamezela?

18 Into esinokuyenza ukuze lungapheli uvuyo esinalo: Masimthembe uYehova, uza kusinika isibindi sokunyamezela. Kufuneka sibe nesibindi ukuze sikwazi ukunyamezela iingxaki. (Yak. 5:11) Igama elisetyenziswa nguYakobi eliguqulelwe ngokuthi ‘ukunyamezela’ lisenza sicinge ngomntu ongagungqiyo kwindawo ame kuyo. Sinokucinga nangejoni elinesibindi. Eli joni lihlala likwindawo elibekwe kuyo, alibaleki naxa kufika utshaba luhlasela.

19. Sinokufunda ntoni kumpostile uPawulos?

19 Umntu esifunda kuye ukuba nesibindi nokunyamezela ngumpostile uPawulos. Wayekhe atyhafe ngamanye amaxesha. Kodwa wakwazi ukunyamezela kuba wayethembe uYehova ukuba uza kumnika amandla awadingayo. (2 Kor. 12:8-10; Fil. 4:13) Nathi, xa sisazi ukuba sidinga uncedo lukaYehova, unokusinika loo mandla nesibindi.—Yak. 4:10.

YIBA NGUMHLOBO KAYEHOVA, UHLALE UVUYA

20-21. Yintoni esimele siqiniseke ngayo?

20 Into esiqiniseke ngayo kukuba iingxaki esinazo azenziwa kukuba sisohlwaywa nguYehova. Siqinisekiswa nangamazwi kaYakobi athi: “Makungabikho nabani xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi, ibe naye akalingi mntu.” (Yak. 1:13) Xa singayithandabuzi loo nto, siba ngabahlobo bakaTata wethu osezulwini osithandayo.—Yak. 4:8.

21 UYehova ‘akaguquguqiki.’ (Yak. 1:17) Wawanceda amaKristu exesha labapostile kwiingxaki awayenazo, nawe uza kukunceda. Mcele ngentliziyo yakho yonke ukuba akuncede ube nobulumko, ukholo nesibindi. Uza kuyiphendula imithandazo yakho. Qiniseka ukuba uza kukunceda uhlale uvuya naxa uneengxaki.

INGOMA 128 Masinyamezele Kuse Ekupheleni

^ isiqe. 5 Incwadi kaYakobi isicebisa ngezinto ezininzi esinokuzenza xa sineengxaki. Kweli nqaku siza kuthetha ngamanye aloo macebiso. Anokusinceda simkhonze sivuya uYehova naxa sineengxaki.

^ isiqe. 59 UMFANEKISO: Umzalwana uze kubanjwa emzini wakhe. Umfazi nentombazana yakhe babukele. Ngeli xesha asetrongweni, bakunye nabazalwana noodade kunqulo lwentsapho. Umama nentombazana yakhe bamcela qho uYehova ukuba abaphe amandla okuyinyamezela le ngxaki. UYehova ubenza bazole baze bangoyiki. Ezi zinto ziya ziluqinisa ukholo lwabo ukuze bakwazi ukunyamezela bevuya.