Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yonke Le Nto Yenziwe Luncumo!

Yonke Le Nto Yenziwe Luncumo!

AMANTOMBI amabini awayehamba kunye kwidolophu iBaguio, ekwiPhilippines, adlula kwitroli yokushumayela, kodwa zange eme. Udade owayeme ecaleni kwayo, uHelen, wawancumela. Aluthanda olo ncumo, kodwa adlula.

Emva kwexesha kwangaloo mini, esebhasini egodukayo, abona amagama amakhulu athi jw.org awayebhalwe kwiHolo YoBukumkani. Akhumbula ukuba la troli ebedlula kuyo edolophini ibinala magama. Omabini ehla ebhasini, aya kujonga amaxesha awayebhalwe egeyithini angena ngawo amabandla asebenzisa loo Holo YoBukumkani.

Aya kwiintlanganiso. Ngubani awambonayo xe engena eHolweni? NguHelen! Avele ambona ukuba ngulaa mntu ebewancumele edolophini. UHelen uthi: “Athi xa esiza kum, lwabetha kancinci uvalo. Ndandizibuza ukuba kutheni engena eze kum ngqo.” Amxelela ukuba ebedlule kuye edolophini, esetrolini.

Akuvuyela ukuba kwiintlanganiso nokuncokola nabazalwana noodade; ayeziva esekhaya. Abona abazalwana noodade beklina iholo emva kweentlanganiso, acela ukubancedisa. Enye intombi ayisahlali kwiPhilippines, kodwa enye seyiqalile ukuya kwiintlanganiso nokuqhutyelwa isifundo. Yonke le nto yenziwe luncumo!