Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 7

‘Wamamele Amazwi Ezilumko’

‘Wamamele Amazwi Ezilumko’

“Wavulele indlebe uze uwamamele amazwi ezilumko.” ​—IMIZE. 22:17.

INGOMA 123 Masithobele Ukhokelo LukaThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Sinokulungiswa xa kutheni? Kutheni sonke simele silungiswe?

NGAMANYE amaxesha sonke siyakudinga ukulungiswa. Sisenokuya kucela umntu esimhloniphayo asicebise. Kwelinye icala, kusenokuza umzalwana, asixelele ukuba ingathi siza ‘kwenza into engalunganga,’ esiza kuzisola ngayo. (Gal. 6:1) Okanye sisenokulungiswa emva kokuba siyenzile. Nokuba silungiswa xa kutheni, masimamele. Ukumamela kuza kusinceda, kunokusindisa nobomi bethu!​—IMize. 6:23.

2. Ngokutsho kweMizekeliso 12:15 nombhalo osemazantsi, kutheni simele simamele xa silungiswa?

2 Umbhalo othathwe kuwo umxholo weli nqaku usikhuthaza ukuba ‘siwamamele amazwi ezilumko.’ (IMize. 22:17) Akakho umntu owazi yonke into, kuza kuhlala kukho umntu owazi izinto ongazaziyo wena. (Funda iMizekeliso 12:15 nombhalo osemazantsi.) Ngoko ukuba uyamamela xa ulungiswa, loo nto ibonisa ukuba uthobekile. Ibonisa nokuba uyaqonda ukuba kukho izinto ongazaziyo futhi udinga ukuncedwa ukuze uzenze kakuhle izinto ofuna ukuzenza. UYehova waphefumlela uKumkani uSolomon osisilumko ukuba abhale la mazwi: “Ininzi into ephunyezwayo xa bebaninzi abacebisi.”​—IMize. 15:22.

Kwezi ndlela zimbini zokulungiswa, yeyiphi ekungekho lula ukuyamkela? (Jonga isiqendu 3-4)

3. Zeziphi iindlela esinokulungiswa ngazo?

3 Sisenokulungiswa ngokuthe ngqo okanye ngezinye iindlela. Kuthetha ukuthini ukulungiswa ngezinye iindlela? Sifunda iBhayibhile okanye enye yeencwadi zethu size sidibane neendawo ezisenza sikhe sime, sicinge ngento engalunganga esiyenzayo, emva koko sitshintsha indlela esicinga ngayo size siyiyeke loo nto. (Heb. 4:12) Yiloo nto ke ethethwa kukulungiswa ngezinye iindlela. Kuthetha ukuthini ukulungiswa ngokuthe ngqo? Kufika umdala okanye omnye umzalwana, asixelele ngento ekufuneka siyilungise. Kuthetha loo nto ke ukulungiswa ngokuthe ngqo. Masiqiniseke ukuba xa umntu esilungisa ngeBhayibhile uyasithanda. Masibonise ukuba siyambulela ngokummamela nangokuyenza loo nto asicebisa yona.

4. INtshumayeli 7:9 ithi yintoni esimele singayenzi xa silungiswa?

4 Xa umntu eze kuthetha nawe ngento omele uyilungise, kusenokuba nzima ukummamela nokuyilungisa loo nto. Usenokucaphuka nokucaphuka. Yintoni enokukwenza ube njalo? Siyazi ukuba sinesono, kodwa sisenokungathandi xa umntu esilungisa kwinto engalunganga esiyenzileyo. (Funda iNtshumayeli 7:9.) Sisenokuzithethelela, sikrokrele isizathu sokuba asilungise okanye sikhalazele indlela asilungise ngayo. Sinokude simgxeke sisithi: ‘Usithatha phi isibindi sokundixelela into emandiyenze? Uzenza ungcwele-ngcwele!’ Ukuba asiyithandi indlela asilungise ngayo, sisenokuya komnye umntu esicinga ukuba uza kusixelela le nto sifuna ukuyiva.

5. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

5 Kweli nqaku siza kuxelelwa ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni abavumayo ukulungiswa nabangazange bavume. Siza kubona nokuba yintoni esinokuyenza ukuze sincedakale xa silungiswa.

ZANGE BAVUME UKULUNGISWA

6. Sifunda ntoni kwinto awayenzayo uKumkani uRehobhoham xa wayecetyiswa?

6 Cinga ngento eyenziwa nguRehobhoham. Xa wayengukumkani wakwaSirayeli, abantu bakhe bamcela ukuba awenze lula umsebenzi onzima ababewunikwe ngutata wakhe, uSolomon. Wenza into entle, waya kubuza kumadoda amakhulu akwaSirayeli ukuba abaphendule athini. Amxelela ukuba xa enokuyenza le nto bamcela yona abantu, baza kuqhubeka bemsebenzela. (1 Kum. 12:3-7) Kuyabonakala ukuba zange alithande elo cebiso, ngoko waya kubuza koontanga bakhe. Kungenzeka ukuba babepha kwiminyaka eyi-40, noko babesebebazi ubomi. (2 Kron. 12:13) Kodwa ngoku, zange bamcebise kakuhle uRehobhoham. Bathi makawenze nzima kakhulu umsebenzi waba bantu. (1 Kum. 12:8-11) Wayemele abuze kuYehova ukuba kula macebiso mabini awafumeneyo, leliphi amakalithathe. Kodwa wakhetha ukuthatha eloontanga bakhe kuba babemxelela le nto afuna ukuyiva. Loo nto yenza kwakubi kuRehobhoham nakumaSirayeli. Nathi xa sicetyiswa, sisenokungaxelelwa le nto sifuna ukuyiva. Kodwa ukuba elo cebiso lithathwe kwiLizwi LikaThixo, simele silamkele.

7. Isifundisa ntoni into eyenzeka kuKumkani u-Uziya?

7UKumkani u-Uziya zange avume ukulungiswa. Waya kwitempile kaYehova, wangena kwindawo ekwakumele kungene ababingeleli qha kuyo, efuna ukutshisa isiqhumiso esiqholiweyo. Ababingeleli bathi: “Ayingomsebenzi wakho Uziya ukutshisela uYehova isiqhumiso esiqholiweyo! Ngababingeleli kuphela abamele batshise isiqhumiso esiqholiweyo.” Wenza ntoni u-Uziya? Ukuba wayevumile ukulungiswa waza wemka ngoko nangoko etempileni, mhlawumbi uYehova wayeza kumxolela. Wasuka ‘wanomsindo.’ Yintoni eyayimenza abe nje? Mhlawumbi kuba engukumkani wayecinga ukuba angenza nantoni na ayifunayo, kodwa wayengacingi njengoYehova. Ngenxa yokwenza into awayengavumelekanga ukuyenza, u-Uziya “waba neqhenqa de wafa.” (2 Kron. 26:16-21) Into eyenzeka ku-Uziya isifundisa ukuba, xa singavumi ukulungiswa ngeBhayibhile uYehova akazukusithanda, nokuba singoobani.

BAVUMA UKULUNGISWA

8. Yintoni awayenzayo uYobhi xa wayelungiswa?

8 Ngokungafaniyo nabantu esekuthethwe ngabo abangazange bavume ukulungiswa, bakhona abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni abavumayo ukulungiswa batsho basikelelwa nguThixo. Omnye wabo nguYobhi. Le ndoda yayimoyika uThixo, kodwa yayinesono. Xa yayicinezelekile ziingxaki, yathetha izinto ezingekhoyo. Loo nto yenza uElihu noYehova bathetha nayo, beyilungisa. Wenza ntoni uYobhi? Wazithoba, wavuma ukulungiswa. Wathi: ‘Ndithethe izinto endingaziqondiyo. . . Ndiyazisola ngale nto ndiyithethileyo, ndiguquka ndiseluthulini naseluthuthwini.’ Ngenxa yokuba uYobhi wazithoba, uYehova wamsikelela.​—Yobhi 42:3-6, 12-17.

9. Wenza ntoni uMoses xa wayelungiswa? Kutheni simele sifunde kuye?

9 Omnye umntu esinokufunda kuye nguMoses. Wavuma ukulungiswa xa wayenze into engafunwayo nguYehova. Ngeny’ imini waba nomsindo waza akamzukisa uYehova. Loo nto yamenza akavunyelwa ukuba angene kwiLizwe Lesithembiso. (Num. 20:1-13) Xa wayecela uYehova ukuba asitshintshe isigqibo sakhe, uYehova wathi: “Ungaphinde uthethe nam ngale nto.” (Dut. 3:23-27) UMoses zange aqumbe. Wasamkela isigqibo sikaYehova, noYehova zange amyekise ukukhokela amaSirayeli. (Dut. 4:1) UYobhi noMoses bavuma ukulungiswa, ngoko simele sibalinganise. UYobhi wayilungisa indlela awayecinga ngayo, zange abe ezithethelela. UMoses wabonisa ukuba uyavuma ukulungiswa nguYehova, ngokuqhubeka emkhonza nangona wayengazukuyifumana into awayekhangele phambili kuyo.

10. (a) IMizekeliso 4:10-13 ithi siza kuncedakala njani xa sivuma ukulungiswa? (b) Yintoni abaye bayenza abanye xa bebelungiswa?

10 Kuyasinceda ukulinganisa amadoda athembekileyo afana noYobhi noMoses. (Funda iMizekeliso 4:10-13.) Abazalwana noodade abaninzi bayenzile loo nto. Khawuve ukuba uthini omnye umzalwana waseCongo, uEmmanuel, ngesilumkiso awasifumanayo: “Ebandleni lam, abazalwana abamthandayo uYehova babona ukuba ndiza kwenza into eza kundahlukanisa naye baza bazama ukundinceda. Ndayenza into ababendicebisa yona, ndatsho ndasinda kwiingxaki ezininzi.” * UMegan onguvulindlela eKhanada, uthi xa ethetha ngokulungiswa: “Akusoloko kuyinto endingathanda ukuyiva kodwa kuba yinto ekufuneka ndiyive.” Yena umzalwana waseCroatia onguMarko uthi: “Ndayekiswa umsebenzi endandiwenza ebandleni, kodwa xa ndicinga ngaloo nto ndiyabona ukuba indlela endalungiswa ngayo yandinceda ndaphinda ndaqinisa ubuhlobo bam noYehova.”

11. UMzalwan’ uKarl Klein uthi yintoni eza kwenzeka xa singavumi ukulungiswa?

11 Omnye umntu okwamncedayo ukuvuma ukulungiswa nguMzalwan’ uKarl Klein, owayekwiQumrhu Elilawulayo. Kwibali lobomi bakhe, wathetha ngexesha laxa wayelungiswa nguJoseph Rutherford, owayengumhlobo wakhe. Uyavuma ukuba ekuqaleni wakhathazeka xa wayemlungisa. Uthi: “Xa sasidibana emva koko, wandibulisa onwabile wathi, ‘Molo Karl!’ Kodwa kuba ndandisamqumbele, ndambulisa ndithethela emazinyweni. Wathi, ‘Karl, lumka! UMtyholi uyakufuna!’ Ndineentloni, ndathi, ‘Hayi Mzalwan’ uRutherford andinangxaki.’ Wayendibona ukuba ndisamqumbele, ngoko waphinda wathi, ‘Ndiyakuva. Kodwa lumka. UMtyholi uyakufuna.’ Wayenyanisile! Ukuba siyamqumbela umzalwana, ngokukodwa xa esixelela into abemele asixelele yona, sizibeka esichengeni sokubanjiswa nguMtyholi.” * (Efe. 4:25-27) UMzalwan’ uKlein wavuma ukulungiswa nguMzalwan’ uRutherford, batsho baqhubeka bengabahlobo.

YINTONI ENOKUSINCEDA SIVUME UKULUNGISWA?

12. Ukuthobeka kunokusinceda njani sivume ukulungiswa? (INdumiso 141:5)

12 Yintoni enokusinceda sivume ukulungiswa? Masithobeke, sikhumbule ukuba sinesono futhi sinokwenza izinto zobudenge ngamanye amaxesha. Kwiziqendu ezidlulileyo, sivile ukuba uYobhi wayengacingi kakuhle. Ekuhambeni kwexesha wayitshintsha indlela awayecinga ngayo, wasikelelwa nguYehova. Kwakutheni? UYobhi wayethobekile. Loo nto wayibonisa ngokuba avume ukulungiswa nguElihu, owayemncinci kakhulu kuye. (Yobhi 32:6, 7) Nathi ukuthobeka kuza kusinceda sivume ukulungiswa, nokuba sicinga ukuba asenzanga nto okanye silungiswa ngumntu omncinci kuthi. Omnye umdala waseKhanada uthi, “Ekubeni singaziboni ngendlela abasibona ngayo abantu, sinokuhambela phambili njani xa kungekho mntu usilungisayo?” Sonke kufuneka sizame ngaphezu kokuba sisenza ukusebenzela ukuba nesiqhamo somoya nokuwenza bhetele umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo nokufundisa.​—Funda iNdumiso 141:5.

13. Yintoni esimele sizixelele yona xa silungiswa?

13Xa ulungiswa zixelele ukuba uThixo uyakuthanda. UYehova ufuna sifumane eyona nto iza kusinceda. (IMize. 4:20-22) Xa ekulungisa ngeLizwi lakhe, ngempapasho, okanye esebenzisa umKristu onokholo oluqinileyo, ubonisa ukuba uyakuthanda. AmaHebhere 12:9, 10 athi ‘unceda thina.’

14. Yintoni esimele siyenze xa silungiswa?

14Mamela into oyixelelwayo, uyeke indlela oyixelelwa ngayo. Ngamanye amaxesha, sisenokucinga ukuba khange kuthethwe kakuhle nathi xa besilungiswa. Siyazi ukuba umntu okulungisayo umele athethe ngendlela eza kwenza kube lula ukummamela. * (Gal. 6:1) Kodwa xa silungiswa, masicinge ngale nto silungiswa kuyo, nokuba sicinga ukuba ibikhona enye indlela ebenokuthetha ngayo umntu osilungisayo. Sisenokuzibuza: ‘Nokuba andiyithandi indlela andilungise ngayo, kodwa ikhona into enokundinceda kule nto ayithethileyo? Ndingakwazi ukungazihoyi iimpazamo zakhe, ndifunde kule nto andixelela yona?’ Nokuba silungiswa kanjani, sakube silumkile xa sizama iindlela zokuncedakala kuloo nto silungiswa kuyo.​—IMize. 15:31.

CELA UKULUNGISWA, UZA KUNCEDAKALA

15. Kutheni simele sicele ukulungiswa?

15 IBhayibhile ithi masikufune ukulungiswa. IMizekeliso 13:10 ithi: “Ubulumko bobabantu abafuna amacebiso.” Inyanisile! Abantu abacela ukulungiswa, bangalindi de kuze umntu kubo, ludla ngokuqina ukholo lwabo kunolwabantu abalinda de kuziwe kubo. Ngoko masizicelele ngokwethu ukulungiswa.

Kutheni udade osemtsha ecela udade omdala kuye ukuba amcebise? (Jonga isiqendu 16)

16. Kuxa kutheni apho sinokucela ukulungiswa?

16 Kuxa kutheni apho sinokucela amanye amaKristu asilungise? Nazi ezinye izinto esinokuwacela kuzo. (1) Udade ucela umvakalisi ofundisa kakuhle ukuba ahambe naye xa eyokuqhuba isifundo, emva koko ucela amcebise ngento anokuyenza ukuze naye afundise kakuhle. (2) Udade ongatshatanga ufuna ukuthenga impahla, ngoko ucela udade omdala kuye amxelele ukuba ucinga ukuba ifanelekile na le mpahla afuna ukuyithenga. (3) Umzalwana uza kuqala ukunikela intetho yesidlangalala. Ucela umzalwana ozinikela kakuhle iintetho ukuba xa eyinikela, ammamele kakuhle, amcebise apho kufuneka alungise khona. Nkqu nomzalwana ekudala enikela iintetho, wenza kakuhle xa ecela amacebiso kwabanye abazalwana aze enze loo nto bamcebisa yona.

17. Ukulungiswa kungasinceda njani?

17 Kwezi veki nakwezi nyanga zizayo, siza kulungiswa ngokuthe ngqo okanye ngezinye iindlela. Xa isenzeka loo nto, uze ukhumbule izinto esithethe ngazo. Hlala uthobekile. Mamela into oyixelelwayo, uyeke indlela oyixelelwa ngayo. Yilungise into ocetyiswa ukuba uyilungise. Akukho nomnye kuthi owazalwa esisilumko. Kodwa ukuba ‘siyamamela xa sicetyiswa, samkele nengqeqesho,’ iLizwi LikaThixo lithi ‘siza kuba zizilumko.’​—IMize. 19:20.

INGOMA 124 Namathela KuYehova

^ isiqe. 5 Abantu bakaYehova bayayiqonda indlela ekubaluleke ngayo ukuba bamamele xa belungiswa ngeBhayibhile. Kodwa ngamanye amaxesha akukho lula ukuvuma ukulungiswa baze bayenze into abayicetyiswayo. Kutheni kungekho lula? Yintoni esimele siyenze ukuze sincedakale xa silungiswa?

^ isiqe. 10 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 11 Jonga iMboniselo yesiNgesi kaOktobha 1, 1984, iphe. 21-28.

^ isiqe. 14 Kwinqaku elilandelayo, siza kubona ukuba yintoni esinokuyenza ukuze sithethe kakuhle nomntu xa simlungisa.