Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ilobola yayisenokuba yimfuyo

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Ayelobolela ntoni amaSirayeli?

NGAMAXESHA okubhalwa kweBhayibhile, kwakulotyolwa kubantu bakulontombi xa bevumelene nabakulomyeni ngomtshato. Kwakunokulotyolwa ngezinto zexabiso, imfuyo okanye imali. Kanti abanye babeyikhupha ngokusebenza, njengoYakobi owavumayo ukusebenzela utata kaRakeli iminyaka eyi-7 ukuze amvumele atshate intombi yakhe. (Gen. 29:17, 18, 20) Kwakulotyolelwa ntoni?

UCarol Meyers, ongumphengululi weBhayibhile, uthi: “Ilobola yayinokubaxolisa abantu bakulontombi kuba ingazukuba sabasebenzela. Kaloku umsebenzi owawusenziwa yintombi wawubalulekile kwiintsapho ezazilima.” Ilobola yayinokuzenza zivane nyhani ezi ntsapho zingabakhozi. Loo nto yayinokuzenza zincedane ngamaxesha anzima. Enye into, yayibonisa ukuba intombi ingejiwe, ngoko ayizukuhoywa ize ikhuselwe ngutata wayo, ngumyeni wayo oza kuzenza ezi zinto.

Ukulobola kwakungathethi kuthi umfazi yinto nje ethengwayo okanye ethengiswayo. Enye incwadi ithi: “Le nto yokubhatalwa kwelobola yenza kubonakale ngathi amaSirayeli ayemthenga umfazi. Kodwa kuyacaca ukuba ayengamthengi, ayexolisa abantu bakowabo.”

Kwamanye amazwe kusalotyolwa nanamhlanje. Abazali abangamaKristu ‘babonisa ukuba babhetyebhetye’ ngokungabizi ilobola eyintloko yetreyini. (Fil. 4:5; 1 Kor. 10:32, 33) Xa besenza loo nto babonisa ukuba abangobantu ‘abathanda imali,’ abanyolukanga. (2 Tim. 3:2) Enye into, xa abazali abangamaKristu bengabizi ilobola eyintloko yetreyini, akuzunyanzeleka ukuba ukhe umiswe umtshato, kuba indoda ingekabi nayo imali efunwayo. Kungazunyanzeleka nokuba indoda iyeke ukuba nguvulindlela, iyophangela ukuze ifumane loo mali.

Kwamanye amazwe, kukho imithetho elawula ilobola. Kuloo mazwe, abazali abangamaKristu bayayithobela loo mithetho. Kutheni beyithobela? ILizwi LikaThixo lithi amaKristu ‘mawathobele abasemagunyeni’ athobele nemithetho engaphikisaniyo neyakhe.—Roma 13:1; IZe. 5:29.