INQAKU ELIFUNDWAYO 6
INGOMA 18 Siyabulela Ngentlawulelo
UYehova Uyaxolela—Kutheni Siyixabisa Loo Nto?
“UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo.”—YOH. 3:16.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngezinto azenzileyo uYehova ukuze asixolele, eziza kusinceda sikuxabise kakhulu ukuxolelwa nguye.
1-2. Imeko yabantu ifana njani neyomfana ekuthethwe ngaye kwisiqendu 1?
KHAWUBE nombono womfana okhulele kwintsapho enemali. Ngenye imini, abazali bakhe behlelwa yingozi, basweleke. Le nto imshiya ebuhlungu kakhulu. Ebuhlungu enjalo, usalindwe zezinye iindaba ezimbi. Ufumanisa ukuba abazali bakhe bayigqibile imali abebenayo, bashiyeka benamatyala amaninzi. Khawufan’ ucinge, endaweni yokuba bamshiyele ubutyebi, bamshiyela amatyala. Nabantu ababatyalayo bayifun’ aph’ imali yabo. Indlela elikhulu ngayo eli tyala, soze lo mfana akwazi ukulibhatala.
2 Imeko yethu ifana ngeendlela ezininzi neyalo mfana. Abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, babengenasono, bephila kwiparadesi entle. (Gen. 1:27; 2:7-9) Babenethemba lokuphila kamnandi ngonaphakade. Kodwa yatshintsha yonke loo nto. UYehova wabagxotha kwikhaya labo eliyiParadesi, laphela nethemba ababenalo lokuphila ngonaphakade. Lilifa elinjani ababeza kulishiyela abantwana babo? IBhayibhile ithi: “Isono sangena ngomntu omnye [uAdam] ehlabathini nokufa kwangena ngenxa yesono, kwaza ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke babenesono.” (Roma 5:12) UAdam wasishiyela isono esibangela ukuba sife. Esi sono sifana netyala elikhulu, ekungekho nomnye kuthi onokukwazi ukulibhatala.—INdu. 49:8.
3. Kutheni izono zethu zinokufaniswa ‘namatyala’?
3 UYesu wafanisa izono ‘namatyala.’ (Mat. 6:12; Luka 11:4) Ngoko xa sisona kuba ngathi siyamtyala uYehova. Kufuneka silibhatale ke elo tyala. Ukuba aside silibhatale, linokucinywa kuphela xa sisifa.—Roma 6:7, 23.
4. (a) Yintoni ebinokwenzeka kubantu abanesono ukuba bebengancedwanga nguThixo? (INdumiso 49:7-9) (b) EBhayibhileni, igama elithi “isono” lithetha ukuthini? (Jonga ibhokisi ethi “ Isono.”)
4 Ngaba singakwazi ukuphinda sizifumane zonke izinto uAdam noEva abalahlekelwa zizo? Asinakukwazi ukuzenzela loo nto. (Funda iNdumiso 49:7-9.) Ukuba besingakhange sincedwe nguThixo, ngesingenalo ithemba lokuphila ngonaphakade nelovuko. Phofu besiza kufa njengezilwanyana, singaphinde siphile.—INtshu. 3:19; 2 Pet. 2:12.
5. Yintoni ayenzileyo uTata wethu osithandayo ukuze asincede sibhatale ityala esinalo elisisono? (Jonga umfanekiso .)
5 Ebenokuziva njani la mfana besikhe sathetha ngaye ukuba bekunokufika indoda esisityebi, ize ithi iza kuwabhatala onke amatyala akhe? Ngokuqinisekileyo ebenokuyixabisa kakhulu loo nto, aze avume ukuba loo ndoda imncede. Ngendlela efanayo, uTata wethu osithandayo, uYehova, usinike isipho esilibhatalayo ityala elisisono esasifumana kuAdam. UYesu wayicacisa kanje le nto: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze wonke umntu ozikholelwayo izinto azifundisayo aze azenze, angatshabalali, kodwa afumane ubomi obungunaphakade.” (Yoh. 3:16) Esi sipho sisenza sikwazi nokuba ngabahlobo bakaYehova.
6. Ngawaphi amagama aseBhayibhileni esiza kuthetha ngawo kweli nqaku? Kutheni siza kuthetha ngawo?
6 Sinokuncedwa njani sesi sipho simangalisayo, size sixolelwe izono okanye “amatyala” ethu? Impendulo yalo mbuzo ifumaneka kwezi zinto kuthethwa ngazo eBhayibhileni: Ukuxolelaniswa, ukuhlawulela, intlawulelo, ukusindiswa nokubizwa ngokuba singamalungisa. Kweli nqaku siza kuva ukuba atheth’ ukuthini la magama. Njengoko sicingisisa ngento ethethwa ngala magama, siza kuya siyixabisa into ayenzileyo uYehova ukuze asixolele.
INJONGO: UKUXOLELANISWA
7. (a) Yintoni enye abalahlekelwa yiyo uAdam noEva? (b) Ekubeni singabantwana baka-Adam noEva, yintoni esiyidinga kakhulu? (Roma 5:10, 11)
7 UAdam noEva zange baphelelwe lithemba lokuphila ngonaphakade kuphela, bayeka nokuba ngabahlobo bakaTata wabo, uYehova. Ekuqaleni, babekade bekwintsapho kaThixo. (Luka 3:38) Kodwa bathi bakungamthobeli uYehova bagxothwa kwintsapho yakhe, bengekabi nabo nabantwana. (Gen. 3:23, 24; 4:1) Ekubeni thina singabantwana babo, siyakudinga ukuxolelaniswa noYehova. (Funda amaRoma 5:10, 11.) Ngamany’ amazwi, kufuneka sibe ngabahlobo bakhe. Enye incwadi ithi igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukuxolelaniswa” apha, linokuthetha ukwenza utshaba lwakho lube ngumhlobo. Into emangalisayo kukuba nguYehova owenze indlela yokuba sixolelaniswe naye. Njani?
ILUNGISELELO: UKUHLAWULELA
8. Yintoni ukuhlawulela?
8 Ukuhlawulela lilungiselelo likaYehova lokunceda abantu abanesono baphinde babe ngabahlobo bakhe. Le yindlela yokubuyisela into awayilahlayo uAdam, ngokukhupha enye into yexabiso elilingana nayo. NeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ziyathetha ngendlela uYehova abancede ngayo abantu bakwazi ukuphinda babe ngabahlobo bakhe.—Roma 3:25.
9. Leliphi ilungiselelo lokwexeshana uYehova awalenzayo ukuze amaSirayeli akwazi ukuxolelwa?
9 Ukuze amaSirayeli akwazi ukuba ngabahlobo bakhe, uYehova wenza ilungiselelo lokwexeshana elaliza kuwanceda axolelwe izono zawo. Qho ngonyaka, kwakusibakho Umhla Wokuhlawulela. Ngaloo mini, umbingeleli omkhulu wayesenza imibingelelo yokuhlawulela izono zabantu. Ewe kona, loo mibingelelo yayingenakukwazi ukuzihlawulela ngokupheleleyo izono zabo, kuba ixabiso lezilwanyana lingaphantsi kwelabantu. Kodwa xa amaSirayeli aguqukileyo esenza imibingelelo ayilindeleyo uYehova, wayekulungele ukuxolela izono zawo. (Heb. 10:1-4) Eli lungiselelo neminikelo eyayisenziwa qho, yayikhumbuza amaSirayeli ukuba ayenesono, futhi kwakusafuneka indlela yokuzihlawulela ngokupheleleyo izono zawo.
10. Leliphi ilungiselelo alenzileyo uYehova ukuze zihlawulelwe ngokupheleleyo izono zabantu?
10 UYehova wayefuna kubekho indlela yokuzihlawulela ngokupheleleyo izono zabantu. Ngoko walungiselela ukuba uNyana wakhe amthandayo ‘anikelwe kube kanye ukuze athwale izono zabantu abaninzi.’ (Heb. 9:28) UYesu wanikela ‘ngobomi bakhe ukuze bube yintlawulelo yabaninzi.’ (Mat. 20:28) Yintoni intlawulelo?
IXABISO: INTLAWULELO
11. (a) Ngokutsho kweBhayibhile, kwakutheni ukuze kufuneke kubekho intlawulelo? (b) Yintoni eyayiza kufuneka ukuze kwenziwe le ntlawulelo?
11 Ngokutsho kweBhayibhile, uYehova wagqiba ekubeni kubekho intlawulelo ekhutshwayo ukuze sixolelwe izono zethu, sitsho sibe ngabahlobo bakhe. a Laliza kuba lingakanani ixabiso elikhutshwayo ukuze abantu bafumane into eyalahlwa nguAdam? Kaloku uAdam noEva babekade bengenasono, benalo nethemba lokuphila ngonaphakade, kodwa balahlekelwa yiyo yonke loo nto. Ngoko intlawulelo kwakuza kufuneka ibe nexabiso elilinganayo nento abalahlekelwa yiyo. (1 Tim. 2:6) Yayinokubhatalwa kuphela yindoda (1) eyayingenasono; (2) eyayinokuphila ngonaphakade emhlabeni; (3) neyayikulungele ukuncama ubomi bayo ngenxa yethu. Bubomi bendoda enjalo kuphela obabunokukwazi ukubuyisela into eyalahlwa nguAdam noEva.
12. Chaza izizathu zokuba uYesu akwazi ukubhatala intlawulelo?
12 Khawucinge ngezizathu ezithathu ezamenza uYesu wakwazi ukubhatala intlawulelo. (1) Wayengenasono, kuba iBhayibhile ithi “akazange one.” (1 Pet. 2:22) (2) Ngenxa yaloo nto, wayenokukwazi ukuphila ngonaphakade emhlabeni. (3) Wayekulungele ukuncama ubomi bakhe ngenxa yethu. (Heb. 10:9, 10) Ekubeni uYesu wayengenasono, ixabiso lobomi bakhe lalilingana nelobomi buka-Adam. (1 Kor. 15:45) Ngoko xa uYesu wafayo, wahlawulela isono sika-Adam ukuze kubuyiselwe into eyamlahlekelayo. (Roma 5:19) Loo nto yenza uYesu waba ‘nguAdam wokugqibela.’ Akusekho mfuneko yokuba omnye umntu ongenasono ahlawulele isono sika-Adam, kuba xa uYesu wayesifa, “wazinikela kwaba kanye.”—Heb. 7:27; 10:12.
13. Yintoni umahluko phakathi kwelungiselelo lokuhlawulela nentlawulelo?
13 Yintoni ke umahluko phakathi kwelungiselelo lokuhlawulela nentlawulelo? Ilungiselelo lokuhlawulela yinto ayenzayo uThixo ukuze ancede abantu baphinde babe ngabahlobo bakhe. Intlawulelo lixabiso elibhatalwayo ukuze kuhlawulelwe abantu abanesono. Eli xabiso limelwa ligazi likaYesu awasihlawulela ngalo.—Efe. 1:7; Heb. 9:14.
IMIPHUMO: UKUSINDISWA NOKUBIZWA NGOKUBA SINGAMALUNGISA
14. Yintoni esiza kuthetha ngayo? Kutheni siza kuthetha ngayo?
14 Ukuhlawulelwa kusincede njani? EBhayibhileni kusetyenziswe amagama angafaniyo achaza iindlela esincedakala ngazo. Nangona esenokuthetha into efanayo, gama ngalinye linento elisifundisa yona ngelungiselelo lokuhlawulela elisinceda sixolelwe nguYehova. Njengoko kuza kuchazwa into ethethwa ngala magama, siza kubona indlela esincedakala ngayo.
15-16. (a) EBhayibhileni, lithetha ukuthini igama elithi “ukusindiswa”? (b) Loo nto isenza sifune ukwenza ntoni?
15 EBhayibhileni, ukusindiswa kuthetha ukukhululwa ngenxa yentlawulelo. Umpostile uPetros wayichaza kanje le nto: “Niyazi ukuba anikhululwanga [ngokoqobo: anihlawulelwanga; anisindiswanga] ngezinto ezinokonakala, njengesilivere negolide, kubomi obulilize obabuphilwa ngookhokho benu. Kodwa nakhululwa ngegazi elixabisekileyo, njengeletakane legusha elingenasiphako nelingenabala, igazi likaKristu.”—1 Pet. 1:18, 19; umbhalo osemazantsi.
16 Ngenxa yentlawulelo, sikhululwe esonweni nasekufeni. (Roma 5:21) Ekubeni siye sasindiswa ngegazi elixabisekileyo likaYesu, sinezizathu ezininzi zokumbulela uYehova noNyana wakhe.—1 Kor. 15:22.
17-18. (a) Kuthetha ukuthini ukubizwa ngokuba singamalungisa? (b) Ukubizwa ngokuba singamalungisa kusinceda njani?
17 Ukubizwa ngokuba singamalungisa kuthetha ukuba uYehova uye wawacima amatyala ethu. Ngaba le nto ithetha ukuba uYehova uyawuthoba umgangatho wakhe wokwenza izinto ngobulungisa? Hayi. Kaloku khange asibize ngokuba singamalungisa kuba siyisebenzele loo nto, engazami nokuthi akukho ngxaki nokuba singona. Kodwa ngenxa yokuba sikholelwa ukuba sahlawulelwa ngedini likaYesu uyawacima amatyala ethu.—Roma 3:24; Gal. 2:16.
18 Ukubizwa ngokuba singamalungisa kusinceda njani? Abanye abantu ababizwa ngokuba bangamalungisa ngabo bakhethwe ukuba balawule noYesu ezulwini, futhi bangabantwana bakaThixo. (Tito 3:7; 1 Yoh. 3:1) Zixolelwe izono zabo. Kufana nokuba khange bone, ngoko bayakufanelekela ukuba seBukumkanini BukaThixo. (Roma 8:1, 2, 30) Nabantu abanethemba lokuphila emhlabeni babizwa ngokuba bangamalungisa nabahlobo bakaThixo, nezono zabo zixolelwe. (Yak. 2:21-23) Isihlwele esikhulu esiza kusinda ngeArmagedon sinethemba lokungaphindi sife. (Yoh. 11:26) “Abantu abangamalungisa nabangengomalungisa” abasemangcwabeni baza kuvuswa. (IZe. 24:15; Yoh. 5:28, 29) Ekugqibeleni, bonke abakhonzi bakaThixo abasemhlabeni nabathobelayo ‘baza kuba ngabantwana bakaThixo baze bafumane inkululeko ezukileyo.’ (Roma 8:21) Ingathi alisafiki ixesha apho siza kuphinda sibe ngabahlobo bakaYehova abangenasono!
19. Imeko yethu iye yabhetele njani? (Jonga nebhokisi ethi “ UYehova Uyaxolela.”)
19 Imeko yethu ibifana nyhani neyala mfana bekukhe kwathethwa ngaye, owalahlekelwa yiyo yonke into, washiyeka enetyala elikhulu angakwaziyo ukulibhatala. Kodwa uYehova uye wasinceda. Imeko yethu iye yatshintsha kuba uye wenza indlela yokuba sihlawulelwe ngedini likaYesu. Ukholo esinalo kuYesu Kristu lusenza sikwazi ukukhululeka esonweni nasekufeni. Nezono zethu zinokucinywa, kube ngathi khange zibekho. Into ebaluleke nakakhulu kukuba ngoku siyakwazi ukuba ngabahlobo bakaTata wethu osezulwini nosithandayo, uYehova.
20. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?
20 Siye siyixabise kakhulu into esiyenzelwe nguYehova noYesu xa sicingisisa ngayo. (2 Kor. 5:15) Ngesingenalo tu ithemba ukuba bebengasincedanga! Kodwa ukuxolela kukaYehova kumnceda njani ngamnye wethu? Yiloo nto esiza kuthetha ngayo kwinqaku elilandelayo.
INGOMA 10 Dumisa UYehova, UThixo Wethu!
a Kwezinye iilwimi, igama elithi “intlawulelo” liguqulelwe kwigama ngokoqobo elithetha “ixabiso lobomi,” okanye “ukubhatala.”