INQAKU ELIFUNDWAYO 7
INGOMA 15 Zukisa IZibulo LikaYehova!
UYehova Uyaxolela—Isinceda Njani Loo Nto?
“Kuba wena uxolela [nyhani].”—INDU. 130:4.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngemizekelo eseBhayibhileni ebonisa ukuba uYehova uxolela nyhani, neza kusenza siyixabise kakhulu indlela axolela ngayo.
1. Kutheni kusoloko kusiba nzima ukuqonda ukuba umntu utheth’ ukuthini xa esithi ukuxolele?
KUTHI ngco ngaphakathi xa umntu esithi, “Ndikuxolele,” ngokukodwa xa uye wathetha okanye wenza into eye yamkhathaza. Kodwa igama elithi “ndikuxolele” lithetha ntoni kanye kanye? Ngaba loo mntu umkhathazileyo uthetha ukuba ningaphinda nibe ngabahlobo? Okanye ngaba uzama nje ukubonisa ukuba akafuni ukuphinda athethe ngaloo nto imkhathazileyo? Xa umntu esithi ukuxolele, kuba nzima ukuqonda ukuba uthetha ukuthini.
2. Indlela axolela ngayo uYehova ichazwa njani kwiZibhalo? (Jonga nombhalo osemazantsi.)
2 Indlela uYehova asixolela ngayo thina bantu banesono yahluke kakhulu kwindlela esixolelana ngayo. Akakho umntu onokukwazi ukuxolela ngendlela axolela ngayo. Umdumisi wathi ngaye: “Kuba wena uxolela [nyhani], ukuze abantu bamangaliswe nguwe.” a (INdu. 130:4) Xa uYehova exolela umntu, uye ‘amxolele nyhani.’ Sibona kuye ukuba kuthetha ukuthini kanye kanye ukuxolela. Kwezinye iivesi ezikwiZibhalo zesiHebhere, xa ababhali beBhayibhile bethetha ngokuxolela kukaYehova, babesebenzisa igama elingasetyenziswayo xa kuthethwa ngokuxolelana kwabantu.
3. Indlela uYehova axolela ngayo yahluke njani kweyethu? (Isaya 55:6, 7)
3 Xa uYehova exolela umntu, uyasicima isono sakhe. Loo mntu uphinda abe ngumhlobo wakhe. Indlela uYehova axolela ngayo iyamangalisa kuba kulula kuye ukuxolela umntu futhi umxolela ngokupheleleyo.—Funda uIsaya 55:6, 7.
4. UYehova usinceda njani siyiqonde eyona nto ithethwa kukuxolela nyhani?
4 Ukuba indlela axolela ngayo uYehova ayifani neyethu, sinokuyiqonda njani ke eyona nto ithethwa kukuxolela nyhani? UYehova usinceda siyiqonde indlela axolela ngayo ngokusebenzisa imizekelo. Kweli nqaku siza kuthetha ngeminye yaloo mizekelo. Iza kusibonisa indlela uYehova asisusa ngayo isono, aze asincede siphinde sibe ngabahlobo bakhe. Njengoko sithetha ngale mizekelo, siza kuya simxabisa uTata wethu osithandayo, noyibonisa ngeendlela ezininzi indlela asixolela ngayo.
UYEHOVA UYASISUSA ISONO
5. Kuye kwenzeke ntoni xa uYehova exolela izono zethu?
5 EBhayibhileni izono zidla ngokufaniswa nemithwalo enzima. Xa uKumkani uDavide wayethetha ngezakhe izono, wathi: “Ndintyumpa-ntyumpeka ezonweni zam; zindisinda okomthwalo onzima.” (INdu. 38:4) Kodwa xa abantu abenza izinto ezimbi beguquka, uYehova uye azixolele izono zabo. (INdu. 25:18; 32:5) Eyona nto ithethwa ligama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ukuxolela “kukuphakamisa” okanye “ukuthwala.” Sinokufanisa uYehova nendoda eyomeleleyo esusa umthwalo osisono emagxeni ethu, iwuthwale iwuse kude nathi.
6. UYehova uzithwala azise kude kangakanani kuthi izono zethu?
6 Omnye umzekelo ubonisa ukuba uYehova uzithwala azise kude kangakanani nathi izono. INdumiso 103:12 ithi: “Uzibhekelisele kude nathi izono zethu, njengokuba kude kwempumalanga entshonalanga.” Impumalanga yeyona ndawo ikude kakhulu nentshonalanga. Soze zidibane. Ngamanye amazwi, uYehova uziphosela kweyona ndawo ikude esinokuyicinga izono zethu. Le nto isenza siqiniseke ukuba uYehova uxolela nyhani.
7. IBhayibhile iyichaza njani into uYehova ayenzayo ngezono zethu? (Mika 7:18, 19)
7 Njengokuba uYehova ezithatha izono zethu azise kude, ngaba uhlala ebambelele kuzo? Hayi. Xa wayethetha ngoYehova, uKumkani uHezekiya wathi: “Zonke izono zam uziphose emva kwakho.” Okanye njengokuba umbhalo osemazantsi usitsho, “uziphose kwelokulibala izono zam.” (Isa. 38:9, 17; umbhalo osemazantsi) Lo mzekelo ubonisa ukuba uYehova uyazithatha izono zomntu oguqukileyo, aziphose kude, angaze aphinde azijonge. Le vesi ibinokubekwa nangale ndlela: “Wenze kwabonakala ngathi akukho zono ndizenzileyo.” IBhayibhile iphinda iyenze icace le nto nakumzekelo okuMika 7:18, 19. (Mfunde.) Kwezi vesi kuthiwa izono zethu uYehova uziphosa enzulwini yolwandle. Kudala, into ephoswe enzulwini yolwandle wawungasoze uphinde uyifumane.
8. Ziintoni esele sizifundile?
8 Le mizekelo ibonisa ukuba xa uYehova esixolela, uyasikhulula kumthwalo wezono esizenzileyo. Wayenyanisile uDavide xa wayesithi: “Bonwabile abantu abaye baxolelwa nangona bophule umthetho, nabaye baxolelwa izono zabo; wonwabile umntu esingazukukhunjulwa nguYehova isono sakhe.” (Roma 4:7, 8) Kuthetha loo nto ke ukuxolela nyhani.
UYEHOVA UYASICIMA ISONO
9. Yeyiphi imizekelo ayisebenzisayo uYehova ukuze asichazele indlela axolela ngayo?
9 UYehova usebenzisa eminye imizekelo ukuze asincede siyixabise indlela alisebenzisa ngayo idini likaYesu ukuze acime izono zabantu abaguqukileyo. Eminye yayo ithetha ngoYehova njengozihlambayo aze azicoce. Le nto yenza umntu owenze isono acoceke. (INdu. 51:7; Isa. 4:4; Yer. 33:8) UYehova uyichaza ngokwakhe into eyenzekayo xa ezihlambile waza wazicoca izono. Uthi: “Nangona izono zenu zibomvu njengegazi, ziza kwenziwa mhlophe njengekhephu; nangona zibomvu njengelaphu elibomvu krwe, ziza kuba mhlophe njengoboya.” (Isa. 1:18) Kunzima kakhulu ukulihlamba lisuke elaphini ibala elibomvu krwe. Kodwa ngalo mzekelo uYehova usenza siqiniseke ukuba unokuzihlamba izono zethu zicoceke, zingaphindi zibonakale.
10. Ngowuphi umzekelo uYehova awusebenzisayo ukuze sibone indlela axolela ngayo?
10 Njengokuba bekutshiwo kwinqaku elidlulileyo, izono zifana namatyala. (Mat. 6:12; Luka 11:4) Ngoko qho simona uYehova iba ngathi siya silandisa ityala lethu. Likhulu kakhulu ityala esinalo kuye. Kodwa xa esixolela uba ngathi uyalicima elo tyala. Akafuni sibhatale ityala lezono azixoleleyo. Njengokuba umntu evuya xa ityala lakhe licinyiwe, nathi siyavuya xa sixolelwa nguYehova.
11. Ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi izono zethu zicinyiwe? (IZenzo 3:19)
11 Yahlukile indlela uYehova awacima ngayo amatyala okanye izono zethu. (Funda iZenzo 3:19.) Xa umntu esithi uyalicima ityala usenokuba nombono wakhe ekrwela umgca phezu kwalo. Amanani aphantsi kwaloo mgca asenokubonakala. Kodwa yena uYehova akalicimi kanjalo ityala. Ukuze siwuqonde lo mzekelo, simele sikhumbule ukuba into eyayibhalwe ngeinki yakudala wawunokuyicima ngesponji esimanzi. Ngoko xa ityala licinyiwe, laliphela tu, lingabi sabonakala nalapho belibhalwe khona. Kuthuthuzela nyhani ukwazi ukuba xa uYehova ezicimile izono zethu, kuba ngathi khange zenziwe.—INdu. 51:9.
12. Sifunda ntoni kumzekelo wengqimba yelifu?
12 UYehova usebenzisa umzekelo ofanayo xa ebonisa indlela azicima ngayo izono. Uthi: “Ndiza kuzogquma ngokungathi kungelifu iziphoso zakho, nezono zakho ngokungathi kungengqimba yelifu.” (Isa. 44:22) Xa uYehova exolela, uba ngathi usebenzise ingqimba yelifu ukuze afihle iziphoso zethu zingabonakali tu.
13. Xa uYehova exolela izono zethu, siziva njani?
13 Yintoni esiyifundayo kule mizekelo? Xa uYehova exolele izono esizenzileyo, asifanele sihlale siziva sinetyala. Ngenxa yegazi likaYesu Kristu, amatyala ethu uwacima ngokupheleleyo, kube ngathi khange sibe nawo. Kuthethwa loo nto ke xa kusithiwa uYehova usixolela nyhani xa siguquka kwizono esizenzayo.
UYEHOVA UPHINDA ABE NGUMHLOBO WETHU
14. Kutheni simele simthembe uYehova ukuba uza kusixolela ngokupheleleyo? (Jonga nemifanekiso.)
14 Ekubeni uYehova esixolela nyhani, singaqiniseka ukuba unokuphinda abe ngumhlobo wethu. Le nto isinceda singahlali siziva sinetyala. Akukho sizathu sokuba soyike, sicinge ukuba uYehova uyasizonda, futhi ukhangela iindlela zokusohlwaya. Soze ayenze loo nto. Kutheni sinokumthemba xa esithi usixolele? Kaloku wathi kumprofeti uYeremiya: “Ndiza kusixolela isiphoso sabo, nesono sabo andizukusikhumbula.” (Yer. 31:34) Ecaphula la mazwi, umpostile uPawulos wathi: “Nesono sabo andizukusikhumbula.” (Heb. 8:12) Kodwa ithetha ukuthini kanye kanye loo nto?
15. Kuthethwa ukuthiwani xa kusithiwa uYehova akazikhumbuli izono zethu?
15 EBhayibhileni igama elithi ‘ukukhumbula’ alisoloko lithetha ukucinga ngento, lisenokuthetha nokwenza into. Utsotsi owayebethelelwe ecaleni kukaYesu wamcela esithi: “Yesu, uzundikhumbule xa useBukumkanini bakho.” (Luka 23:42, 43) Wayengaceli nje ukuba uYesu amcinge xa eseBukumkanini. Impendulo kaYesu yabonisa ukuba kukho into awayeza kuyenza kulo tsotsi. Wayeza kumvusa. Ngoko xa uYehova esithi akazukuzikhumbula izono zethu uthetha ukuthi akazukusenza nto. Akazukusohlwaya kwixesha elizayo ngenxa yezono azixoleleyo.
16. IBhayibhile iyichaza njani indlela esikhululeka ngayo xa sixolelwe nyhani?
16 EBhayibhileni kusetyenziswa omnye umzekelo osinceda siqonde indlela esikhululeka ngayo xa sixolelwe nyhani. Ngenxa yokuba sizelwe sinesono, sifaniswa ‘namakhoboka’ aso. Kodwa kuba uYehova esixolele, sifana namakhoboka aye ‘akhululwa esonweni.’ (Roma 6:17, 18; ISityhi. 1:5) Xa sisazi ukuba uYehova usixolele, sifana nekhoboka elikhululweyo, asikwazi ukuzibamba luvuyo.
17. Kusiphilisa njani ukuxolelwa nguYehova? (Isaya 53:5)
17 Funda uIsaya 53:5. Kumzekelo wokugqibela esiza kuthetha ngawo sifaniswa nabantu abanesifo esibulalayo. Kodwa ngenxa yokuba uYehova esihlawulele ngoNyana wakhe, kuthiwa siye saphiliswa. (1 Pet. 2:24) Ubuhlobo bethu noYehova obuye bonakaliswa sisono bunokulungiswa ngokupheleleyo ngenxa yentlawulelo. Njengokuba evuya kakhulu umntu obenesigulo esibulalayo waza waphiliswa, nathi sivuya kakhulu xa siye saxolelwa nguYehova, saphinda sangabahlobo bakhe.
KUSINCEDA NJANI UKUXOLELWA NGUYEHOVA?
18. Imizekelo eseBhayibhileni isifundise ntoni ngendlela uYehova axolela ngayo? (Jonga nebhokisi ethi “UYehova Usixolela Njani?”)
18 Imizekelo eseBhayibhileni isifundise ntoni ngendlela uYehova axolela ngayo? Xa uYehova exolela izono zethu, iba ngathi khange sizenze, futhi sinokuqiniseka ukuba soze asohlwaye ngenxa yazo kwixesha elizayo. Le nto isenza sibe ngabahlobo bakaTata wethu osezulwini. Kwangaxeshanye, asilibali ukuba ukuxolelwa nyhani sisipho esisifumana ngenxa yokuba uYehova uyasithanda, futhi unobubele kuthi ngoxa sinesono. Akulolungelo abanalo abantu.—Roma 3:24.
19. (a) Yintoni esimele simbulele ngayo uYehova? (Roma 4:8) (b) Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?
19 Funda amaRoma 4:8. Simele simbulele nyhani uYehova ngokuba enguThixo ‘oxolela nyhani.’ (INdu. 130:4) Kodwa ukusixolela kwakhe kuxhomekeke kwinto ebalulekileyo eyathethwa nguYesu. Wathi: “Ukuba anibaxoleli [abantu], noTata wenu akazukunixolela.” (Mat. 6:14, 15) Ngoko kucacile ukuba kufuneka sixolele njengoYehova. Kodwa sinokuyenza njani loo nto? Inqaku elilandelayo liza kusixelela.
INGOMA 46 Enkosi Yehova
a Zininzi iindlela abaxolela ngazo abantu, kodwa igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuxolela’ kule vesi, libonisa ukuba oku kukuxolela kokwenene.