Ungaziphakamisi Njengabantu Beli Hlabathi
UYIPHAWULE into yokuba abantu abaninzi kweli hlabathi bacinga ukuba bamele bafumane amalungelo akhethekileyo, okanye baphathwe ngendlela ebhetele kunabanye? Nokuba zenziwa kangakanani ezo zinto kubo, abaneli. Aba bantu baphakamile, futhi abanambulelo ngezinto abanazo. IBhayibhile yayithe baza kuba njalo ke abantu ngemihla yokugqibela.—2 Tim. 3:2.
Inyaniso kukuba bebesoloko bekhona abantu abaziphakamisileyo. UAdam noEva bakhetha ukuzigqibela ukuba yintoni elungileyo, iyintoni embi, yaza loo nto yasifaka kwiingxaki ezinkulu. Emva kwamakhulu eminyaka, uKumkani u-Uziya wakwaYuda wayecinga ukuba unelungelo lokutshisa isiqhumiso esiqholiweyo etempileni, kodwa wayengenalo tu elo lungelo. (2 Kron. 26:18, 19) Ngendlela efanayo, abaFarisi nabaSadusi babecinga ukuba uThixo umele abaphathe ngendlela ekhethekileyo kuba nje uAbraham wayengukhokho wabo.—Mat. 3:9.
Ekubeni siphila nabantu abaziphakamisayo nabacinga ukuba babhetele kunabanye, nathi sinokosuleleka. (Gal. 5:26) Sinokuqalisa ukucinga ukuba kukho imisebenzi esimele siyifumane entlanganweni, okanye simele siphathwe ngendlela ekhethekileyo. Yintoni enokusinceda singabi njalo? Okokuqala nje, simele siqonde ukuba uYehova uthini ngale nto. Mibini imigaqo yeBhayibhile enokusinceda.
NguYehova ogqibayo ukuba yintoni esifanele siyifumane. Nantsi imizekelo.
-
Entsatsheni, umyeni umele azive ehlonitshwa ngumfazi wakhe, nomfazi azive ethandwa ngumyeni wakhe. (Efe. 5:33) Abantu abatshatileyo bamele bathandane bodwa, bangancwasi abanye abantu. (1 Kor. 7:3) Abazali banelungelo lokuthotyelwa ngabantwana babo, nabantwana bafanele bathandwe baze bakhathalelwe ngabazali babo.—2 Kor. 12:14; Efe. 6:2.
-
Ebandleni, abadala abasebenza nzima sifanele sibahloniphe. (1 Tes. 5:12) Kodwa abanalo ilungelo lokubalawula abazalwana noodade.—1 Pet. 5:2, 3.
-
UThixo unike oorhulumente ilungelo lokufuna irhafu nelokuhlonitshwa ngabantu ababalawulayo.—Roma 13:1, 6, 7.
Ngenxa yokuba uYehova esithanda, zininzi kakhulu izinto asinika zona ezingasifanelanga. Kuba sinesono, inye kuphela into esifaneleyo, kukufa. (Roma 6:23) Kodwa ngenxa yothando lukaYehova olungagungqiyo, zininzi izinto asinika zona. (INdu. 103:10, 11) Imisebenzi esiyenzayo entlanganweni neentsikelelo ezingasifanelanga esizifumanayo, sizifumana ngenxa yobubele bukaThixo.—Roma 12:6-8; Efe. 2:8.
YINTONI ESINOKUYENZA UKUZE SINGAZIPHAKAMISI?
Yilumkele indlela abacinga ngayo abantu beli hlabathi. Singaqondanga, sisenokucinga ukuba simele sifumane izinto ezingaphezu kwezabanye. Ukuze abonise indlela ekunokuba lula ngayo ukucinga njalo, uYesu wenza umzekelo wabasebenzi ababhatalwa idenariyo. Abanye baqala ekuseni, basebenza imini yonke kutshisa; kanti abanye basebenza iyure nje enye. Aba babeqale ekuseni babecinga ukuba bafanele babhatalwe kakhulu, ngenxa yomsebenzi ababewenzile. (Mat. 20:1-16) Kulo mzekelo, uYesu wayebonisa ukuba abalandeli bakhe bamele banele zizinto uThixo abanika zona.
Bulela, ungalindeli ukwenzelwa izinto ngabanye. (1 Tes. 5:18) Linganisa umpostile uPawulos. Yena zange acele abazalwana baseKorinte ukuba bamncede ngezinto azidingayo nangona wayenelungelo lokuyenza loo nto. (1 Kor. 9:11-14) Asimele silindele ukuba abantu baza kusinika izinto esizidingayo, kodwa simele sibabulele ngezo basinika zona.
Thobeka. Umntu ocinga ukuba ubhetele kunabanye udla ngokucinga nokuba ufanele afumane izinto ezingaphezu kwezo anazo. Kanti ukuthobeka kuza kusinceda singacingi ngaloo ndlela iyingozi.
Umntu owayethobekile esinokufunda kuye ngumprofeti uDaniyeli. Wayephuma kwintsapho eyaziwayo, emhle, ekleva futhi enezinto ezininzi awayekwazi ukuzenza. Loo nto yayinokumenza acinge ukuba indlela ekhethekileyo awayephathwa ngayo nemisebenzi awayeyenza yayimfanele. (Dan. 1:3, 4, 19, 20) Kodwa uDaniyeli wahlala ethobekile, futhi loo nto yamenza wathandwa nguYehova.—Dan. 2:30; 10:11, 12.
Masingavumi ukuba neempawu ezixhaphakileyo kubantu beli hlabathi, ukucinga ukuba sibhetele kunabanye nokuziphakamisa. Kodwa masihlale sivuyiswa ziindlela ezingasifanelanga asisikelela ngazo uYehova ngenxa yobubele bakhe.