Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unokuba Nguye Njani Umhlobo Wokwenene?

Unokuba Nguye Njani Umhlobo Wokwenene?

NGABA wawukhe wanengxaki, kwabe kungekho mntu unokukunceda? Siphila ‘kumaxesha ekunzima ukuwanyamezela,’ anokusenza sizive sityhafile futhi sisodwa. (2 Tim. 3:1) Kodwa bakhona abantu abanokusinceda xa sineengxaki. IBhayibhile isibonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuba nabahlobo bokwenene ‘ngamaxesha anzima.’​—IMize. 17:17.

BANOKUSINCEDA NJANI ABAHLOBO BOKWENENE?

Ngoxa wayevalelwe endlini, umpostile uPawulos wancedwa ngabahlobo bakhe abathembekileyo ukuze akwazi ukuwenza wonke umsebenzi wakhe

Umpostile uPawulos wancedwa ngabahlobo awayehamba nabo xa wayengumthunywa wevangeli. (Kol. 4:​7-11) Xa wayevalelwe eRoma, abahlobo bakhe babemenzela imisebenzi awayengakwazi ukuzenzela yona. Ngokomzekelo, uEpafrodito wamthumelela izipho ezazithunyelwe ngabazalwana noodade baseFilipi. (Fil. 4:18) UTikiko wasa iileta ezazibhalwe nguPawulos kumabandla ahlukahlukeneyo. (Kol. 4:7) Abahlobo bakaPawulos bamnceda wakwazi ukuqhubeka nomsebenzi wakhe nangona wayevalelwe endlini okanye eyedwa etrongweni. Unokuba nguye njani wena umhlobo wokwenene?

Nanamhlanje bakhona abazalwana noodade ababonisa ukubaluleka kokuba ngumhlobo wokwenene. Omnye udade wabonisa ukuba ungumhlobo wokwenene womnye uvulindlela oseSpain, uElisabet. Xa kwafunyaniswa ukuba umama wakhe unecancer, lo dade wathumelela uElisabet imiyalezo emininzi ekhuthazayo esuka eBhayibhileni. UElisabet uthi: “Le miyalezo yandinika amandla okujongana nosuku ngalunye ndisazi ukuba andikho ndodwa.”​—IMize. 18:24.

Sinokuqinisa ubuhlobo bethu nabazalwana noodade ngokubanceda kwimisebenzi yebandla. Ngokomzekelo, ngaba ukhona umzalwana okanye udade okhulileyo onokumsa entsimini okanye kwiintlanganiso ngemoto? Xa usenza loo nto ninokutsho nikhuthazane. (Roma 1:12) Akhona ke namaKristu angasakwaziyo ukuphuma emakhayeni awo. Sinokuba ngabo njani abahlobo bokwenene kuwo?

YIBA NGUMHLOBO WOKWENENE KWABO BANGASAPHUMIYO EZINDLINI

Amanye amaKristu aneengxaki zempilo okanye ezinye iimeko eziwenza angakwazi ukuya kwiHolo YoBukumkani. Ngokomzekelo, xa kwafunyaniswa ukuba uDavid unecancer, waba kwichemotherapy iinyanga ezingaphezu kweziyi-6. Ngalo lonke elo xesha yena nomfazi wakhe uLidia babezingena ngevideoconference iintlanganiso.

Abahlobo babo abasebandleni babebakhuthaza njani? Qho emva kweentlanganiso abazalwana noodade abakwiHolo YoBukumkani babeye bazame ukuncokola nabo ngevideoconference. Kanti naxa beye baphendula kwiintlanganiso, babeye babathumelele imiyalezo ekhuthazayo. Loo nto yabanceda batsho bayeka ukuziva bebodwa.

Shumayela nabavakalisi abangasakwaziyo ukuphuma ezindlini

Ngaba singakwazi ukushumayela nabazalwana noodade abangasakwaziyo ukuphuma ezindlini? Sinokuyitshintsha kancinci indlela esisebenza ngayo ukuze sisebenze nabo. Ngaloo ndlela sibonisa ukuba asibalibalanga. (IMize. 3:27) Mhlawumbi unokuzibekela ixesha lokushumayela nabo ngefowuni okanye nibhale iileta. Basenokukwazi nokungena kwintlanganiso yenkonzo yasentsimini ngevideoconference. UDavid noLidia balithanda eli lungiselelo. UDavid uthi, “Ukuba kunye nabazalwana noodade kwintlanganiso yenkonzo yasentsimini naxa kuthandazwa kuye kwasinceda kakhulu.” Kanti ukuba iimeko ziyakuvumela nantsi enye into onokuyenza: Ngamanye amaxesha unokuya kuqhubela isifundo sakho seBhayibhile kwikhaya lomvakalisi ongasakwaziyo ukuphuma endlini.

Xa sisebenza nabavakalisi abangasakwaziyo ukuphuma ezindlini, sitsho sibone iimpawu zabo ezintle size sibathande kakhulu. Ngokomzekelo, xa ushumayela nomnye waba bavakalisi, uze ubone indlela alisebenzisa kakuhle ngayo iLizwi LikaThixo ukuze afikelele intliziyo yomntu, uye umthande nakakhulu. Ukuba unceda abazalwana noodade bakwazi ukushumayela, bangaphoswa naziintlanganiso, uza kutsho ube nabahlobo abaninzi.​—2 Kor. 6:13.

UPawulos wathuthuzelwa kukuba kunye nomhlobo wakhe uTito. (2 Kor. 7:​5-7) Le nto isikhumbuza ukuba asinakubathuthuzela ngokubavela nje qha abavakalisi abadingayo, kodwa sinokubathuthuzela nangokuba kunye nabo, size senze nantoni na esinokukwazi ukuyenza ukuze sibancede.​—1 Yoh. 3:18.

YIBA NGUMHLOBO WOKWENENE XA ABANYE BEPHETHWE KAKUBI

Siye sayibona kubazalwana noodadewethu baseRashiya indlela esinokuncedana ngayo. Khawuve into eyenzeka kuSergey nomfazi wakhe uTatyana. Emva kokuba amapolisa egqogqe ikhaya labo, ahamba nabo aya kubahlohla imibuzo. Aqala akhulula uTatyana wagoduka. USergey uthi: “Wathi efika nje [uTatyana] ekhaya, kwabe kufika omnye udade owayenesibindi. Kweza nabanye abahlobo bethu, basincedisa saqoqosha ikhaya lethu.”

USergey uphinda athi: “Bendisoloko ndiyithanda iMizekeliso 17:17 ethi: ‘Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.’ La mazwi aye ayinyaniso kakhulu kum kweli xesha linzima, xa bendibadinga nyhani abahlobo. UYehova uye wandinika abahlobo abaye aboyika ukundinceda.” a

Njengoko kusiya kusiba nzima, sidinga abahlobo abanokusinceda. Siza kubadinga nakakhulu ngexesha lentlungu engathethekiyo. Ngoko masenze yonke into esinokukwazi ukuyenza ukuze sibe nabahlobo bokwenene khona ngoku.​—1 Pet. 4:​7, 8.