IMBONISELO—EFUNDWAYO Januwari 2018

Le Mboniselo inamanqaku aza kufundwa ngoFebruwari 26 ukuya kuAprili 1, 2018.

BAZINIKELA BENGAQHUTYWA MNTU

Bazinikela Bengaqhutwa Mntu​—⁠EMadagascar

Makhe sikwazise kwabanye abashumayeli abaye bazinikela ukuze bancede ekuxeleleni abantu ngomyalezo ongoBukumkani kwintsimi enkulu yaseMadagascar.

“Unika Odiniweyo Amandla”

Njengoko isiphelo sisondela, silindele ukuba neengxaki ziye zisanda. Umxholo wonyaka ka-2018 usikhumbuza ngokuba kufuneka siwafune kuYehova amandla.

Indlela ISikhumbuzo Esisimanyanisa Ngayo

Zeziphi iindlela iSikhumbuzo esisimanyanisa ngazo njengabantu bakaThixo? Siza kusenza nini iSikhumbuzo sokugqibela?

Kutheni Simpha Izinto UYehova Kodwa Unento Yonke?

Enye indlela esibonisa ngayo ukuba siyamthanda uThixo kukumpha. Sincedakala njani xa sizukisa uYehova ngezinto esinazo?

Simele Sithande Bani Ukuze Sonwabe Nyhani?

Uthando oluvela kuThixo lwahluke njani kolo luchazwe kweyesi-2 kuTimoti 3:2-4? Iimpendulo ziza kusinceda saneliseke nyhani kwaye sonwabe.

Uyawubona Na Umahluko Phakathi Kwelungisa Nongendawo?

Iimpawu esizibona ebantwini kule mihla yokugqibela zahluke njani kwiimpawu abanazo abantu bakaThixo?

Ngaba Ubusazi?

Ngaba amaSirayeli amandulo ayeyisebenzisa imigaqo yoMthetho KaMoses xa exoxa amatyala emihla ngemihla ezinkundleni?