Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela ISikhumbuzo Esisimanyanisa Ngayo

Indlela ISikhumbuzo Esisimanyanisa Ngayo

“Hayi indlela ekulunge nekuthandeka ngayo ukuba abazalwana bahlale ndawonye ngomanyano!”—INDU. 133:1.

IINGOMA: 149, 99

1, 2. Yintoni eza kumanyanisa abantu ngo-2018, ibe ngoba? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

NGOMATSHI 31, 2018, xa kutshona ilanga, abantu bakaThixo kunye nabantu abanomdla baza kuhlanganisana kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Emva kokutshona kwelanga, izigidi zabo ziza kwenza iSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Esi Sikhumbuzo senziwa qho ngonyaka, ibe sesona sihlandlo simanyanisa abantu emhlabeni wonke!

2 Sinokuyicingela indlela uYehova noYesu abavuya ngayo xa bebona abantu abazizigidi beseSikhumbuzweni. IBhayibhile yaprofeta yathi, “isihlwele esikhulu, ekungekho mntu [unokukwazi] ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi,” sasiza kukhwaza sithi: “Usindiso silufumene kuThixo wethu, ohleli etroneni, nakuyo iMvana.” (ISityhi. 7:9, 10) Intle kakhulu into yokuba uYehova noYesu bazukiswe ngale ndlela ngexesha leSikhumbuzo!

3. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

3 Kukho imibuzo ekhe yabuzwa esiza kuyiphendula kweli nqaku. (1) Umntu angasilungiselela njani iSikhumbuzo, kwaye ancedakale kuso? (2) ISikhumbuzo sibamanyanisa njani abantu bakaThixo? (3) Wena, yintoni ongayenza ukuze sihlale simanyene? (4) Ngaba siya kuze senze iSikhumbuzo sokugqibela? Ukuba kunjalo, nini?

INDLELA YOKULUNGISELELA ISIKHUMBUZO

4. Kutheni kubalulekile ukuba sibekho eSikhumbuzweni ukuba kunokwenzeka?

4 Cinga ngendlela ekubaluleke ngayo ukubakho eSikhumbuzweni. Khumbula ukuba, iintlanganiso yinxalenye yonqulo lwethu. Ngokuqinisekileyo uYehova noYesu bayabaqaphela abo benza umzamo ukuze baye kule ntlanganiso ibalulekileyo enyakeni. Nathi ke siyafuna babone ukuba siza kuya eSikhumbuzweni, ngaphandle kokuba siyagula okanye iimeko azisivumeli kwaphela ukuba sibekho. Xa izinto esizenzayo zibonisa ukuba siyazixabisa iintlanganiso, sinika uYehova isizathu sokuba agcine amagama ethu ‘kwincwadi yokukhumbuza,’ okanye ‘kwincwadi yobomi,’ ebhalwe amagama abantu abaza kufumana ubomi obungenasiphelo.—Mal. 3:16; ISityhi. 20:15.

5. Kwiintsuku ezingaphambi kweSikhumbuzo, singazivavanya njani ukuba siselukholweni kusini na?

5 Kwiintsuku ezingaphambi kweSikhumbuzo, simele siziphe ixesha lokuthandaza size sihlole ubuhlobo bethu noYehova. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 13:5.) Singayenza njani loo nto? ‘Ngokuzivavanya enoba siselukholweni kusini na.’ Masizibuze ukuba: ‘Ngaba ndiyikholelwa nyhani into yokuba uYehova usebenzisa le ntlangano yodwa ukuze aphumeze ukuthanda kwakhe? Ngaba ndenza konke okusemandleni am ukuze ndishumayele kwaye ndifundise abantu iindaba ezilungileyo zoBukumkani? Ngaba izinto endizenzayo zibonisa ukuba ndiyikholelwa nyhani into yokuba siphila kwimihla yokugqibela, nokuba uSathana sele eza kuyekiswa ukulawula? Ngaba uYehova noYesu ndisabathembe njengangokuya ndandibhaptizwa?’ (Mat. 24:14; 2 Tim. 3:1; Heb. 3:14) Ukucinga ngeempendulo zale mibuzo kuza kusinceda sizibone eyona nto siyiyo.

6. (a) Yeyiphi ekuphela kwendlela eza kusinika ubomi obungenasiphelo? (b) Omnye umdala usilungiselela njani iSikhumbuzo unyaka nonyaka, ibe ungayenza njani wena loo nto?

6 Funda amanqaku athetha ngokubaluleka kweSikhumbuzo uze ucinge ngendlela ongawasebenzisa ngayo. (Funda uYohane 3:16; 17:3.) Ekuphela kwendlela eza kusinika ubomi obungenasiphelo ‘kukwazi’ uYehova, nokuba ‘nokholo’ kokuphela koNyana amzeleyo, uYesu. Ukuze ulungiselele iSikhumbuzo, kutheni ungakhe uphande izinto eziza kukunceda usondele kuYehova nakuYesu? Masibone into edla ngokwenziwa ngomnye umzalwana ekukudala engumdala. Kule minyaka idluleyo, uye waqokelela amanqaku athetha ngeSikhumbuzo nangendlela uYehova noYesu ababathanda ngayo abantu. Kwiiveki ezingaphambi kweSikhumbuzo uye aphinde awafunde aze acinge ngendlela esibaluleke ngayo. Ngamanye amaxesha, uye awatshintshe, afake amatsha. Lo mdala uye wafumanisa ukuba xa ephinda ewafunda la manqaku naxa ecinga ngofundo lweBhayibhile lweSikhumbuzo, qho ngonyaka uye afunde izinto ezintsha. Eyona nto ibalulekileyo kukuba uya emthanda uYehova noYesu. Xa uphanda ngolu hlobo, nawe uza kutsho umthande kwaye umxabise uYehova noYesu, ibe uza kutsho uncedakale nangeSikhumbuzo.

ISIKHUMBUZO SIYASIMANYANISA

7. (a) UYesu wathandazela ntoni ngobusuku beSidlo SeNkosi Sangokuhlwa sokuqala? (b) Yintoni ebonisa ukuba uYehova uwuphendule umthandazo wakhe?

7 Ngobusuku beSidlo SeNkosi Sangokuhlwa sokuqala, uYesu wathandazela ukuba abalandeli bakhe bamanyane bonke nokuba bahlale beluxabisa olo manyano njengaye noYise. (Funda uYohane 17:20, 21.) Nyhani ke uYehova uwuphendule umthandazo woNyana wakhe, ibe ngoku kukho izigidi zabantu ezikholelwayo ukuba nguYehova owamthumayo. ISikhumbuzo yeyona ntlanganiso ebonisa indlela amanyene ngayo amaNgqina KaYehova. Abantu bazo zonke iintlanga bahlanganisana kunye kuwo wonke umhlaba. Kwezinye iindawo ayenzeki ibe ayithandwa into yokuba abantu bebala elingafaniyo badibane kunye. Kodwa uYehova noYesu bavuya kakhulu xa bebona abantu bemanyene ngolu hlobo!

8. UYehova wathini kuHezekile ngokumanyana kwabantu bakhe?

8 Thina bantu bakaYehova ayisothusi into yokuba simanyane kangaka. Kaloku uYehova wayiprofeta le nto. Cinga ngomyalezo awawuxelela umprofeti uHezekile ngokudityaniswa kweenduku ezimbini, “ekaYuda” ‘nekaYosefu.’ (Funda uHezekile 37:15-17.) Inqaku elithi “Imibuzo Evela KubafundileMboniselo kaJulayi 2016 lathi: “UYehova wathembisa uHezekile ukuba uza kusimanyanisa isizwe sakwaSirayeli emva kokubuyiselwa kwaso kwiLizwe Lesithembiso. Eso sithembiso sikwabhekisela nasekumanyanisweni kwabantu bakaThixo ebudeni bemihla yokugqibela.”

9. Ibonakala njani into yokuba siyazaliseka isiprofeto sikaHezekile nyaka ngamnye xa siseSikhumbuzweni?

9 Ukususela ngo-1919, uYehova uye waqokelela waza wamanyanisa abathanjiswa kwakhona, abamelwa yinduku ‘kaYuda.’ Emva koko, abantu abanethemba lokuphila emhlabeni, abamelwa yinduku ‘kaYosefu,’ badityaniswa nabathanjiswa, aza omabini la maqela aba ‘ngumhlambi omnye.’ (Yoh. 10:16; Zek. 8:23) UYehova wathembisa ukuba uza kuzidibanisa ezi nduku zimbini zibe yinduku enye esandleni sakhe. (Hez. 37:19) Ngoko omabini la maqela amanyene ibe aphantsi koKumkani omnye—uYesu Kristu, ekwaprofetwa ngaye kwathiwa, ‘ngumkhonzi kaThixo uDavide.’ (Hez. 37:24, 25) Njengoko wayetshilo uHezekile, siyibona nyaka ngamnye indlela intsalela yabathanjiswa emanyene ngayo “nezinye izimvu,” kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu! Yintoni onokuyenza wena ukuze ubangele ukuba sihlale simanyene?

NAZI IZINTO ESINOKUZENZA UKUZE SIHLALE SIMANYENE

10. Singenza njani ukuze bamanyane abantu bakaThixo?

10 Eyokuqala indlela esinokubamanyanisa ngayo abantu bakaThixo kukuba sithobeke. Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathobeke. (Mat. 23:12) Ukuba sithobeke nyhani, siza kuwubaleka umoya wehlabathi wokuziphakamisa. Siza kuzithoba kwabo bakhokelayo, ibe loo nto ibalulekile ukuze ibandla limanyane. Eyona nto ibalulekileyo kukuba siza kuvuyisa uThixo kuba “ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.”—1 Pet. 5:5.

11. Ukucinga ngento ethethwa yiwayini nesonka kusinceda njani simanyane?

11 Eyesibini indlela esinokubamanyanisa ngayo abantu bakaThixo kukucinga ngento emelwa yiwayini nesonka eSikhumbuzweni. Ngaphambi nasebudeni bobu busuku bukhethekileyo, cinga ngendlela isonka esingenagwele newayini ebomvu ezibaluleke ngayo. (1 Kor. 11:23-25) Isonka simela umzimba kaYesu ongenasono, kanti iwayini imela igazi lakhe elaphalalayo. Kodwa ke, asimele siphelele nje ekwazini iinkcukacha zewayini nezesonka. Khumbula ukuba intlawulelo kaKristu ibonisa ukuba sithandwa ngabantu ababini. Owokuqala nguYehova osithande ngokusinika unyana wakhe ukuba asifele. Owesibini nguYesu ngokuvuma ukunikela ngobomi bakhe ngenxa yethu. Ukucinga ngendlela abasithanda ngayo kumele kusenze nathi sibathande. Thina nabazalwana bethu simanyaniswa kukuthanda uYehova, ibe olo thando lufana nentambo esidibanisayo nesenza simanyane nangakumbi.

Xa sixolela abazalwana sidala umanyano (Jonga isiqendu 12, 13)

12. Kumzekeliso wokumkani owayegqogqa amatyala akhe, uYesu wayicacisa njani into yokuba uYehova ulindele ukuba sixolele?

12 Enye indlela esinokubamanyanisa ngayo abantu bakaThixo kukubaxolela ngesisa abazalwana xa besonile. Xa sibaxolela, sibonisa ukuba siyayixabisa into yokuba uYehova esixolela izono zethu ngentlawulelo kaKristu. Funda uze ucinge ngomzekeliso kaYesu okuMateyu 18:23-34. Zibuze: ‘Ngaba ndiyafuna ukuyenza le nto uYesu andifundisa yona? Ngaba ndinomonde kwaye ndiyabophulela abazalwana bam? Ngaba kulula ukubaxolela abazalwana xa bone mna?’ Xa sithetha inyani, izono azilingani, ibe ezinye kunzima ukuba sizixolele thina bantu. Kodwa lo mzekeliso usifundisa into uYehova alindele ukuba siyenze. (Funda uMateyu 18:35.) UYesu uyenza icace into yokuba uYehova soze asixolele ukuba asibaxoleli abazalwana bethu xa kukho isizathu sokubaxolela. Masilumke ke bazalwana! Xa sibaxolela abazalwana ngendlela uYesu awathi sibaxolele ngayo, siyalukhusela kwaye siyalugcina umanyano lwethu.

13. Ukudala uxolo kusenza njani simanyane?

13 Xa sibaxolela abantu, sidala uxolo. Khumbula ukuba umpostile uPawulos wathi simele sizame nyhani “ukugcina ubunye bomoya kumxokelelwane omanyanisayo woxolo.” (Efe. 4:3) Ngexesha leSikhumbuzo, ingakumbi ngobo busuku bukhethekileyo, khawuyicinge kakuhle indlela obaphatha ngayo abantu. Zibuze: ‘Ngaba wonke umntu uyayibona into yokuba andingomntu wasixhiba? Ngaba abantu bandazi ndingumntu odala uxolo nomanyano?’ Kubalulekile ukuba uzibuze le mibuzo ngeli xesha lonyaka.

14. Yintoni ebonisa ukuba ‘sinyamezelana ngothando’?

14 Eyesine indlela esibamanyanisa ngayo abazalwana kukubathanda njengoYehova, uThixo wothando. (1 Yoh. 4:8) Ungaze uthi ngomzalwana wakho, “Ndiza kumthanda yena kuba ndinyanzelekile, kodwa mna andimginyi tu”! Xa ucinga ngolo hlobo awulamkeli icebiso likaPawulos elithi simele ‘sinyamezelane ngothando.’ (Efe. 4:2) Qaphela ukuba akathi ‘sinyamezelane’ qha. Uthi masiyenze loo nto “ngothando.” Ukhona umahluko apha. Emabandleni ethu kukho zonke iintlobo zabantu, ibe batsalwe nguYehova. (Yoh. 6:44) Imele ukuba ikho into ayithandileyo kubo, kuba naku ebatsalile. Ngoko, ngubani apha kuthi onokuthi umzalwana wakhe akathandeki? UYehova ukuyalela ukuba ubathande abantu, yenza njalo ke.—1 Yoh. 4:20, 21.

SIZA KUBA NINI ISIKHUMBUZO SOKUGQIBELA?

15. Sazi njani ukuba siza kubakho iSikhumbuzo sokugqibela?

15 Ngenye imini siza kusigqibelisa iSikhumbuzo. Sazi njani? Kwincwadi yokuqala yabaseKorinte, uPawulos wabhalela amaKristu athanjisiweyo esithi xa ekhumbula ukufa kukaYesu nyaka ngamnye, ‘ahlala ebhengeza ukufa kweNkosi, ide ifike.’ (1 Kor. 11:26) Eli gama lithi “ifike” kule vesi lithetha into enye ‘nokuza’ kukaYesu ekuthethwa ngako kwisiprofeto sakhe sexesha lesiphelo. UYesu wathi ngembandezelo enkulu ezayo: “Umqondiso woNyana womntu [uya kubonakala] ezulwini, zandule zonke izizwe zomhlaba zizimbambazele zisenza isijwili, yaye ziya kumbona uNyana womntu esiza esemafini ezulu enamandla nobuqaqawuli obukhulu. Yaye [uYesu] uya kuthumela iingelosi zakhe zinesandi esikhulu sexilongo, zihlanganisele ndawonye abo banyuliweyo bakhe bevela koomoya abane, ukusuka kwesinye isiphelo samazulu ukusa kwesinye isiphelo sawo.” (Mat. 24:29-31) Xa kuthethwa ‘ngokuhlanganiswa kwabanyuliweyo’ kuthethwa ngexesha amaKristu athanjisiweyo asesemhlabeni aza kufumana ngalo umvuzo wawo wasezulwini. Aza kuwufumana emva kokuba kuqalise imbandezelo enkulu kodwa ngaphambi kokuba kuqalise iArmagedon. Emva koko, bonke abayi-144 000 baza kuncedisa uYesu ekoyiseni ookumkani bomhlaba. (ISityhi. 17:12-14) ISikhumbuzo esenziwa ngaphambi kokuhlanganiswa kwabathanjiswa siza kuba sesokugqibela, kuba uYesu uza kube sele ‘efikile.’

16. Kutheni uzimisele ukubakho kwiSikhumbuzo salo nyaka?

16 Ngamana singancedakala kwiSikhumbuzo esiza kuba ngoMatshi 31, 2018. Masimcele uYehova asincede siqhubeke sisiba nento esiyenzayo ukuze simanyanise abantu bakhe. (Funda iNdumiso 133:1.) Khumbula ukuba ngenye imini siza kusigqibelisa iSikhumbuzo. Okwangoku, masenze konke okusemandleni ethu ukuze sibekho, ibe sihlale siyixabisa into yokuba simanyana eSikhumbuzweni.