Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Simpha Izinto UYehova Kodwa Unento Yonke?

Kutheni Simpha Izinto UYehova Kodwa Unento Yonke?

“Thixo wethu, siyakubulela, silidumisa igama lakho elihle.”—1 KRON. 29:13.

IINGOMA: 95, 58

1, 2. UYehova uzisebenzisa njani izinto zakhe?

UYEHOVA nguThixo ophayo. Yonke into esinayo siyiphiwe nguye. Yonke igolide, isilivere nezinye izinto eziveliswa ngumhlaba zezakhe, ibe uzisebenzisa ukuze abantu, izilwanyana nezityalo ziqhubeke ziphila. (INdu. 104:13-15; Hag. 2:8) Zininzi iindawo eBhayibhileni apho sibona khona indlela uYehova aye wasebenzisa ngayo izinto zakhe ukuze alungiselele abantu bakhe.

2 Kangangeminyaka eyi-40, uYehova wanika amaSirayeli imana namanzi ngoxa ayesentlango. (Eks. 16:35) Ngenxa yoko, ‘awazange aswele nto.’ (Neh. 9:20, 21) Esebenzisa umprofeti uElisha, uYehova wenza ummangaliso wokuba intwana yeoli yomhlolokazi owayengumkhonzi wakhe ibe ninzi. Le nto wayenzelwa nguThixo yamnceda wakwazi ukubhatala amatyala akhe waza wanemali eyaneleyo ukuze yena noonyana bakhe baqhubeke bephila. (2 Kum. 4:1-7) UYehova wanceda uYesu wenza imimangaliso yokondla abantu, wade wabanika nemali xa kwakuyimfuneko.—Mat. 15:35-38; 17:27

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 UYehova akukho nto ashota ngayo ukuze axhase indalo yakhe esemhlabeni. Sekunjalo, ufuna abakhonzi bakhe baxhase umsebenzi owenziwa yintlangano yakhe ngezinto zabo zexabiso. (Eks. 36:3-7; funda iMizekeliso 3:9.) Kutheni uYehova efuna simphe izinto zethu zexabiso? Abakhonzi bakhe bakudala bawuxhasa njani ngemali umsebenzi owawusenziwa ngabameli bakhe? Intlangano iyisebenzisa njani ngoku iminikelo eyifumanayo? Siza kuphendula le mibuzo kweli nqaku.

KUTHENI SIMPHA IZINTO UYEHOVA?

4. Yintoni esibangela siwuxhase umsebenzi kaYehova?

4 Simpha izinto kuba simthanda kwaye simxabisa. Sivele sixakwe nokuba masithini xa sicinga ngezinto uYehova asenzele zona. Xa uKumkani uDavide wayethetha ngezinto ezaziza kufuneka xa kusakhiwa itempile, wathi yonke into esinayo siyiphiwe nguYehova, nantoni na esimpha yona besiyifumene kuye kwasekuqaleni.—Funda eyoku-1 yeziKronike 29:11-14.

5. IZibhalo zibonisa njani ukuba ukunikela ungajonganga nto yindlela ebalulekileyo esimnqula ngayo uYehova?

5 Ukupha uYehova yenye indlela esimnqula ngayo. Embonweni umpostile uYohane weva abakhonzi bakaYehova abasezulwini besithi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” (ISityhi. 4:11) Awuvumi wena ukuba uYehova ufanelwe lulo lonke uzuko nembeko ngokuthi simnike ezona zinto zintle sinazo? Esebenzisa uMoses, uYehova wathi uhlanga lwamaSirayeli lwalufanele luye kwimithendeleko emithathu eyayibakho qho ngonyaka. Phakathi kwezinto ekwakufuneka lungazenzi yayikukuya lungaphethanga nto emthendelekweni. (Dut. 16:16) Nanamhlanje ke, enye indlela ebalulekileyo esimnqula ngayo uYehova kukunikela, kungekho nto siyijongileyo, kodwa kuba sixabisa kwaye sixhasa umsebenzi owenziwa yinxalenye esemhlabeni yentlangano yakhe.

6. Kutheni kusinceda ukupha? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

6 Ukupha kuyasinceda. Kuhle ukuba ukhe uphe ungasoloko ukhongozela. (Funda iMizekeliso 29:21.) Masenze umzekelo ngomntwana othengele abazali bakhe isipho ngemali yakhe ayiphiwe ngabo. Abazali bakhe basixabisa nyhani eso sipho! Umntwana onguvulindlela osahlala ekhaya, unokunika abazali imali ukuze ancedise. Nangona abazali besenokuba abayilindelanga loo nto, bayasithatha eso sipho kuba yindlela umntwana ababulela ngayo ngazo zonke izinto abamenzele zona. NoYehova ke uyazi ukuba ukupha kuyasinceda.

IBHAYIBHILE ITHI KWAKUNIKELWA KUDALA

7, 8. Abantu bakaYehova basibonisa njani ukuba kufuneka sinikele ukuze kwenziwe (a) imisebenzi ekhethekileyo? (b) neminye imisebenzi eqhelekileyo?

7 IBhayibhile iyathetha ngokunikela kwabantu ngezinto ababe nazo. Ngamanye amaxesha, abantu bakaYehova babenikela ukuze kwenziwe imisebenzi ekhethekileyo. Ngokomzekelo, uMoses wathi makunikelwe ukuze kwakhiwe umnquba, kanti noKumkani uDavide wathi makunikelwe ukuze kwakhiwe itempile. (Eks. 35:5; 1 Kron. 29:5-9) Ngexesha likaKumkani uYehowashe, ababingeleli basebenzisa imali yomnikelo ukuze balungise indlu kaYehova. (2 Kum. 12:4, 5) Ngexesha labapostile, xa abazalwana bachazelwa ukuba kukho abazalwana abaswele ukutya, “bazimisela, ngamnye kubo kangangoko wayenako, ukuthumela ulungiselelo lwamancedo kubazalwana ababehlala kwelakwaYuda.”—IZe. 11:27-30.

8 Ngamanye amaxesha, abantu bakaYehova babebaxhasa ngemali abo bakhokelayo emsebenzini. KuMthetho KaMoses, abaLevi babengafumani lifa njengezinye izizwe. Kunoko, amaSirayeli ayebanika isishumi ukuze bajonge umsebenzi ababewenza emnqubeni. (Num. 18:21) Kamva, noYesu nabapostile bakhe bancedwa ngamabhinqa ‘awayebalungiselela ngempahla yawo.’—Luka 8:1-3.

9. AmaKristu akudala ayenikela njani?

9 Abantu babenikela ngemali abayifumene ngeendlela ezingafaniyo. Xa amaSirayeli anikela ukuze kwakhiwe umnquba entlango, kusenokwenzeka ukuba anikela nangezinto awayezifumene eYiputa. (Eks. 3:21, 22; 35:22-24) Ngexesha labapostile, amanye amaKristu athengisa izinto awayenazo, njengamasimi okanye izindlu, aza imali ayinika abapostile. Abapostile babeyinika abantu abayidingayo. (IZe. 4:34, 35) Abanye babenikela qho ukuze baxhase umsebenzi. (1 Kor. 16:2) Ngoko wonk’ umntu, osisityebi nolihlwempu, wayenikela.—Luka 21:1-4.

KUYANIKELWA NANAMHLANJE

10, 11. (a) Yintoni esinokuyenza ukuze sifane nabakhonzi bakaThixo bakudala? (b) Ucinga ntoni ngenyhweba onayo yokunikela ukuze uxhase umsebenzi owenziwa nguYehova kule mihla yokugqibela?

10 Nathi sinokucelwa ukuba sinikele ukuze kwenziwe into ethile. Ngokomzekelo, ngaba ibandla lakho liza kwakhelwa iHolo YoBukumkani? Okanye ngaba iHolo yenu iyalungiswa? Sisenokuxelelwa ukuba kudingwa imali ukuze kulungiswe iofisi yesebe, kwenziwe amalungiselelo endibano, okanye ukuze kuncedwe abazalwana abehlelwe yintlekele. Kwakhona sinikela ukuze kuxhaswe abazalwana noodade abasebenza kwikomkhulu nakwiiofisi zamasebe ezisemhlabeni wonke. Iminikelo ikwaxhasa abathunywa bevangeli, oovulindlela abakhethekileyo nabaveleli beziphaluka. Siqinisekile ukuba nelakho ibandla lenze isindululo sokuxhasa ngemali ukwakhiwa kweeHolo Zendibano nezoBukumkani, ibe loo nto inceda abazalwana emhlabeni wonke.

11 Sonke singanikela ukuze sixhase umsebenzi owenziwa nguYehova kule mihla yokugqibela. Iminikelo emininzi asiyazi ukuba ivela koobani. Iminikelo yethu asiyibonisi mntu, siyifaka ezibhokisini kwiiHolo ZoBukumkani okanye sinikele ngeintanethi ku-jw.org. Mhlawumbi ucinga ukuba umnikelo wakho awubonakali kuba umncinci. Eyona minikelo mininzi siyifumana kubantu abakhupha loo ntwana banayo, kunevela kwabambalwa abanikela ngemali eninzi. Abanye abazalwana bethu abathath’ intweni, bafana nabantu baseMakedoni abathi nangona betsala nzima, babacenga abazalwana becela inyhweba yokunikela, ibe banikela kakhulu.—2 Kor. 8:1-4.

12. Intlangano yenza ntoni ukuze iqinisekise ukuba imali isetyenziswa ngendlela?

12 IQumrhu Elilawulayo kuba lithembekile kwaye liyingqondi, liyathandaza ngaphambi kokuba ligqibe ngendlela emayisetyenziswe ngayo imali yentlangano. (Mat. 24:45) Kuye kugqitywe ngendlela eza kusetyenziswa ngayo iminikelo, ize isetyenziswe ngaloo ndlela. (Luka 14:28) Kudala, amadoda aphathiswe imali ayelandela imiyalelo yendlela yokuyiphatha, ukuze aqiniseke ukuba isetyenziselwa injongo yayo. Ngokomzekelo, uEzra wabuyela eYerusalem ephethe iminikelo eyayivela kukumkani wasePersi, igolide, isilivere nezinye izinto ebezinokuxabisa ngaphezu kweerandi eziyi-1,3 bhiliyoni ngoku. KuEzra ezo zinto zazinikelwe kuYehova, ibe wabeka imiyalelo yokuzikhusela njengoko kwakuhanjwa nazo kwiindawo eziyingozi. (Ezra 8:24-34) Umpostile uPawulos waqokelela iminikelo ukuze kuncedwe abazalwana ababekwelakwaYuda. Waqinisekisa ukuba abo basa loo minikelo yonke into bayenza ‘ngokunyaniseka, kungekuphela nje emehlweni kaYehova, kodwa kwanasemehlweni abantu.’ (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 8:18-21.) Namhlanje intlangano yenza njengoEzra noPawulos, inemiyalelo yokuphatha nokusebenzisa imali ekufuneka ilandelwe nakanjani.

13. Uthini ngezinto eziye zatshintshwa yintlangano mvanje?

13 Intsapho isenokuba nezinto ezitshintshayo ukuze imali eyisebenzisayo ingabi ngaphezulu kunemali eyifumanayo, okanye itshintshe indlela ephila ngayo ukuze icuthe iindleko, ize iphe uYehova. Yenza loo nto ke nentlangano kaYehova. Kutshanje kuye kwenziwa imisebenzi emininzi ebangel’ umdla. Ngamanye amaxesha, loo nto iye yabangela ukuba sisebenzise imali eninzi kunaleyo ingenayo. Ngoko, intlangano ikhangela iindlela zokucutha iindleko nezokutshintsha indlela ekusetyenzwa ngayo ukuze yongiwe iminikelo yenu.

IYANCEDA IMINIKELO YAKHO

Umnikelo wakho uxhasa umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke (Jonga isiqendu 14-16)

14-16. (a) Kuye kwenziwa ntoni ngemali onikela ngayo? (b) Zikuncede njani wena izinto eziye zenziwa?

14 Abantu abaninzi ekukudala bekhonza uYehova bathi intlangano ayikaze ngaphambili ibe nezinto ezininzi kangaka eziqinisa ukholo. Khawucinge ngezinye zazo! Mvanje kuye kwabakho u-jw.org ne-JW Broadcasting. INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ifumaneka ngeelwimi ezininzi kunangaphambili. Ngo-2014 nango-2015, emhlabeni wonke kuye kwaqhutywa iiNdibano Zezizwe Ngezizwe ezithi, “Qhubeka Ufuna Kuqala UBukumkani BukaThixo!” kumabala amakhulu akwizixeko eziyi-14. Wonk’ umntu obelapho ebevuya.

15 Baninzi abazalwana abathi bayazixabisa ezi zinto bazilungiselelwe yintlangano kaYehova. Ngokomzekelo omnye umzalwana nenkosikazi yakhe abakhonza kwilizwe eliseAsia babhala bathi nge-JW Broadcasting: “Sikhonza kwisixeko esincinci. Ngenxa yaloo nto iba ngathi sisodwa, kwaye siyalibala ukuba inkulu kangakanani intlangano kaYehova. Kodwa sithi sakubukela iinkqubo ze-JW Broadcasting sikhumbule ukuba sinabazalwana emhlabeni wonke. Abazalwana noodade balapha bayithanda kakhulu i-JW Broadcasting. Xa begqib’ ukubukela inkqubo yenyanga badla ngokuthi baziva besondele kumalungu eQumrhu Elilawulayo. Ngoku bayazidla ngokuba sentlanganweni kaThixo.”

16 Sithethanje, kukho iiHolo ZoBukumkani eziphantse zibe yi-2 500 ezakhiwayo okanye ezilungiswayo emhlabeni wonke. Emva kokufumana iHolo YoBukumkani, abazalwana noodade belinye ibandla babhala bathi: “Sivuya nyhani kuba sikwintlangano kaYehova ibe sinabazalwana emhlabeni wonke. Intlangano nabazalwana basincedile satsho saneHolo YoBukumkani.” Nabanye abazalwana bayayixabisa into yokufumana iBhayibhile nezinye izinto eziguqulelwe kulwimi lwabo, ukuncedwa emva kokuba behlelwe yintlekele nokubona indlela ekuphumelela ngayo ukushumayela kwiindawo zikawonke-wonke ngeetroli okanye iitafile.

17. Indlela intlangano esebenza ngayo ibonisa njani ukuba sixhaswa nguYehova?

17 Abantu abaninzi abangengomaNgqina abayikholelwa into yokuba senza umsebenzi ongaka ngeminikelo qha. Emva kokubuka isakhiwo esiprintela kuso, umphathi wenye inkampani enkulu wothuka akuva ukuba umsebenzi omninzi wenziwa ngamavolontiya ngeminikelo, akuthengiswa kwaye akuzanywa zindlela zokuqokelela mali. Wathi bekumele ukuba asikwazi ukuyenza loo nto. Unyanisile! Sikwazi kuba sixhaswa nguYehova.—Yobhi 42:2.

UYEHOVA UYASISIKELELA XA SINIKELA

18. (a) Zeziphi iintsikelelo esizifumanayo xa sixhasa uBukumkani? (b) Sinokubafundisa njani ukunikela abantwana bethu nabantu abatsha enyanisweni?

18 UYehova usenza abantu ngokusinika inyhweba yokuxhasa owona msebenzi mkhulu wenziwayo namhlanje. Usiqinisekisa ngokusisikelela xa sixhasa uBukumkani. (Mal. 3:10) UYehova usithembisa ukuba xa sinikela siya kuphumelela. (Funda iMizekeliso 11:24, 25.) Ukupha kuyasivuyisa, kuba iBhayibhile ithi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZe. 20:35) Singabaxelela kwaye sibabonise abantwana bethu nabantu abatsha enyanisweni indlela abamele banikele ngayo nendlela uYehova aza kubasikelela ngayo.

19. Likukhuthaze njani eli nqaku?

19 Yonk’ into esinayo siyifumene kuYehova. Xa simpha zona sibonisa ukuba siyamthanda kwaye siyayixabisa yonke into asenzele yona. (1 Kron. 29:17) Xa abantu babenikela ukuze kwakhiwe itempile “baba nemihlali ngokwenza umnikelo wokuzithandela kuYehova,” kuba babenikele ngeentliziyo ezipheleleyo kuYehova. (1 Kron. 29:9) Ngamana singaqhubeka sivuyiswa kukupha uYehova izinto ebesizifumene kuye kwasekuqaleni.