Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Unika Odiniweyo Amandla”

“Unika Odiniweyo Amandla”

Umxholo wonyaka ka-2018: Thembela ngoYehova, ube namandla kwakhona.—ISA. 40:31.

IINGOMA: 152, 67

1. Zeziphi iingxaki esiba nazo, kodwa yintoni emvuyisayo uYehova ngabakhonzi bakhe abathembekileyo? (Jonga imifanekiso esekuqaleni.)

NJENGOKUBA sisazi, ubomi bunzima kule mihla. Abaninzi kuni bazalwana noodade banyamezele izigulo ezibuhlungu. Abanye benu nangona iminyaka sele ihambile, kufuneka bahoye abazali abalupheleyo. Abanye bona bawa bevuka bezama izinto eziyimfuneko. Ibe siyazi ukuba kwabanye ezi ngxaki zifika ngaxeshanye! Ezi ngxaki zifuna ixesha kwaye ziyasiqoba nasemphefumlweni, asisathethi ke ngemali eziyifunayo. Kodwa ke, into entle ngani kukuba anizithandabuzi nakancinci izithembiso zikaThixo; niqinisekile ukuba ikamva lenu lihle. Nimvuyisa nyhani uYehova!

2. UIsaya 40:29 usikhuthaza njani, kodwa yeyiphi impazamo esinokuyenza?

2 Kodwa ngaba ngamanye amaxesha uye uzive usoyisakala ziingxaki zobomi? Ukuba kunjalo, awuwedwa. IBhayibhile isibonisa ukuba nabakhonzi abathembekileyo bamandulo babekhe baziva besoyisakala. (1 Kum. 19:4; Yobhi 7:7) Kodwa ke, kunokuba banikezele, bajonga kuYehova ukuba abanike amandla. Akazange abaphoxe, kuba uThixo wethu “unika odiniweyo amandla.” (Isa. 40:29) Okubuhlungu kukuba, abanye abantu bakaThixo namhlanje baye bagqiba ukuba bakhe ‘beme kancinci ngenyaniso’ ngenxa yeengxaki zobomi, ngokungathi ukuba ngumKristu kungumthwalo, akuyontsikelelo. Ngoko baye bayeka ukufunda iLizwi LikaThixo, ukuza kwiintlanganiso nokuya entsimini, kanye le nto ifunwa nguSathana.

3. (a) Singenza njani ukuze simdanise uSathana? (b) Siza kufunda ngantoni kweli nqaku?

3 UMtyholi wazi kakuhle ukuba xa sixakeke zizinto zebandla siyomelela, ibe akayifuni loo nto. Xa uziva ungenamandla kwaye uphantsi, ungamshiyi uYehova. Yiba ngathi uyasondela kuye, kuba ‘uya kukuniqinisa, uya kukomeleza.’ (1 Pet. 5:10; Yak. 4:8) Kweli nqaku siza kufunda ngeengxaki ezimbini ezinokusenza sityhafe ekukhonzeni uThixo nangendlela iBhayibhile engasinceda ngayo sinyamezele. Kodwa masiqale sibone apha kuIsaya 40:26-31 indlela uYehova asinika ngayo amandla.

THEMBELA NGOYEHOVA, UBE NAMANDLA KWAKHONA

4. Sifunda ntoni kuIsaya 40:26?

4 Funda uIsaya 40:26. Akukho mntu ukwaziyo ukuzibala zonke iinkwenkwezi. Izazi zithi lo mnyele sikuwo, uwodwa nje uneenkwenkwezi ezingaphezu kwe-400 bhiliyoni. Sekunjalo, uYehova yena unike inkwenkwezi nganye igama. Sifunda ntoni kuloo nto? Xa uYehova ezikhathalele kangaka izidalwa zakhe ezingaphiliyo, inoba uziva njani ke ngawe mkhonzi wakhe, omnqula kuba umthanda, hayi kuba unyanzelekile? (INdu. 19:1, 3, 14) UBawo wethu ukwazi kakuhle. ‘Kwaneenwele ezi zentloko yakho uzibale zonke.’ (Mat. 10:30) Umdumisi uyasiqinisekisa ukuba uYehova uyazazi izinto abazinyamezeleyo abamsulwa. (INdu. 37:18) UYehova uyazibona iingxaki onazo ibe uza kukunika amandla okuba uzinyamezele.

5. Yintoni esenza siqiniseke ukuba uYehova angasinika amandla okunyamezela?

5 Funda uIsaya 40:28. UYehova ungumthombo wamandla amakhulu. Ngokomzekelo, ubangele ukuba ilanga libe namandla. UDavid Bodanis, obhala ngesayensi, uchaza ukuba amandla aveliswa lilanga ngomzuzwana, alingana neebhombu eziziibhiliyoni. Omnye umphandi uthi, ilanga “sithethanje livelisa . . . ngomzuzwana nje omnye amandla anokujongana neemfuno zabantu iminyaka eyi-200 000”! Ngaba ukhona kuthi othandabuzayo ukuba uMntu “obasa” ilanga angoyiswa kukusinika amandla ukuze sikwazi ukunyamezela?

6. Sitsho njani ukuba idyokhwe kaYesu imnandi, ibe kusinceda njani ukuyazi loo nto?

6 Funda uIsaya 40:29. Kuvuyisa kakhulu ukukhonza uYehova. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Thabathani idyokhwe yam.” Waphinda wathi: “Niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.” (Mat. 11:28-30) Ayinyaniso loo mazwi! Ngamanye amaxesha siphuma sidiniwe emakhayeni ethu xa sisiya ezintlanganisweni nasentsimini. Kodwa uye uzive njani xa ubuya? Ubuya uhlaziyekile, ukulungele ukujongana neengxaki zobomi. Idyokhwe kaYesu imnandi nyhani!

7. Khawubalise amava abonisa ukuba uMateyu 11:28-30 unyanisile.

7 Udade esiza kumbiza ngokuba nguKayla unesifo sokuhlala ediniwe, usoloko enxunguphele, ibe unamaxesha okuqaqanjelwa yintloko. Ngamanye amaxesha kuye kube nzima ukuya kwiintlanganiso. Kodwa ke, ngenye imini wazicenga waya kwiintlanganiso, ibe emva koko wabhala wathi: “Intetho ibithetha ngokudimazeka. Umzalwana obeyinikela ebenovelwano kwaye exhalabile kangangokuba ziye zathi chiphi-chiphi iinyembezi kum. Ndatsho ndakhumbula ukuba ndimele ndingaphoswa ziintlanganiso.” Akazange azisole ngokuzicenga aye kwezo ntlanganiso!

8, 9. Wayethetha ukuthini uPawulos xa esithi: “Xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla”?

8 Funda uIsaya 40:30. Nokuba sele sinobuchule kangakanani, zikho izinto esingenakukwazi ukuzenza ngamandla ethu. Yinto ekufuneka siyazi sonke leyo. Nangona umpostile uPawulos wayeyindoda enobuchule, kukho izinto ezazimbangela angakwazi ukwenza izinto afuna ukuzenza. Xa waxelela uThixo ngale nto, kwathiwa kuye: “Amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.” UPawulos wayifumana ingongoma. Ekugqibeleni wathi: “Xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.” (2 Kor. 12:7-10) Wayethetha ukuthini?

9 UPawulos waqonda ukuba akukho nto ingako anako ukuyenza ngaphandle kwamandla asuka kophezulu. Umoya oyingcwele wamnika amandla awadingayo. Awuzange uphelele apho, wamenza wakwazi nokwenza imisebenzi awayengenakukwazi ukuyenza ngawakhe amandla. Kunjalo ke nakuthi. Ukuba amandla esinawo asuka kuYehova, siza komelela nyhani!

10. UYehova wamnceda njani uDavide ukuba anyamezele iingxaki awayenazo?

10 Umdumisi uDavide wayedla ngokuncedwa ngumoya kaThixo. Wathi xa ecula: “Ngawe ndinokuwahlangabeza amatutu; yaye ngoThixo wam ndinokulunyuka udonga.” (INdu. 18:29) Zikho iindonga, okanye iingxaki, esingenakukwazi ukuzinyuka ngamandla ethu; sidinga amandla kaYehova.

11. Khawuchaze indlela umoya oyingcwele osinceda ngayo sinyamezele iingxaki esinazo.

11 Funda uIsaya 40:31. Ukhozi alunyuki luze lubhabhe umgama omde lusebenzisa amandla alo odwa. Luncedwa ngumoya oshushu ukuze lunyuke, luze luqhubeke lunamandla. Ngoko xa uneengxaki ezingaphaya kwamandla akho, cinga ngalo. Cela uYehova “akunyuse” esebenzisa “umncedi, umoya oyingcwele.” (Yoh. 14:26) Into emnandi kukuba uYehova angasinika wona nanini na. Ibe siwudinga nyhani xa sixabene nomntu ebandleni. Kodwa kutheni sikhe singavani nje emabandleni?

12, 13. (a) Kutheni amaKristu ekhe angevani? (b) Into eyenzeka kuYosefu isifundisa ntoni ngoYehova?

12 Into esenza singavani ngamanye amaxesha kukuba singabantu, ngoko siyazenza iimpazamo. Akho amaxesha apho siza kucatshukiswa zizinto ezithethwa nezenziwa ngabazalwana noodadewethu, phofu sibe nathi sibacaphukisa. Isenokusivavanya kakhulu le nto. Kodwa njengokuba uYehova esenza nakwezinye iimvavanyo, uyakuvumela nako ukungavani ukuze sibonise ukuba sinamathele kuye ngokuthi sifunde ukusebenzisana nabazalwana noodadewethu abathandayo, nangona besenza iimpazamo.

UYehova akazange amlahle uYosefu; nawe soze akulahle (Jonga isiqendu 13)

13 Into yokuba uYehova uyabavumela abakhonzi bakhe bavavanywe siyibona kuYosefu. Esengumfana, wathengiswa ngabantakwabo waba likhoboka waza wasiwa eYiputa. (Gen. 37:28) UYehova wayeyibona yonke le nto yayisenzeka kwaye asithandabuzi ukuba yayimkhathaza indlela uYosefu awayephethwe ngayo. Kodwa akazange ayinqande loo nto. UYosefu waphinda watyholwa ngokuzama ukudlwengula umkaPotifare waza wavalelwa entolongweni, uYehova akazange ayinqande naleyo. Kodwa ngaba wayemlahlile uYosefu? Unotshe! Kunoko, “oko [uYosefu] wayekwenza uYehova wayekuphumelelisa.”—Gen. 39:21-23.

14. ‘Ukuwuyeka’ umsindo kunokusinceda njani sisondele kuThixo kwaye sibe sempilweni?

14 Nanku omnye umzekelo. Bambalwa abantu abakhe baphathwa kakubi njengoDavide. Kodwa lo mhlobo kaThixo akazange avumele ukuba inzondo imtye. Kunoko, wabhala wathi: “Wuyeke umsindo uyishiye ingqumbo; musa ukuvutha ngumsindo uze wenze ububi.” (INdu. 37:8) Eyona nto ibalulekileyo ebangela ‘siwuyeke’ umsindo kukuba sifuna ukuxelisa uYehova, kuba ‘akenzi kuthi kanye ngokwezono zethu.’ (INdu. 103:10) Kodwa zikhona nezinye izinto okusinceda kuzo ukuwuyeka ‘umsindo.’ Ukuqumba kunokukwenza ugule uminxeke nokuminxeka. Kunokukubangela ube neengxaki zesibindi nezedlala elisesiswini, kube nzima nokuba umzimba ucole ukutya. Xa unomsindo awucingi kakuhle. Ngamanye amaxesha, xa ukhe wanomsindo uye ukhathazeke ixesha elide. Kwelinye icala iBhayibhile ithi, “intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba wenyama.” (IMize. 14:30) Simele senze ntoni xa siye sakhathazwa ngumzalwana? Ibe singenza ntoni ukuze silungise ingxaki naye? Masisebenzise amacebiso eBhayibhile.

XA SIYE SAPHOXWA NGABAZALWANA

15, 16. Sifanele sithethe njani nomzalwana osonileyo?

15 Funda kwabase-Efese 4:26. Asothuki xa siphathwa kakubi ngabantu abangengomaKristu. Kodwa xa ingumzalwana okanye isihlobo sethu esithethe into esikhubekisayo, sisenokuxheleka kakhulu. Masithi mhlawumbi aside sixole yinto ayenzileyo. Ngaba uza kumzonda iminyaka? Okanye ngaba uza kusebenzisa icebiso leBhayibhile uze uyilungise ngokukhawuleza loo ngxaki? Okukhona uhlala ungazilungisi iingxaki onazo naloo mzalwana, kokukhona kuya kuba nzima ukudala uxolo phakathi kwakho naye.

16 Masithi ukhutyekiswe ngumzalwana wakho ibe awukwazi kuyilibala loo nto. Zeziphi izinto onokuzenza ukuze udale uxolo? Okokuqala, thandaza. Cela uYehova anincede nikwazi ukuyithetha nize niyilungise loo nto nomzalwana wakho. Khumbula kaloku ukuba naye ngumhlobo kaYehova. (INdu. 25:14) UThixo uyamthanda. UYehova ubaphatha kakuhle abahlobo bakhe, ibe nathi ulindele ukuba sibaphathe ngolo hlobo. (IMize. 15:23; Mat. 7:12; Kol. 4:6) Okwesibini, cinga ngento oza kuyithetha. Sukumcingela umzalwana wakho ukuba uyenze ngabom loo nto; mthembe. Yamkele into yokuba isenokuba ikhona into oyenzileyo ukuze kubekho loo ngxaki. Usenokuyiqala ngolu hlobo incoko, “Andazi nokuba ndinochuku, kodwa into oyithethe izolo, indenze . . . ” Ukuba anivananga xa benithetha zama ukubuya ngelinye ixesha uzodala uxolo. Okwangoku, thandazela umzalwana wakho; ucele uYehova amsikelele. Cela uThixo akuncede ubone izinto ezintle kumzalwana wakho. Enoba kwenzeka ntoni, uYehova uyavuya xa uzama ukudala uxolo nomzalwana wakho—kuba ngumhlobo wakhe naye.

XA UNOMVANDEDWA

17. UYehova usebenzisa bani ukuze asincede xa senze isono esinzulu, ibe kutheni simele siye kubo?

17 Abanye baziva bengafaneleki ukukhonza uYehova kuba bakhe benza izono ezinzulu. Umvandedwa unokumgqiba umntu. UKumkani uDavide naye owayenomvandedwa wathi: “Ndithi ndakuthi cwaka aphele amathambo am kukugcuma kwam imini yonke. Kuba imini nobusuku isandla sakho sasinzima phezu kwam.” Okuvuyisayo kukuba uDavide wayilungisa le ngxaki njengendoda, indoda eyoyika uThixo. Wathi: “Ekugqibeleni isono sam ndisivumile kuwe . . . waza wena wasixolela isiphoso sezono zam.” (INdu. 32:3-5) Ukuba wenze isono esinzulu, uYehova ukulungele ukukunceda uchache. Kodwa kufuneka nawe uvume akuncede esebenzisa abadala. (IMize. 24:16; Yak. 5:13-15) Sukulibazisa—ukufumana kwakho ubomi obungenasiphelo kuxhomekeke kule nto! Kodwa umele uthini ukuba usatyiwa ngumvandedwa wezinto zakudala owazixolelwayo?

18. Umzekelo kaPawulos ungabanceda njani abantu abanomvandedwa?

18 Kuyabonakala ukuba umpostile uPawulos wayekhe abe nomvandedwa. Wathi: “Ndingoyena mncinane kubapostile, yaye andikufanelekelanga ukubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa yokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.” Kodwa waphinda wathi: “Ngobubele obungasifanelanga bukaThixo ndiyile nto ndiyiyo.” (1 Kor. 15:9, 10) UYehova wayemthanda enjalo uPawulos, ibe wayefuna ayazi loo nto. Ukuba uguqukile kwizono owawuzenza kwaye uzichazile kubadala nakuYehova, siyakuqinisekisa ukuba uYehova uza kukwenzela inceba. Mthembe uYehova, uyamkele into yokuba ukuxolele!—Isa. 55:6, 7.

19. Uthini umxholo wonyaka ka-2018, ibe kutheni ufanelekile?

19 Njengoko le mihla isiya ekupheleni, masiyilindele into yokuba iingxaki zobomi ziza kuya zisanda. Siyakuqinisekisa ukuba uYehova uza kukunika onke amandla owadingayo ukuze unyamezele kuba “unika odiniweyo amandla; nalowo ungenamandla makhulu umenza aphuphume ukomelela okupheleleyo.” (Isa. 40:29; INdu. 55:22; 68:19) Kulo nyaka ka-2018, siza kukhunjuzwa ngale nto qho sifika eHolweni YoBukumkani. Kaloku umxholo wonyaka uthi: Thembela ngoYehova, ube namandla kwakhona.Isa. 40:31.