Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 1

“Abo Bafuna UYehova Akukho Nto Ilungileyo Baza Kuyidinga”

“Abo Bafuna UYehova Akukho Nto Ilungileyo Baza Kuyidinga”

UMXHOLO WONYAKA KA-2022 UTHI: “Abo bafuna uYehova akukho nto ilungileyo baza kuyidinga.”​—INDU. 34:10.

INGOMA 4 “UYehova Ngumalusi Wam”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

UDavide wayebona ukuba ‘akukho nto ilungileyo ayidingayo’ naxa kwakunzima (Jonga isiqendu 1-3) *

1. Yeyiphi ingxaki awazibhaqa ekuyo uDavide?

UDAVIDE wayebaleka ukumkani wakwaSirayeli uSawule owayefuna ukumbulala. Endleleni walamba. Wathi xa efika eNobhi, wacela izonka ezihlanu. (1 Sam. 21:1, 3) Ekuhambeni kwexesha, yena namadoda akhe baxhwarha emqolombeni. (1 Sam. 22:1) Yintoni eyamfaka kule ngxaki?

2. Zeziphi izinto ezimbi ezenziwa nguSawule? (1 Samuweli 23:16, 17)

2 USawule wayenomona kuba uDavide wayethandwa ngabantu futhi esoyisa ezimfazweni. Wayesazi ukuba uYehova ukhethe uDavide ukuba abe ngukumkani kuba yena wayengasamthobeli. (Funda u-1 Samuweli 23:16, 17.) Kodwa kuba wayesengukumkani wakwaSirayeli, enomkhosi omkhulu nabantu abaninzi ababemthanda, kwafuneka uDavide abaleke. Inoba wayecinga ukuba anganqanda uThixo angayenzi into awayefuna ukuyenza ngoDavide? (Isa. 55:11) IBhayibhile ayisixeleli, kodwa nantsi into esiqiniseke ngayo: USawule, wayezifaka kwenkulu ingxaki. Abantu abalwa noThixo soze baphumelele.

3. Xa wayeneengxaki, yintoni angazange ayenze uDavide?

3 UDavide wayethobekile. Zange azikhethele ukuba ngukumkani wakwaSirayeli. Wakhethwa nguYehova. (1 Sam. 16:1, 12, 13) Kodwa uSawule wayemcaphukela. Xa uDavide wayesengozini, akazange ambek’ ityala uYehova; engazange akhalaze naxa wayengenakutya kwaneleyo futhi ehlala emqolombeni. Kunokuba abe ekhalaza, kusenokwenzeka ukuba ingoma enamazwi othathwe kuwo umxholo walo nyaka athi: “Abo bafuna uYehova akukho nto ilungileyo baza kuyidinga,” wayibhala ekuloo mqolomba.​—INdu. 34:10.

4. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula? Kutheni ibalulekile nje?

4 Namhlanje abantu abaninzi abakhonza uYehova bakhe bangabi nakutya kwaneleyo nezinye izinto abazidingayo. * Yenzeke kakhulu loo nto ngeli xesha lekhorona. Njengokuba sisiya sisondela kwixesha “lentlungu engathethekiyo,” kuza kuya kusiba nzima kakhulu. (Mat. 24:21) Yiloo nto kufuneka sifumane iimpendulo zale mibuzo mine: Kutheni kusithiwa kwakungekho ‘nto ilungileyo awayeyidinga’ uDavide? Kutheni kufuneka sanele zizinto esinazo? Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusikhathalela? Yintoni esinokuyenza ngoku ukuze izinto eziza kwenzeka zifike sizilindile?

“ANDIZUKUDINGA NTO”

5-6. INdumiso 23:1-6 isinceda njani siyiqonde into eyayithethwa nguDavide xa wayesithi, akukho ‘nto ilungileyo abaza kuyidinga’ abakhonzi bakaThixo?

5 Wayethetha ukuthini uDavide xa wayesithi akukho nto ‘ilungileyo abaza kuyidinga’ abantu abakhonza uYehova? Amazwi afana nala akwiNdumiso 23 anokusinceda siyiqonde into awayeyithetha. (Funda iNdumiso 23:1-6.) Xa iqala le ndumiso, uDavide uthi: “UYehova nguMalusi wam. Andizukudinga nto.” Xa usehla nayo, uthetha ngezinto ezibalulekileyo awazinikwa nguYehova ngenxa yokuba wamvumela ukuba abe nguMalusi wakhe. UYehova ‘umkhokelela kwiindlela zobulungisa,’ futhi usoloko enaye xa kumnandi naxa kukubi. UDavide wayesazi ukuba ukuphila kwakhe “kumadlelo anengca” kaYehova kwakungazukumenza angabi nazo iingxaki. Ngamanye amaxesha wayesenokutyhafa, abe ngathi uhamba “kwintlambo emnyama kakhulu.” Wayeza kuba nazo neentshaba. Kodwa xa ekunye noMalusi wakhe uYehova, ‘wayengazukoyika kwenzakala.’

6 Ngoku makhe siphendule umbuzo wokuqala othi, Kutheni kusithiwa kwakungekho ‘nto ilungileyo awayeyidinga’ uDavide? Wayenayo yonke into awayeyidinga ukuze ahlale engumhlobo kaYehova. Wayengaxhomekekanga kwizinto anazo ukuze onwabe. Wayesanela zizinto awayezifumana kuYehova. Eyona nto yayibalulekile kuye kukuba uThixo wayemsikelela futhi emkhusela.

7. Into ethethwa kuLuka 21:20-24, ibonisa ukuba zeziphi iingxaki awayeza kuba nazo amaKristu akwaYuda?

7 Into ethethwa nguDavide isenza siyibone indlela ekubaluleke ngayo ukuba izinto esinazo zingabi zezona zibalulekileyo ebomini bethu. Sinokuzivuyela izinto esinazo, kodwa akufuneki kucac’ uba bungema ubomi xa zinokungabikho. Kwakubalulekile ukuba amaKristu akwaYuda awayephila ngexesha labapostile ayiqonde le nto. (Funda uLuka 21:20-24.) UYesu wawalumkisa esithi ngeny’ imini iYerusalem iza ‘kurhangqwa ziintente zamajoni.’ Xa isenzeka loo nto, kwakuza kufuneka ‘abalekele ezintabeni.’ Ukubaleka kwawo kwakuza kuwasindisa, kodwa ayeza kushiya izinto zawo ezininzi. Kwiminyaka edlulileyo enye iMboniselo yathi: Elo qela lamaKristu “lashiya amasimi namakhaya, lazishiya apho nezinto elalinazo ezindlwini. Laliqinisekile ukuba uYehova wayeza kulikhusela aze alixhase, yaye labeka unqulo lwakhe ngaphambi kwayo yonke enye into eyayinokubonakala ibalulekile.”

8. Yintoni ebalulekileyo esiyifundayo kwinto eyenzeka kumaKristu akwaYuda awayephila ngexesha labapostile?

8 Yintoni ebalulekileyo esiyifundayo kwinto eyenzeka kumaKristu akwaYuda awayephila ngexesha labapostile? IMboniselo esisand’ ukuthetha ngayo yathi: “Isenokuvavanywa indlela esizijonga ngayo izinto eziphathekayo; ngaba zibaluleke ngenene nangenyaniso, okanye ngaba kukusindisa kukaThixo abantu bonke okubalukele ngakumbi? Kuyinyaniso kona ukuba, ukusaba kwethu kusenokubandakanya ubunzima kunye nokuswela okuthile. Kuza kufuneka silindele ukwenza nantoni na eyimfuneko, njengoko benzayo abenkulungwane yokuqala abasaba besuka kwelakwaYuda.” *

9. Into eyathethwa ngumpostile uPawulos kumaHebhere ikwenza uqiniseke ngantoni?

9 Khawucinge indlela enoba kwakunzima ngayo ngaloo maKristu ukushiya yonke into awayenayo, aphinde aqale phantsi. Ayemele amthembe uYehova ukuba uza kuwanceda awanike zonke izinto azidingayo. Kodwa yayikhona nenye into eyayiza kuwanceda. Kwiminyaka emihlanu ngaphambi kokuba amaRoma arhangqe iYerusalem, umpostile uPawulos wacebisa amaHebhere esithi: “Indlela eniphila ngayo mayibonise ukuba aningobathandi bemali, naneliseke zizinto eninazo. Kuba uThixo uthe: ‘Soze ndinishiye, ndingasoze ndinilahle.’ Ukuze sibe nesibindi size sithi: ‘UYehova ungumncedi wam; andizukoyika. Angandenza ntoni umntu?’” (Heb. 13:5, 6) Ngokuqinisekileyo abantu abalisebenzisayo eli cebiso likaPawulos ngaphambi kokuba iYerusalem irhangqwe ngamaRoma, akuzange kube nzima kubo ukwaneliseka zizinto ezimbalwa ababenazo kwimizi yabo emitsha. Babeqinisekile ukuba uYehova uza kubanceda bazifumane izinto abazidingayo. Into eyathethwa nguPawulos isenza siqiniseke ukuba nathi uYehova uza kusinceda ngezinto esizidingayo.

“MASANELISWE ZEZO ZINTO”

10. Yintoni athi wayifunda uPawulos?

10 UPawulos wacebisa uTimoti ngento efanayo nawayicebisa amaHebhere. Elo cebiso liyasebenza nakuthi. Wathi: “Ukuba sinokutya nento yokunxiba, masaneliswe zezo zinto.” (1 Tim. 6:8) Ngaba le nto ithetha ukuthi asimele sitye kamnandi, sihlale kwizindlu ezintle okanye simane sithenga iimpahla? Wayengathethi loo nto uPawulos. Into awayeyithetha kukuba masaneliswe yiyo nantoni na esinayo. (Fil. 4:12) Yiloo nto athi ‘wayifunda.’ Eyona nto ibalulekileyo kuthi kukuba ngabahlobo bakaThixo kunezinto esinazo.​—Hab. 3:17, 18.

Xa amaSirayeli ayesentlango iminyaka eyi-40, kwakungekho nto ayeyidinga. Ngaba siyanela zizinto esinazo ngoku? (Jonga isiqendu 11) *

11. Into eyathethwa nguMoses kumaSirayeli isifundisa ntoni ngokwanela?

11 Into esicinga ukuba siyayidinga isenokwahluka kwinto uYehova asibona siyidinga. Khawuve into uMoses awayixelela amaSirayeli emva kweminyaka eyi-40 esentlango. Wathi: “UYehova uThixo wenu uye wayisikelela yonke into eniyenzileyo. Ulwazi kakuhle uhambo lwenu kule ntlango inkulu. UYehova uThixo wenu ebekunye nani kule minyaka iyi-40, yaye akukho nto beniyidinga.” (Dut. 2:7) Kuloo minyaka iyi-40, uYehova wayewondla ngemana amaSirayeli. Eza mpahla ayephume nazo eYiputa, zange ziguge. (Dut. 8:3, 4) Abanye babesenokucinga ukuba azanelanga ezo zinto, kodwa uMoses wabaxelela ukuba banayo yonke into abayidingayo. UYehova uza kuvuya xa sisanela futhi sibulela nezinto ezincinci asenzele zona.

QINISEKA UKUBA UYEHOVA UZA KUKUKHATHALELA

12. Kutheni sinokuthi uDavide wayengathembelanga kubuchule bakhe, kodwa wayethembe uYehova?

12 UDavide wayesazi ukuba uYehova unyanisekile kubantu abamthandayo, futhi ubakhathalele kakhulu. Xa wayebhala iNdumiso 34, wayeqinisekile ukuba ‘ukhuselwe yingelosi kaYehova.’ (INdu. 34:7) Mhlawumbi wayefanisa ingelosi kaYehova namajoni amise inkampu ethafeni, ahlala egade utshaba. UDavide wayesoyisa ezimfazweni futhi uYehova wayemthembise ukuba uza kuba ngukumkani, kodwa wayengathembelanga kubuchule bakhe bokusebenzisa isilingi nekrele. (1 Sam. 16:13; 24:12) Wayethembele ngoYehova eqinisekile ukuba ingelosi yakhe ‘iyabakhusela abo bamoyikayo.’ Namhlanje asilindelanga ukukhuselwa ngendlela emangalisayo. Into esiyaziyo kukuba, bonke abantu abathembe uYehova, nokuba bangafa ngoku, baza kufumana ubomi obungunaphakade.

Ngexesha lentlungu engathethekiyo, uGogi wakwaMagogi usenokuzama ukusihlasela emakhayeni ethu. Kodwa kuyasithuthuzela ukwazi ukuba uYesu neengelosi zakhe baza kuyibona loo nto futhi baza kusikhusela (Jonga isiqendu 13)

13. Xa uGogi wakwaMagogi esihlasela, kutheni siza kubonakala siziziaram njee, kodwa kutheni simele singoyiki? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

13 Kuseza kwenzeka izinto eziza kusenza sibonakale ukuba simthembe kangakanani uYehova. Xa uGogi wakwaMagogi oliqela leentlanga esihlasela, sisenokucinga ukuba uza kusibulala. Kuza kufuneka siqiniseke ukuba uYehova uza kusikhusela. Iintlanga ziza kusibona singabantu njee abafana neegusha ezingakhuselwanga. (Hez. 38:10-12) Sakube singenazixhobo, singakwazi nokulwa. Ziza kubona iziaram njee ezingenakwenza nto. Ziza kube zingayazi le nto siyaziyo thina, yokuba siza kukhuselwa ziingelosi zikaThixo. Kaloku zona azinalo ukholo kuThixo kuba azimazi. Ziza kothuka ziwe ngomqolo xa umkhosi kaYehova usikhusela.​—ISityhi. 19:11, 14, 15.

IZINTO EZIZA KWENZEKA MAZIFIKE UZILINDILE

14. Yintoni ekufuneka siyenze ngoku ukuze zifike sizilindile izinto eziseza kwenzeka?

14 Yintoni ekufuneka siyenze ngoku ukuze zifike sizilindile izinto eziseza kwenzeka? Izinto esinazo mazingabaluleki kakhulu kuthi, sikhumbule ukuba ngeny’ imini kuza kufuneka sizincame. Kufuneka saneliswe zizinto esinazo, size sikuvuyele ukuba ngabahlobo bakaYehova. Xa sisiya simazi uThixo wethu, siza kuqiniseka kakhulu ukuba uza kusikhusela xa sihlaselwa nguGogi wakwaMagogi.

15. Ziintoni ezenzeka kuDavide esengumfana ezamenza waqiniseka ukuba uYehova akasoze amphoxe?

15 Yeyiphi enye into eyanceda uDavide nenokusinceda nathi silungele iingxaki esiseza kuba nazo. Wathi: “Ziveleni, nizibonele ukuba uYehova ulungile; iyavuya indoda ebalekela kuye.” (INdu. 34:8) La mazwi asenza siqonde ukuba kwakutheni ukuze uDavide amthembe kangaka uYehova. Wayesoloko enokholo kuYehova, noYehova zange amphoxe. Esengumfana, kwafuneka alwe nesigantsontso esingumFilisti, uGoliyati. Wathi kuso: “Ngale mini uYehova uza kukunikezela esandleni sam.” (1 Sam. 17:46) Emva koko wasebenzela ukumkani uSawule owayemana ezama ukumbulala. Kodwa “uYehova wayemxhasa.” (1 Sam. 18:12) UYehova wayesoloko emnceda uDavide, loo nto yamenza wamthemba ukuba uza kumnceda kwiingxaki anazo.

16. Zeziphi izinto ezinokusenza ‘sizivele’ ukuba uYehova ulungile?

16 Xa simthemba ngoku uYehova, siza kuqiniseka ukuba uza kusinceda kwixesha elizayo. Ukuba sinokholo kuye, asizukoyika ukucela iintsuku zokuya kwindibano yesiphaluka okanye eyengingqi kumqeshi wethu. Asizukoyika nokumcela ukuba atshintshe iintsuku namaxesha esingena ngawo emsebenzini ukuze sikwazi ukuya kwiintlanganiso nasentsimini. Masithi akavumi aze asigxothe. Ngaba siyamthemba uYehova ukuba akasoze asishiye, nokuba uza kusoloko esinika izinto esizidingayo? (Heb. 13:5) Abantu abaninzi abakwinkonzo yexesha elizeleyo, bangakubalisela indlela aye wabanceda ngayo xa bebemdinga. UYehova unyanisekile.

17. Uthini umxholo wonyaka ka-2022? Kutheni ufanelekile nje?

17 Xa sikunye noYehova, akukho sizathu sokuba soyike izinto eziseza kwenzeka. Ukuba eyona nto ibalulekileyo ebomini bethu buBukumkani bakhe, akasoze asishiye. IQumrhu Elilawulayo liye lakhetha ukuthatha umxholo wonyaka ka-2022 kwiNdumiso 34:10 ukuze lisikhumbuze indlela ekubaluleke ngayo ukuba sizilungele ngoku izinto ezinzima eziseza kwenzeka, nokuze simthembe uYehova ukuba akasoze asishiye. Le Ndumiso ithi: “Abo bafuna uYehova, akukho nto ilungileyo baza kuyidinga.”

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

^ isiqe. 5 Umxholo wonyaka ka-2022 uthathwe kwiNdumiso 34:10 ethi: “Abo bafuna uYehova akukho nto ilungileyo baza kuyidinga.” Abantu abaninzi abakhonza uYehova abanazinto zingako. Kutheni kusithiwa ‘akukho nto ilungileyo bayidingayo’? Ukuyiqonda kakuhle le vesi kunokusinceda njani sizilungele iingxaki esiseza kuba nazo?

^ isiqe. 4 Jonga inqaku leMboniselo kaSeptemba 15, 2014, elithi, “Imibuzo Evela Kubafundi.

^ isiqe. 8 Jonga iMboniselo kaMeyi 1, 1999, iphe. 19.

^ isiqe. 54 INGCACISO YEMIFANEKISO: Ngoxa wayesemqolombeni ebaleka uKumkani uSawule, uDavide wayembulela uYehova ngezinto amenzele zona.

^ isiqe. 56 INGCACISO YEMIFANEKISO: Emva kokuba amaSirayeli ephumile eYiputa, uYehova wawondla ngemana, wenza nempahla yawo ayaguga.