Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 4

Kutheni Sisiya ESikhumbuzweni?

Kutheni Sisiya ESikhumbuzweni?

“Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.”​—LUKA 22:19.

INGOMA 20 Usinike UNyana Wakho Ekuphela Kwakhe

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. (a) Kunini apho siye sicinge kakhulu ngomntu oswelekileyo ebesimthanda? (b) Yintoni uYesu awayenzayo kubusuku bokugqibela ngaphambi kokuba afe?

NOKUBA sekudlule ixesha elingakanani eswelekile umntu ebesimthanda, asimlibali. Sidla ngokucinga ngaye kakhulu xa kufika usuku awasweleka ngalo.

2 Qho ngonyaka, siba phakathi kwabantu abaninzi emhlabeni wonke, abakhumbula ukufa komntu esimthanda kakhulu, uYesu Kristu. (1 Pet. 1:8) Isizathu sokuba simkhumbule kukuba wasihlawulela ngobomi bakhe ukuze sisinde esonweni nasekufeni. (Mat. 20:28) Phofu naye wayefuna sikukhumbule ukufa kwakhe. Kubusuku bokugqibela ngaphambi kokuba afe, waqalisa isidlo sangokuhlwa esikhethekileyo waza wathi: “Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.”—Luka 22:19.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Kubantu abaya eSikhumbuzweni sokufa kukaKristu, bambalwa abanethemba lokuphila ezulwini. Abona baninzi ngabanethemba lokuphila emhlabeni. Kweli nqaku, siza kubona ukuba kutheni la maqela mabini engafuni ukuphoswa siSikhumbuzo. Siza kubona nokuba kusinceda ngantoni ukubakho kuso. Makhe siqale ngokuva ukuba kutheni abathanjiswa besiya.

KUTHENI ABATHANJISWA BESIYA?

4. Kutheni abathanjiswa besitya isonka, besela newayini eSikhumbuzweni?

4 Qho ngonyaka, eSikhumbuzweni abathanjiswa baye batye isonka, basele newayini. Kutheni bona besitya eSikhumbuzweni? Ukuze usazi isizathu, cinga ngento eyenzekayo kubusuku bokugqibela ngaphambi kokuba uYesu afe. Emva kwesidlo sePasika, uYesu waqalisa iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Wanika abapostile bakhe abayi-11 isonka, esithi mabasitye; wabanika newayini, esithi mabayisele. Wabaxelela ngezivumelwano ezibini, isivumelwano esitsha nesivumelwano soBukumkani. * (Luka 22:19, 20, 28-30) Ngenxa yezi zivumelwano, abapostile namanye amaKristu ambalwa baza kuba ngookumkani nababingeleli ezulwini. (ISityhi. 5:10; 14:1) Ngabathanjiswa abasesemhlabeni abakwezi zivumelwano zibini kuphela abatya isonka, basele newayini eSikhumbuzweni.

5. Yintoni abathanjiswa abayaziyo ngethemba abanalo?

5 Nasi esinye isizathu esenza abathanjiswa bangafuni ukuphoswa siSikhumbuzo: Sibenza bacinge ngethemba abanalo. UYehova ubathembise ngento emangalisayo, ukungafi nokuba nemizimba engenasono ezulwini nokulawula noYesu Kristu nabanye abathanjiswa asebesezulwini. Kodwa elona themba limangalisa kakhulu kukuba kunye noYehova uThixo! (1 Kor. 15:51-53; 1 Yoh. 3:2) Abathanjiswa bayazi ukuba ezi zinto ziza kwenzeka xa besezulwini. Kodwa ukuze bavunyelwe ukuba bangene ezulwini, kufuneka bathembeke de basweleke. (2 Tim. 4:7, 8) Bavuya kakhulu xa becinga ngethemba abanalo lokuphila ezulwini. (Tito 2:13) ‘Ezinye izimvu’ zona? (Yoh. 10:16) Kutheni zisiya eSikhumbuzweni?

KUTHENI EZINYE IZIMVU ZISIYA?

6. Kutheni ezinye ezimvu zisiya eSikhumbuzweni qho ngonyaka?

6 Nezinye izimvu ziyaya eSikhumbuzweni, kodwa zona azityi, ziyabukela. Abantu abanethemba lokuphila emhlabeni baqala ukumenywa eSikhumbuzweni ngo-1938. IMboniselo yesiNgesi kaMatshi 1, 1938, yathi: “Kufanelekile ukuba [ezinye izimvu] zibe khona kule ntlanganiso, ukuze zibukele into eyenziwayo. . . . Nazo zimele zivuye futhi le ntlanganiso lixesha laloo nto.” Njengabantu abamenyiweyo, abakuvuyelayo ukubukela izinto ezenziwa emtshatweni, ezinye izimvu ziyakuvuyela ukubukela izinto ezenziwa eSikhumbuzweni.

7. Kutheni ezinye izimvu zingafuni ukuphoswa yintetho yeSikhumbuzo?

7 Ezinye izimvu ziyafana nabathanjiswa, nazo ziyacinga ngethemba lazo. Azifuni kuphoswa yintetho yeSikhumbuzo, kuba ithetha kakhulu ngezinto uKristu nabathanjiswa abayi-144 000 abaza kuzenzela abantu abathembekileyo, xa belawula kwiMinyaka Eliwaka. Ikhokelwa nguKumkani wayo uYesu Kristu, i-144 000 iza kuncedisa xa umhlaba usenziwa iparadesi, kupheliswa nesono ebantwini. Abantu abaninzi abayayo eSikhumbuzweni bayavuya xa becinga ngendlela eziza kwenzeka ngayo iziprofeto eziseBhayibhileni, njengesikuIsaya 35:5, 6; 65:21-23; nesikwiSityhilelo 21:3, 4. Liyaqina ithemba labo xa bezibona bekunye nabantu ababathandayo kwelo hlabathi litsha, batsho bazimisele ukungaze bayeke ukukhonza uYehova.​—Mat. 24:13; Gal. 6:9.

8. Sesiphi esinye isizathu esenza ezinye izimvu ziye eSikhumbuzweni?

8 Khawuve esinye isizathu sokuba ezinye izimvu zisiya eSikhumbuzweni. Zifuna ukubonisa ukuba ziyabathanda futhi ziyabaxhasa abathanjiswa. KwiLizwi LikaThixo, kwaprofetwa kwathiwa amaKristu athanjisiweyo nanethemba lokuphila emhlabeni aza kumanyana. Yayiza kwenzeka njani loo nto? Makhe sithethe ngemizekelo embalwa.

9. Isiprofeto esikuZekariya 8:23 siyichaza njani indlela ezinye izimvu eziziva ngayo ngabathanjiswa?

9 Funda uZekariya 8:23. Esi siprofeto siyichaza kakuhle indlela ezinye izimvu eziziva ngayo ngabazalwana noodade abathanjisiweyo. Igama elithi ‘umYuda’ nelithi “unani” athetha ngabathanjiswa abasesemhlabeni. (Roma 2:28, 29) “Amadoda alishumi azo zonke iilwimi zeentlanga” amela ezinye izimvu. ‘Zibambelele nkqi’ okanye zithe nca kubathanjiswa, ukuze bonke bakhonze uYehova ngendlela ayifunayo. Ngoko ezinye izimvu zibonisa ukuba zithe nca kubathanjiswa ngokubakho kwiSikhumbuzo.

10. Yintoni ayenzileyo uYehova ukuze yenzeke into eyayiprofetwe kuHezekile 37:15-19, 24, 25?

10 Funda uHezekile 37:15-19, 24, 25. Ukuze senzeke esi siprofeto sithetha ngeentonga ezimbini, uYehova wenze abathanjiswa bamanyana kakhulu nezinye izimvu. AmaKristu anethemba lokuphila ezulwini afaniswa nentonga ‘kaYuda’ (isizwe ababekhethwa kuso ookumkani bakwaSirayeli). Wona anethemba lokuphila emhlabeni afaniswa nentonga “kaEfrayim.” * UYehova wayeza kuwadibanisa la maqela mabini, abe “yintonga enye.” Le nto ithetha ukuba akhonza kunye, phantsi koKumkani onguYesu Kristu. Qho ngonyaka, abathanjiswa nezinye izimvu abayi eSikhumbuzweni bengamaqela amabini ahlukeneyo, kodwa baya ‘bengumhlambi omnye’ ophantsi ‘komalusi omnye.’​—Yoh. 10:16.

11. Yeyiphi eyona nto zibancedisa kuyo abathanjiswa “iigusha” ekuthethwa ngazo kuMateyu 25:31-36, 40?

11 Funda Mateyu 25:31-36, 40. “Iigusha” athetha ngazo uYesu apha zezinye izimvu, ezimela abantu abangamalungisa abaphila kweli xesha lesiphelo nabanethemba lokuphila emhlabeni. Aba bantu bancedisa abathanjiswa abasesemhlabeni, ingakumbi kumsebenzi omkhulu nobalulekileyo wokushumayela nokwenza abafundi emhlabeni wonke.​—Mat. 24:14; 28:19, 20.

12-13. Zeziphi ezinye iindlela ezinye izimvu ezibancedisa ngazo abazalwana bakaKristu?

12 Qho ngonyaka kwiiveki eziphambi kweSikhumbuzo, emhlabeni wonke ezinye izimvu zincedisa abazalwana bakaKristu ngokumemela abantu abanomdla eSikhumbuzweni. (Jonga ibhokisi ethi “ Ngaba Ulilungiselela Ngaphambi Kokuba Lifike Ixesha LeSikhumbuzo?”) Ziyaqiniseka ukuba kukho yonke into efunekayo ukuze kwenziwe iSikhumbuzo, nangona kusenokungabikho mntu uthanjisiweyo kwamanye amabandla. Zikuvuyela kakhulu ukuncedisa abazalwana bakaKristu kwezi zinto. Ziyazi ukuba xa uYesu ebona ezi zinto zizenzela abathanjiswa, iba ngathi zizenzela yena.​—Mat. 25:37-40.

13 Zeziphi izizathu ezisenza sonke siye eSikhumbuzweni, nokuba sinethemba lokuphila phi?

KUTHENI SONKE SISIYA?

14. UYehova noYesu bayibonise njani indlela abasithanda ngayo?

14Sithi enkosi kuYehova noYesu ngento abayenzileyo ebonisa indlela abasithanda ngayo. Zininzi iindlela uYehova abonise ngazo ukuba uyasithanda, kodwa ikhona le izodlula zonke. Eyona izodlula zonke kukuthumela uNyana wakhe amthandayo ukuba aze kuphathwa kabuhlungu aze afe ngenxa yethu. (Yoh. 3:16) NoYesu wabonisa ukuba usithanda kakhulu ngokusincamela ubomi bakhe. (Yoh. 15:13) Indlela abasithande ngayo soze sikwazi ukuyibhatala. Kodwa singababonisa ukuba siyababulela ngezinto esizenza yonk’ imihla. (Kol. 3:15) Ngoko xa sisiya eSikhumbuzweni, sifuna ukucinga ngolu thando basenzele lona, sibabonise nendlela esibathanda ngayo.

15. Kutheni abathanjiswa nezinye izimvu benombulelo ongazenzisiyo ngesipho sokuhlawulelwa?

15Sibulela kakhulu ngesipho sokuhlawulelwa. (Mat. 20:28) Abathanjiswa basixabisa kakhulu esi sipho, kuba ngenxa yaso banethemba elimangalisayo. Ngenxa yokuba benokholo kwidini likaKristu, uYehova ubabiza ngokuba bangamalungisa, ubenze abantwana bakhe. (Roma 5:1; 8:15-17, 23) Nezinye izimvu zinombulelo ongazenzisiyo ngesipho sokuhlawulelwa. Ngenxa yokuba zinokholo kwidini likaKristu, zicocekile emehlweni kaThixo, zenza umsebenzi wakhe ongcwele, zinalo nethemba lokusinda “kwixesha lentlungu engathethekiyo.” (ISityhi. 7:13-15) Enye indlela ezinye izimvu nabathanjiswa abawubonisa ngayo umbulelo ngesipho sokuhlawulelwa, kukungaphoswa siSikhumbuzo esibakho qho ngonyaka.

16. Yeyiphi enye into esenza siye eSikhumbuzweni?

16 Enye into esenza siye eSikhumbuzweni kukufuna ukuthobela uYesu. Nokuba leliphi ithemba esinalo, asiyithathi kancinci into uYesu awathi masiyenze xa wayeqala ukwenza iSikhumbuzo. Wathi: “Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.”—1 Kor. 11:23, 24.

KUSINCEDA NGANTONI UKUYA?

17. Ukuba seSikhumbuzweni kusinceda njani simthande kakhulu uYehova?

17Siye simthande kakhulu uYehova. (Yak. 4:8) Njengokuba sesivile, iSikhumbuzo sisinika ixesha lokucingisisa kakuhle ngezinto esizithenjiswe nguYehova nangendlela asibonise ngayo ukuba uyasithanda. (Yer. 29:11; 1 Yoh. 4:8-10) Xa sicinga ngethemba esiqiniseke ngalo nangendlela uThixo asithanda ngayo, sitsho simthande kakhulu, sithi nca kuye.​—Roma 8:38, 39.

18. Ukucingisisa ngento eyenziwa nguYesu kusenza sifune ukwenza ntoni?

18Siye sifune ukulinganisa uYesu. (1 Pet. 2:21) Kwiintsuku eziphambi kweSikhumbuzo, siye sifunde iivesi zeBhayibhile ezithetha ngeveki yokugqibela kaYesu esemhlabeni, ukufa kwakhe nokuvuswa kwakhe. ESikhumbuzweni, intetho iye isikhumbuze ngendlela asithanda ngayo. (Efe. 5:2; 1 Yoh. 3:16) Xa sifunda size sicingisise ngendlela uYesu awazincama ngayo, siye sizive sinyanzelekile ukuba ‘siqhubeke siphila ngendlela awayephila ngayo naye.’​—1 Yoh. 2:6.

19. Ziintoni esimele sizenze ukuze uThixo ahlale esithanda?

19Siye sizimisele kakhulu ukuhlala sithandwa nguThixo. (Yuda 20, 21) UThixo uza kuhlala esithanda ukuba sizama ngazo zonke iindlela ukumthobela, ukungcwalisa igama lakhe nokuvuyisa intliziyo yakhe. (IMize. 27:11; Mat. 6:9; 1 Yoh. 5:3) ISikhumbuzo sisenza sizimisele kakhulu ukuba suku ngalunye siluphile ngokungathi sithi kuYehova, ‘Ndifuna ukuhlala ndithandwa nguwe ngonaphakade!’

20. Zeziphi izizathu ezivakalayo ezisenza siye eSikhumbuzweni?

20 Noba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni, sinezizathu ezivakalayo zokuya eSikhumbuzweni. Qho ngonyaka xa sidibene ngeSikhumbuzo, sikhumbula ukufa komntu esimthandayo, uYesu Kristu. Ngaphezu kwayo yonke loo nto, sikhumbula into enkulu esayenzelwa nguYehova ebonisa ukuba uyasithanda. Wanikela ngoNyana wakhe ukuba asihlawulele. Kulo nyaka, iSikhumbuzo siza kuba ngorhatya ngoLwesihlanu, nge-15 ka-Aprili, 2022. Siyamthanda uYehova noNyana wakhe. Ngoko akukho nto ibaluleke ngaphezu kokuba sibekho kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu.

INGOMA 16 Dumisa UYehova Ngenxa YoBukumkani Bakhe

^ isiqe. 5 Nokuba sinethemba lokuphila ezulwini okanye kumhlaba oyiparadesi, asifuni kuphoswa siSikhumbuzo esibakho kanye qho ngonyaka. Kweli nqaku, siza kuthetha ngeZibhalo ezibonisayo ukuba kutheni sisiya eSikhumbuzweni nendlela okusinceda ngayo ukuya.

^ isiqe. 4 Ukuze ufunde nezinye izinto ngesivumelwano esitsha nesivumelwano soBukumkani, jonga inqaku elithi “Niya Kuba ‘BuBukumkani Nababingeleli’” kwiMboniselo kaOktobha 15, 2014, iphe. 15-17.

^ isiqe. 10 Ukuze ufunde nezinye izinto ngesiprofeto seentonga ezimbini esikuHezekile isahluko 37, jonga incwadi ethi Ekugqibeleni​—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo!, iphe. 130-135, isiqe. 3-17.