Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 5

‘Lisebenzise Kakuhle Ixesha’

‘Lisebenzise Kakuhle Ixesha’

“Hlalani nizigadile ukuba ningenzi izinto njengabantu abangezozilumko, kodwa nizenze njengezilumko, nilisebenzise kakuhle ixesha.”​—EFE. 5:15, 16.

INGOMA 8 Sizimela NgoYehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Sinokulichitha njani ixesha noYehova?

SIYAKUTHANDA ukuchitha ixesha nabantu esibathandayo. Abantu abatshatileyo akukho nto bayithanda njengokuchitha ixesha kunye. Abantu abasebatsha bayakuthanda ukusoloko bekunye neetshomi zabo. Sonke siyalivuyela ixesha lokuba kunye nabazalwana noodadewethu. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba sichithe ixesha noThixo wethu. Loo nto siyenza ngokuthandaza, ukufunda iLizwi lakhe nangokucingisisa ngezinto afuna ukusenzela zona neempawu zakhe ezintle. Lixabiseke kakhulu ixesha esilichitha noYehova.—INdu. 139:17.

2. Yintoni eyenza kungabi lula ukuchitha ixesha noYehova?

2 Siyakuvuyela ukuchitha ixesha noYehova, kodwa akusoloko kulula. Singabantu abaxakekileyo, loo nto yenza kube nzima ukuba nexesha lokwenza izinto azifunayo. Impangelo, intsapho nezinye izinto ekufuneka sizenze zisenokusityela ixesha elininzi de kube nzima ukuba sithandaze, sifunde size sicingisise ngezinto esizifundayo.

3. Yeyiphi enye into enokusityela ixesha?

3 Ikhona nenye into enokusityela ixesha. Ukuba asilumkanga sinokuvumela izinto ezingekho rongo zisityele ixesha lokwenza izinto ezisenza simthande kakhulu uYehova. Ngokomzekelo, kuyafuneka sizonwabise. Sisenokuzonwabisa ngendlela engachasananga neZibhalo. Kodwa ukuba sichitha ixesha elininzi sizonwabisa, lisenokuba lincinci ixesha esilifumanayo lokwenza izinto ezifunwa nguYehova. Ngoko ukuzonwabisa makungabi yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu.​—IMize. 25:27; 1 Tim. 4:8.

4. Ziintoni esiza kuthetha ngazo ngoku?

4 Kweli nqaku siza kuva ukuba kutheni kufuneka sizazi ezona zinto zibalulekileyo kuthi. Siza kuthetha nangokuba singalisebenzisa kakuhle njani ixesha lethu noYehova, futhi ingasinceda njani loo nto.

CINGA KAKUHLE XA UZA KUKHETHA; ZAZI IZINTO EZIBALULEKILEYO

5. Ukucingisisa ngamaEfese 5:15-17 kunokumnceda njani umntu osemtsha akhethe obona bomi bubhetele?

5Khetha obona bomi bubhetele. Abantu abasebatsha basoloko benomdla wokwazi eyona ndlela banokubuphila ngayo ubomi babo. Ootitshala nabanye abantu bakowabo abangengomaNgqina basenokubakhuthaza ukuba baye eyunivesithi ukuze bafumane umsebenzi obhatalayo. Loo nto inokubatyela ixesha elininzi. Kanti bona abazali nabahlobo babo abasebandleni basenokubakhuthaza ukuba basebenzise ixesha labo elininzi ekwenzeni izinto ezifunwa nguYehova. Yintoni enokunceda umntu osemtsha othanda uYehova enze esona sigqibo sifanelekileyo? Uza kuncedwa kukufunda nokucingisisa ngamaEfese 5:15-17. (Wafunde.) Emva kokuba ewafundile, usenokuzibuza: ‘Kuyintoni “ukuthanda kukaYehova”? Sesiphi isigqibo esiza kumvuyisa? Sesiphi isigqibo esiza kundenza ndilisebenzise kakuhle ixesha?’ Mayingaphumi engqondweni yakho into yokuba “ixesha esiphila kulo libi,” nokuba eli hlabathi lilawulwa nguSathana seliza kutshatyalaliswa. Siza kuba silumkile ukuba siphilela ukwenza izinto eziza kwenza uYehova asithande.

6. Yintoni awakhetha ukuyenza uMariya? Kutheni sisithi wakhetha ukwenza eyona nto ibalulekileyo?

6Zazi izinto ezibalulekileyo. Ngamany’ amaxesha, ukuze silisebenzise kakuhle ixesha kuye kufuneke sikhethe phakathi kwezinto ezimbini ezingekho rongo. Into eyenzeka xa uYesu wayeye kubona uMariya noMarta isenza siyibone loo nto. Evuyiswa kukuba befikelwe nguYesu, uMarta wenza isidlo esikhulu. Ngelo xesha yena udadewabo uMariya wayehleli noYesu, emamele izinto awayezithetha. Yayingekho rongo into eyayisenziwa nguMarta, kodwa uYesu wathi uMariya “ukhethe eyona nto ibalulekileyo.” (Luka 10:38-42) Kusenokwenzeka ukuba ekuhambeni kwexesha uMariya walibala nokuba babesitya ntoni ngaloo mini, kodwa ngokuqinisekileyo akazange azilibale izinto awayezifundiswa nguYesu. UMariya walivuyela ixeshana awayenalo noYesu, nathi siyalivuyela ixesha esinalo noYehova. Sinokulisebenzisa njani ke?

LISEBENZISE KAKUHLE IXESHA ONALO NOYEHOVA

7. Kutheni kubalulekile ukuthandaza, ukufunda nokucingisisa ngezinto esizifundileyo?

7Yazi ukuba ukuthandaza, ukufunda nokucingisisa ngezinto esizifundileyo zezinye iindlela esimkhonza ngazo uYehova. Xa sithandaza, sithetha noTata wethu osezulwini osithanda kakhulu. (INdu. 5:7) Xa sifunda iBhayibhile, sitsho ‘simazi uThixo’ olumke ngaphezu kwabo bonke abantu. (IMize. 2:1-5) Xa sicingisisa ngezinto esizifunda ngoYehova, sitsho sicinge ngeempawu zakhe ezintle nezinto ezimangalisayo afuna ukuzenzela thina nabo bonke abanye abantu. Le yeyona ndlela ibhetele esinokulisebenzisa kakuhle ngayo ixesha lethu. Kodwa yintoni enokusinceda silisebenzise kakuhle?

Funda kwindawo ethe cwaka (Jonga isiqendu 8-9)

8. Yintoni oyifundayo kwindlela uYesu awalisebenzisa ngayo ixesha lakhe entlango?

8Ukuba ungakwazi, khetha indawo ethe cwaka. Cinga ngoYesu. Ngaphambi kokuba aqale ukushumayela, waya kuhlala entlango iintsuku eziyi-40. (Luka 4:1, 2) Kuloo ndawo ithe cwaka, wayekwazi ukuthandaza kuYehova nokucingisisa ngezinto uTata wakhe afuna azenze. Ngokuqinisekileyo loo nto yamenza wazilungela iingxaki awayeseza kuba nazo. Le nto yenziwa nguYesu ingakunceda njani wena? Ukuba nibaninzi kowenu, kusenokungabi lula ukufumana indawo ethe cwaka. Kusenokufuneka uphume kokwenu, uye kufuna indawo ethe cwaka. Wenza loo nto uJulie xa efuna ukuthandaza. Yena nomyeni wakhe bahlala kwindawo encinci eFransi, ngoko kunzima ukuba abe yedwa, angaphazanyiswa. Uthi: “Yonke imihla ndiya epakini. Apho ndiyakwazi ukuba ndodwa, kungabikho nto indiphazamisayo xa ndithetha noYehova.”

9. Ngoxa uYesu wayexakekile, yintoni awayenzayo ebonisa ukuba wayekuthanda ukuba ngumhlobo kaYehova?

9 UYesu wayexakeke kakhulu. Kuzo zonke iindawo awayesiya kuzo, wayelandelwa ngabantu abaninzi befuna abahoye. Ngeny’ imini “bonke abantu besixeko baqokelelana ngasemnyango” befuna ukumbona. Sekunjalo, waqiniseka ukuba uyalifumana ixesha lokuthetha noYehova. Ngaphambi kokuphuma kwelanga, waya “kwindawo engenabantu” efuna ukuchitha ixesha noTata wakhe.—Marko 1:32-35.

10-11. KuMateyu 26:40, 41 uYesu wathi mabenze ntoni abafundi bakhe, kodwa yintoni abayenzayo?

10 Kubusuku bokugqibela ngaphambi kokuba afe, xa wayesele eza kuwugqiba umsebenzi wakhe emhlabeni, uYesu wakhangela indawo ethe cwaka apho wayeza kukwazi ukucingisisa kakuhle aze athandaze. Waya kwigadi yaseGetsemane. (Mat. 26:36) Ngobo busuku waxelela abafundi bakhe into ebaluleke kakhulu ngomthandazo.

11 Kwenzeka ntoni? Bafika ebusuku kuloo gadi, mhlawumbi kwakusemva ko-12. UYesu wathi kubapostile bakhe, “hlalani nithe qwa,” waza wabashiya waya kuthandaza. (Mat. 26:37-39) Kodwa wathi esathandaza, balala. Wathi akubabona belele, waphinda wabaxelela ukuba ‘mabahlale bethe qwa, bangayeki ukuthandaza.’ (Funda uMateyu 26:40, 41.) Wayesiqonda istres abanaso, ebabona nokuba badiniwe. Wayebavela eqonda ukuba “umzimba ubuthathaka.” Emva koko wabashiya kabini esiya kuthandaza, kodwa kuwo omabini loo maxesha wafika belele, bengathandazi.—Mat. 26:42-45.

Thandaza xa ungadinwanga kakhulu (Jonga isiqendu 12)

12. Yintoni omele uyenze xa ungakwazi ukuthandaza ngenxa yokuba unestres kakhulu okanye udiniwe?

12Khetha ixesha elifanelekileyo. Ngamany’ amaxesha kusenokuba nzima ukuthandaza ngenxa yestres okanye kuba udinwe kakhulu. Ayenzeki kuwe wedwa loo nto. Yintoni omele uyenze? Abanye abebeqhele ukuthandaza xa kuphela usuku, baye babona ibanceda into yokuthandaza ngorhatya xa bengasadinwanga. Abanye baye bafumanisa ukuba xa ngokomzekelo, bethandaza beguqile okanye behleli phantsi, ingqondo yonke iba kule nto bayenzayo. Yintoni omele uyenze ukuba awukwazi ukuthandaza ngenxa yokuba unexhala kakhulu okanye utyhafile? Xelela uYehova. Qiniseka ukuba uTata wethu onenceba uza kuyiqonda indlela oziva ngayo.​—INdu. 139:4.

Zama ukungayiphenduli imiyalezo nee-email xa ukwiintlanganiso (Jonga iziqendu 13-14)

13. Izixhobo ze-elektroniki zinokuliphazamisa njani ixesha lethu noYehova?

13Makungabikho zinto zikuphazamisayo xa ufunda. Ayikokuthandaza qha okusenza simthande kakhulu uYehova, kodwa sincedwa nakukufunda iLizwi lakhe nokuya qho kwiintlanganiso. Ngaba ikhona into onokuyenza ukuze ulisebenzise kakuhle ixesha lakho xa ufunda naxa ukwiintlanganiso? Khawuzibuze, ‘Yintoni eqhele ukundiphazamisa xa ndikwiintlanganiso naxa ndifunda?’ Ngaba kukufowunelwa, ukufumana ii-email okanye imiyalezo? Namhlanje baninzi abantu abanezixhobo ze-elektroniki. Abanye abaphandi bathi xa uzama ukuba ingqondo yakho ibe kule nto uyenzayo, unokuphazanyiswa yifowuni. Omnye uprofesa uthi: “Ingqondo yakho ayibikho kule nto uyenzayo, ucinga ngeny’ into.” Ngaphambi kokuba kuqale indibano, siye sixelelwe ukuba senze izixhobo zethu ze-elektroniki zingaphazamisi abantu. Ngaba singayenza loo nto naxa sisodwa, ukuze zingaphazamisi ixesha esinalo noYehova?

14. AmaFilipi 4:6, 7 athi uYehova angakunceda njani ukuze ingqondo ibe kwinto oyenzayo?

14Cela uYehova akuncede ingqondo ibe kule nto uyenzayo. Ukuba uthi xa ufunda okanye ukwiintlanganiso ucinge ngezinye izinto, cela uYehova akuncede. Ukuba kukho into ekukhathazayo okanye onexhala layo, kusenokungabi lula ukuyikhupha engqondweni, kodwa kubalulekile ukuba uyikhuphe ukuze uyive into oyifunda kwiLizwi LikaThixo. Thandazela ukuba noxolo oluza kukhusela intliziyo ‘nengqondo yakho.’​—Funda amaFilipi 4:6, 7.

UKUCHITHA IXESHA NOYEHOVA KUZA KUKUNCEDA

15. Kuza kukunceda entwenini ukuchitha ixesha noYehova?

15 Kuza kukunceda kakhulu ukuzipha ixesha lokuthetha noYehova, ummamele uze ucinge ngaye. Kutheni sisitsho? Okokuqala, uza kukwazi ukuzenza kakuhle izigqibo. IBhayibhile isenza siqiniseke ukuba “ohamba nezilumko uza kuba sisilumko.” (IMize. 13:20) Ngoko xa usiya uchitha ixesha noyena Mntu ulumke ngaphezu kwabo bonke abantu, uYehova, uza kuba sisilumko. Uza kuyazi kakuhle indlela onokumvuyisa ngayo uze ukulumkele ukwenza izinto eziza kumkhathaza.

16. Kutheni sisithi ukuchitha ixesha noYehova kusenza sikwazi ukufundisa kakuhle?

16 Okwesibini, uza kukwazi ukufundisa kakuhle. Xa sifundisa umntu iBhayibhile, eyona nto ibalulekileyo esifuna ukuyenza kukumnceda abe ngumhlobo kaYehova. Xa sithandaza size sifunde ngoTata wethu osezulwini, siye simthande kakhulu. Loo nto isenza sikwazi ukunceda umntu esimfundelayo naye amthande. NoYesu wayenza loo nto. Wayethetha kakuhle ngoTata wakhe, evakala ukuba uthetha ngomntu amthandayo. Loo nto yanceda nabafundi bakhe bamthanda.​—Yoh. 17:25, 26.

17. Ukuthandaza nokufunda kusinceda njani siqinise ukholo?

17 Okwesithathu, ukholo lwakho luya luqina. Cinga ngento eyenzekayo xa ucela uThixo akukhokele, akuthuthuzele okanye akuncede. Qho eyiphendula loo mithandazo, ukholo lwakho luya luqina. (1 Yoh. 5:15) Yeyiphi enye into enokuqinisa ukholo lwakho? Kukufunda. Kaloku “umntu uba nokholo emva kokuba evile.” (Roma 10:17) Kodwa ukuze luqine, akufuneki uphelele njee ekufundeni. Yeyiphi enye into ekufuneka uyenze?

18. Ngumzekelo kabani osenza sibone ukuba kubalulekile ukucingisisa kakuhle?

18 Kufuneka sicingisise ngento esiyifundayo. Khawuve into eyenzeka kumbhali weNdumiso 77. Wayesentlungwini kuba wayecinga ukuba yena namanye amaSirayeli abasathandwa nguYehova. Loo ntlungu yayimenza angakwazi nokulala. (Ivesi 2-8) Wenza ntoni? Wathi kuYehova: “Ndiza kucingisisa ngayo yonke imisebenzi yakho, ndetyise nangezinto ozenzileyo.” (Ivesi 12) Yena wayezazi kakuhle izinto uYehova azenzele abantu Bakhe kwixesha elidlulileyo, kodwa wayezibuza: “UThixo ulibele na ukuba nenceba, okanye umsindo wakhe umenze waphelelwa yinceba?” (Ivesi 9) Wayecingisisa ngemisebenzi kaYehova nangokuba kwixesha elidlulileyo eye wabenzela inceba, ebavela nokubavela. (Ivesi 11) Kwenzeka ntoni emva koko? Watsho waqiniseka ukuba uYehova akasoze abalahle abantu Bakhe. (Ivesi 15) Nawe, ukholo lwakho luza kuya luqina xa ucinga ngezinto uYehova akwenzele zona nazenzele abantu bakhe.

19. Yeyiphi enye indlela okusinceda ngayo ukuchitha ixesha noYehova?

19 Isizathu sesine nesona sibalulekileyo kukuba uza kuya umthanda uYehova. Uthando lolona luza kukwenza umthobele, uncame ezinye izinto kuba ufuna ukumvuyisa uze unyamezele iingxaki onazo. (Mat. 22:37-39; 1 Kor. 13:4, 7; 1 Yoh. 5:3) Akukho nto ixabiseke njengokuba ngumhlobo kaYehova.​—INdu. 63:1-8.

20. Zeziphi izinto ofuna ukuzenza ukuze ukwazi ukuchitha ixesha noYehova?

20 Khumbula ukuba ukuthandaza, ukufunda nokucingisisa ngezinto esizifundayo zezinye iindlela esimkhonza ngazo uYehova. Fana noYesu, ukhangele iindawo ezithe cwaka ukuze uchithe ixesha noYehova. Makungabikho zinto zikuphazamisayo xa ufunda. Cela uYehova akuncede ingqondo yakho ingacingi ezinye izinto xa ufunda okanye ukwiintlanganiso. Ukuba ulisebenzisa kakuhle ixesha lakho ngoku, uYehova uza kukusikelela ngobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha.​—Marko 4:24.

INGOMA 28 Masibe Ngabahlobo BakaYehova

^ isiqe. 5 UYehova ngoyena Mhlobo wethu simthandayo. Siyakuxabisa ukuba ngabahlobo bakhe, futhi sifuna ukumazi kakuhle. Kuthath’ ixesha ukumazi kakuhle umntu, nokumazi kakuhle uYehova ukuze siqhubeke singabahlobo bakhe kusenokusithatha ixesha. Ekubeni sixakeke kangaka, sinokuzenzela njani ixesha lokwenza izinto eziza kusenza simthande kakhulu uTata wethu osezulwini? Kuza kusinceda ngantoni ukuba nalo?