Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 3

Sifunda Ntoni Kwizinto Ezazikhalisa UYesu?

Sifunda Ntoni Kwizinto Ezazikhalisa UYesu?

“Zehla iinyembezi kuYesu.”—YOH. 11:35.

INGOMA 17 “Ndiyathanda”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-3. Ziintoni ezinokwenza abantu bakaYehova bakhale?

WAGQIBELA nini ukulila? Ngamany’ amaxesha siye sililiswe kukuvuya. Kodwa eyona nto idla ngokusililisa, kukukhathazeka. Ngokomzekelo, sisenokukhaliswa kukuswelekelwa ngumntu esimthandayo. Omnye udade waseUnited States, uLorilei, uthi: “Ukuswelekelwa yintombi yam kwakukhe kundenze ndibe buhlungu kakhulu de ibe ngathi akukho nto inokundithuthuzela. Ndandingacingi ukuba ndingaze ndikwazi ukuyinyamezela le ntlungu.” *

2 Zikhona nezinye izinto ezinokusikhalisa. Omnye uvulindlela waseJapan, uHiromi, uthi: “Ngamanye amaxesha ndikhe ndityhafiswe ngabantu abangenamdla wokundimamela entsimini. Ndiye ndithandaze ndikhala, ndicela uYehova ukuba andincede ndifumane umntu ofuna ukumazi.”

3 Ngaba ukhe uzive njengaba dade kuthethwe ngabo kwezi ziqendu zidlulileyo? Abaninzi kuthi bakhe bazive njengabo. (1 Pet. 5:9) Sifuna ‘ukukhonza uYehova sivuya,’ kodwa sisenokumkhonza sikhala ngenxa yokuswelekelwa ngumntu esimthandayo, ukutyhafa nangenxa yeengxaki ezenza kube nzima ukuba sihlale sithembekile kuye. (INdu. 6:6; 100:2) Yintoni esinokuyenza xa kunjalo?

4. Yintoni esiza kuthetha ngayo?

4 Sinokufunda kuYesu. Ngamany’ amaxesha zazikhe ‘zehle iinyembezi’ nakuye. (Yoh. 11:35; Luka 19:41; 22:44; Heb. 5:7) Makhe sithethe ngezinto ezamenza wakhala, sibone nokuba yintoni esinokuyifunda. Siza kubona nokuba yintoni esinokuyenza xa kusenzeka izinto ezisikhalisayo.

WAKHALELA ABAHLOBO BAKHE

Linganisa uYesu, ubancede abantu abaswelekelweyo (Jonga isiqendu 5-9) *

5. Yintoni esiyifundayo ngoYesu kuYohane 11:32-36?

5 Ebusika ngonyaka ka-32, umhlobo kaYesu awayemthanda, uLazaro, wagula waza wasweleka. (Yoh. 11:3, 14) ULazaro wayenoodadewabo ababini, uMariya noMarta. UYesu wayeyithanda kakhulu le ntsapho. Oosisi bakaLazaro baba buhlungu kakhulu kwakusweleka ubhuti wabo. Emva kokusweleka kwakhe, uYesu waya eBhethani, apho babehlala khona uMariya noMarta. UMarta wathi akuva ukuba uYesu uyeza, wabaleka waya kumhlangabeza. Khawucinge indlela awayebuhlungu ngayo xa wayesithi: “Nkosi, ukuba ubulapha umntakwethu ngengafanga.” (Yoh. 11:21) UYesu wathi akubona uMariya nabanye abantu bekhala, “zehla iinyembezi.”​—Funda uYohane 11:32-36.

6. Wayekhalela ntoni uYesu?

6 Wayekhalela ntoni uYesu? I-Insight on the Scriptures ithi: “Intliziyo yakhe yaba buhlungu, ‘zehla neenyembezi’ ngenxa yokusweleka komhlobo wakhe uLazaro, nokubona indlela ababebuhlungu ngayo oodadewabo.” * Kusenokwenzeka ukuba wayecinga ngeentlungu awayenazo uLazaro xa wayegula nendlela awayeziva ngayo xa ezibona ukuba uza kusweleka. Wakhaliswa nakukubona indlela uMariya noMarta ababebuhlungu ngayo ngenxa yokuswelekelwa ngubhuti wabo. Ukuba ukhe waswelekelwa ngumhlobo okanye ngumntu wakowenu, inoba nawe uye wakhala njengoYesu. Nazi izinto ezintathu onokuzifunda apha.

7. Ukukhalela kukaYesu abahlobo bakhe kusifundisa ntoni ngoYehova?

7UYehova uyayazi indlela obuhlungu ngayo. UYesu ububonakalisa kakuhle ‘ubuntu’ bukaTata wakhe. (Heb. 1:3) Xa wayekhala wayebonisa indlela uTata wakhe aba buhlungu ngayo xa siswelekelwe. (Yoh. 14:9) Ukuba uswelekelwe, qiniseka ukuba uYehova akaboni nje indlela obuhlungu ngayo, naye ukhathazekile. Ufuna ukuyipholisa intliziyo yakho ebuhlungu.​—INdu. 34:18; 147:3.

8. Yintoni esenza siqiniseke ukuba uYesu uza kubavusa abantu bethu abaswelekileyo?

8UYesu uyafuna ukubavusa abantu bakho abaswelekileyo. Ngaphambi kokuba akhale, wathi kuMarta: “Umntakwenu uza kuvuka.” UMarta zange ayithandabuze loo nto. (Yoh. 11:23-27) UMarta owayengumkhonzi othembekileyo kaYehova, wayesazi ukuba umprofeti uEliya noElisha babekhe babavusa abantu. (1 Kum. 17:17-24; 2 Kum. 4:32-37) Inoba wayevile nangabantu abavuswa nguYesu. (Luka 7:11-15; 8:41, 42, 49-56) Nawe unokuqiniseka ukuba uza kuphinda ubabone abantu bakho abaswelekileyo. Ukukhala kukaYesu xa wayethuthuzela abahlobo bakhe, kubonisa ukuba ufuna nyhani ukubavusa.

9. Unokubathuthuzela njani njengoYesu abantu abasentlungwini? Yenza umzekelo.

9Unokubathuthuzela abantu abasentlungwini. UYesu zange akhale nje qha noMarta noMariya, kodwa wabamamela, wabathuthuzela. Nathi singayenza le nto. Omnye umdala oseOstreliya, uDan, uthi: “Emva kokusweleka komfazi wam, ndandikudinga ukuthuthuzelwa. Abanye abazalwana nabafazi babo babengadinwa kukundimamela. Babendiyeka ndithethe ngentlungu endikuyo, bangothuki naxa ndikhala. Babendinceda nangokundihlambela imoto, bandiyele ezivenkileni, bandiphekele nokundiphekela xa ndingakwazi ukuzenzela ezi zinto. Babesoloko bethandaza nam. Ndabona ukuba ngabahlobo bam nyhani nabazalwana endinokubathemba ‘ngamaxesha anzima.’”—IMize. 17:17.

WAKHALELA ABANTU AWAYESHUMAYELA KUBO

10. KuLuka 19:36-40 kuthethwa ngantoni?

10 UYesu wafika eYerusalem ngoNisan 9, 33 C.E. Wathi xa esondela, wabe elindwe ngabantu abaninzi, abanye besandlala izambatho zabo zangaphezulu endleleni, bebonisa ukuba bayayamkela into yokuba nguKumkani wabo. Kwakumnandi nyhani apho. (Funda uLuka 19:36-40.) Kwenzeka into ekusenokwenzeka ukuba babengayilindelanga tu abafundi bakhe. “Wathi akusondela wabona iYerusalem, wakhala.” Egcwele iinyembezi, wachaza izinto ezimbi ezaziza kwenzeka kubantu baseYerusalem.​—Luka 19:41-44.

11. Kwakutheni ukuze uYesu akhalele abantu baseYerusalem?

11 UYesu wakhathazeka kuba wayesazi ukuba ngoxa abantu babemvuyela ngolu hlobo, babengazukuwamkela umyalezo woBukumkani awayebaphathele wona. Loo nto yayiza kwenza iYerusalem itshatyalaliswe, aze amaYuda asindileyo athinjwe. (Luka 21:20-24) Into ebuhlungu kukuba kwenzeka kanye le nto uYesu wathi yayiza kwenzeka, abantu abaninzi babengamfuni. Ngaba abantu abakwindawo ohlala kuyo bayawumamela umyalezo woBukumkani obaxelela wona? Ukuba bambalwa abakumamelayo, yintoni oyifundayo kwinto eyakhalelwa nguYesu? Nazi ezinye izinto ezintathu esizifundayo.

12. Ukulila kukaYesu, elilela abantu awayeshumayela kubo kusifundisa ntoni ngoYehova?

12UYehova ubakhathalele abantu. Iinyembezi zikaYesu zisikhumbuza indlela uYehova abakhathalele ngayo abantu bakhe. “Akafuni kutshabalale nabani na . . . kodwa angathanda ukuba wonke umntu aguquke.” (2 Pet. 3:9) Namhlanje sibonisa indlela esibathanda ngayo abantu ngokuhlala sizama ukubanceda beve iindaba ezilungileyo.​—Mat. 22:39. *

Linganisa uYesu, uwatshintshe amaxesha oshumayela ngawo (Jonga isiqendu 13-14) *

13-14. UYesu wabonisa njani ukuba uyabasizela abantu, thina singamlinganisa njani?

13UYesu wayekukhuthalele ukushumayela. Wayebathanda abantu kuba naphi na xa edibana nabantu anokuthetha nabo, wayebafundisa ngoThixo. (Luka 19:47, 48) Wayeyenzela ntoni loo nto? Wayebasizela. Ngamany’ amaxesha wayemanyelwa ngabantu abaninzi de ‘yena nabafundi bakhe bangakwazi nokutya.’ (Marko 3:20) Wayeshumayela nasebusuku xa kukho umntu ofumaneka ngelo xesha. (Yoh. 3:1, 2) Abaninzi kwabo babemmamela, abazange babe ngabafundi bakhe. Kodwa bonke abantu ababemmamela wayebacacisela kakuhle izinto awayezifundisa. Nathi sifuna ukubaxelela bonke abantu ngeendaba ezilungileyo. (IZe. 10:42) Ukuze sikwazi ukuyenza le nto, kusenokufuneka siyitshintshe indlela esishumayela ngayo.

14Kulungele ukuyitshintsha indlela oshumayela ngayo. Ukuba sisoloko sishumayela ngexesha elifanayo, sisenokungabafumani abantu abafuna ukuva iindaba ezilungileyo. UMatilda onguvulindlela uthi: “Mna nomyeni wam sizama ukuwatshintshatshintsha amaxesha esiya ngawo ebantwini. Ekuseni siye sishumayele kwindawo enamashishini, emini xa bebaninzi abantu ezitratweni siye sisebenzise itroli, emva kwemini siye sifumane abantu abaninzi emizini.” Kunokuba sishumayele ngexesha elilungele thina, masizame ukushumayela ngexesha esiza kufumana abantu abaninzi ngalo. Loo nto iza kumvuyisa uYehova.

WAKHALELA UKUTHETHELELWA KWEGAMA LIKATATA WAKHE

Xa ukhathazekile, thandaza kuYehova umcenge njengoYesu (Jonga isiqendu 15-17) *

15. KuLuka 22:39-44 kuthiwa kwenzeka ntoni ngobusuku obungaphambi kokuba uYesu afe?

15 NgoNisan 14, 33 C.E., uYesu waya kwigadi yaseGetsemane. Apho wafika waxelela uYehova indlela awayebuhlungu ngayo. (Funda uLuka 22:39-44.) Wathandaza kuThixo “emcenga yaye emcela, ekhala kakhulu esihla iinyembezi.” (Heb. 5:7) Wayethandazela ntoni ngobusuku bangaphambi kokuba afe? Wayecela amandla okuhlala ethembekile kuYehova nawokwenza izinto azithandayo. UYehova wawuva umthandazo woNyana wakhe, waza wathumela ingelosi ukuba imomeleze.

16. Kwakutheni ukuze uYesu abe buhlungu xa wayethandaza eGetsemane?

16 Ngokuqinisekileyo uYesu walila xa wayethandaza egadini yaseGetsemane. Wayeliliswa kukuba abantu babeza kucinga ukuba akalihloniphi igama likaThixo. Wayeyazi indlela ekwakubaluleke ngayo ukuba athethelele igama likaTata wakhe aze ahlale ethembekile kuye. Ukuba sineengxaki ezisenza sibe buhlungu, kube nzima nokuthembeka kuYehova, yintoni esinokuyifunda kuYesu xa wayelilela ukuthethelelwa kwegama likaTata wakhe? Nazi ezinye izinto ezintathu esinokuzifunda.

17. Ukwazi ukuba uYehova wayiphendula imithandazo kaYesu kusifundisa ntoni ngaye?

17UYehova uyakumamela xa uthandaza, umcenga. Wasimamela isicelo sikaYesu. Kwakutheni ukuze asimamele? Eyona nto wayeyifuna uYesu yayikukuhlala enyanisekile kuTata wakhe nokuthethelela igama likaYehova. Ukuba eyona nto siyifunayo kukuhlala sinyanisekile kuYehova nokuthethelela igama lakhe, uza kusiphendula nathi xa sicela asincede.—INdu. 145:18, 19.

18. Ziintoni ezisenza sithi uYesu ngumhlobo oyiqondayo indlela esiziva ngayo?

18UYesu uyayiqonda indlela oziva ngayo. Ukuba kukho into ekukhathazileyo, uyavuya xa uthuthuzelwa ngumhlobo owakha wanengxaki efana neyakho. UYesu nguloo mhlobo kanye. Uyamazi ukuba unjani umntu otyhafileyo, odinga uncedo. Uyazi ukuba ziintoni esingakwaziyo ukuzenza futhi uza kuqiniseka ukuba sincedwa “ngexesha elifanelekileyo.” (Heb. 4:15, 16) Wavuma ukuncedwa yingelosi kwigadi yaseGetsemane, nathi masivume ukuncedwa nguYehova. Usenokusinceda ngempapasho, ividiyo, intetho, nangokukhuthazwa ngumdala okanye omnye umKristu.

19. Yintoni onokuyenza xa unengxaki eyenza kube nzima ukubambelela kuThixo? Zekelisa.

19Uza kufumana “uxolo lukaThixo.” Uza kusomeleza njani uYehova? Xa sithandaza, sifumana “uxolo lukaThixo oluyodlulayo indlela yabantu yokucinga.” (Fil. 4:6, 7) Uxolo esilufumana kuYehova lusinceda sizole, sikwazi ukucinga kakuhle. Lwenza kanye loo nto komnye udade, uLuz. Uthi: “Ndihlala ndiziva ngathi ndidodwa, kangangokuba ngamanye amaxesha ndide ndicinge ukuba uYehova akandithandi. Xa kusenzeka loo nto ndiye ndikhawuleze ndithandaze, ndixelela uYehova indlela endiziva ngayo, nditsho ndikwazi ukucinga kakuhle.” Le nto ithethwa ngulo dade ibonisa ukuba ukuthandaza kusenza sibe noxolo.

20. Ziintoni esizifundileyo kwizinto ezazikhalisa uYesu?

20 Zithuthuzela nyhani izinto esizifunda kwizinto ezazikhalelwa nguYesu, futhi siyafunda kuzo. Sikhunjuzwe ngokubanceda abantu abaswelekelweyo nangokuthemba uYehova noYesu ukuba baza kusinceda nathi xa siswelekelwe. Bona bayabavela abantu, ngoko nathi sikhuthazwa ukuba sibavele abantu esishumayela kubo nesibafundisayo. Ukwazi ukuba uYehova noNyana wakhe bayayazi indlela esiziva ngayo, bayazazi nezinto esingakwaziyo ukuzenza futhi baza kusinceda sinyamezele, kuyathuthuzela. Masihlale sizenza ezi zinto sizifundileyo de uYehova ayenze into evuyisayo ayithembisileyo esithi, “uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni” ethu.—ISityhi. 21:4.

INGOMA 120 Masithobeke NjengoKristu

^ isiqe. 5 Ngamany’ amaxesha uYesu wayesiba buhlungu ade akhale. Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezintathu ezamkhalisayo nento esinokuyifunda.

^ isiqe. 1 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 6 Jonga i-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphe. 69.

^ isiqe. 12 Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ummelwane’ kuMateyu 22:39 alithethi njee ngabamelwane esibaziyo, lithetha ngomntu wonke esidibana naye.

^ isiqe. 58 INGCACISO YEMIFANEKISO: UYesu wathuthuzela uMariya noMarta, nathi masibathuthuzele abantu abaswelekelweyo.

^ isiqe. 60 INGCACISO YEMIFANEKISO: UYesu wafundisa uNikodemo ebusuku, nathi masibafundele ngexesha abafumaneka ngalo abantu.

^ isiqe. 62 INGCACISO YEMIFANEKISO: UYesu wathandazela ukuhlala ethembekile kuYehova, nathi masenze loo nto xa sineengxaki.